IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w94 4/15 iphe. 13-18
  • Ukuhamba Emiyalelweni KaThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuhamba Emiyalelweni KaThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuyalelwa Nokufumana Iingenelo
  • Imiyalelo Iyingenelo Kumalungu Entsapho
  • Ukuyalelwa Ngendlela Eyakhayo
  • Imfundiso Eluncedo Kumaxesha Ethu Anomngcipheko
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Yintoni Ephosakeleyo Ngokuba Neentlobano Zesini Ngaphambi Komtshato?
    Vukani!—2004
  • Ndinokukuphepha Njani Ukuba Neentlobano Zesini Ngaphambi Komtshato?
    Vukani!—2004
  • IBhayibhile Nokuziphatha Okuhle Kwabakwishumi Elivisayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
w94 4/15 iphe. 13-18

Ukuhamba Emiyalelweni KaThixo

‘Masinyuke siye entabeni kaYehova, asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.’—MIKA 4:2.

1. Ngokutsho kukaMika, uThixo wayeya kubenzela ntoni abantu bakhe ngemihla yokugqibela?

UMPROFETI kaThixo uMika waxela kwangaphambili ukuba “ekupheleni kwemihla,” ngexesha lethu, abantu abaninzi babeya kumfuna ngenkuthalo uThixo, ukuze bamnqule. Aba babeya kukhuthazana, besithi: ‘Masinyuke siye entabeni kaYehova, asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.’—Mika 4:1, 2.

2, 3. Oko uPawulos wakuchaza kwangaphambili esithi abantu baya kuba ngabathandi bemali kuzaliseka njani namhlanje?

2 Ukuhlolisisa kwethu eyesi-2 kuTimoti 3:1-5 kunokusinceda sibone imiphumo yokuyalelwa nguThixo kule “mihla yokugqibela.” Kwinqaku elandulelayo, siqalise ngokuphawula iingenelo ezifunyanwa ngabo banikela ingqalelo kwisilumkiso sikaPawulos sokungabi “ngabazithandayo.” UPawulos wongezelela wathi kulo mhla wethu abantu babeya kuba ‘ngabathandi bemali.’

3 Akukho namnye ekufuneka abe nesidanga sakwanokholeji kwezembali yanamhlanje ukuze abone indlela loo mazwi awachaza kakuhle ngayo amaxesha ethu. Ngaba akuzange ufunde ngamadoda azizityebi nabaphathi beenkampani ezinkulu abanganeliswayo kukwamkela izigidi nyaka ngamnye? Aba bathandi bemali bayaqhubeka befuna engakumbi, kwanangoondlela-mnyama. Kwakhona amazwi kaPawulos abachaza kakuhle abaninzi namhlanje, nangona bengezozityebi, ababawa ngokufanayo, abangaze baneliseke. Usenokuba wazi abaninzi abanjalo kummandla ohlala kuwo.

4-6. IBhayibhile iwanceda njani amaKristu akuphephe ukuba ngabathandi bemali?

4 Ngaba oko uPawulos wakuthethayo yindlela abantu abadalwe ngayo nengenakuphepheka? Akunjalo ngokutsho koMyili weBhayibhile, owayithetha kwakudala inyaniso ethi: “Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.” Phawula ukuba, uThixo akazange athi, ‘Imali yingcambu yeento zonke ezimbi.’ Wathi, ‘kukuthanda imali’ okuyiyo.—1 Timoti 6:10.

5 Okubangel’ umdla kukuba, umongo wamazwi kaPawulos ubonisa ukuba amaKristu athile awayeqhuba kakuhle kwinkulungwane yokuqala ayezizityebi kule nkqubo yezinto ikhoyo, enoba obo butyebi ayebufumene njengelifa okanye ayebusebenzele. (1 Timoti 6:17) Ngoko, kufanele kubonakale ukuba kungakhathaliseki ukuba injani na imeko yethu ngokwemali, iBhayibhile isilumkisa ngengozi yokuba ngumthandi wemali. Ngaba iBhayibhile inikela imiyalelo engakumbi ngokuphepha esi siphako siyingozi nesixhaphakileyo? Ewe iyayinikela, njengakwiNtshumayelo kaYesu yaseNtabeni. Ubulumko bayo baziwa ehlabathini lonke. Ngokomzekelo, phawula oko uYesu wakuthethayo kuMateyu 6:26-33.

