IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w92 8/15 iphe. 10-15
  • Hlalani Nisakhana

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hlalani Nisakhana
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphepha Intetho Ebolileyo
  • Sebenzela Ekwakheni Abanye
  • Ukwakhana Ngendlela Yobuthixo
  • Abadala Abakhayo
  • Ukuphila Ngomthetho KaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Thetha Izinto‘Ezakhayo’
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Isinxibo Sakho Nendlela Ozilungisa Ngayo—Ngaba Zibalulekile KuThixo?
    Vukani!—1998
  • Ngaba Indlela Onxiba Ngayo Iyamzukisa UThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
w92 8/15 iphe. 10-15

Hlalani Nisakhana

“Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma [“ukwakha,” NW].”—EFESE 4:29.

1, 2. (a) Kutheni ngokufanelekileyo kunokuthiwa intetho ingummangaliso? (b) Sisiphi isilumkiso esifanelekileyo ngendlela esisebenzisa ngayo ulwimi lwethu?

“INTETHO ngumsonto omangalisayo odibanisa abahlobo, iintsapho neendidi ngeendidi zabantu . . . Ngengqondo yomntu nangokurhwaqela okulungelelanisiweyo kwezihlunu [zolwimi], senza izandi ezishukumisa uthando, umona, intlonelo—eneneni naziphi na iimvakalelo zabantu.”—Hearing, Taste and Smell.

2 Ulwimi lwethu lwenza okungakumbi kunokusebenza nje njengelungu lokuginya okanye lokungcamla; liyinxalenye yamandla ethu okwabelana nabanye ngoko sikucingayo neemvakalelo zethu. “Ulwimi, lulilungu elincinanana,” wabhala oko uYakobi. “Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo.” (Yakobi 3:5, 9) Ewe, sinokusebenzisa ulwimi lwethu ngeendlela ezintle, njengokudumisa uYehova. Kodwa ekubeni singafezekanga, ngokulula ulwimi lwethu sinokulusebenzisa ekuthetheni izinto ezenzakalisayo okanye ezingakhiyo. UYakobi wabhala: “Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.”—Yakobi 3:10.

3. Ziziphi iinkalo ezimbini zentetho yethu esifanele sinikele ingqalelo kuzo?

3 Ngoxa kungekho mntu unokululawula ngokugqibeleleyo ulwimi lwakhe, ngokuqinisekileyo sifanele sizabalazele ukuphucula. Umpostile uPawulos usicebisa oku: “Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma [“ukwakha,” NW] oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.” (Efese 4:29) Phawula ukuba lo myalelo uneenkalo ezimbini: oko sifanele sizabalazele ukukuphepha noko sifanele sizame ukukwenza. Masizihlolisise zombini ezi nkalo.

Ukuphepha Intetho Ebolileyo

4, 5. (a) Liliphi idabi amaKristu amele alilwe ngokuphathelele intetho engcolileyo? (b) Nguwuphi umfanekiso onokulichaza kakuhle ibinzana elithi “intetho ebolileyo”?

4 Kweyabase-Efese 4:29 siqala ngokubongozwa ngokuthi: “Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu.” Oko kusenokungabi lula. Esinye isizathu sesokuba intetho engcolileyo ixhaphake gqitha kwihlabathi elisingqongileyo. Umhla nezolo amaKristu amaninzi aselula eva kuthukwa, kuba abo afunda nabo basenokucinga ukuba ukuthuka kubethelela oko bakuthethayo okanye kubenza babonakale benamandla ngakumbi. Sisenokungakwazi ngokupheleleyo ukukuphepha ukuva intetho engcolileyo, kodwa ngenyameko sinokwenza umgudu yaye sifanele siwenze ukuze singayamkeli le ntetho. Ayifanele ibe sezingqondweni zethu okanye iphume ngemilomo yethu.

