IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 4/15 iphe. 12-17
  • Ilungiselelo LikaYehova, “Abanikelweyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ilungiselelo LikaYehova, “Abanikelweyo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubuya KwamaSirayeli EBhabhiloni
  • NabangengomaSirayeli Bayabuya
  • Okufanayo Namhlanje
  • Banikelwe Ukuze Benze Inkonzo Ekhethekileyo
  • Ukuzinikela Namhlanje
  • Isaziso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Iimbalasane Zencwadi KaEzra
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • ‘USirayeli KaThixo’ Kunye ‘Nesihlwele Esikhulu’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Abantu Abahlala Kunye ‘Elizweni’ Elibuyiselweyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 4/15 iphe. 12-17

Ilungiselelo LikaYehova, “Abanikelweyo”

“Baya kuma abasemzini, baluse imihlambi yenu.”—ISAYA 61:5.

1. Kutheni igama elithi ‘umniki’ lisenokusikhumbuza ngoYehova?

HAYI indlela anika ngesisa ngayo uThixo! Umpostile uPawulos wathi: “[NguYehova] obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto.” (IZenzo 17:25) Ngamnye kuthi unokungenelwa ngokucinga ‘ngezipho ezilungileyo, nezipho ezigqibeleleyo’ ezininzi esiziphiwa nguThixo.—Yakobi 1:5, 17; INdumiso 29:11; Mateyu 7:7; 10:19; 13:12; 21:43.

2, 3. (a) Sifanele sisabele njani kwizipho zikaThixo? (b) AbaLevi ‘babengabanikelweyo’ ngayiphi ingqiqo?

2 Ngesizathu esilungileyo umdumisi wazibuza ngendlela awayenokumbuyisela ngayo uYehova. (INdumiso 116:12) Enyanisweni uMdali wethu akukho nto abantu abanayo okanye abanokumnika yona ayifunayo. (INdumiso 50:10, 12) Noko ke, uYehova ubonisa ukuba kuyamkholisa ukuba abantu ngoxabiso bazinikele kunqulo lokwenyaniso. (Thelekisa amaHebhere 10:5-7.) Bonke abantu bafanele bazinikele ngozahlulelo kuMdali wabo, onokuthi yena, abanike amalungelo awongezelelekileyo, njengokuba kwaba njalo kubaLevi bamandulo. Nangona onke amaSirayeli ayezahlulele kuThixo, wakhetha intsapho ka-Aron yakubaLevi njengababingeleli bokunikela amadini emnqubeni nasetempileni. Kuthekani ngabanye abaLevi?

3 UYehova waxelela uMoses: “Sisondeze isizwe sakwaLevi . . . Bazigcine iimpahla zonke zentente yokuhlangana . . . Womnika abaLevi uAron noonyana bakhe. Bangabanikelweyo [ngesiHebhere, nethu·nimʹ], banikelwe kuye bephuma koonyana bakaSirayeli.” (Numeri 3:6, 8, 9, 41, NW) AbaLevi ‘babenikelwe’ kuAron ukuba benze imisebenzi kwinkonzo yasemnqubeni, ngoko uThixo wayenokuthi: “Bangabanikelweyo, banikelwe kum bephuma koonyana bakaSirayeli.” (Numeri 8:16, 19, NW; Num 18:6) Bambi abaLevi babesenza imisetyenzana elula; abanye babefumene amalungelo abalaseleyo, njengokufundisa imithetho kaThixo. (Numeri 1:50, 51; 1 Kronike 6:48; 23:3, 4, 24-32; 2 Kronike 35:3-5) Ngoku makhe siguqulele ingqalelo yethu kwabanye abantu “abanikelweyo” noko bakufanekiselayo namhlanje.

Ukubuya KwamaSirayeli EBhabhiloni

4, 5. (a) Ngawaphi amaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni eBhabhiloni? (b) Kumaxesha anamhlanje, yintoni efana nokubuya kwamaSirayeli ekuthinjweni?

4 UEzra noNehemiya babalisa indlela intsalela yamaSirayeli, eyayikhokelwa yiRhuluneli uZerubhabheli, eyabuyela ngayo kwilizwe layo isuka eBhabhiloni, isiya kubuyisela unqulo lokwenyaniso. Zombini ezi ngxelo zithi inani laba babebuya lalingama-42 360. Amawaka kwelo nani ‘yayingamadoda abantu bakwaSirayeli.’ Ngokulandelayo ezi ngxelo zidwelisa ababingeleli. Kuze kulandele malunga nabaLevi abangama-350, kuquka neemvumi nabagcini bamasango abangabaLevi. Kwakhona uEzra noNehemiya babhala ngamawaka angakumbi ekubonakala ukuba ayengamaSirayeli, mhlawumbi kwanababingeleli, kodwa awayengenako ukungqina iminombo yawo.—Ezra 1:1, 2; 2:2-42, 59-64; Nehemiya 7:7-45, 61-66.

