Badala, Gwebani Ngobulungisa
“Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa.”—DUTERONOMI 1:16.
1. Kumbandela wokugweba, kukuphi ukudluliselwa kwegunya okuye kwenzeka, yaye oku kuthetha ntoni kubagwebi abangabantu?
NJENGOMGWEBI Owongamileyo, uYehova uye wanikela igunya lokugweba kuNyana wakhe. (Yohane 5:27) NoKristu, njengeNtloko yebandla lamaKristu, usebenzisa udidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo neQumrhu Elilawulayo lakhe ukuba limisele abadala, abathi maxa wambi basebenze njengabagwebi. (Mateyu 24:45-47; 1 Korinte 5:12, 13; Tito 1:5, 9) Njengabagwebi abangabameli, aba bagwebi banembopheleleko yokulandela ngokusondeleyo umzekelo waBagwebi basezulwini, uYehova noKristu Yesu.
UKristu—UMgwebi Ongumzekelo
2, 3. (a) Isiprofeto esingoMesiya sizityhila njani iimpawu zikaKristu njengoMgwebi? (b) Ziziphi iingongoma ezifanele ziphawulwe ngokukhethekileyo?
2 Kwaprofetwa oku ngoKristu njengoMgwebi: “Ahle ahlale phezu [kwakhe] uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe. Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye.”—Isaya 11:2-4.
3 Phawula kweso siprofeto iimpawu ezibangela uKristu abe nako ‘ukuligweba elimiweyo ngobulungisa.’ (IZenzo 17:31) Ugweba ngokuvisisana nomoya kaYehova, ubulumko, ukuqonda, isiluleko nokwazi kukaThixo. Kwakhona, phawula ukuba ubonakalisa ukoyika uYehova kwindlela agweba ngayo. Ngaloo ndlela, ‘isihlalo sokugweba sikaKristu’ simela ‘isihlalo sokugweba sikaThixo.’ (2 Korinte 5:10; Roma 14:10, NW) Ukuphaphele ukugweba imicimbi ngendlela uThixo ayigweba ngayo. (Yohane 8:16) Akagwebi nje ngembonakalo okanye nje ngezinto aziva zithethwa. Abalulamileyo nabathobekileyo ubagweba ngobulungisa. Onjani yena ukumangalisa uMgwebi! Yaye onjani wona ukumangalisa umzekelo kubantu abangafezekanga abacelwa ukuba basebenze kwizigxina zokugweba namhlanje!
Abagwebi Basemhlabeni
4. (a) Uya kuba yintoni omnye wemisebenzi ye-144 000 ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu? (b) Sisiphi isiprofeto esibonisa ukuba wambi amaKristu athanjisiweyo aya kumiselwa njengabagwebi ngoxa besesemhlabeni?
4 IZibhalo zibonisa ukuba inani elincinane gqitha lamaKristu athanjisiweyo, ukuqala ngabapostile abali-12, liya kuba ngabagwebi noKristu Yesu ebudeni beMinyaka Eliwaka. (Luka 22:28-30; 1 Korinte 6:2; ISityhilelo 20:4) Intsalela yamalungu athanjisiweyo oSirayeli wokomoya emhlabeni yagwetywa yaza yabuyiselwa ngowe-1918-19. (Malaki 3:2-4) Ngokuphathelele oku kubuyiselwa koSirayeli wokomoya, kwaprofetwa oku: “Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho [“nabacebisi bakho,” NW] njengokwamatanci.” (Isaya 1:26) Ngaloo ndlela, kanye njengoko wenzayo ‘ekuqaleni’ ngoSirayeli wemvelo, uYehova uye wanika intsalela ebuyiselweyo abagwebi nabacebisi.
5. (a) Ngoobani ‘abamiswa njengabagwebi’ emva kokubuyiselwa koSirayeli wokomoya, yaye bachazwe njani kwincwadi yeSityhilelo? (b) Abaveleli abathanjisiweyo bancediswa ngoobani ngoku kumsebenzi wokugweba, yaye aba baqeqeshelwa njani ukuba ngabagwebi abalunge ngakumbi?
