IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 4/15 iphe. 30
  • Uyakhumbula Na?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyakhumbula Na?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Incwadi YeBhayibhile 38—Zekariya
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Abathetheleli BobuKristu—Ngaba Babebukhusela okanye Babezama Ukuba Zizithandi-zobulumko?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Tyelela Eli Lizwe, Utyelele Nezimvu!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 4/15 iphe. 30

Uyakhumbula Na?

Ngaba uye wazifumanisa iinkupho zakutshanje zeMboniselo zizezisebenzisekayo kuwe? Ngoko khawuvavanye inkumbulo yakho ngoku kulandelayo:

▫ Yayiyintoni injongo ephambili yokuphilisa kukaYesu?

Kwabonisa ukuba abantu abaya kusinda eArmagedon baya kuphiliswa ngokukhawuleza nje emva kweArmagedon, nto leyo elukhuthazo kwisihlwele esikhulu sabantu abanjengezimvu namhlanje. (Isaya 33:24; 35:5, 6)—12/15, iphepha 12.

▫ Kutheni sifanele ngamaxesha onke sikhunjuzwe oku: “Mayela nomthandazo, zingisani”? (Roma 12:12)

Maxa wambi iingcinezelo neembopheleleko zobomi zisenokusisinda ngokokude silibale ukuthandaza. Okanye iingxaki zisenokusongamela, zisibangele siyeke ukuvuyela ithemba loBukumkani, siyeke noko kuthandaza. Ngenxa yoko, sifuna amazwi akhumbuzayo okusikhuthaza ukuba sithandaze size ngale ndlela sisondele ngakumbi kuYehova.—12/15, iphepha 14.

▫ Yintoni engqina ukuba uMkhukula womhla kaNowa washiya umbono ongacimekiyo kuhlanga loluntu?

Kuye kwaqikelelwa ukuba kukho amabali angoMkhukula angaphezu kwama-500 abaliswe zizizwe nabantu abangaphezu kwama-250. La mabali aneengongoma ezithile ezisisiseko afana ngazo.—1/15, iphepha 5.

▫ Abaprofeti bobuxoki banamhla bafana njani nabo bexesha likaYeremiya?

Abaprofeti bobuxoki banamhla bazibanga bemela uThixo, kodwa beba amazwi kaThixo ngokushumayela izinto eziphambukisa abantu koko iBhayibhile ikuthethayo ngokwenene. Oku kunjalo ngokukodwa ngemfundiso yoBukumkani. (Yeremiya 23:30)—2/1, iphepha 4.

▫ Kubonisa ntoni ukubhaptizelwa komntu egameni lomoya oyingcwele?

Oku kubonisa ukuba loo mntu ubhaptizwayo uzimisele ukusebenzisana nomoya, engenzi nanye into eya kuphazamisa ukusebenza kwawo phakathi kwabantu bakaYehova. Ngenxa yoko, loo mntu umele asebenzisane nomkhonzi othembekileyo noqondayo kunye nelungiselelo labadala ebandleni. (Hebhere 13:7, 17; 1 Petros 5:1-4)—2/1, iphepha 18.

▫ Kutheni ukunqula imifanekiso eqingqiweyo kuyingozi kangaka kumnquli?

IBhayibhile ibonisa ukuba imifanekiso eqingqiweyo ilisikizi kuYehova uThixo yaye ayibancedi abo bayihlonelayo ukuba basondele ngakumbi kuThixo. (Duteronomi 7:25; INdumiso 115:4-8) USathana uMtyholi ‘uzimfamekisile iingqondo’ zabantu ukuze inyaniso ‘ingabengezeli’ kubo. (2 Korinte 4:4) Ngoko xa umntu ehlonela umfanekiso oqingqiweyo, ngokwenene ukhonza izilangazelelo zeedemon. (1 Korinte 10:19, 20)—2/15, iphepha 6-7.

▫ Kutheni izimvu zazigqalwa zixabisekile kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile?

Uboya babuyimveliso eyayifumaneka ngokuphindaphindiweyo yaye babunokusetyenziswa ekwenzeleni intsapho impahla okanye babunokuthengiswa. Iimpondo zeenkunzi zegusha zazisetyenziselwa ukuvakalisa uMnyaka weNtlokoma okanye ukuvakalisa imiqondiso elumkisayo okanye ukunikela ulwalathiso kumajoni emfazwe. Ekubeni iigusha zaziphakathi kwezilwanyana ezihlambulukileyo ezazinokutyiwa ngamaSirayeli, ukuba nomhlambi weegusha kwakuthetha ukuba wawungenakulala ungatyanga, yaye ngokuthe rhoqo wawungumthombo wobisi olwalunokuselwa okanye kwenziwe isonka samasi.—3/1, iphepha 24-5.

▫ Abantu abathanda uThixo bacela ntoni xa bethandazela ukufika koBukumkani bukaThixo? (Mateyu 6:10)

Bacela ukuba uBukumkani bukaThixo basezulwini buthabathe inyathelo elingqalileyo ngokutshabalalisa oorhulumente babantu, abaye basilela ukuphila ngokuvisisana nedinga labo lokuzisa uxolo nonqabiseko. (Daniyeli 2:44)—3/15, iphepha 6.

▫ Yayingoobani abaKhuseli Bokholo, yaye ngaba bafundisa ngoBathathu Emnye?

AbaKhuseli Bokholo yayingabantu becawa ababephila ngasekupheleni kwenkulungwane yesibini. Babhala imibhalo yokukhusela ubuKristu ababebazi kwiintanda-bulumko zemvukelo ezazingundaba-mlonyeni phakathi kwamaRoma. Akukho namnye kubo owafundisa ngoBathathu Emnye.—4/1, iphepha 24-9.

▫ Ngaba uZekariya, uyise kaYohane uMbhaptizi, wenziwa isithulu nesimumu, ngokwendlela uLuka 1:62 avakala echaza ngayo?

UGabriyeli wathi yayikukuthetha kukaZekariya okwakuza kuchaphazeleka, ingekuko ukuva kwakhe. (Luka 1:18-20) ULuka 1:64 uthi: “Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe [kaZekariya], lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha.” Phawula ukuba apha akuthethwa nto ngokuchaphazeleka kokuva kwakhe nangayiphi na indlela. Ukukhankanywa ‘kwemiqondiso’ kuLuka 1:62 kusenokubonisa ukuba kwenziwa isimbo esithile somzimba ukuze kufunyanwe isigqibo sikaZekariya.—4/1, iphepha 31.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share