5 Kwesi silumkiso sikaPawulos kukho igama lesiGrike elihlobene nentlanzi eyonakeleyo okanye isiqhamo esibolileyo. Khawube nomfanekiso-ngqondweni woku: Ubukele mntu uthile othi aphelelwe ngumonde aze ke abe lugcwabevu ngumsindo. Ekugqibeleni uyadubuleka, uze ke umbone ekhupha intlanzi ebolileyo ngomlomo wakhe. Wandula ke ubone isiqhamo esinukayo nesibolileyo sisithi qithi siphuma kuloo mlomo, sitshiza bonke abantu abakufutshane. Ngubani lo mntu? Hayi indlela ebekungakubi ngayo ukuba ibingomnye wethu! Kanti, umfanekiso onjalo unokufaneleka ukuba ‘sikhupha ngemilomo yethu iintetho ezibolileyo.’

6. Eyabase-Efese 4:29 isebenza njani ekuhlaben’ amadlala nakwintetho engakhiyo?

6 Enye indlela esinokuyisebenzisa ngayo eyabase-Efese 4:29 kungokuphepha ukusoloko sihlab’ amadlala. Kuyavunywa ukuba sonke sineengcamango nezinto esingazithandiyo okanye esingazamkeliyo, kodwa ngaba ukhe wahlala nomntu obonakala enokuthile (okanye okuninzi) kokukuthetha okungakhiyo ngabo bonke abantu, iindawo okanye izinto ekuthethwa ngazo? (Thelekisa amaRoma 12:9; Hebhere 1:9.) Intetho yakhe iyadiliza, iyadandathekisa okanye iyatshabalalisa. (INdumiso 10:7; 64:2-4; IMizekeliso 16:27; Yakobi 4:11, 12) Usenokungayiqondi indlela afana ngayo nabagxeki abachazwa nguMalaki. (Malaki 3:13-15) Hayi indlela anokothuka ngayo ukuba umbukeli umxelele ukuba uhlanza intlanzi okanye isiqhamo esibolileyo ngomlomo wakhe!

7. Kukuphi ukuzihlolisisa ngamnye wethu afanele akwenze?

7 Ngoxa kulula ukukubona oku xa ingomnye umntu osoloko ethetha kakubi okanye ehlab’ amadlala, zibuze, ‘Ngaba ndityekele kubuntu obunjalo? Ngaba ngokwenene ndinjalo?’ Kungaba bubulumko ngamathub’ athile ukucinga ngomoya obonakala kumazwi ethu. Ngaba ubukhulu becala awakhi, engawokugxeka? Ngaba sithetha njengabathuthuzeli bobuxoki abathathu bakaYobhi? (Yobhi 2:11; 13:4, 5; 16:2; 19:2) Kutheni ungakhankanyi inkalo entle? Ukuba incoko ithande ukuzinza kakhulu ekugxekeni, kutheni ungayiphethuleli kwimibandela eyakhayo?

8. KuMalaki 3:16 kunikelwa siphi isifundo ngentetho, yaye sinokubonisa njani ukuba siyasisebenzisa eso sifundo?

8 UMalaki wachaza okwahlukileyo koko: “Abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” (Malaki 3:16) Ngaba uyiphawulile indlela uThixo awasabela ngayo kwintetho eyakhayo? Usenokuba waba yintoni umphumo wencoko enjalo kwabo badlelana ndawonye? Nathi ngokobuqu sinokufunda okuthile ngokuphathelele intetho yethu yemihla ngemihla. Hayi indlela ekuba kuhle ngakumbi ngayo kuthi nakwabanye ukuba incoko yethu eqhelekileyo ibonakalisa ukuba sinikela ‘umbingelelo wendumiso kuThixo.’—Hebhere 13:15.

Sebenzela Ekwakheni Abanye

9. Kutheni iintlanganiso zamaKristu izizihlandlo ezifanelekileyo zokwakha abanye?

9 Iintlanganiso zebandla zezona zihlandlo zibalaseleyo zokuthetha ‘oko kusukuba kulungele ukuxuma oko kuluncedo, okusenokubababala abo bevayo.’ (Efese 4:29) Oko sinokukwenza xa sinikela intetho ngenkcazelo yeBhayibhile, sisenza umboniso okanye sinikela impendulo kwiinxalenye zemibuzo neempendulo. Ngaloo ndlela sikungqina kuyinyaniso oko kuthethwa kwiMizekeliso 20:15: “Impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi.” Kwaye ngubani owaziyo ukuba zingaphi iintliziyo esizichukumisayo okanye esizakhayo?