5 Okokuqala, onke ‘amadoda alumkileyo awamiselwa njengabagwebi’ ayengamadoda amakhulu, okanye abadala abathanjisiweyo. (1 Korinte 6:4, 5) Kwincwadi yeSityhilelo abaveleli abathanjisiweyo, abathembekileyo nabahlonelwayo bachazwe njengabakwisandla sokunene sikaYesu, oko kukuthi, baphantsi kolawulo nokhokelo lwakhe. (ISityhilelo 1:16, 20; 2:1) Ukususela ngowe-1935 abathanjiswa baye bafumana inkxaso yokunyaniseka ‘kwisihlwele esikhulu’ esiqhubeka sisanda, esinethemba lokusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ size siphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadisi. (ISityhilelo 7:9, 10, 14-17) Njengoko “umsitho weMvana” usondela, abangakumbi nangakumbi baba bayamiselwa liQumrhu Elilawulayo elithanjisiweyo ukuba bakhonze njengabadala nabagwebi kumabandla amaNgqina kaYehova angaphezu kwama-66 000 emhlabeni wonke.a (ISityhilelo 19:7-9) Ngezikolo ezikhethekileyo, baqeqeshelwa ukusingatha imbopheleleko kwibutho ‘lomhlaba omtsha.’ (2 Petros 3:13) KwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani, esiqhutywe ekupheleni kowe-1991 kumazwe amaninzi, kuye kwagxininiswa ekuyisingatheni ngokufanelekileyo imibandela yokugweba. Abadala abakhonza njengabagwebi banembopheleleko yokuxelisa uYehova noKristu Yesu, abagweba ngenyaniso nangobulungisa.—Yohane 5:30; 8:16; ISityhilelo 19:1, 2.
Abagwebi ‘Abazoyikelayo’
6. Kutheni abadala abakhonza kwiikomiti ezigwebayo befanele ‘bazoyikele’?
6 Ukuba uKristu ngokwakhe ugweba esoyika uYehova nangoncedo lomoya Wakhe, hayi indlela abadala abangafezekanga abafanele benjenjalo ngakumbi ngayo! Xa besabelwa ukukhonza kwikomiti egwebayo, bafanele ‘bazoyikele,’ becela ‘uBawo ogweba ngokungakhethi buso’ ukuba abancede bagwebe ngobulungisa. (1 Petros 1:17) Bafanele bakhumbule ukuba baqhubana nobomi babantu, ‘imiphefumlo’ yabantu, “ngokwabaya kuphendula.” (Hebhere 13:17) Ngenxa yoku, ngokuqinisekileyo baya kuphendula phambi koYehova nangazo naziphi na iimpazamo ebezinokuphepheka abazenzayo ekugwebeni kwabo. Egqabaza ngamaHebhere 13:17, uJ. H. A. Ebrard wabhala: “Kuyimbopheleleko yomalusi ukujonga imiphefumlo ayinikiweyo ukuba ayinyamekele, yaye . . . umele aphendule ngayo yonke, kwanangaleyo iye yalahleka ngenxa yempazamo yakhe. Eli lilizwi elinzulu. Umlungiseleli ngamnye welizwi makaqonde, ukuba uye wasingenela ngokuzithandela esi sikhundla soyikekayo sembopheleleko.”—Thelekisa uYohane 17:12; Yakobi 3:1.
7. (a) Yintoni abagwebi bale mihla abafanele bayikhumbule, yaye ifanele ibe yintoni injongo yabo? (b) Ziziphi izifundo abadala abafanele bazifunde kuMateyu 18:18-20?
7 Abadala abasebenza kwimicimbi yokugweba bafanele bakhumbule ukuba aBagwebi bokwenene betyala ngalinye nguYehova noKristu Yesu. Khumbula oko baxelelwa kona abagwebi bakwaSirayeli: “Akungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unani ke emcimbini wokugweba. Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; . . . nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.” (2 Kronike 19:6-10) Benoloyiko olufanelekileyo, abadala abachophela ityala bafanele benze konke okusemandleni abo ukuze baqiniseke ukuba uYehova ngokwenene ‘unabo kumcimbi wokugweba.’ Isigqibo sabo sifanele sibonakalise ngokuchanileyo indlela uYehova noKristu abawujonga ngayo umbandela. Oko ngokomfuziselo ‘bakubophayo’ (abakufumanisa kulityala) okanye ‘bakukhululayo’ (bakufumanisa kungelotyala) emhlabeni kufanele kube koko kusele kubotshiwe okanye kukhululwe ezulwini—njengoko kutyhilwe koko kubhalwe eLizwini likaThixo eliphefumlelweyo. Ukuba bayathandaza kuYehova egameni likaYesu, uYesu uya kuba ‘phakathi kwabo’ ukuze abancede. (Mateyu 18:18-20, umbhalo osemazantsi we-NW; IMboniselo kaFebruwari 15, 1988, iphepha 9) Umoya okhoyo xa kuchotshelwe ityala ufanele ubonakalise ukuba uKristu ngokwenene uphakathi kwabo.