5 Le ntsalela yamaSirayeli eyayithatyathelwe ekuthinjweni neyathi kamva yabuyela eYerusalem nakwaYuda yabonakalisa ukuzinikela okubalaseleyo kuThixo nakunqulo lokwenyaniso. Njengokuba kuphawuliwe, kumaxesha anamhlanje sibona okufanayo kwintsalela yoSirayeli wokomoya eyaphuma ekuthinjweni yiBhabhiloni Enkulu ngowe-1919.

6. UThixo uwasebenzise njani amaSirayeli okomoya kwixesha lethu?

6 Ukususela ekukhululweni kwayo ngowe-1919, intsalela yabazalwana bakaKristu abathanjisiweyo ngenzondelelo iye yaqhubela phambili kunqulo lokwenyaniso. UYehova uye wayisikelela imigudu yayo yokuhlanganisa abasaseleyo be-144 000 ababumba “amaSirayeli kaThixo.” (Galati 6:16; ISityhilelo 7:3, 4) Njengeqela, intsalela ethanjisiweyo ibumba udidi ‘lomkhonzi othembekileyo noqondayo’ olusetyenziselwa ukunikela intabalala yokudla kokomoya okunik’ ubomi, eye yasebenza nzima ikusasaza emhlabeni wonke.—Mateyu 24:45-47.

7. Ngoobani abanxulumana nabathanjiswa kunqulo lokwenyaniso?

7 Njengokuba inqaku elandulelayo libonisile, ngoku abantu bakaYehova baquka izigidi ‘zezinye izimvu,’ ezinethemba elivela kuThixo lokusinda kwimbandezelo enkulu esemnyango. Zinqwenela ukukhonza uYehova emhlabeni ngonaphakade, apho zingasayi kuba salamba okanye zinxanwe yaye kungasayi kubuya kuphalale zinyembezi zosizi. (Yohane 10:16; ISityhilelo 7:9-17; 21:3-5) Ngaba kwingxelo yabo babebuya eBhabhiloni kukho nto engqamana nemeko yaba? Ewe!

NabangengomaSirayeli Bayabuya

8. Ayephelekwa ngoobani amaSirayeli awayebuya eBhabhiloni?

8 Xa kwahlatyw’ ikhwelo kubathandi bakaYehova eBhabhiloni ukuba babuyele kwiLizwe Ledinga, kwasabela amawaka abantu abangengomaSirayeli. Kuludwe olunikelwa nguEzra noNehemiya, sifunda ‘ngamaNethini’ (NW) (okuthetha, “Abanikelweyo”) kunye ‘noonyana babakhonzi bakaSolomon,’ ababengama-392 xa behlanganisiwe. Kwakhona ezi ngxelo zikhankanya abanye abangaphezu kwama-7 500: ‘izicaka nezicakakazi,’ kwakunye “neemvumi neemvumikazi” ezingengobaLevi. (Ezra 2:43-58, 65; Nehemiya 7:46-60, 67) Yintoni eyashukumisela abantu abangengomaSirayeli abaninzi kangaka ukuba babuyele?

9. Umoya kaThixo wawubandakanyeke njani ekubuyeni ekuthinjweni?

9 KuEzra 1:5 kuthethwa ngabo “bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova.” Ewe, uYehova wabashukumisa bonke abo babuyelayo. Waxhokonxa umoya wabo, oko kukuthi, utyekelo lwengqondo olubashukumisayo. Nangona wayesezulwini, uThixo wayenokukwenza oku ngokusebenzisa umoya wakhe oyingcwele, amandla akhe asebenzayo. Ngaloo ndlela, bonke abo benyukayo ukuba “baye kuyakha indlu kaYehova” bancedwa ‘ngumoya kaThixo.’—Zekariya 4:1, 6; Hagayi 1:14.

Okufanayo Namhlanje

10, 11. Banokufaniswa noobani abo bangengomaSirayeli babuyayo eBhabhiloni?