6 Njengoko kubhaliwe kuLuka 12:15-21, uYesu wathetha ngendoda esisityebi eyayizama ukuqokelela ubutyebi obungakumbi kodwa ngequbuliso yafa. Yiyiphi ingongoma uYesu awayeyiphuhlisa? Wathi: ‘Zilindeni ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.’ Ngokuvisisana nesiluleko esinjalo, iBhayibhile iyabugxeka ubuvila yaye ibethelela ukubaluleka kokusebenza ngokunyaniseka. (1 Tesalonika 4:11, 12) Kakade ke, bambi basenokuphikisa ngelithi iimfundiso ezinjalo azifaneleki kula maxesha ethu—kodwa ziyafaneleka, ibe ziyasebenza.

Ukuyalelwa Nokufumana Iingenelo

7. Sisiphi isizathu esinaso sokuba nentembelo yokuba sinokusisebenzisa ngokunempumelelo isiluleko seBhayibhile esingobutyebi?

7 Kumazwe amaninzi, uya kufumana imizekelo yokwenene yamadoda namabhinqa aneemvelaphi ezahlukahlukeneyo kwezentlalo nakwezoqoqosho aye asebenzisa imigaqo yobuthixo emalini. Aye azizuzela iingenelo wona neentsapho zawo, njengoko nabangaphandle benokubona. Ngokomzekelo, kwincwadi ethi Religious Movements in Contemporary America, epapashwe ngabapapashi beYunivesithi iPrinceton, enye ingcali ngemvelaphi nentlalo yabantu yabhala: “Kwiimpapasho [zamaNgqina] nakwiintetho ezinikelwa ebandleni akhunjuzwa ukuba akaxhomekekanga kwiinqwelo-mafutha ezintsha, kwimpahla yokunxiba exabiso likhulu, okanye ekuphileni tofotofo ukuze agcine isidima sawo. Kwangaxeshanye iNgqina lifanele limsebenzele ngokuthembeka imini yonke umqeshi walo [yaye limele] linyaniseke ngokupheleleyo . . . Iimpawu ezinjalo zenza kwanomntu ongenabuchule bungako abe ngumsebenzi oluncedo, yaye amanye amaNgqina eMntla Philadelphia [eUnited States] aye anyuselwa kwizikhundla eziphezulu emsebenzini.” Ngokucacileyo, abantu abakwamkeleyo ukuyalelwa nguThixo ngeLizwi lakhe balunyukisiwe ngezimo zengqondo ezenza kube nzima ukuhlangabezana neemeko ezikhoyo. Amava abo angqina ukuba ukuyalelwa yiBhayibhile kukhokelela kubomi obulunge nobonwabisa ngakumbi.

8. Kutheni ‘ukuzidla,’ kunokunxulunyaniswa ‘nokuzikhukhumalisa nokunyelisa,’ yaye athetha ntoni la magama mathathu?

8 Izinto ezintathu ezilandelayo ezikhankanywa nguPawulos sinokuzinxulumanisa. Ngemihla yokugqibela, abantu baya kuba ‘ngabazidlayo, abazikhukhumalisayo, abanyelisi.’ Ezi zinto zintathu azifani, kodwa zonke zinxulumene nekratshi. Eyokuqala ‘kukuzidla.’ Isichazi-magama sisixelela ukuba igama lesiGrike elisisiseko apha lithetha: “‘Lowo uzenza obaluleke ngakumbi kunokuba enjalo’ okanye ‘othembisa okungakumbi kunoko anokukwenza.’” Unokusiqonda isizathu sokuba ezinye iiBhayibhile zisebenzise igama elithi “abaqhayisayo.” Kulandela “abazikhukhumalisayo,” okanye ngokoqobo “abazigwagwisayo.” Eyokugqibela, ‘ngabanyelisi.’ Bambi basenokucinga ukuba abanyelisi ngabo bathetha ngokungenantlonelo ngoThixo, kodwa eli gama liquka ukuthetha izinto ezenzakalisayo, ukuhleba, okanye ukuthuka abantu. Ngoko uPawulos ubhekisela ekunyeliseni uThixo nabantu.

9. Ngokwahlukileyo kwizimo zengqondo ezikhoyo eziyingozi, ziziphi izimo zengqondo iBhayibhile ekhuthaza abantu ukuba bazihlakulele?

