Imbono YeBhayibhile Ngoxolo Nonqabiseko
Abantu abaninzi bakholelwa koko bakubonayo nokubonakala kutyekele ngakumanyano olungakumbi lwehlabathi noxolo nonqabiseko olunokuziswa lolu manyano. Banethemba lokuba elo nyathelo liya kukhokelela kwihlabathi elilunge ngakumbi. Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba kubandakanyeke okungakumbi kunoko kubonwa ngamehlo.
UMBANDELA woxolo nonqabiseko ubangel’ umdla ngokukhethekileyo kumaKristu ngenxa yoko umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba akubhalele ibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala. Amazwi akhe abhalwe eBhayibhileni kweyoku-1 kwabaseTesalonika 5:3: “Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.” Esi sibhalo sibangela ukuba kuphakame imibuzo ebalulekileyo.
Uxolo Nonqabiseko—Oko Kutshayelela Ntoni?
Ukuba ufunda umongo wamazwi kaPawulos acatshulwe ngasentla, uya kuphawula ukuba abo bathi “luxolo nokunqaba” asingomaKristu aphaphileyo. Kunoko, ngabantu abangakuphaphelanga oko kwenzekayo ngokwenene. Basengozini kodwa abakuqondi oko kuba bacinga ukuba izinto ziya zilunga. Noko ke, ngokuphathelele amaKristu uPawulos wathi: “Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele.” (1 Tesalonika 5:1) Ewe, sifanele silwazi ucwangciso lukaThixo lwexesha ngeziganeko. Ngoba? Kuba uPawulos wathi ixesha lentshabalaliso yebhaqo, elibizwa ngokuba ‘yimini kaYehova,’ liza ‘kanye njengesela ebusuku.’—1 Tesalonika 5:2, NW.
Ukuvakaliswa koxolo nonqabiseko okwaxelwa kwangaphambili kubandakanya ntoni? Ngokucacileyo, kufanele kubandakanye okungakumbi kunentetho nje yomlomo. Phantse ngalo lonke ixesha besilwa iimfazwe abantu bebethetha ngoxolo. Amazwi kaPawulos afanele ukuba alatha kwixesha laxa iintlanga zibonakala zilufumana uxolo nonqabiseko ngendlela ebalaseleyo. Kodwa olu luba lolwenkohliso kuphela. Ngokucacileyo uxolo nonqabiseko olubonakalayo nolukhokelela kwintshabalaliso yebhaqo asiloxolo lokwenene okanye unqabiseko lokwenyaniso.
NoYesu wathetha ngale ntshabalaliso yebhaqo. Wayibiza ngokuthi ‘yimbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injengayo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwakalokunje, nengasayi kubuye ibekho.’ Amakhulu aliqela eminyaka ngaphambi kokufika kukaYesu, nomprofeti uDaniyeli wathetha ngayo, ibe wayichaza ngokuthi ‘lixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha.’—Mateyu 24:21; Daniyeli 12:1.
Enoba ibizwa ngokuthi yimbandezelo enkulu okanye ibizwa ngokuthi lixesha lembandezelo—kwimeko nganye, ngokutsho kweziprofeto, iya kutshayela kuthi tu yonke imizila yenkqubo kaSathana yasemhlabeni. Kunokuba kubonise ukuba kwamkelekile kuThixo, ukuvakaliswa koxolo nonqabiseko okwaprofetwayo kukhokelela kokuchasene ngokupheleleyo noko!—Thelekisa uZefaniya 3:8.
Ukutyhilwa Koothunywashe Ababandakanya Ixesha
Ngaba amanyathelo akutshanje abonakala ekhokelela kumanyano olungakumbi lwehlabathi namathemba oxolo nonqabiseko abangelwa koku akukuzaliseka kwesilumkiso esibuprofeti sikaPawulos? Kaloku, njengokuba eli phephancwadi ngokufuthi belibonisa, ukususela ngowe-1914 siye sazibonela ngokwethu ukuzaliseka kothotho lweziprofeto zeBhayibhile ezinxulumene nobukho bukaYesu ezulwini esemandleni oBukumkani. (Mateyu, isahluko 24, 25; 2 Timoti 3:1-5; ISityhilelo 6:1-8) UYesu wabonisa ukuba imini kaYehova, xa intshabalaliso yebhaqo ifikela abangendawo, iya kufika ngoxa amalungu esizukulwana sabantu abakubonayo ukuqala kweli xesha esaphila.—Luka 21:29-33.