10 Ngoobani abafuziselwa ngabo babebuya bangengomaSirayeli? AmaKristu amaninzi asenokuphendula athi: ‘AmaNethini afanekisela “ezinye izimvu” namhlanje.’ Kuyinyaniso oko, kodwa asingomaNethini kuphela; kuba bonke abo babuyayo bengengomaSirayeli bafanekisela amaKristu namhlanje angeyonxalenye kaSirayeli wokomoya.

11 Incwadi ethi You May Survive Armageddon Into God’s New Worlda yathi: “Asiyontsalela yamaSirayeli angama-42 360 kuphela eyashiya iBhabhiloni kunye nerhuluneli uZerubhabheli . . . Kwakukho amawaka angengomaSirayeli . . . Ngaphandle kwamaNethini kwakukho nabanye abangengomaSirayeli, amakhoboka, iimvumi neemvumikazi nenzala yabakhonzi bakaKumkani uSolomon.” Le ncwadi yacacisa: “AmaNethini, amakhoboka, iimvumi noonyana babakhonzi bakaSolomon, bonke abangengomaSirayeli, balishiya ilizwe lokuthinjwa baza babuyela nentsalela yamaSirayeli . . . Ngoko ngaba kufanelekile ukucinga ukuba namhlanje abantu beentlanga ezahlukahlukeneyo abangengomaSirayeli okomoya baya kuzinxulumanisa nentsalela yoSirayeli wokomoya baze bahambisele phambili unqulo lukaYehova uThixo kunye nayo? Ewe.” Namhlanje abanjalo ‘baye baba koko kwakufanekiselwa ngamaNethini, ziimvumi nangoonyana babakhonzi bakaSolomon.’

12. UThixo uwusebenzisa njani umoya wakhe ngendlela ekhethekileyo ngenxa yamaSirayeli okomoya, kodwa kutheni sinokuqiniseka ukuba uyafumaneka kubo bonke abanquli bakhe?

12 Njengamandulo, uThixo uyabanika umoya wakhe nabo banethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Kuyinyaniso ukuba abazalwa ngokutsha. Ngamnye we-144 000 kwenzeka kube kanye ebomini bakhe ukuba azalwe ngokutsha njengonyana kaThixo wokomoya aze athanjiswe ngomoya oyingcwele. (Yohane 3:3, 5; Roma 8:16; Efese 1:13, 14) Kakade ke, oko kuthanjiswa kuyimbonakaliso ekhethekileyo yomoya kaThixo ngenxa yomhlambi omncinane. Kodwa umoya kaThixo uyafuneka nokuze kuphunyezwe ukuthanda kwakhe. Ngenxa yoko, uYesu wathi: ‘UYihlo wasemazulwini uyabapha umoya oyingcwele abo bamcelayo.’ (Luka 11:13) Enoba lowo ucelayo unethemba lasezulwini okanye ngowezinye izimvu, umoya kaYehova ufumaneka ngokuyintabalala ukuze kuphunyezwe ukuthanda Kwakhe.

13. Unokusebenza njani lo moya kubo bonke abakhonzi bakaThixo?

13 Umoya kaThixo washukumisa amaSirayeli nabo babengengomaSirayeli ukuba babuyele eYerusalem, yaye womeleza uze uncede bonke abantu bakhe abanyanisekileyo namhlanje. Enoba umKristu unethemba elivela kuThixo lobomi ezulwini okanye lobomi emhlabeni, umele ashumayele iindaba ezilungileyo, yaye umoya oyingcwele umenza athembeke kuko oko. Ngamnye kuthi—nokuba sinaliphi na ithemba—kufuneka ahlakulele iziqhamo zomoya, sonke esiwufuna ngokupheleleyo.—Galati 5:22-26.

Banikelwe Ukuze Benze Inkonzo Ekhethekileyo

14, 15. (a) Phakathi kwabo bangengomaSirayeli ababuyayo, ngawaphi amaqela amabini akhankanywe ngokukhethekileyo? (b) Ayengoobani amaNethini, yaye ayesenza ntoni?

14 Phakathi kwamawaka abantu abangengomaSirayeli umoya owabashukumisela ukubuyela kwakukho amaqela amabini amancinane iLizwi likaThixo elikhankanya wona kuphela—amaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon. Babengoobani? Babesenza ntoni? Yaye oku kusenokuthetha ntoni namhlanje?

