Ngaba Amacebo Okuzisa Unqabiseko Lwamazwe Ngamazwe Aya Kuphumelela?
“IMFAZWE Yomlomo, ebiliphethel’ imbengwane ihlabathi ngaphezu kweminyaka engama-40, kubonakala ukuba iye yaphela ngemfefe zikakaThixo,” itsho njalo iOne World, iphephancwadi leWCC (World Council of Churches [IBhunga Leecawa Zehlabathi]). Umbhali ongumTshetshi uJohn Pobee woCwangciso Lwemfundo Ngezakwalizwi lweWCC wongezelela athi, “Iziganeko eziphawulekayo kuMbindi nakwiMpuma Yurophu . . . zibonakala ziyimiqondiso yoxolo nonqabiseko eYurophu nakulo lonke ihlabathi.”
Abameli beWCC ababodwa ekudibaniseni uThixo namacebo omntu okudala unqabiseko lwezizwe ngezizwe. NgoAprili 1991, nje emva kwemfazwe ebikwiPersian Gulf, uPopu John Paul wathumela isigidimi kulowo wayengusosiba-jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uJavier Pérez de Cuéllar awathi kuso: “Oobhishophu beeCawa zamaKatolika zakuMbindi Mpuma nezaseNtshona banentembelo kumsebenzi weZizwe Ezimanyeneyo . . . Banethemba lokuba, ngeZizwe Ezimanyeneyo neentlangano zazo ezikhethekileyo, abo baye babekwa yimfazwe yakutshanje kwimeko yentswelo enkulu ngokuqinisekileyo baya kufumana uvelwano nomanyano lwamazwe ngamazwe.”
Ngokubhekele phaya, iVatican yayilelinye laMazwe angama-35 awaqulunqa aza atyikitya isiVumelwano SaseHelsinki Sowe-1975 noXwebhu LwaseStockholm Lowe-1986. Xa iZizwe Ezimanyeneyo zabhengeza owe-1986 ngokuba ‘nguNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe,’ upopu wasabela ngokumema abameli beenkonzo eziphambili zehlabathi ukuba bathabathe inxaxheba kumbhiyozo ‘woSuku Lwehlabathi Lokuthandazela Uxolo.’ Ngo-Oktobha 1986, abameli becawa yamaBhuda, yamaHindu, yamaSilamsi, yamaShinto, yamaTshetshi, yamaLuthere, yobuOthodoki bamaGrike, yamaYuda nabezinye iinkolo bahlanganisana eAssisi, eItali, yaye bebesina bededelana bethandazela uxolo lwehlabathi.
Kwiminyaka ethile emva koko, kwintshumayelo awayinikela eRoma, uBhishophu Omkhulu wamaTshetshi waseCanterbury wasikhumbula esi sihlandlo sichazwe ngentla. Wathi: “EAssisi, sabona ukuba uBhishophu waseRoma [upopu] wayenokuzihlanganisa kunye iiCawa zamaKristu. Sasinokuthandaza kunye, sithethe kunye size sizabalazele uxolo nempilo-ntle yoluntu kunye . . . Kweso siqalo sokuthandazela uxolo lwehlabathi ndaziva ndikunye noThixo owathi ‘Uyabona ndenza into entsha.’”
Kwanezinye iinkonzo, nangona zazingenabameli eAssisi, zikhangele ngamehl’ abomvu kwizicwangciso zomntu zokuzisa unqabiseko lwamazwe ngamazwe. Inqaku lomhleli kwiDie Kerkbode, ulindixesha ongokwasemthethweni weCawa YamaDatshi Ehlaziyiweyo yaseMzantsi Afrika, lathi: “Sikumchankcatho okhokelela kulungelelwaniso olutsha lwehlabathi. Okwakubonakala kuyintsomi kwiminyaka embalwa edluleyo kwenzeka kanye phambi kwamehlo ethu. Ukuxolelana okwenzeka kummandla omkhulu wehlabathi phakathi kweSoviet Union namazwe aseNtshona kuthetha lukhulu kwimimandla yaloo mazwe. Kummandla esikuwo ehlabathini, amaqela abantu ngokuqhelekileyo achaseneyo nawayeziintshaba ezingafuni ukuxolelana ayathethathethana, yaye ukuqhubekela phambili ‘eluxolweni’ kuyavela kuyo yonk’ indawo . . . Ngokwengqiqo yobuKristu, yonke imizamo yokuzisa uxolo phakathi kwabantu ifanele yamkelwe. Sinokuluthandazela uxolo kwixesha lethu.”
Ngaba uThixo uyawasikelela amacebo omntu okuzisa unqabiseko lwamazwe ngamazwe?
Ithini IBhayibhile?
Ngokuphathelele ukuthembela kwimizamo yabantu, iBhayibhile inikela isilumkiso esingqalileyo: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” (INdumiso 146:3, 4) Inkqubela yale mihla ekhokelela kuxolo isenokubonakala ikhuthaza. Kodwa sifanele sizijonge izinto ngobunjalo bazo. Amandla abantu alinganiselwe. Ngokufuthi, iziganeko zingaphaya kwamandla abo. Kunqabile ngabo ukuba baziqonde iimpembelelo ezifihlakeleyo eziphazamisa nawona macebo abawacingisisileyo.
