Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Xa ubani efile, ngaba kufanelekile ngamaKristu ukuba anikele ngeentyatyambo kwintsapho yaloo mntu okanye athumele iintyatyambo kwikhaya elinomngcwabo?
Kwamanye amazwe kulisiko ukwenjenjalo. Kodwa maxa wambi ukusebenzisa iintyatyambo emingcwabeni kwakunentsingiselo yonqulo. Ngoko masiwuqwalasele lo mbandela ngokweenkcukacha ezithile, ngokukodwa ekubeni kukho amasiko athile asenokubonakala enokunxulumana okufanayo nonqulo lobuxoki. Phawula amagqabaza avela kwiThe Encyclopedia of Religion (yowe-1987):
“Iintyatyambo zinxibelelene nommandla ongcwele ngokunxulumana kwazo noothixo noothixokazi. UFlora, uthixokazi wamaRoma wexesha lasentlakohlaza noweentyatyambo, uzizisela ubuhle nevumba elimnandi iintyatyambo . . . Kunokucanyagushwa koothixo yaye basenokunqulwa . . . ngokubanika ukutya neentyatyambo.
“Ukunxulunyaniswa kweentyatyambo nezithethe ezinxulumene nokufa kukho kulo lonke ihlabathi. AmaGrike namaRoma ayebagquma abafileyo namangcwaba abo ngeentyatyambo. EJapan imiphefumlo yamaBhuda afayo ithwalwa ngeenyibiba ukubheka phezulu, yaye amatye amangcwaba anokubekwa phezu kweenyibiba ezikroliweyo . . . Abantu baseTahiti bashiya ecaleni komzimba ofileyo iintyatyambo ezibotshelelwe ngeefeni yaye bagalela isiqholo seentyatyambo phezu kwesidumbu ukuze bayenze lula indlela yaso eya kubomi obungcwele basemva kokufa . . . Kwakhona iintyatyambo zinokubakho ngamaxesha angcwele zikuhlobo lwevumba elimnandi okanye isiqholo.”
Esazi ukuba iintyatyambo ziye zasetyenziswa ngokunxulumene nonqulo lobuxoki, wambi amaKristu aye avakalelwa kukuba awafanele anikele okanye athumele iintyatyambo emingcwabeni. Kwakhona imvakalelo yawo isenokubonakalisa umnqweno wokuphepha amasiko ehlabathi, ekubeni abalandeli bakaYesu befanele ‘bangabi ngabehlabathi.’ (Yohane 15:19) Noko ke, inkcazelo yeBhayibhile ecacileyo neembono zasekuhlaleni zinegalelo kulo mbandela.
Iintyatyambo ziyinxalenye yezipho zikaThixo ezinanditshwa ngabaphilayo. (IZenzo 14:15-17; Yakobi 1:17) Ubuhle beentyatyambo abudalileyo buye basetyenziswa kunqulo lokwenyaniso. Isiphatho sezibane emnqubeni, sasihonjiswe ‘ngeentyatyambo zomamangile neentyatyambo [ezidubulayo, NW].’ (Eksodus 25:31-34) Imikrolo etempileni yayiquka izithsaba zeentyatyambo nemithi yesundu. (1 Kumkani 6:18, 29, 32) Ngokucacileyo, ukusebenzisa kwabahedeni iintyatyambo okanye izithsaba zeentyatyambo kwakungathethi ukuba abanquli bokwenyaniso babesoloko befanele bakuphephe ukuzisebenzisa—IZenzo 14:13.
Noko ke, kuthekani ngombandela obanzi wokugcina amasiko, njengamasiko omngcwabo? IBhayibhile ithetha ngamasiko amaninzi, wambi awayengabafanelanga abanquli bokwenyaniso, amanye awayegcinwa ngabantu bakaThixo. EyokuQala yooKumkani 18:28 icaphula ‘isiko’ labanquli bakaBhahali ‘lokunqula ngezwi elikhulu nokuzicenta’—isiko abanquli bokwenyaniso ababengayi kuligcina. Kwelinye icala, uRute 4:7 (NW), akabonisi nakuphi na ukupheliswa ‘kwesiko lakudala kwaSirayeli ngokuphathelele [indlela yokuqhelisela] ilungelo lokukhulula ngentlawulelo.’
Amasiko amkelekileyo kuThixo akwanokude abe yimibandela engokonqulo ngokungqongqo. Xa uThixo wachaza indlela yokwenziwa kwePasika, akazange akukhankanye ukusetyenziswa kwewayini, kodwa ngenkulungwane yokuqala, kwakulisiko ukusebenzisa iindebe zewayini. UYesu nabapostile bakhe abazange balichase eli siko lingokonqulo. Balifumanisa lingachasekanga, yaye baligcina.—Eksodus 12:6-18; Luka 22:15-18; 1 Korinte 11:25.
Kuyafana namasiko athile omngcwabo. Ngokwesiko amaYiputa ayebaqhola abafileyo. Usolusapho uYosefu othembekileyo akazange nje ngokuzenzekelayo asabele ngokuthi, ‘Eli lisiko lobuhedeni, ngoko thina maHebhere sifanele siliphephe.’ Kunoko, “wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise,” ngokucacileyo khon’ ukuze uYakobi angcwatyelwe kwiLizwe Ledinga. (Genesis 49:29–50:3) Kamva amaYuda avelisa amasiko omngcwabo awahlukahlukeneyo, njengokuwuhlamba umzimba aze awungcwabe ngosuku ofe ngalo. AmaKristu okuqala awamkela amasiko anjalo amaYuda.—IZenzo 9:37.