9 Uziva njani xa uphakathi kwabantu abafana nabo bachazwa nguPawulos, enoba usebenza nabo, ufunda nabo, okanye bazizalamane zakho? Ngaba benza ubomi bakho bube lula? Okanye ngaba abantu abanjalo bayabuxakanisa ubomi bakho, besenza kube nzima ngakumbi ukuba uhlangabezane namaxesha esiphila kuwo? Noko ke, iLizwi likaThixo lisifundisa ukuziphepha izimo zengqondo ezinjalo, ngokusinika imiyalelo efana nalowo ukweyoku-1 kwabaseKorinte 4:7; Kolose 3:12, 13; nakweyabase-Efese 4:29.

10. Yintoni ebonisa ukuba abantu bakaYehova bayangenelwa ngokwamkela ukuyalelwa ngeBhayibhile?

10 Nangona amaKristu engafezekanga, ukusebenzisa le miyalelo ilungileyo kuwanceda gqitha kula maxesha anomngcipheko. Ulindixesha waseItali iLa Civiltà Cattolica wathi esinye isizathu esibangela ukuba amaNgqina kaYehova aqhubeke esanda “sikukuba lo mbutho wenza amalungu awo abe nophawu olunamandla oluwahlulayo.” Kodwa, xa wayesithi “uphawu olunamandla,” ngaba umbhali wayethetha ‘ngabazidlayo, abazikhukhumalisayo, nabanyelisi’? Ngokwahlukileyo koko, eli phephancwadi lamaJesuit libonisa ukuba lo mbutho “wenza amalungu awo abe nophawu olunamandla oluwahlulayo, yaye kuwo amkelwa ngovuyo nangothando lobuzalwana nangomanyano.” Ngaba alicacanga elokuba izinto amaNgqina aye azifundiswa ziyawanceda?

Imiyalelo Iyingenelo Kumalungu Entsapho

11, 12. UPawulos wakubonisa ngokuchanileyo njani oko yayiya kuba kuko imeko kwiintsapho ezininzi?

11 Sinokuzidibanisa izinto ezine ezilandelayo, ezinxulumeneyo ngandlel’ ithile. UPawulos waxela kwangaphambili ukuba ebudeni bemihla yokugqibela, abaninzi babeya kuba ‘ngabangathobeli abazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo.’ Uyazi ukuba ezimbini kwezi ntsilelo—ukungabi nambulelo nokunganyaniseki—zizinto ezixhaphakileyo. Sekunjalo, sinokusibona ngokulula isizathu sokuba uPawulos azibeke phakathi ‘kokungathobeli abazali nokungabi nawo umsa wemvelo.’ Ezi zinto zine ziyahambisana.

12 Phantse nawuphi na umntu onomgqalisela, oselula okanye okhulileyo, uya kuvuma ukuba ukungabathobeli abazali kuxhaphakile, ibe kuyanda. Abazali abaninzi bakhalaza ngelithi abantu abaselula abanambulelo ngayo yonke into abayenzelwayo. Ulutsha oluninzi lukhalazela ukuba abazali balo abanyanisekanga ngokwenene kulo (okanye kwintsapho iphela) kodwa baxakeke yimisebenzi yabo, ziziyolo, okanye ziziqu zabo. Kunokuzama ukubona ukuba ngubani onetyala, masijonge imiphumo. Umsantsa ophakathi kwabazali nolutsha ngokufuthi ukhokelela ekubeni ulutsha luzibekele eyalo imilinganiselo yokuziphatha, okanye yokuziphatha kakubi. Uyintoni umphumo? Kukwanda okumangalisayo kokumitha kwabeshumi elivisayo, ukuqhomfa nezifo ezidluliselwa ngesini. Amaxesha amaninzi, ukungabikho komsa wemvelo ekhaya kukhokelela kugonyamelo. Mhlawumbi usenokubalisa imizekelo eyenzeka kummandla ohlala kuwo, ebubungqina bokuba umsa wemvelo uyaphela.

13, 14. (a) Ekubeni iintsapho ezininzi ziwohloka, kutheni sifanele sinikele ingqalelo eBhayibhileni? (b) Luhlobo luni lwecebiso lobulumko uThixo alinikelayo ngobomi bentsapho?