Abalusi Bexesha Elizeleyo
8. Ufanele ube yintoni umsebenzi oyintloko wabadala, njengoko kwabekwa umzekelo nguYehova noYesu noKristu? (Isaya 40:10, 11; Yohane 10:11, 27-29)
8 Abadala abahlalelanga ukugweba. Bangabalusi bexesha elizeleyo. Bangabaphilisi, ingengabo abohlwayi. (Yakobi 5:13-16) Ingcamango esisiseko yegama lesiGrike eliguqulelwa ngokuthi umveleli (e·piʹsko·pos) yileyo yenyameko ekhuselayo. ITheological Dictionary of the New Testament ithi: “Njengabalusi abangabameli [kweyoku-1 kaPetros 2:25], eli binzana [e·piʹsko·pos] linikela ingcamango yomsebenzi womalusi wokujonga okanye ukulinda.” Ewe, imbopheleleko yabo eyintloko kukujonga nokulinda izimvu, ukuzigcina ziphakathi komhlambi.
9, 10. (a) UPawulos wawubethelela njani umsebenzi wokuqala wabadala, ngoko nguwuphi umbuzo ofanele ubuzwe? (b) Athetha ukuthini amazwi kaPawulos kwiZenzo 20:29, ngoko abadala banokuzama njani ukunciphisa inani lamatyala okugweba?
9 Ethetha nabadala bebandla lase-Efese, umpostile uPawulos wagxininisa kanye oko kwakuyimfuneko: “Zilumkeleni ngoko, nawo wonke umhlambi, athe uMoya oyiNgcwele wanimisa ukuba ngabaveleli bawo, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, awazizuzelayo [ngeloNyana wakhe, NW] igazi.” (IZenzo 20:28) UPawulos ubalaselisa ukwalusa, ingekuko ukohlwaya. Bambi abadala basenokwenza kakuhle ukucamngca ngalo mbuzo ulandelayo: ‘Ngaba besinokulondoloza ixesha elininzi elifunekayo ekuhlolisiseni nasekunyamekeleni amatyala okugweba ukuba besinikele ixesha nomgudu ongakumbi ekwaluseni?’
10 Liyinyaniso elokuba, uPawulos walumkisa nxamnye ‘neengcuka ezicinezelayo.’ Kodwa ngaba akazange abakhalimele abanjalo ‘ngokungawuphathi ngobubele umhlambi’? (IZenzo 20:29, NW) Yaye ngoxa wabonisa ukuba abaveleli abathembekileyo bafanele bazikhuphe ezi ‘ngcuka,’ ngaba amazwi akhe awabonisi ukuba abadala bafanele bawaphathe amanye amalungu omhlambi “ngobubele”? Xa imvu isiba buthathaka ngokomoya ize ke iyeke ukumkhonza uThixo, ifuna ntoni—ukubethwa okanye ukuphiliswa, ukohlwaywa okanye ukwaluswa? (Yakobi 5:14, 15) Ngoko ke, abadala bafanele balicwangcise ngokuthe rhoqo ixesha lomsebenzi wokwalusa. Oku kunokuzisa imiphumo eyonwabisayo yokuchithwa kwexesha elincinane kumatyala okugweba atya ixesha nabandakanya amaKristu aye oyiswa sisono. Ngokuqinisekileyo, into yokuqala abadala abafanele bayixhalabele kukuvelisa umthombo wokuphumla nokuhlaziyeka, ngaloo ndlela, bebangela uxolo, inzolo nonqabiseko phakathi kwabantu bakaYehova.—Isaya 32:1, 2.