Noko ke, kuthekani ukuba isiko lomngcwabo lijongwa njengelinentsingiselo esekelwe kwimposiso engokonqulo, njengokukholelwa ekungafini komphefumlo? Khumbula ukuba ngokwentywilalwazi bambi “bashiya iintyatyambo ezibotshelelwe ngeefeni ecaleni komzimba ofileyo baze bagalele isiqholo sentyatyambo phezu kwesidumbu khon’ ukuze ibe lula indlela yaso eya kubomi obungcwele basemva kokufa.” Ubukho besiko elinjalo akuthethi ukuba abakhonzi bakaThixo bafanele bayichase nantoni na efana nalo. Nangona amaYuda ayengakholelwa ‘kwindlela esa kubomi obungcwele basemva kokufa,’ iBhayibhile ithi: “Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda.”—Yohane 12:2-8; 19:40.
AmaKristu afanele aziphephe izinto ezingqubana nenyaniso yeBhayibhile. (2 Korinte 6:14-18) Sekunjalo, naziphi na izinto ezikhoyo, ezibunjiweyo nezenziwayo ziye, ngamany’ amaxesha okanye ndaweni ithile, zathathwa ngokuphosakeleyo okanye zanxulunyaniswa neemfundiso ezingezozazibhalo. Kuye kwanqulwa imithi, into eyakhiwe njengentliziyo iye yajongwa njengengcwele, yaye kwizikhumbuzo zobuhedeni kuye kwasetyenziswa iziqholo. Ngaba oku kuthetha ukuba umKristu akafanele azisebenzise iziqholo, akafanele nakanjani na ahombise ngemithi okanye anxibe isacholo esakhiwe njengentliziyo?a Esi ayisosigqibo esifanelekileyo.
UmKristu wokwenene ufanele aqwalasele oku: Ngaba ukulandela kwam isiko elithile kuya kubonisa kwabanye ukuba ndiye ndamkela iinkolelo okanye uqheliselo olungelolwazibhalo? Ixesha nendawo zinokuyiphembelela impendulo. Isiko (okanye okuyiliweyo) lisenokuba lalinentsingiselo yonqulo lobuxoki kumawaka eminyaka eyadlulayo okanye kusenokuba linayo namhlanje kwilizwe elikude. Kodwa ngaphandle kokuba ungene kuhlolisiso olutya ixesha, zibuze oku: ‘Iyintoni imbono eqhelekileyo apho ndihlala khona?’—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 10:25-29.
Ukuba isiko (okanye uhlobo into ethile eyenziwe ngalo, njengomnqamlezo) laziwa ngokubanzi njengelinentsingiselo yonqulo lobuxoki, liphephe. Ngaloo ndlela amaKristu awayi kuthumela iintyatyambo zikuhlobo lomnqamlezo, okanye intliziyo ebomvu ukuba oko kubonwa kunentsingiselo yonqulo. Okanye kusenokubakho ndlela ithile esesikweni iintyatyambo ezisetyenziswa ngayo emngcwabeni okanye emangcwabeni nenentsingiselo yonqulo ekuhlaleni. Nayo umKristu ufanele ayiphephe. Noko ke, oko akuthethi ukuba ukuzisa nje isipha seentyatyambo okanye ukupha umhlobo osesibhedlele iintyatyambo kufanele kujongwe njengesenzo sonqulo esifanele ukuphetshwa.b
Ngokuchasene noko, isiko lokunikela ngeentyatyambo laziwa ngokubanzi kumazwe amaninzi yaye lijongwa njengobubele obufanelekileyo. Iintyatyambo zinokuhombisa zize zenze ukuba isihlandlo esibuhlungu sibe sesiyolisa ngakumbi. Kwakhona zinokuba yimbonakaliso yovelwano nenkxalabo. Kwezinye iindawo isiko lisenokuba kukubonakalisa iimvakalelo ezinjalo ngesenzo sobubele, esinjengokulungiselela abantu abagulayo okanye abasentlungwini isidlo. (Khumbula indlela awathandwa ngayo uDorkas ngenxa yokuba wayebonakalisa umdla yaye ebakhathalela abanye. [IZenzo 9:36-39]) Xa ukwenjenjalo ngokucacileyo kunganxibelelananga neenkolelo zobuxoki, wambi amaNgqina kaYehova akuqhelile ukuthumela iintyatyambo ezintle kumhlobo osesibhedlele okanye xa kufiwe. Yaye njengabantu ngabanye asenokuwubonakalisa ngokubhekele phaya umdla neemvakalelo zawo ngezenzo ezibonakalayo.—Yakobi 1:27; 2:14-17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kudala abahedeni besebenzisa iziqholo zeentyatyambo kwizikhumbuzo zabo, kodwa kwakungaphosakalanga ngabantu bakaThixo ukusebenzisa iziqholo kunqulo oluyinyaniso. (Eksodus 30:1, 7, 8; 37:29; ISityhilelo 5:8) Kwakhona bona umxholo othi “Ngaba Zizihombiso Zezithixo?” kuVukani! (wesiNgesi) kaDisemba 22, 1976.
b Iminqweno yentsapho ifanele iqwalaselwe, kuba zimbi ziye zazisa ukuba nabani na onqwenela ukuthumela iintyatyambo ufanele endaweni yoko enze umnikelo ebandleni okanye kumbutho othile oncedana nabasweleyo.