Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba oko kukuYobhi 1:8 sifanele sikuqonde njengokuthetha ukuba ngexesha uYobhi awayephila ngalo, yayinguye kuphela umntu owayethembekile kuYehova?
Hayi. Eso sigqibo asixhaswa kuYobhi 1:8, othi:
“Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?” UThixo wavakalisa ingcamango efanayo kuYobhi 2:3, ebuza uSathana esithi: “Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?”
Incwadi kaYobhi ngokwayo ibonisa ukuba uYobhi wayengekuphela komntu owayephila owayesamkelwa nguThixo njengothembekileyo. Ukuqala kwisahluko sama-32, sifunda ngoElihu. Nangona wayengumfana, uElihu walungisa imbono ephosakeleyo kaYobhi waza wazukisa uThixo oyinyaniso.—Yobhi 32:6–33:6, 31-33; 35:1–36:2.
Ngako oko, amazwi kaThixo athi ‘kwakungekho mntu unjengoYobhi ehlabathini’ amele ukuba athetha ukuba uYobhi wayebalasele ngakumbi njengendoda egqibeleleyo. Kubonakala ukuba uYobhi waphila kwisithuba esasiphakathi kokufa kukaYosefu eYiputa nokuqalisa kokukhonza kukaMoses njengomprofeti kaThixo. Ebudeni belo thuba amaSirayeli amaninzi ayehlala eYiputa. Akukho sizathu sakucinga ukuba onke ayengathembekanga yaye engamkelekanga kuThixo; mhlawumbi amaninzi ayekholose ngoYehova. (Eksodus 2:1-10; Hebhere 11:23) Kanti, akukho namnye kuwo owaphumeza indima ebalulekileyo, njengoko uYosefu wenzayo, yaye abo banquli babengabalaselanga kunqulo oluyinyaniso, njengoko uMoses wayeya kuba njalo ekukhokeleni uhlanga lwamaSirayeli ukuphuma eYiputa.
Noko ke, kwakukho indoda eyayibalasele ngengqibelelo eyayihlala kwenye indawo. “Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi. Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini.”—Yobhi 1:1.
Ngaloo ndlela uYehova wayenokukhankanya uYobhi njengomzekelo obalaseleyo wokholo nokuzinikela. Ngokufanayo, ababhali beBhayibhile uHezekile noYakobi bakhankanya uYobhi njengowamisela umzekelo wobulungisa nonyamezelo.—Hezekile 14:14; Yakobi 5:11.