Ukukhonza Njengabalusi Nabagwebi Abaluncedo
11. Kutheni abadala abakhonza kwiikomiti ezigwebayo befuna ukungakhethi buso ‘nobulumko baphezulu’?
11 Ukwalusa ngenyameko engakumbi ngaphambi kokuba umKristu athabathe inyathelo eliphosakeleyo kunokulinciphisa gqitha inani lamatyala okugweba phakathi kwabantu bakaYehova. (Thelekisa amaGalati 6:1.) Sekunjalo, ngenxa yesono nokungafezeki komntu, ngamathuba athile kusenokufuneka ukuba abaveleli abangamaKristu baqhubane namatyala okwenziwa kokubi. Yiyiphi imigaqo efanele ibakhokele? Le migaqo ayiguqukanga ukususela kwixesha likaMoses okanye lamaKristu okuqala. Amazwi kaMoses awawabhekisa kubagwebi bakwaSirayeli asasebenza: “Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa . . . Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu.” (Duteronomi 1:16, 17) Ukungakhethi buso kuluphawu ‘lobulumko baphezulu,’ ubulumko obubaluleke gqitha kubadala abakhonza kwiikomiti ezigwebayo. (Yakobi 3:17; IMizekeliso 24:23) Ubulumko obunjalo buya kubanceda baqonde umahluko phakathi kobuthathaka nobungendawo.
12. Kungayiphi ingqiqo ekufuneka abagwebi bangabi ngamalungisa kuphela kodwa babe ngamadoda alungileyo?
12 Abadala ‘bamele bagwebe ngobulungisa,’ ngokuvisisana nemilinganiselo kaYehova yokulungileyo nokuphosakeleyo. (INdumiso 19:9) Sekunjalo, ngoxa bezabalazela ukuba ngamalungisa, bakwafanele bazame ukuba ngamadoda alungileyo, ngokwengqiqo yoko kucaciswa nguPawulos kwabaseRoma 5:7, 8. Igqabaza ngezi ndinyana kwinqaku layo elithi “Righteousness” (Ubulungisa), incwadi ethi Insight on the Scriptures ithi: “Ukusetyenziswa kwegama lesiGrike kubonisa ukuba umntu ophawulwa, okanye owahlulwa, ngokulunga ngulowo unobubele (okulungeleyo ukwenzela abanye okulungileyo okanye ukubazisela iingenelo) nonenceba (okubonakalisa ngokuphandle ukulunga okunjalo). Akaxhalabelanga nje ukwenza oko kufunwa kokusesikweni kodwa udlulela ngaphaya koku, eqhutywa kukuba nolwazelelo olufanelekileyo ngabanye nangumnqweno wokubazisela iingenelo nokubanceda.” (uMqulu 2, iphepha 809) Abadala abangengomalungisa nje kuphela kodwa abalungileyo baya kuphatha abenzi bobubi ngolwazelelelo lothando nobubele. (Roma 2:4) Bafanale bafune ukubonakalisa inceba novelwano. Bafanele benze konke okusemandleni abo ukuncedisa umenzi wobubi ukuba abone imfuneko yokuguquka, nokuba ekuqaleni unokubonakala engayi kusabela kwimigudu yabo.
Isimo Sengqondo Esifanelekileyo Xa Kuchotshelwe Ityala
13. (a) Xa umdala esebenza njengomgwebi, yintoni angayekiyo ukuba yiyo? (b) Sisiphi isiluleko esanikelwa nguPawulos esisebenza naxa kuchotshelwe amatyala?
13 Xa imeko ifuna ikomiti egwebayo, abaveleli abafanele balibale ukuba basengabalusi, baqhubana nezimvu zikaYehova, phantsi ‘komalusi olungileyo.’ (Yohane 10:11) Isiluleko sikaPawulos sokuba kunikwe izimvu ezisebunzimeni uncedo oluqhubekayo sisebenza ngamandla afanayo naxa kuchotshelwe amatyala. Wabhala: “Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe. Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu.”—Galati 6:1, 2.b
14. Abaveleli bafanele bakugqale njani ukuchotshelwa kwetyala, yaye bafanele babe nasiphi isimo sengqondo ngakumenzi wobubi?