10. Emva kokucinga ngabo ngokuqhelekileyo ebesidla ngokuncokola nabo, luluphi uhlengahlengiso olusenokuba yimfuneko? (2 Korinte 6:12, 13)

10 Ixesha langaphambi nasemva kweentlanganiso lixesha elifanelekileyo lokwakha abanye ngencoko eluncedo kwabo bevayo. Kungalula ukusebenzisa la mathuba sincokola kamnandi nezalamane neqaqobana labahlobo abasenyongweni esiziva sikhululekile xa sinabo. (Yohane 13:23; 19:26) Noko ke, ngokuvisisana neyabase-Efese 4:29, kutheni ungafuni abanye onokuncokola nabo? (Thelekisa uLuka 14:12-14.) Sinokuzimisela kusengaphambili ukudlulela ngaphaya kokwenza nje isiko lokubulisa abathile abasebatsha, abantu abakhulileyo, okanye abaselula, ngokokude sihlale phantsi nabaselula ukuze sibabone kakuhle. Umdla wethu ongazenzisiyo neentetho ezakhayo ziya kubenza abanye bakwazi nokuthetha amazwi awathethwa nguDavide kwiNdumiso 122:1.

11. (a) Nguwuphi umkhwa abaninzi abaye bawuqhelisela ngendawo yokuhlala? (b) Kutheni abanye beye ngabom bazitshintsha-tshintsha iindawo abahlala kuzo?

11 Enye into enokuba negalelo kwincoko eyakhayo kukungahlali kwindawo enye kwiintlanganiso. Umdlezana usengathanda ukuhlala kufuphi nezindlu zangasese, okanye umntu onesiphene usengafuna isihlalo esisecaleni, kodwa kuthekani ngabanye bethu? Isiqhelo sisenokusikhokelela ekubeni sisoloko sihlala kwisihlalo okanye kwicala elinye; kakade nentaka iyiva ngethuku apho ingakhona indlwana yayo. (Isaya 1:3; Mateyu 8:20) Noko ke, ngeliphandle, ekubeni sinokuhlala nandawoni na, kutheni singayitshintsha-tshintshi indawo esihlala kuyo—ngasekunene, ngasekhohlo, ngaphambili, njalo njalo—size ngolo hlobo siqhelane ngakumbi nabantu abahlukahlukeneyo? Ngoxa kungekho mthetho osiyalela ukuba senze oku, abadala nabanye abakhulileyo abaye bahlala kwiindawo ezahlukahlukeneyo bakufumanise kulula ukwabelana nabaninzi ngoko kuluncedo kunokwabelana nje nabahlobo abambalwa ngokwentelekiso.

Ukwakhana Ngendlela Yobuthixo

12. Luluphi utyekelo olungathandwayo oluye lwabonakaliswa kuyo yonke imbali?

12 Umnqweno womKristu wokwakha abanye ufanele umshukumisele ukuba axelise uThixo kule nkalo kunokuba alandele utyekelo lwabantu lokwenza udederhu lwemithetho.a Kudala abantu abangafezekanga bekuthanda ukulawula abo baphakathi kwabo, yaye nabanye babakhonzi bakaThixo baye banikezela kolu tyekelo. (Genesis 3:16; INtshumayeli 8:9) Ngomhla kaYesu iinkokeli zamaYuda ‘zazibopha imithwalo enzima ziyibeke emagxeni abantu, zibe ke zona zingathandi nokuyishukumisa.’ (Mateyu 23:4) Amasiko awayengenabungozi zaziwenza izithethe ezisisinyanzelo. Njengoko zazikuxhalabele kakhulu ukugcinwa kwemithetho yabantu, zazilibala izinto uThixo awazichaza njengezibaluleke ngakumbi. Akukho mntu wayesakheka ngokwenza kwazo imithetho emininzi engeyoyazibhalo; indlela yazo yayingeyondlela kaThixo.—Mateyu 23:23, 24; Marko 7:1-13.

