Balumkeleni Abaprofeti Bobuxoki!
ISIBINI saseBrazil sasisele sisezingubeni ngobo busuku xa sathi seva amasela eqhekeza ekhayeni laso. Esi sibini sothukileyo sakwazi ukusaba ngokuphuma ngefestile yegumbi lokulala saza sabiza amapolisa. Kodwa kamva umfazi wayothuswe sesi siganeko kangangokuba akazange akwazi ukulala kuloo ndlu kwaza kwafuneka aye kulala kwanina.
Nabani na okhe waqhekezelwa indlu okanye waqhathwa ngenye indlela uya kuvelana naye. Amava anjalo anokuba ngaphazamisayo, yaye okungonwabisiyo kukuba, abantu abangakumbi nangakumbi babandezeleka ngolu hlobo. Noko ke, kukho uhlobo lobusela olunemiphumo enzulu ngakumbi.
Luluphi olu hlobo lobusela lunzulu ngakumbi, yaye ngoobani amasela? UYesu Kristu wasichazela ngalo xa, ethetha ngomhla wethu, wathi: “Kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.” (Mateyu 24:11) Abaprofeti bobuxoki bangamasela. Ngayiphi indlela? Yintoni abayibayo? Ubusela babo bunxulumene nokuprofeta kwabo. Ngoko ukuze siwuqonde kakuhle lo mbandela, kuqala kufuneka sazi ukuba kuyintoni na ukuprofeta ngokweBhayibhile.
Oko Kuthethwa Kukuprofeta
Xa ucinga ngokuprofeta, mhlawumbi into yokuqala ethi qatha engqondweni yakho kukuxela ikamva kusengaphambili. Kakade ke oku kwakuyinxalenye yomsebenzi wabaprofeti bakaThixo bamandulo, kodwa kwakungengomsebenzi wabo oyintloko. Ngokomzekelo, xa umprofeti uHezekile waxelelwa embonweni kwathiwa “profeta kuwo umoya,” ekuphela kwento ekwakufuneka ayenze yayikukudlulisela umyalelo ovela kuThixo. (Hezekile 37:9, 10) Xa uYesu wayesematyaleni phambi kwababingeleli, watshicelwa waza waqhwatywa, yaye abatshutshisi bakhe bamgculela bathi: “Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?” Babengathi uYesu makaxele ikamva kusengaphambili. Babemcel’ umngeni ukuba achaze ngamandla kaThixo ukuba wayebethwe ngoobani na.—Mateyu 26:67, 68.
Enyanisweni, ingcamango eyintloko eyayidluliselwa ngamagama eelwimi zeBhayibhile zantlandlolo aguqulelwe ngokuthi “profeta” okanye “isiprofeto” ngokusisiseko kukuxela imbono kaThixo ngombandela okanye, njengokuba incwadi yeZenzo isitsho, kukuxela “izinto ezinkulu zikaThixo.” (IZenzo 2:11) Kungale ngqiqo esithi abantu abaninzi bayaqhathwa ngabaprofeti bobuxoki.
Noko ke, ngoobani abaprofeti bobuxoki, yaye beba ntoni? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sikhangele emva kwimbali yohlanga lwakwaSirayeli ngexesha likaYeremiya.