Kwiminyaka engamakhulu asixhenxe ngaphambi kwexesha likaYesu, ngemihla yomprofeti uIsaya, iinkokeli zamaYuda zaziceba ukuzisa unqabiseko ngokwenza izivumelwano zamazwe ngamazwe namazwe awayengabamelwane ngendlela efana naleyo yenzekayo namhlanje. Nangaloo mihla, iinkokeli zonqulo zazikuxhasa oko iinkokeli zobupolitika zazikwenza. Kodwa uIsaya walumkisa esithi: “Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma.” (Isaya 8:10) Icebo lazo lasilela ngokuyintlekele. Ngaba into efanayo inokwenzeka namhlanje?
Ewe, inokwenzeka, ekubeni kwangaloo mprofeti, uThixo wavakalisa ukuba Yena unendlela Yakhe yokuzisa unqabiseko emhlabeni. Aluyi kuziswa ngayo nayiphi na intlangano yabantu, kodwa ngomnye womnombo wokumkani wamaSirayeli uDavide. (Isaya 9:6, 7) Le Ndlalifa kaKumkani uDavide nguYesu Kristu, owathi, xa wayencinwa nguPontiyo Pilato, wavuma ukuba wayenguKumkani kodwa wathi: “Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi.” (Yohane 18:36; Luka 1:32) Enyanisweni, uBukumkani bukaYesu babuza kuba bobasezulwini. Yaye bona—kungekhona iZizwe Ezimanyeneyo okanye naliphi na ilizwe lasemhlabeni lobupolitika—babuya kuzisa unqabiseko oluhlala luhleli nolunokuthenjwa kulo mhlaba.—Daniyeli 2:44.
UYesu Kristu waxela kwangaphambili ukuba uBukumkani bakhe babuya kuqalisa ukulawula ngokusuka emazulwini ngexesha laxa kwakuya kubakho “iimfazwe namarhe eemfazwe,” ‘nohlanga luvukelana nohlanga nobukumkani buvukelana nobukumkani.’ Ukuzaliseka kweso siprofeto kuphawula owe-1914 njengexesha lokwenzeka koko yaye kufanisa iminyaka esusela ngelo xesha ‘njengokuqosheliswa kwephakade eli.’—Mateyu 24:3, 6-8, NW.
Kuthetha ntoni oku? Kuthetha ukuba ixesha eliseleyo lale nkqubo yehlabathi ikhoyo lisikelwe umda, yaye liya kufikelela esiphelweni kungekudala. Ngaba lowo ngunobangela wokuba nexhala okanye ukukhathazeka? Akunguwo ukuba sikhumbula ugonyamelo, okungekho sikweni, ingcinezelo, imfazwe nako konke ukubandezeleka okuye kwaphawula le nkqubo yezinto. Ngokuqinisekileyo kuya kuba sisiqabu ukuba phantsi komlawuli iLizwi likaThixo, iBhayibhile elithi ngaye: “Ahle ahlale phezu [kwakhe, NW] uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova.”—Isaya 11:2.
Unqabiseko Lokwenene Emhlabeni
Enyanisweni, akusayi kubakho unqabiseko lokwenene emhlabeni de, phantsi koBukumkani bukaThixo, esi siprofeto sikaIsaya sizalisekiswe zwenibanzi: “Ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.” (Isaya 65:17) Kungakhathaliseki ukuba mininzi kangakanani imithandazo eyenziwa ziinkokeli zonqulo zithandazela eli hlabathi, amacebo abantu okuzisa unqabiseko lwamazwe ngamazwe awanakuyithabathel’ indawo indlela kaThixo yokuzisa uxolo nonqabiseko.
Unqabiseko lwazwenibanzi noluhlala luhleli oluziswa buBukumkani bukaThixo luya kuba loluzukileyo. Nantsi enye inkcazelo efumaneka eBhayibhileni: “Ziwakhande, amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zokuthena imidiliya. Uhlanga aluyi kuphakamisela kuhlanga ikrele lalo, bangabi safunda ukulwa. Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.”—Mika 4:3, 4.
Kuphela lunqabiseko oluqinisekiswe nguThixo ngokwakhe olunokuhlala luhleli nolunokuthenjwa. Ngenxa yoko, kunokukholosa ngamanene, kutheni ungakholosi ngaye? Ngoko uya kufumanisa la mazwi omdumisi eyinyaniso: “Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi, lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe: kuMenzi wezulu nomhlaba, nolwandle neento zonke ezikulo; kulogcina inyaniso ngonaphakade.”—INdumiso 146:5, 6.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
ICawa YamaKatolika Neepolitiki Zamazwe Ngamazwe
“Nangona uKristu wathi ubukumkani bakhe ‘asibubo obeli hlabathi,’ abefundisi abakwizikhundla eziphakamileyo noopopu xa bebonke baye banenxaxheba ngokuphawulekayo kwimizabalazo yobupolitika yamazwe ngamazwe neyaloo mazwe bahlala kuwo ukususela ngexesha likaConstantine.”—The Catholic Church in World Politics, nguNjingalwazi uEric Hanson weJesuit Santa Clara University