13. Kutheni kungafanelekanga ukuwamisela imithetho emininzi amaKristu esikhonza nawo?

13 Ngokwenene amaKristu afuna ukunamathela kwimithetho kaThixo. Phofu ke, nathi sinokuwela kutyekelo lokwenza imithetho emininzi enzima. Kutheni? Phakathi kwezinye izinto, izinto esizithandayo azifani, ngoko bambi basenokukwamkela oko abanye bangakuthandiyo nabavakalelwa kukuba kufanele kungenziwa. Kwakhona, indlela amaKristu enza ngayo inkqubela esa ekukhuleni ngokomoya ayifani. Kodwa ngaba ukwenza imithetho emininzi yindlela yobuthixo yokuncedana ukuba siqhubele kwelokukhula? (Filipi 3:15; 1 Timoti 1:19; Hebhere 5:14) Kwanaxa enyanisweni umntu elandela ikhondo elibonakala ilelokugabadela okanye elikhokelela engozini, ngaba umthetho owalela ukwenziwa kwezinto usesona sicombululo sifanelekileyo? Indlela kaThixo kukuba abo bafanelekayo bazame ukubuyisa umntu ophambukayo ngokuqiqa naloo mntu ngobulali.—Galati 6:1.

14. Imithetho uThixo awayinika amaSirayeli yafeza ziphi iinjongo?

14 Liyinyaniso elokuba, ngoxa wayesebenzisa amaSirayeli njengabantu bakhe, uThixo wamisela amakhulukhulu emithetho ngonqulo lwasetempileni, amadini, nkqu nangokucoceka. Oku kwakufanelekile kuhlanga olwalwahlukile, yaye emininzi yaloo mithetho yayinentsingiselo ebuprofeti ibe yawanceda amaYuda ngokuwakhokelela kuMesiya. UPawulos wabhala: “Umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni. Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.” (Galati 3:19, 23-25) Emva kokuba uMthetho watshitshiswayo kumthi wentuthumbo, uThixo akazange awanike amaKristu uludwe oluneenkcukacha zomthetho ngokuphathelele inkoliso yeenkalo zobomi, ngokungathi leyo yayiyindlela yokuwagcina akhekile elukholweni.

15. Luluphi ukhokelo uThixo alunike abanquli abangamaKristu?

15 Kambe ke, umthetho wona sinawo. UThixo usiyalela ukuba sizinxweme kunqulo-zithixo, kuhenyuzo nasekukrexezeni, nasekusebenziseni kakubi igazi. Ukwalela ngokungqalileyo ukubulala, ukuxoka, ukusebenzelana nemimoya nezinye izono ezahlukahlukeneyo. (IZenzo 15:28, 29; 1 Korinte 6:9, 10; ISityhilelo 21:8) Kwaye kwiLizwi lakhe unikela isiluleko esicacileyo ngemibandela emininzi. Kodwa ke, ngomlinganiselo omkhulu gqitha kunamaSirayeli, sinembopheleleko yokufunda nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Abadala banokubakha abanye ngokubanceda bafumane le migaqo baze bayihlolisise kunokusuka nje bafune okanye babeke imithetho.

Abadala Abakhayo

16, 17. Abapostile bamisela wuphi umzekelo omhle mayela nokumisela abanye abanquli imithetho?

16 UPawulos wabhala: “Apho sifikelele khona, masihambe ngamgca mnye, masicinge nto-nye.” (Filipi 3:16) Ngokuvisisana naloo mbono yobuthixo, lo mpostile waqhubana nabanye ngendlela eyakhayo. Ngokomzekelo, kwaphakama imbambano ephathelele ukudla inyama esenokuba yayivela kwitempile yezithixo. Ngaba lo mdala, mhlawumbi ngenjongo yokulondoloza imvisiswano okanye ukwenziwa lula kwezinto, wabamisela umthetho othile bonke abo babekumabandla angaphambili? Akunjalo. Wayamkela into yokuba ukungalingani ngolwazi nenkqubela yokukhula kusenokukhokelela loo maKristu kukhetho olungafaniyo. Okukokwakhe yena, wayezimisele ukubeka umzekelo omhle.—Roma 14:1-4; 1 Korinte 8:4-13.

17 IZibhalo zamaKristu zesiGrike zibonisa ukuba abapostile balinikela icebiso eliluncedo kwimibandela ethile yobuqu, njengesinxibo nokuzilungisa, kodwa abazange babhenele ekwenzeni imithetho elawula zonke iinkalo. Namhlanje lo ngumzekelo omhle kubaveleli abangamaKristu, abanomdla wokwakha umhlambi. Yaye enyanisweni ubonisa indlela esisiseko yokusingatha izinto uThixo awayisebenzisayo kwanakumaSirayeli amandulo.