15 AmaNethini yayiliqela elalinemvelaphi engeyoyabuSirayeli nelalinelungelo lokulungiselela kunye nabaLevi. Khumbula amaKanan awayesuka eGibheyon awaba ‘ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi, ebandleni nasesibingelelweni sikaYehova.’ (Yoshuwa 9:27) Mhlawumbi abanye benzala yawo babephakathi kwamaNethini awayebuya eBhabhiloni, kwakunye nabanye ababongezelelwe kumaNethini ebudeni bolawulo lukaDavide nangamanye amaxesha. (Ezra 8:20) Ayesenza ntoni amaNethini? AbaLevi babenikelwe ukuba bancedise ababingeleli, aza ke wona amaNethini anikelwa ukuba ancedise abaLevi. Kwanakubantu basemzini abalukileyo, oku kwakulilungelo.

16. Umsebenzi wamaNethini waguquka njani ekuhambeni kwexesha?

16 Xa eli qela labuyayo eBhabhiloni, lalinabaLevi abambalwa, xa bethelekiswa nababingeleli okanye amaNethini kunye ‘noonyana babakhonzi bakaSolomon.’ (Ezra 8:15-20) IDictionary of the Bible, nguGqr. James Hastings, iyaphawula: “Emva kwethuba elithile sifumanisa ukuba [amaNethini] sele emiselwe ngokupheleleyo njengodidi olungcwele lwamagosa, kangangokuba anikwa namalungelo.” Ulindixesha wabaphengululi iVetus Testamentum uyaphawula: “Izinto zaguquka. Ngemva Kokubuya Ekuthinjweni, aba [bantu bolunye uhlanga] babengasagqalwa njengamakhoboka eTempile, kodwa njengabalungiseleli kuyo, benandipha ukuma okufanayo noko kwamanye amaqela, awayelungiselela eTempileni.”—Bona ibhokisi ethi “Ukuguquka Kobume.”

17. Kwakutheni ukuze amaNethini anikwe umsebenzi ongakumbi, yaye bubuphi ubungqina obuseBhayibhileni boku?

17 Kakade ke, amaNethini awazange alingane nababingeleli nabaLevi. La maqela mabini wona ayengamaSirayeli, awayekhethwe nguYehova ngokwakhe yaye engenakuthatyathelwa indawo ngabantu abangengomaSirayeli. Ukanti, iBhayibhile ibonisa ukuba ekubeni kwakukho abaLevi abambalwa, amaNethini anikwa umsebenzi ongakumbi enkonzweni kaThixo. Abelwa izindlu kufutshane netempile. Ngomhla kaNehemiya ayesebenza nababingeleli elungisa iindonga kufutshane netempile. (Nehemiya 3:22-26) Yaye ukumkani wasePersi wayalela ukuba amaNethini angahlawuliswa rhafu, njengokuba abaLevi babengazihlawuli ngenxa yenkonzo yabo yasetempileni. (Ezra 7:24) Oku kubonisa indlela aba “banikelweyo” (abaLevi namaNethini) ababenxulumene ngokusondeleyo ngayo kwimicimbi yokomoya nendlela izabelo zamaNethini ezanda ngayo ngokuvisisana nentswelo, nangona engazange abalwe njengabaLevi. Xa kamva uEzra wayehlanganisa abathinjwa ukuba babuyele, ekuqaleni kwakungekho baLevi phakathi kwabo. Waza ke waqinisa kwimigudu yakhe yokubahlanganisa. Umphumo waba kukuba kwabuya abaLevi abangama-38 namaNethini angama-220 ukuba baye kukhonza ‘njengabalungiseleli bendlu kaThixo wethu.’—Ezra 8:15-20.

18. Oonyana babakhonzi bakaSolomon basenokuba babesenza wuphi umsebenzi?

18 Iqela lesibini labantu abangengomaSirayeli elikhankanyiweyo ngoonyana babakhonzi bakaSolomon. IBhayibhile inikela iinkcukacha ezimbalwa ngabo. Abanye ‘babengoonyana bakaSoferete.’ UEzra wongezelela idefinite article kwelo gama, elenza libe nguHas·so·pheʹreth, mhlawumbi okuthetha “umbhali.” (Ezra 2:55; Nehemiya 7:57) Ngaloo ndlela kusenokwenzeka ukuba baba ngababhali okanye abakhupheli, mhlawumbi ababhali basetempileni abangabalathisi. Nangona babengabolunye uhlanga, oonyana babakhonzi bakaSolomon bakungqina ukuzinikela kwabo kuYehova ngokushiya iBhabhiloni nokubuyela baze babe nenxaxheba ekubuyiselweni konqulo Lwakhe.