13 Oku kusenokubonisa isizathu sokuba abantu abaninzi ngakumbi bebajikela abo bebejongwa njengezizalwana zabo, abantu besiduko esifanayo, abesizwana sabo, okanye iqela labo. Noko ke, khumbula ukuba ezi zinto asizikhankanyi ukuze sigxininise kwizinto ezingakhiyo ebomini namhlanje. Ezona zinto zimbini sinomdla ngokukhethekileyo kuzo zezi: Ngaba iimfundiso zeBhayibhile zinokusinceda sikuphephe ukubandezeleka ngenxa yezinto ezidweliswe nguPawulos, yaye ngaba siya kungenelwa ngokusebenzisa iimfundiso zeBhayibhile ebomini bethu? Sinokuphendula ngokuthi ewe, njengokuba sinokubona ngokuphathelele ezo ngongoma zine zikuludwe lukaPawulos.

14 Ngokufanelekileyo sinokulikhupha elokuba: Akukho mfundiso yodlula imfundiso yeBhayibhile ekwenzeni ubomi bentsapho obonwabisayo nobuphumelelayo. Oko sinokukubona xa sijonga iziluleko zayo ezimbalwa ezinokunceda amalungu entsapho ukuba angaphephi imigibe nje kuphela kodwa aphumelele. EyabaseKolose 3:18-21 ikubonisa kakuhle oko, nangona kukho nezinye iindinyana ezininzi ezibalaseleyo nezisebenzisekayo ezijoliswe kumadoda, abafazi nabantwana. Le miyalelo iyasebenza nakulo mhla wethu. Liyinyaniso elokuba, kwanakwiintsapho zamaKristu okwenyaniso, zikho iingxaki nocelomngeni. Ukanti, imiphumo ingqina ukuba iBhayibhile inikela imfundiso eluncedo kakhulu kwiintsapho.

15, 16. Omnye umphengululi wafumana yiphi imeko xa wayehlolisisa amaNgqina kaYehova aseZambia?

15 Kangangonyaka onesiqingatha, umphengululi weYunivesithi yaseLethbridge, eKhanada, wenza uhlolisiso ngentlalo yaseZambia. Wagqiba ngelithi: “AmaNgqina kaYehova aphumelela ngakumbi kunamalungu amanye amahlelo ekulondolozeni amaqhina omtshato omeleleyo. . . . Impumelelo yawo ibonisa ukubakho kolwalamano oluphuculiweyo phakathi kwendoda nomfazi, abathi, kule ndlela yabo intsha yokusebenza kunye ngentsebenziswano, kungekho lukhuphiswano, bazive bengabamele baphendule ngendlela abaphathana ngayo kwintloko yabo entsha, uThixo. . . . Indoda eliNgqina likaYehova ifundiswa ukuthwala imbopheleleko yayo yokukhathalela intlalo-ntle yomfazi nabantwana bayo. . . . Indoda nomfazi bakhuthazwa ukuba bathembeke . . . Le mfuneko yokuthembeka yenza ukuba umtshato uqine.”

16 Olo hlolisiso lwalusekelwe kumava aliqela okwenene. Ngokomzekelo, lo mphengululi wathi ngokwahlukileyo kubantu ngokubanzi, “ngokufuthi amadoda angamaNgqina kaYehova afunyanwa encedisa abafazi bawo ezitiyeni, kungekuphela nje xa kulinywa, kodwa naxa kutyalwa yaye kuhlakulwa.” Ngaloo ndlela kuyabonakala ukuba kukho amava amaninzi emhlabeni wonke abonisa ukuba imfundiso yeBhayibhile iyabuchaphazela ubomi.

17, 18. Yiyiphi imiphumo emangalisayo eyafunyaniswayo kuhlolisiso olungesithethe sonqulo nesini ngaphambi komtshato?

17 Inqaku elandulelayo likhankanye oko kufunyaniswe kwiJournal for the Scientific Study of Religion. Ngowe-1991 yayinenqaku elinomxholo othi “Isithethe Sonqulo Nesini Ngaphambi Komtshato: Ubungqina Obuvela Kwabathile Beqela Labaselula Abakhulileyo.” Umele ukuba uyayazi indlela ezixhaphake ngayo iintlobano zesini ngaphambi komtshato. Beselula gqitha abaninzi banikezela kwinkanuko, yaye abaninzi abakwishumi elivisayo baba neentlobano zesini nabantu abahlukahlukeneyo. Ngaba iimfundiso zeBhayibhile zingakuguqula oku sekuqhelekile?