14 Kunokuba bazigqale bengabagwebi abongamileyo abahlanganisana ukuze banikele isohlwayo, abadala abakhonza kwikomiti egwebayo bafanele bakujonge ukuchotshelwa kwetyala njengenye inkalo yomsebenzi wabo wokwalusa. Enye yezimvu zikaYehova isenkathazweni. Yintoni abanokuyenza ukuyihlangula? Ngaba sele limkile ixesha lokunceda le mvu eye yaphuma emhlambini? Asithembi ukuba kuya kuba njalo. Abadala bamele balondoloze imbono efanelekileyo ekubonakaliseni inceba apho kufanelekileyo. Oku akuthethi ukuba bafanele bayithobe imilinganiselo kaYehova ukuba kuye kwenziwa isono esinzulu. Kodwa ukuphaphela kwabo naziphi na iimeko ezibangela ukuthetheleleka kuya kubanceda babonakalise inceba apho kunokwenzeka. (INdumiso 103:8-10; 130:3) Okubuhlungu kukuba bambi abenzi bobubi bangoontamo-lukhuni ngokokude abadala banyanzeleke ukuba babonakalise ubungqongqo, nangona bengayi kuze babonakalise ubungqwabalala.—1 Korinte 5:13.
Injongo Yokuchotshelwa Kwamatyala
15. Xa kuvela ingxaki enzulu phakathi kwabantu ababini, yintoni efanele ifunyaniswe kuqala?
15 Xa kuvela ingxaki enzulu phakathi kwabantu, abadala abalumkileyo baya kuqala bafumanise enoba abo babandakanyekileyo baye bazama kusini na ukuwucombulula umbandela ophakathi kwabo, ngokuvisisana noMateyu 5:23, 24 okanye uMateyu 18:15. Ukuba oku akubancedanga, mhlawumbi isiluleko somdala omnye okanye ababini siya kwanela. Inyathelo lokugweba lifuneka kuphela xa kwenziwe isono esinzulu esinokukhokelela ekususweni kubudlelane. (Mateyu 18:17; 1 Korinte 5:11) Kufanele kubekho isizathu esivakalayo nesingokweZibhalo sokubizwa kwekomiti egwebayo. (Bona IMboniselo kaSeptemba 15, 1989, iphepha 18.) Ukuba kuhlalwa ikomiti, kufanele kunyulwe abona badala bakufanelekelayo ukuchophela uhlobo lwetyala elo.
16. Yintoni abadala abazama ukuyifikelela ngokuchotshelwa kwetyala?
16 Yintoni abadala abazama ukuyifikelela ngokuchophela amatyala? Okokuqala, akunakwenzeka ukuba bagwebe ngobulungisa ide inyaniso idandalaziswe. NjengakwaSirayeli, imibandela enzulu ifanele ‘iphengululwe ngokucokisekileyo.’ (Duteronomi 13:14; 17:4) Ngoko enye injongo yokuchophela ityala kukufumana izibakala zetyala elo. Kodwa oku kunokwenziwa yaye kufanele kwenziwe ngothando. (1 Korinte 13:4, 6, 7) Zakuba zidandalazisiwe izibakala, abadala baya kwenza nantoni na eyimfuneko ukukhusela ibandla nokulondoloza kulo imilinganiselo ephakamileyo kaYehova nokusebenza ngokukhululekileyo komoya wakhe kulo. (1 Korinte 5:7, 8) Noko ke, enye yeenjongo zokuchotshelwa kwetyala kukuhlangula, ukuba kunokwenzeka, umoni osengozini.—Thelekisa uLuka 15:8-10.
17. (a) Umntu omangalelweyo ufanele aphathwe njani ebudeni bokuchotshelwa kwetyala, yaye ngayiphi injongo? (b) Oku kuya kufuna ukuba amalungu ekomiti egwebayo enze ntoni?
17 Umntu omangalelweyo ufanele aphathwe njengemvu kaThixo kungekhona ngenye indlela. Ufanele aphathwe ngobubele. Ukuba uye wenza isono (okanye izono), injongo yabagwebi abangamalungisa iya kuba kukunceda umoni ukuba alungise, ayiqonde impazamo yendlela yakhe, aguquke yaye ngaloo ndlela ahlangulwe “esibatheni sakhe uMtyholi.” Kuya kufuna ‘ubuchule bokufundisa’ ‘nokuqeqesha ngobulali.’ (2 Timoti 2:24-26; 4:2) Kodwa kuthekani ukuba umoni emva koko uyavuma ukuba wonile, uxheleke ngokwenyaniso emxhelweni, aze acele uYehova ukuba amxolele? (Thelekisa IZenzo 2:37.) Ukuba ikomiti yeyisekile kukuba ngokwenene ufuna uncedo, ngokuqhelekileyo akuyi kubakho mfuneko yakumsusa kubudlelane.—Bona IMboniselo kaOktobha 15, 1983, iphepha 30, isiqendu 1.