18. Yayisithini imithetho yokunxiba uYehova awayinika amaSirayeli?

18 UThixo akazange anike amaSirayeli imithetho eneenkcukacha ngokunxiba. Kucacile ukuba amadoda namabhinqa ayenxiba izambatho, okanye iingubo zokwaleka, ezifanayo, nangona ezebhinqa zazisenokuhonjiswa okanye zibe nemibala eqaqambe ngakumbi. Kwakhona amadoda namabhinqa ayenxiba isa·dhinʹ, okanye ingubo yangaphantsi. (ABagwebi 14:12; IMizekeliso 31:24; Isaya 3:23) Yayisithini imithetho eyanikelwa nguThixo ngokunxiba? Amadoda ayengamele anxibe iimpahla eziwenza abonakale njengamabhinqa yaye namabhinqa ayengamele enjenjalo, ngokucacileyo ngenjongo yobufanasini. (Duteronomi 22:5) Ukuze abonakale ukuba ayahlukile kwiintlanga ezaziwangqongile, amaSirayeli ayefanele enze imiqukumbelo enemisonto kwiingubo zawo, nomtya oluhlaza ngentla komqukumbelo, mhlawumbi namanquma emasondweni engubo yokwaleka. (Numeri 15:38-41) Ngokusisiseko oko kuphela kolwalathiso olwanikelwayo nguMthetho ngokuphathelele izimbo zokunxiba.

19, 20. (a) Luluphi ulwalathiso iBhayibhile elunika amaKristu ngokunxiba nokuzilungisa? (b) Yiyiphi imbono abadala abafanele babe nayo ngokumisela imithetho engenkangeleko yobuqu?

19 Ngoxa amaKristu engekho phantsi koMthetho, ngaba sinayo eminye imithetho eneenkcukacha ngokunxiba nokuzilungisa esiyibekelwe eBhayibhileni? Asingetsho. UThixo wanikela imigaqo elungeleleneyo esinokuyisebenzisa. UPawulos wabhala: “Mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu.” (1 Timoti 2:9) UPetros wabongoza ukuba kunokunikel’ ingqalelo kubuhle bomzimba, amabhinqa angamaKristu afanele anikel’ ingqalelo ‘kumntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali nozolileyo.’ (1 Petros 3:3, 4) Ukubhalwa kwesiluleko esinjalo kubonisa ukuba bambi kumaKristu enkulungwane yokuqala kusenokuba kwakufuneka bebonakalise isidima nokuzibamba ngakumbi kwisinxibo nokuzilungisa kwabo. Noko ke, kunokufuna—okanye balele—izimbo ezithile, abapostile basuka nje banikela icebiso elakhayo.

20 AmaNgqina kaYehova afanele ahlonelwe ibe ayahlonelwa ngenkangeleko yawo enesidima. Sekunjalo, izimbo ziyahlukahlukana ngokwamazwe ngamazwe kwanakwimimandla okanye kumabandla athile. Kambe ke, umdala oneengcamango ezingqongqo okanye othanda uhlobo oluthile lwesinxibo nokuzilungisa usenokuzenzela isigqibo yena nentsapho yakhe ngokuvisisana noko. Kodwa ngomhlambi, kufuneka akhumbule ingongoma eyaphakanyiswa nguPawulos: “Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.” (2 Korinte 1:24) Ewe, njengoko bexhathisa nawuphi na umnqweno wokumisela imithetho ebandleni, abadala basebenzela ukwakha ukholo lwabanye.