18 Oonjingalwazi abathathu abasaqhubeka nezifundo zabo abenza uhlolisiso ngaloo mbandela babelindele ukufumanisa ukuba ‘abantwana abafikisayo nabaselula abakhulileyo abakhuliswe ngenkqubo yobuKristu engokwesithethe phantse babengayi kuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato.’ Kodwa zabonisa ntoni izibakala? Xa bebonke, abaphakathi kwama-70 ekhulwini nama-82 ekhulwini babeneentlobano zesini ngaphambi komtshato. Kwabathile “isithethe sokunamathela ngokungqongqo kwimigaqo [sawanciphisa] amathuba okuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, kodwa asizange siwanciphise ‘awesini sangaphambi komtshato kwabeshumi elivisayo.’” Aba baphengululi bathetha ngolutsha oluphuma kwiintsapho ezibonakala zizondelela unqulo “ezabonakala zixhaphake ngokuphawulekayo phakathi kwalo iintlobano zesini ngaphambi komtshato xa luthelekiswa nolwamaProtestanti Aphambili.”—Akekeliswe sithi.

19, 20. Ukuyalelwa nguThixo kuluncede kwaza kwalukhusela njani ulutsha oluninzi phakathi kwamaNgqina kaYehova?

19 Aba njingalwazi bafumanisa into eyahluke ngokupheleleyo phakathi kolutsha lwamaNgqina kaYehova, olwaluphakathi “kweqela elalahluke kakhulu kwabanye.” Ngoba? “Uzinikelo nonxulumano olwakhayo zinto ezo ezibangelwa ngamava, ulindelo, nokuba nenxaxheba kwimicimbi yonqulo . . . ngokuqhelekileyo zinokuvelisa umlinganiselo ophakame ngakumbi wokubambelela kwimigaqo yokholo.” Bongezelela: “AmaNgqina kulindeleke ukuba aphumeze iimbopheleleko zomsebenzi wokuhambisa ivangeli ngoxa esafikisa naxa engabaselula abakhulileyo.”

20 Ngoko ukuyalelwa ngeBhayibhile kuyawanceda amaNgqina kaYehova akuphephe ukuziphatha kakubi. Oku kwenza ukuba akhuseleke kwizifo ezidluliselwa ngesini, ezithile zazo ezinganyangekiyo nezinye ezibulalayo. Oku kuthetha ukuba akanangxaki yakuqhomfa, nto leyo iBhayibhile efundisa ukuba iyafana nokubulala. Kwakhona kuthetha ukuba angabantu abaselula abatshata benezazela ezicocekileyo. Oko kuthetha ukuba imitshato yakhelwa kwisiseko esiqine ngakumbi. Ziimfundiso ezinjalo ezinokusinceda sihlangabezane namaxesha ethu, sibe sempilweni ngakumbi, sonwabe ngakumbi.

Ukuyalelwa Ngendlela Eyakhayo

21. Ziziphi izinto uPawulos ngokuchanileyo awazixela kwangaphambili njengeziya kwenzeka kulo mhla wethu?

21 Ngoku khawubuyele kweyesi-2 kuTimoti 3:3, 4, uze uphawule ezinye izinto uPawulos awathi zaziya kwenza la maxesha ethu kube nzima ukuhlangabezana nawo kwabaninzi—kodwa kungekhona kubo bonke: ‘[Abantu babeya kuba] ngabangayifuni kwaphela imvisiswano, abahlebi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.’ Hayi indlela okuchane ngayo oko! Sekunjalo, ukuyalelwa ngeBhayibhile kunokusikhusela kuze kusixhobisele ukuhlangabezana nezo zinto, ewe, siphumelele.

22, 23. UPawulos waqukumbela uludwe lwakhe ngasiphi isibongozo esakhayo, yaye sibaluleke ngantoni?

22 Umpostile uPawulos uqukumbela uludwe lwakhe ngesiluleko esakhayo. Ingongoma yokugqibela uyisebenzisa njengomyalelo wobuthixo onokusizisela ingenelo engathethekiyo. UPawulos ubhala ngabo ‘banokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bewakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.’ Khumbula ukuba luninzi kakhulu ulutsha lwezinye iicawa oluye lwaneentlobano zesini ngaphambi komtshato kunolutsha nje oluqhelekileyo. Kaloku, kwanokuba ukuziphatha okubi kwabo bahambi becawa bekukumlinganiselo oqhelekileyo, ngaba oko bekungayi kuba bubungqina bokuba unqulo lwabo alunamandla? Ngaphezu koko, ngaba iimfundiso zonqulo ziyayiguqula indlela abantu abaqhuba ngayo kwezoshishino, indlela ababaphatha ngayo abangaphantsi kwabo, okanye indlela abaziphatha ngayo izalamane?

