IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 12/15 iphe. 28-29
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuhamba Emiyalelweni KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ukwakha Intsapho Eyomeleleyo Ngokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Bazali, Yintoni Efundiswa Ngumzekelo Eniwumiselayo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 12/15 iphe. 28-29

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ Yintoni efanele yenziwe yintsapho yamaKristu ukuba umntwana wayo ufanele afunde kwisikolo apho izifundo zezingcwele zinyanzeliswayo?

Abazali abangamaKristu abanamdla ekubeni abantwana babo bafundiswe ngonqulo lobuxoki. Kodwa kusenokubakho iimeko apho abantwana bangenakukwala ukuba segumbini ekufundiselwa kulo ezingcwele, nangona bengasayi kuba nesabelo kwizenzo ezinokuthanani nonqulo lobuxoki.

Umhlobo kaThixo uAbraham wamisela umzekelo omhle ngokuphathelele imfundo engonqulo yabantwana bakhe. Wakhulisa abantwana bakhe eKanana, apho babengqongwe lunqulo lobuxoki noqheliselo “olungcwele, (NW)” olungamasikizi (Thelekisa iEksodus 34:11-15; Levitikus 18:21-30; Duteronomi 7:1-5, 25, 26; 18:9-14.) Sekunjalo, wayengumthombo wemfundo engonqulo kwintsapho yakhe. UThixo wayenentembelo yokuba uAbraham wayeya ‘kubawisela umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa.’—Genesis 18:19.

Ngoxa wayeselula, uYesu naye wangenelwa kwimfundiso yonqulo lokwenyaniso yentsapho yakowabo neyasebandleni. Ngaloo ndlela, ‘wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.’—Luka 2:52.

Kwiindawo ezininzi zomhlaba, ulutsha olungamaKristu lufumana imfundo yehlabathi kwizikolo zikawonke wonke. Asiyiyo yonke into efundiswayo evisisana ngokupheleleyo nenyaniso yeBhayibhile nesibakala esingqiniweyo. Ngokomzekelo, izizukulwana ezininzi zolutsha olungamaKristu ziye zafunda izifundo zezenzululwazi okanye ibhayoloji njengenxalenye yoludwe lwazo lwezifundo eziqhelekileyo. Ngaloo ndlela inkoliso yazo iye yachanabeka kwiimfundiso ezixhaphakileyo zendaleko neembono ezinxulumene nazo ezingemvelaphi “eyazenzekelayo” yobomi emhlabeni.

Noko ke, oku kuchanabeka akukhange kuluguqulele olu lutsha olungamaKristu ekubeni ngabaxhasi bendaleko yokungakholelwa kuThixo. Ngoba? Ngenxa yokuba ekhaya nakwiintlanganiso zamaKristu, luye lwafumana kwangaphambili inkcazelo echanileyo esekelwe eLizwini likaThixo eliphefumlelweyo, eye yalunceda ekuqeqesheni ‘izimvo zalo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.’ (Hebhere 5:14) Abazali abaninzi baye baphicotha nabantwana babo uhlolisiso olulungeleleneyo lwendaleko kumqulu owomeleza ukholo othi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?a Bexhotyiswe ngaloo ndlela, aba bantwana besikolo abakhange bayamkele le mfundiso yendaleko njengekholelekayo. Sekunjalo baye bakwazi ukubonisa kwiimpendulo zabo nakwiimviwo eziqhutywa kwigumbi lokufundela ukuba babephulaphule ngenyameko yaye babezifundile neenkcukacha ezazinikelwe. Abanye bade banethuba lokunikela ezinye iingcaciso ngokuvisisana nezibakala ezinikelwe eBhayibhileni nguMdali woluntu.—1 Petros 3:15.

Noko ke, kuthekani ukuba amaxesha okufunda anikelwa ekufundiseni ngonqulo lwasekuhlaleni oluphambili okanye ngonqulo nje ngokubanzi?

Akufane kwenzeke ukuba imfundiso enjalo ibe yinkcazelo nje engakhethi cala. Umfundisi-ntsapho usenokude abe uhamba kolo nqulo yaye ngaloo ndlela azame ukuphembelela iingqondo neentliziyo zabafundi. Ngoko amaNgqina kaYehova akhetha ukuba abantwana bawo bangabandakanywa kwizifundo zezingcwele. Oku kusenokwenza abantwana bakwazi ukusebenzisa ixesha lesikolo ngokunengenelo ngakumbi ukuze bagqibezele umsebenzi wabo wesikolo wezinye izifundo okanye bafunde kumzi wogcino-zincwadi wasesikolweni.