Ukuzinikela Namhlanje

19. Luluphi ulwalamano olukhoyo namhlanje phakathi kwabathanjiswa nezinye izimvu?

19 Kwixesha lethu, uThixo uyisebenzise ngamandla intsalela ethanjisiweyo ekukhokeleni kunqulo olunyulu nasekuvakaliseni iindaba ezilungileyo. (Marko 13:10) Hayi indlela aba abaye bavuyiswa ngayo kukubona amashumi amawaka, amakhulu amawaka, yaza kamva yaba zizigidi zezinye izimvu zibathelela elunqulweni! Yaye enjani yona ukuba ntle intsebenziswano eye yakho phakathi kwentsalela nezinye izimvu!—Yohane 10:16.

20. Yiyiphi indlela entsha nesengqiqweni yokuqonda oko kwakufanekiselwa ngamaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon? (IMizekeliso 4:18)

20 Bonke abangengomaSirayeli ababuyayo ekuthinjweni kwiBhabhiloni yamandulo bafanekisela ezinye izimvu ngoku ezikhonza nentsalela yoSirayeli wokomoya. Noko ke, kuthekani ngesibakala sokuba iBhayibhile ikhankanya kuphela amaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon? Kule meko yamandulo amaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon babenikwe amalungelo angaphezu kwalawo ayenikwe abanye abantu ababengengomaSirayeli ababuyayo. Oku kusenokukufanekisela kakuhle ukuba namhlanje uThixo udlulisele amalungelo nemisebenzi eyongezelelekileyo kwabathile bezinye izimvu abakhulileyo nabanomoya wokuzinikela.

21. Abanye babazalwana abanethemba lasemhlabeni baye bayifumana njani imisebenzi namalungelo awongezelelekileyo?

21 Amalungelo awongezelelekileyo amaNethini ayenxulumene ngokuthe ngqo nemisebenzi yokomoya. Kubonakala ukuba oonyana babakhonzi bakaSolomon bafumana imisebenzi yolwalathiso. Ngokufanayo namhlanje, uYehova uye wabasikelela abantu bakhe ‘ngezipho ezingabantu’ ukuze zinyamekele iintswelo zabo. (Efese 4:8, 11, 12) Kweli lungiselelo kuqukwe amakhulu amaninzi abazalwana abakhulileyo nabanamava abanesabelo ‘ekwaluseni imihlambi,’ abakhonza njengabaveleli beziphaluka nabezithili nakwiiKomiti zamaSebe kumasebe eWatch Tower Society angama-98. (Isaya 61:5) Kwikomkhulu lehlabathi loMbutho, ngaphantsi kolwalathiso ‘lwegosa elithembekileyo’ neQumrhu lalo Elilawulayo, kuqeqeshwa amadoda afanelekayo ukuba ancedise ekulungiseleleni ukudla kokomoya. (Luka 12:42) Abanye abasebenzi bokuzithandela abanethuba elide bezinikele baye baqeqeshwa ukuba bavelele amakhaya aseBheteli nemizi-mveliso baze bavelele ukwakhiwa kwezakhiwo zamasebe ezitsha neeholo zonqulo lwamaKristu ehlabathini lonke. Baye bazibalula ekukhonzeni njengabancedisi abasondeleyo bentsalela ethanjisiweyo, ebumba inxalenye yesibingeleli esibubukumkani.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 4:17; 14:40; 1 Petros 2:9.

22. Kutheni kufanelekile ukuba bambi bezinye izimvu banikwe iimbopheleleko ezinkulu ngoku, yaye sifanele sisabele njani koku?

22 Kumaxesha amandulo, ababingeleli nabaLevi baqhubeka bekhonza phakathi kwamaYuda. (Yohane 1:19) Noko ke, namhlanje intsalela yamaSirayeli okomoya esemhlabeni imele iqhubeke incipha. (Thelekisa noYohane 3:30.) Ekugqibeleni, emva kokutshatyalaliswa kweBhabhiloni Enkulu, bonke ‘abatywiniweyo’ abali-144 000 baya kuthatyathelwa ezulwini ukwenzela umtshato weMvana. (ISityhilelo 7:1-3; 19:1-8) Kodwa ngoku ezinye izimvu zimele ziqhubeke zisanda. Isibakala sokuba bambi kuzo, ngokufanayo namaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon, ngoku benikwa iimbopheleleko ezinzima ngaphantsi kokuvelelwa yintsalela ethanjisiweyo asibenzi bagabadele okanye bazive bebalulekile. (Roma 12:3) Oku kusinika intembelo yokuba xa abantu bakaThixo ‘bephuma kwimbandezelo enkulu,’ kuya kubakho amadoda anamava—“abathetheli”—alungele ukukhokela phakathi kwezinye izimvu.—ISityhilelo 7:14; Isaya 32:1; thelekisa IZenzo 6:2-7.