23 Amazwi kaPawulos abonisa ukuba sifanele sikusebenzise oko sikufunda eLizwini likaThixo, sinqule ngendlela ebonakalisa amandla okwenyaniso obuKristu. Ngokuphathelele abo banohlobo lonqulo olungenamandla, uPawulos usixelela oku: “Kwabo ke khwebuka.” Lowo ngumyalelo ocacileyo, oya kusizisela iingenelo eziqinisekileyo.

24. Isibongozo esikwiSityhilelo isahluko 18 sifana njani nesiluleko sikaPawulos?

24 Ngayiphi indlela? Kaloku, incwadi yokugqibela yeBhayibhile ithetha ngomfazi wokomfuziselo, ihenyukazi, elibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu. Ubungqina bubonisa ukuba iBhabhiloni Enkulu imela ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, uYehova uThixo aye waluhlola waza walucekisa. Kodwa, thina akunyanzelekanga ukuba siqukwe kuyo. KwiSityhilelo 18:4 siyabongozwa: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.” Ngaba oku akufani nesigidimi uPawulos awasidluliselayo, “kwabo ke khwebuka”? Ukuthobela loo myalelo yenye indlela esinokungenelwa ngayo kwimiyalelo kaThixo.

25, 26. Balindelwe likamva elinjani abo ngoku bayamkelayo baze bayisebenzise imiyalelo kaYehova uThixo?

25 Kungekudala uThixo uza kungenelela ngokungqalileyo kwimicimbi yabantu. Uya kulutshayela lonke unqulo lobuxoki kunye nayo yonke le nkqubo yezinto ingendawo ikhoyo. Oko kuya kubangela uvuyo, njengoko ISityhilelo 19:1, 2, (NW) sibonisa. Emhlabeni abo bayamkelayo baze bayithobele imiyalelo kaThixo baya kuvunyelwa baqhubeke bethobela iimfundiso zakhe xa imiqobo yala maxesha anomngcipheko ingasekho.—ISityhilelo 21:3, 4.

26 Ngokuqinisekileyo ukuphila kuloo Paradisi yasemhlabeni ibuyiselweyo kuya kuvuyisa ngendlela engathethekiyo. UThixo uthembisa ukuba sinokuphila kuyo, yaye sinokumthemba ngokupheleleyo. Ngaloo ndlela usinika izizathu ezininzi zokuba samkele size sithobele imfundiso yakhe eluncedo. Nini? Masiyithobele ngoku kula maxesha ethu anomngcipheko imiyalelo yakhe size siqhubeke sisenjenjalo nakuloo Paradisi ayithembisayo.—Mika 4:3, 4.

Iingongoma Zokuphononongwa

◻ Abantu bakaYehova bangenelwa njani kwisiluleko sakhe esingobutyebi?

◻ Iphephancwadi lamaJesuit lanikela ubungqina ngayiphi imiphumo elungileyo efunyanwa ngabakhonzi bakaThixo ngokusebenzisa iLizwi lakhe?

◻ Uhlolisiso olwenziwa eZambia lwatyhila ziphi iingenelo ezifunyanwa ziintsapho ezisebenzisa imiyalelo yobuthixo?

◻ Imiyalelo yobuthixo ibakhusela njani abantu abaselula?

[Ibhokisi ekwiphepha 15]

ENJANI YONA UKUBA MIBI IMIPHUMO!

“Abakwishumi elivisayo basengozini enkulu yokufumana uGawulayo ngenxa yokuba bayathanda ukufuna ukuzifikisela kwisini neziyobisi, bazichanaba engozini ngenxa yoyolo lokomzuzwana, nangenxa yokuba becinga ukuba abanakufa yaye abalithobeli igunya,” itsho njalo ingxelo eyanikelwa kwinkomfa engoGawulayo nabakwishumi elivisayo.—Daily News yaseNew York, ngeCawa, Matshi 7, 1993.

“Kuhlolisiso olwenziwe ziZizwe Ezimanyeneyo eYurophu, eAfrika nakuMzantsi-mpuma weAsia kufunyaniswe ukuba, mvanje amantombazana akwishumi elivisayo aba neentlobano zesini abonakala ‘ehamba phambili’ kulo bhubhani unguGawulayo.”—The New York Times, ngoLwesihlanu, Julayi 30, 1993.

[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]

Imiyalelo yeBhayibhile iyingenelo kumaNgqina kaYehova ebandleni nasekhaya

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share