Noko ke, kwezinye iindawo izicelo ezinjalo ziye azavunywa; isikolo okanye amagunya karhulumente asenokude afune ukuba bonke abantwana bafunde baze balugqibe uludwe lwezifundo ezingonqulo ukuze baphumelele kwibanga abakulo. Ntsapho nganye imele yenze isigqibo sobuqu ngento efanele yenziwe kuloo meko.

Abanye babakhonzi bakaThixo mandulo baye banyanzeleka ukuba bagaxeleke kwimeko apho kuye kwafuneka banyamezele ukuchanabeka kwiimfundiso okanye kwizenzo zonqulo ngoxa behlala benyanisekile kuThixo oyinyaniso. Oku kwakunjalo kanye ngoMoses. Wakhuliswa njengomzukulwana kaFaro waseYiputa, yaye “waqeqeshwa . . . kubo bonke ubulumko bamaYiputa.” (IZenzo 7:20-22) Mhlawumbi oko kwaquka iinkolelo noqheliselo lonqulo olwaluxhaphakile eYiputa ukusa kwinqanaba elithile. Kodwa uMoses wayekhuselwe yimfundiso ephakamileyo ngokucacileyo awayifumana kwintsapho yakowabo mhlawumbi nakwamanye amaHebhere.—Eksodus 2:6-15; Hebhere 11:23-26.

Kwakhona khawuqwalasele umzekelo wamaHebhere amathathu aselula, izinxulumani zikaDaniyeli, anikwa imfundo ekhethekileyo eBhabhiloni aza enziwa abasebenzi bakarhulumente. (Daniyeli 1:6, 7) Ayengenankululeko yokwenza okanye yokwala ukwenza nantoni na awayeyifuna. Ngesinye isihlandlo uKumkani uNebhukadenetsare wakhupha ummiselo wokuba ahlanganisane nabanye baseburhulumenteni kumfanekiso wegolide awawumisa kwithafa laseDura, apho kwakuza kubonakaliswa izenzo zokuzinikela kukabani kweso sizwe. Asabela njani la maHebhere mathathu? Sinokuqiniseka ukuba ngewayekhethe ukungabikho apho, kodwa oko kwakungenakwenzeka.b Sekunjalo ahlala ethembekile kwiinkolelo zawo nakuThixo uSomandla. Izazela zawo ezihlonel’ uThixo zawavumela ukuba abekho ngoxa akwala ngokupheleleyo ukuba nenxaxheba okanye ukubandakanyeka ngokobuqu, nakwesiphi na isenzo sonqulo lobuxoki.—Daniyeli 3:1-18.

Xa kusisinyanzelo ngabo bonke abafundi ukuba babekho kwisifundo sonqulo yaye ngokunokwenzeka basifunde ngokokude bakwazi ukuphumelela iimviwo zebanga elo, abantwana beentsapho zamaKristu okwenyaniso basenokubakho, njengoko abo bathathu babekho ngokomyalelo kaNebhukadenetsare. Kodwa ulutsha olungamaKristu luya kubeka uThixo kuqala. Akusayi kubakho mfuneko ngalo ukuba lucele umngeni inkcazelo nganye ephosisileyo enikelwayo okanye uqheliselo ngalunye olungekho zibhalweni olwenziwa ngabanye, kanye njengoko amaHebhere amathathu engazange azame ukuphazamisa ngoxa abanye babequbuda kumfanekiso wegolide. Noko ke, ulutsha olungamaKristu alunakuba nasabelo kwizenzo zonqulo, imithandazo eyenziwa ngokumanyeneyo, iingoma zecawa nezinto ezinjalo.

Olu lutsha lumele ngamanye amaxesha luzinikele ekungeniseni ulwazi olwakhayo ‘lwezibhalo ezingcwele, ezinako ukululumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu.’ (2 Timoti 3:15) Ngokunxibelelana nabantwana babo, abazali bafanele bawuqwalasele umongo wemfundo yeso sifundo ngokuthe rhoqo. Oku kuya kunceda amaKristu akhulileyo ukuba abone oko kufuneka kulungisiwe okanye kucacisiwe ngokuphuma eBhayibhileni ukuze abantwana babo bangadideki okanye balahlekiswe.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

b IBhayibhile ayibukhankanyi ubukho bukaDaniyeli kwithafa laseDura. Mhlawumbi isikhundla sakhe esiphezulu eburhulumenteni samenza wakwazi ukungabandakanyeki ekuyeni apho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share