Yiza KwiNdibano YeSithili “Yabathwali Bokukhanya”
“UYABONA, ubumnyama buwugubungele umhlaba isithokothoko sizigubungele izizwe.” (Isaya 60:2) Hayi indlela ayinyaniso ngayo loo mazwi namhlanje! Ngokungathandabuzekiyo, unqulo lobuxoki lubagcine ebumnyameni abantu ngokuphathelele uhlobo lonqulo olukholisa uThixo. Kutheni? Kuba uSathana, uthixo weli phakade, ‘uzimfamekisile iingqiqo zabangakholwayo.’—2 Korinte 4:4.
AmaNgqina kaYehova ahluke ngokupheleleyo kwabo bamfanyekiswe nguSathana. Kuwo kunokutshiwo amazwi omprofeti uIsaya athi: “Ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.” (Isaya 60:2) Hayi indlela anombulelo ngayo kuba eye aphuma ebumnyameni eza ekukhanyeni kukaThixo okungummangaliso! Ikukukhanya kokomoya, inyaniso yelizwi likaThixo ekhanyisela ingqondo, ukuze kwanabo baziimfama ngokoqobo bayibone inyaniso.
Kakade ke, uncedo luyafuneka. Akunakwenzeka ukuba umntu ofunda nje iBhayibhile akubone ukukhanya engakhange asebenzise izinto zobuthixo ezilungiselelwe ukusinceda sikuqonde ukukhanya. Kungenxa yoko uYehova uThixo elungiselele ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo,’ owaxelwa kwangaphambili kuMateyu 24:45-47. Namhlanje loo “mkhonzi” umelwa liQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Le Ndibano yeSithili “Yabathwali Bokukhanya” ilungiselelwe phantsi kolwalathiso lweli qumrhu.
Injongo yale ndibano kukunceda bonke abantu bakaYehova babe ngabathwali bokukhanya abalunge ngakumbi, ngokuvisisana namazwi kaPawulos akweyabaseFilipi 2:15. Apho, amaKristu alulekwa ukuba abonakale “njengezikhanyiso ehlabathini.”—Mateyu 5:14, 16.
EMzantsi Afrika, ungcelele lweeNdibano zeSithili “Zabathwali Bokukhanya” lulungiselelwe ukuqala ngoLwesihlanu, ngoDisemba 11. Nge-10:20 kusasa, umculo uya kunceda bonke ukuba balungise iintliziyo neengqondo zabo, ukuze balungele ucwangciso lokomoya oluya kulandela. Suku ngalunye lunomxholo walo, yaye owangoLwesihlanu uthi “Thuma Ukukhanya Kwakho Nenyaniso Yakho.”—INdumiso 43:3.
Ucwangciso lwakusasa ngoLwesihlanu luya kubalaselisa intetho engumxholo ethi, “Abathwali Bokukhanya—Ngayiphi Injongo?” Ngokuqinisekileyo, amaKristu awangobathwali bokukhanya ngenxa yenjongo yokuzingca. Kunoko akhonza ngezizathu ezifana nezo uYesu Kristu, Umthwali Wokukhanya Oyintloko, awayezizele emhlabeni, ezizezi, ukungqinela inyaniso nokuzukisa igama loMdali. Ngokufanelekileyo, uYesu wathi ngaye: “Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.” (Yohane 9:5) Ngaloo ndlela, wasishiya nomzekelo ukuze siwulandele. (1 Petros 2:21) Emva kwemini yolo suku lokuqala kuya kubalaseliswa intetho nomdlalo weBhayibhile othetha ngoKumkani uYosiya, noya kubangel’ umdla ngokukhethekileyo kulutsha.
Umxholo wangoMgqibelo uthi “Nina Nilukhanyiso Lwehlabathi . . . Makukhanye Ngokukwanjalo Ukukhanya Kwenu.” (Mateyu 5:14, 16, TE) Ucwangciso lwakusasa luya kubalaselisa ungcelele lweentetho olunomxholo othi “Ukukhanyisa Ukukhanya Kwakho.” Kuya kuvulwa ithuba lokuba abo bazahlulele kuYehova babhaptizwe. Ucwangciso lwasemva kwemini luya kuba nongcelele lweentetho olunomxholo othi “Ukukhanyisa Ngobukho Nokutyhileka KukaKristu.”
Umxholo wangeCawa, usuku lwesithathu nolokugqibela lwendibano, uthi “Hambani Ke Ngokwabantwana Bokukhanya.” (Efese 5:8) Ucwangciso lwakusasa luya kuba nongcelele lweentetho olunomxholo othi “Ukunyamekelana Kwintsapho YamaKristu,” oluya kuthetha ngeembopheleleko zentsapho. Kuya kubakho kwanentetho echaza oko kuthethwa kukuzithoba kuThixo noKristu.
Le ndibano iya kufikelela incopho yayo emva kwemini ngeCawa ngentetho yesidlangalala enomxholo othi “Landela Ukukhanya Kwehlabathi.” Kule ntetho kuya kuxutyushwa ngoYohane 1:1-16 yaye kuya kuboniswa imfuneko yolwazi lweBhayibhile, kugxininiswa ukuba uYesu Kristu ukukukhanya kwehlabathi. Indibano iya kuqukunjelwa ngesibongozo esithi “Qhubekani Nihamba Ekukhanyeni.”
Bonisa uxabiso ngesi sidlo sokomoya uYehova asilungiselele ngentlangano yakhe ebonakalayo. Yiba kho ukususela kwingoma yokuvula kusasa ngoLwesihlanu de kube ngumthandazo wokuqukumbela emva kwemini ngeCawa. Nikela ingqalelo ngokupheleleyo kuko konke okuthethwa eqongeni. Bhala amanqaku ukuze ukwazi ukunikela ingqalelo naya kukunceda kwixesha elizayo. Okokugqibela, zilungiselele ukuba ube nesabelo kwinkonzo yamatshantliziyo. Ngaloo ndlela, akuyi kunandipha intsikelelo yokuphiwa kuphela koko uya kunandipha kwaneyona ntsikelelo inkulu yokupha.—IZenzo 20:35.