23. Kutheni sonke simele sihlakulele umoya wokupha ngokuphathelele inkonzo kaThixo?

23 Bonke ababuyayo eBhabhiloni babekulungele ukusebenza nzima nokubonisa ukuba unqulo lukaYehova lwaluyeyona nto ibalulekileyo ezingqondweni nasezintliziyweni zabo. Kunjalo nanamhlanje. Kunye nentsalela ethanjisiweyo, ‘abasemzini bayema baluse imihlambi.’ (Isaya 61:5) Ngoko enoba sinaliphi na ithemba elivela kuThixo, yaye kungakhathaliseki ukuba abadala abamiselwe ngomoya baya kunikwa waphi amalungelo ngaphambi komhla wokuthethelelwa kukaYehova eArmagedon, sonke masihlakulele umoya wokuzincama, owakhayo, nowokunikela. Nangona singenakuze simbuyisele nganto uYehova ngazo zonke iingenelo zakhe ezizukileyo, masizinikele ngomphefumlo uphela kuyo nantoni na esiyenzayo kwintlangano yakhe. (INdumiso 116:12-14; Kolose 3:23) Ngaloo ndlela sonke sinokuzinikela ngenxa yonqulo lokwenyaniso, njengoko ezinye izimvu zikhonza ngokusondelyo nabathanjiswa, ekugqibeleni abaya kulawula ‘njengookumkani phezu komhlaba.’—ISityhilelo 5:9, 10.

[Umbhalo osemazantsi]

a Iphepha 142-8; ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

Iingongoma Omele Uzikhumbule

◻ AbaLevi babengabo ngaziphi iindlela “abanikelweyo” kwaSirayeli mandulo?

◻ Ngabaphi abantu abangengomaSirayeli ababuyayo ekuthinjweni, befanekisela bani?

◻ Kubonakala ukuba yintoni eyaguqukayo kumaNethini?

◻ AmaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon ngoku baqondwa befana noobani?

◻ Isiqinisekisa ngantoni intsebenziswano ekhoyo phakathi kwabathanjiswa nezinye izimvu?

[Ibhokisi ekwiphepha 14]

UKUGUQUKA KOBUME

Izichazi-magama neentyilalwazi ezininzi zeBhayibhile zigqabaza ngeenguqulelo ezenzeka kubantu abaninzi abangengomaSirayeli ababuyayo ekuthinjweni. Ngokomzekelo, ngaphantsi komxholo othi “Ukuguquka kwesigxina sabo,” iEncyclopædia Biblica ithi: “Isigxina sabo ekuhlaleni, njengoko sekubonisiwe, kwangaxeshanye saphakanyiswa ngenxa yemfuneko. [AmaNethini] akasabonakali engamakhoboka ngokungqongqo.” (Ihlelwe nguCheyne noBlack, uMqulu III, iphepha 3399) KwiThe Cyclopædia of Biblical Literature, uJohn Kitto uyabhala: “Kwakungalindelwanga ukuba abaninzi bawo [amaNethini] babeya kubuya beze kwesi sikhundla siphantsi ePalestina . . . Ukuzinikela ngokuzithandela okwathi kwabonakaliswa ngaba bantu kwasinyusa ngokungathethekiyo isikhundla samaNethini.” (UMqulu II, iphepha 417) IThe International Standard Bible Encyclopedia ithi: “Xa siqwalasela olu nxulumano nemvelaphi yabo ngexesha likaSolomon, kunokugqitywa kwelokuba abakhonzi bakaSolomon babeneembophelelko ezibalulekileyo kwitempile yesibini.”—Ihlelwe nguG. W. Bromiley, uMqulu 4, iphepha 570.

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Xa amaSirayeli abuyayo ukuze ayakhe kwakhona iYerusalem, ayephelekwa ngamawaka abantu abangengomaSirayeli

[Inkcazelo]

Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.

[Umfanekiso okwiphepha 17]

IKomiti yeSebe yaseKorea. Njengokuba enzayo amaNethini amandulo, amadoda ezinye izimvu aneembopheleleko ezinzima kunqulo lokwenyaniso namhlanje

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share