18. (a) Ikomiti egwebayo ifanele ibubonakalise nini ubungqongqo ekususeni kubudlelane umenzi wobubi? (b) Kungenxa yayiphi imeko ebuhlungu abafanele abadala bazibhokoxe ngenxa yemvu elahlekayo?
18 Kwelinye icala, xa amalungu ekomiti egwebayo ejamelene netyala lomntu ekucacileyo ukuba ungumwexuki ongaguqukiyo, ovukela ngabom imithetho kaYehova, okanye owenze ubungendawo obunzulu, umsebenzi wabo kukukhusela amanye amalungu ebandla ngokumsusa kubudlelane umoni ongaguqukiyo. Ikomiti egwebayo ayinyanzelekanga ukuba idibane ngokuphindaphindiweyo nomenzi wobubi okanye imxelele amakakuthethe, izama ukumnyanzela ukuba aguquke, ukuba kuyabonakala ukuba akakho buhlungu ngendlela uThixo afuna ngayo.c Kwiminyaka yakutshanje ehlabathini kulinganiselwa ukuba kuye kwasuswa kubudlelane umntu omnye kubavakalisi abalikhulu. Oko kuthetha ukuba kwizimvu ezinokuba likhulu ebuhlanti, imvu enye iye yalahleka—ubuncinane okwexeshana. Xa kuqwalaselwa ixesha nomgudu othatyathwayo ukuzisa umntu ebuhlanti, ngaba akubangeli intliziyo ebuhlungu kusini na ukwazi ukuba amashumi amawaka ‘abuyiselwa kuSathana’ nyaka ngamnye?—1 Korinte 5:5, NW.
19. Yintoni abadala abakhonza kwikomiti egwebayo abangafanele baze bayilibale, ngoko iya kuba yintoni injongo yabo?
19 Abadala abaqalisa ukuchophela ityala lokugweba bafanele bakhumbule ukuba inkoliso yamatyala esono ebandleni abandakanya ubuthathaka, ingebubo ubungendawo. Abafanele baze bawulibale umzekeliso kaYesu wemvu elahlekileyo, awawuqukumbela ngala mazwi: “Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunabangamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.” (Luka 15:7) Enyanisweni, ‘uYehova akangi kungatshabalala nabani na kodwa unga bonke bangasinga enguqukweni.’ (2 Petros 3:9) Ngoncedo lukaYehova, zanga iikomiti ezigwebayo ehlabathini lonke zingenza konke okusemandleni azo ukuze zibangele uvuyo ezulwini ngokunceda abenzi bobubi babone imfuneko yokuguquka baze babuyisele iinyawo zabo endleleni emxinwa ekhokelela kubomi obungunaphakade.—Mateyu 7:13, 14.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ngesikhundla sabadala bezinye izimvu ngokuphathelele isandla sokunene sikaKristu, bona incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc., iphepha 136, umbhalo osemazantsi.
c Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 1982, iphepha 29, isiqendu 24.
Imibuzo Yempinda
◻ Belandela umzekelo woMalusi Omkhulu noMalusi Olungileyo, ufanele ube yintoni umdla wabadala oyintloko?
◻ Abadala banokuzabalazela njani ukunciphisa inani lamatyala achotshelwayo?
◻ Kungayiphi ingqiqo abagwebi ekufuneka bangabi ngamalungisa kuphela kodwa kwakhona balunge?
◻ Umenzi wobubi ufanele aphathwe njani ebudeni bokuchotshelwa kwetyala, yaye ngayiphi injongo?
◻ Kutheni ukususa kubudlelane kufanele kube linyathelo lokuncamela?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Xa kusaluswa kwangaphambili, amatyala amaninzi okugweba anokuphetshwa
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Kwanasebudeni bokuchotshelwa kwetyala, abadala bafanele bazame ukumguqula umenzi wobubi ngomoya wobulali