Iindawo Ezithile ZeLizwe Ledinga
Wawalungiselela AmaSirayeli ESinayi
KHAWUTHELEKELELE izigidi—amadoda, abafazi nabantwana—zisiya “entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi”!
Loo mazwi kaThixo afumaneka kwiDuteronomi 8:15 azisa engqalelweni yethu oko kwakunokubonakala kuluhambo oluqhiphul’ umbilini amaSirayeli awayejamelene nalo njengoko ayephuma eYiputa esenjenjeya ukuya kungena kwintlango yaseSinayi. Enye intsinda-badala yayikukuba: Ngubani owayeya kuwavelisela ukutya namanzi awaneleyo?
AmaSirayeli ayesebukhobokeni emva phayaa kwintlambo yeNayile, kodwa ayengaswele nto. Imizobo yaseludongeni kumangcwaba amandulo ibonisa iintlobo ngeentlobo zeediliya, iivatala nokunye ukutya okuziinkozo, kuquka iintlanzi neentaka zasekhaya ezazivelisa ukutya okwahlukahlukeneyo. Ngoko ke, hayi indlela esasichane ngayo isimbonono sawo entlango: “Ngubani na oya kusinika inyama sidle? Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelize, kwaneekomkomere, neevatala, neelike, namatswele, nekinofile.”—Numeri 11:4, 5; 20:5.
Emva kokuba amaSirayeli eluwelile uLwandle Olubomvu, kwaqala kwathi qwenge abubona ubunjani bokwenene beSinayi. Awazange ahambe ngendlela eya ngasentla eyayihanjwa gqitha ngabarhwebi kodwa aya ngakwincam yosinga-siqithi ongunxantathu. Xa ayesele ehambe entlango kangangeekhilomitha ezingama-80, kwabonakala ngathi ayeza kufa lunxano. Ayengakwazi ukuwasela amanzi awayewafumana, kuba ayekrakra yaye kusenokwenzeka ukuba ayenezifo. Akhala esithi, “Siya kusela ntoni na?” UThixo wangenelela, wawenza amanzi aba mnandi.—Eksodus 15:22-25.
Khangela umqokozo weenkamela ngasentla. Unokuyiqonda ingxaki eyayikho eyayingendlela amaSirayeli ayeza kukwazi ngayo ukuhamba kuloo ntlango esiya eNtabeni yeSinayi. Ayeya kuqhubeka njani efumana amanzi—nokutya—awaneleyo okuthoba unxano lwawo nolo lwemihlambi yempahla emfutshane awayefanele ayigcine iphilile?—Eksodus 12:38.
Aya kanye ngasemazantsi aza ngokukhawuleza afumana amanzi ahlaziyayo nokutya e-Elim. (Eksodus 15:27) Noko ke, leyo yayingeyondawo awayesingise kuyo. Ayesiya “entabeni kaThixo,” iNtaba yeSinayi. (Eksodus 3:1; 18:5; 19:2; 24:12-18) Yayikumgama oziikhilomitha ezili-120 ukusuka apho—iikholomitha zomhlaba obugqagala nowomileyo.
Njengoko eli gquba laliqhubeka lisiya kwiNtaba yeSinayi, lasondela—yaye mhlawumbi lakhe lema—kwingingqi enkulu eluhlaza eyaziwa ngokuba yiFeiran. Inxalenye yayo encinane iyabonakala kumfanekiso okwiphepha elisecaleni kweli.a Inqumla ingxingwa esentlango, isiya ngakuLwandle Olubomvu (KwiNyoba YeSuez). Okunjani ukuhlaziyeka awayenokukufumana apho!
Ngoxa intlango yaseSinayi ngokuqhelekileyo inokukufanela ukuchazwa ngokuba ‘yintlango enkulu neyoyikekayo,’ amaSirayeli ayenokunandipha ukuhlala emithunzini yemithi eyokozelayo yesundu neminye imithi kwingingqi eluhlaza yeFeiran. Ayenokufumana intabalala yeedatilisi ezivuzis’ izinkcwe, aze abe nokutya ngoko nangoko kunye nokunye awayenokuhamba nako.
Konke oku kwakunokwenzeka kuba kwakukho umthombo owawumpompoza eFeiran. Khawuthelekelele indlela obuya kuvakalelwa ngayo ukuba ubukwintlango eyomileyo uze ngequbuliso ufumane amanzi apholileyo okuthob’ unxano! Oku kubonisa ukuba kwanaseSinayi zikho iindawo apho amanzi anokufumaneka khona. Maxa wambi kufuneka kumbiwe iqula elinzulu gqitha. Kuphinde kube ngumgudu ukukhupha iemele okanye ingqayi ezele lulwelo olubalulekileyo, ngokukhethekileyo ukuba kufuneka kusezwe impahla emfutshane nemihlambi. Ukuza kuthi ga kulo mhla ama-Arabhu angooMahamb’ ehlala aseSinayi atsalelwa kumaqula apho anokufumana khona amanzi ukuba asele wona neenkamela zawo.—Thelekisa iGenesis 24:11-20; 26:18-22.
Ewe, nangona maxa wambi ayebhomboloza ngenxa yokuba kwakubonakala ngathi kukho intswelo engathethekiyo, amaSirayeli ayenawo amanzi nokutya. Maxa wambi uThixo wayewenzela ezi zinto ngokungummangaliso. (Eksodus 16:11-18, 31; 17:2-6) Kuyabonakala ukuba ngamanye amaxesha wayewakhokelela ‘kwindawo angalalisa kuyo’ apho iintswelo zawo zokwenene zazinokwaneliswa khona ngemveliso yokwemvelo. (Numeri 10:33-36) Ngalo lonke elo xesha, wayewagcinele intabalala eyayilindele abo bathembekileyo kwiLizwe Ledinga.—Duteronomi 11:10-15.
[Umbhalo osemazantsi]
a Lo mfanekiso uyafumaneka umkhulu kwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1992.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 25]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.