Nompostile uPawulos wachaza omnye uthunywashe obandakanya ixesha. Wathi: “Ngoxa besathetha ngoxolo nonqabiseko, ngequbuliso baya kufikelwa yintlekele.” Le nguqulelo yamazwi kaPawulos kwiThe New English Bible ibonisa ngokucacileyo ukuba imbandezelo enkulu iya kubakho “ngoxa besathetha.” Njengesela ebusuku—elingalindelekanga—intshabalalo iya kufika ingalindelwanga, xa abantu abaninzi becinga ngoxolo nonqabiseko abalulindeleyo. Ngenxa yoko, ngoxa okwangoku singenakutsho ngokuqinisekileyo enoba imeko ekhoyo yoxolo nonqabiseko ekuthethwa ngayo izalisekisa amazwi kaPawulos—okanye uxolo nonqabiseko lusafanele lukhule luze lufikelele kuwuphi umkhamo—isibakala sokuba intetho enjalo ivakala ngoku ukusa kumlinganiselo ongazange ubonwe ngaphambili silumkisa amaKristu ngemfuneko yokuhlala ephaphile ngamaxesha onke.
‘Ukuhlabana’ Kwamagunya Ehlabathi
Xa wayethetha ngexesha lembandezelo, kwakhona umprofeti uDaniyeli wachaza uthunywashe obandakanya ixesha. Wabonisa ukuba ixesha lembandezelo laliya kubakho ekupheleni kongquzulwano ekudala lukho phakathi kwamagunya amabini amakhulu, elinye libizwa ngokuthi ‘ngukumkani wasentla’ yaye elinye, ‘ngukumkani wasezantsi.’ (Daniyeli 11:5-43) Ukususela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II, la magunya makhulu ebemelwa ‘ngukumkani wasezantsi’ wobukapitali ‘nokumkani wasentla’ wobusoshiyali.
UDaniyeli waxela kwangaphambili ukuba usukuzwano lobutshaba phakathi kwala magunya mabini, njengoko luphawulwe ebudeni beminyaka engama-45 edlulileyo, lwaluya kuba ‘njengokuhlabana,’ njengokusunduzana kwamadoda amabini alwayo iyileyo izabalazela ukoyisa. Kutshanje, oku kuhlabana kubonakala kunciphile. Ngokomzekelo, ngoMeyi kunyaka odluleyo, umphathiswa wezangaphandle waseSoviet wavakalisa ukuba iMfazwe Yomlomo iphelile. NgoJuni, iphephancwadi iTime labhekisela kwinkomfa enkulu eyayiphakathi kweUnited States neSoviet Union laza lathi: “Ezinye zezivumelwano ngokulawula izixhobo nokuvavanywa kweebhombu zenyukliya kwiminyaka embalwa edluleyo beziya kubonakala njengento emangalisayo eye yafezwa. Ngoku, xa zizonke nje, zibonakala zingabalulekanga.”
Enoba ubuhlobo obubonakala ngathi bukho phakathi kwala magunya mabini makhulu bobokwexeshana okanye bobuhlala buhleli, kuza kubonakala njengokuba ixesha lihamba. Noko ke, inye into ecacileyo. Ixesha elakhankanywa nguYesu lixhatshwe yinja. Yaye izinto ezenzekayo ehlabathini zibonisa ukuba sisondele kwiziganeko ezaxelwa kwangaphambili ngumpostile uPawulos nangumprofeti uDaniyeli. Nangona iziganeko zakutshanje ezenzeke kwezobupolitika ngokomlinganiselo othile ziphenjelelwe ziicawa zeNgqobhoko, aziyi kukhokelela kuxolo oluhlala luhleli. Ubungqina bubonisa ukuba ziya kukhokelela iintlanga zeli hlabathi kokwahluke ngokupheleleyo koko.
[Imifanekiso ekwiphepha 6]
Ukuhamba kwexesha kuya kubonisa ixesha okuya kulihlala oko kubonakala kububuhlobo phakathi kwamagunya amabini amakhulu
[Inkcazelo]
USSR Mission to the UN