21. Abadala banokulunikela njani uncedo olwakhayo ukuba uthile uyagabadela kwisinxibo?

21 Njengoko kwakunjalo kwinkulungwane yokuqala, maxa wambi umntu osemtsha okanye obuthathaka ngokomoya usenokulandela ikhondo elithandabuzekayo okanye elingelolabulumko ekuzilungiseni okanye ekusebenziseni izithambiso zokuzihombisa okanye amatye anqabileyo. Kuza kuthiwani ke? Kwakhona, amaGalati 6:1 anikela ukhokelo kubadala abangamaKristu abakufuna ngokwenene ukunceda. Ngaphambi kokuba umdala agqibe ngokunikela isiluleko, ngobulumko usenokubonana nomnye umdala, kucebiseka ukuba angayi kumdala amaziyo ukuba uthanda okanye ucinga njengaye. Ukuba utyekelo lwehlabathi lokunxiba okanye lokuzilungisa lubonakala luchaphazela abaninzi ebandleni, iqumrhu labadala linokuxubusha ngeyona ndlela ilungileyo yokunikela uncedo, mhlawumbi ngentetho yobubele neyakhayo kwintlanganiso okanye ngokunikela uncedo kubantu ngabanye. (IMizekeliso 24:6; 27:17) Usukelo lwabo luya kuba kukukhuthaza imbono ebonakaliswa kweyesi-2 kwabaseKorinte 6:3: “Kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala.”

22. (a) Kutheni ukungavisisani okungephi kweembono kungafanele kuphazamise? (b) Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa nguPawulos?

22 Abadala abangamaKristu ‘abalusa umhlambi kaThixo abawuphathisiweyo’ bafuna ukwenza ngendlela uPetros awathetha ngayo, oko kukuthi, ‘bangasigagameli isahlulo sikaThixo.’ (1 Petros 5:2, 3) Kulo msebenzi wabo wothando, kusenokuphakama imibuzo kwimibandela leyo abanokhetho olwahlukahlukeneyo kuyo. Mhlawumbi lisiko lasekuhlaleni ukuma ngeenyawo xa umntu efunda iziqendu kwiSifundo seMboniselo. Amalungiselelo eqela enkonzo yasentsimini nezinye iinkcukacha ezininzi eziphathelele ubulungiseleli zisenokusingathwa ngendlela eqhelekileyo ekuhlaleni. Sekunjalo, ngaba bekungathetha intlekele ukubakho komntu onendlela ethande ukwahluka kancinane kuleyo? Abaveleli abanothando banqwenela ukuba “izinto mazenziwe ngokubekekileyo, nangolungelelwano,” mazwi lawo uPawulos wawasebenzisayo xa wayethetha ngezibabalo ezimangalisayo. Kodwa umongo ubonisa ukuba eyona nto wayenomdla kuyo uPawulos ‘yayikukwakheka kwebandla.’ (1 Korinte 14:12, 40) Akazange abonakalise utyekelo lokwenza udederhu lwemithetho engaphele ndawo, ngokungathi into awayeyixhalabele ngokuyintloko kukuba zonke izinto zenziwe ngendlela efanayo okanye ngokugqibeleleyo. Wabhala: “[Igunya] esalinikwayo yiNkosi [lelokuba] sinakhe, singanichithi.”—2 Korinte 10:8.

23. Ziziphi ezinye zeendlela esinokuwuxelisa ngazo umzekelo kaPawulos wokwakha abanye?

23 Ngokungathandabuzekiyo uPawulos wasebenzela ukwakha abantu ngentetho entle nekhuthazayo. Kunokunxulumana neqela nje labahlobo, wenza umgudu othe kratya wokutyelela abazalwana noodade abaninzi, abomeleleyo ngokomoya nabo babekufuna ngokukodwa ukwakhiwa. Yaye wabalaselisa uthando—kunemithetho—kuba “uthando luyakha.”—1 Korinte 8:1.

[Umbhalo osemazantsi]

a Entsatsheni kusenokubonakala kucebiseka ukuba kubekho imithetho eyahlukahlukeneyo, ngokuvisisana neemeko. IBhayibhile inike abazali igunya lokuba benze izigqibo ngemibandela echaphazela abantwana babo abancinane.—Eksodus 20:12; IMizekeliso 6:20; Efese 6:1-3.

Iingongoma Zempinda

◻ Kutheni kufanelekile ukuguquka ukuba sinotyekelo lokuthetha kakubi okanye lokuhlab’ amadlala?

◻ Yintoni esinokuyenza ukuze sibe ngabakhayo ngakumbi ebandleni?

◻ Nguwuphi umzekelo wobuthixo mayela nokumisela abanye imithetho emininzi?

◻ Yintoni eya kubanceda abadala baphephe ukuwenzela imithetho yabantu umhlambi?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share