Uyakhumbula Na?
Ngaba ukunandiphile ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khawubone ukuba uya kukwazi na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
▫ Yintoni eyayifanekiselwa kwangaphambili ngamalungelo angakumbi enkonzo awanikwa amaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon ekubuyeni kwabo ekuthinjweni eBhabhiloni?
Namhlanje, njengokuba intsalela yoSirayeli wokomoya emhlabeni incipha, ezinye izimvu ziyanda. Abathile kwaba babumvu, njengamaNethini noonyana babakhonzi bakaSolomon, ngoku baye banikwa iimbopheleleko ezinzima phantsi kokuvelelwa yintsalela. (Isaya 61:5)—4/15, iphepha 16-17.
▫ Wayethetha ukuthini umprofeti uZefaniya xa wathi: “Mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova”? (Zefaniya 2:2, 3)
Ukuze nabani na akhuselwe ebudeni ‘bembandezelo enkulu’ ezayo, asingombandela wokuba ukuba ukhe wasindiswa, uhlala usindisiwe. (Mateyu 24:13, 21) Ukusitheliswa ngaloo mini kuya kuxhomekeka ekuqhubekeni komntu esenza ezi zinto zintathu: Umele afune uYehova, afune ubulungisa, afune nolulamo.—5/1, iphepha 15-16.
▫ UMikayeli ‘uma’ ngayiphi ingqiqo ‘ngexesha lokuphela’? (Daniyeli 12:1, 4)
Ukususela ekumiselweni kwakhe njengoKumkani ngowe-1914, uMikayeli uye ‘wamela’ abantu bakaYehova. Kodwa kungekudala uMikayeli uza ‘kusuka eme’ ngengqiqo ekhethekileyo—njengoMmeli kaYehova ukuze ashenxise bonke ubungendawo emhlabeni nanjengoMhlanguli wabantu bakaThixo.—5/1, iphepha 17.
▫ Luxhomekeke entwenini ulonwabo lokwenyaniso?
Ulonwabo lokwenyaniso luxhomekeke kulwalamano lwethu oluxabisekileyo noYehova, kwinkoloseko nakwintsikelelo yakhe. (IMizekeliso 10:22) Ngenxa yoko, ulonwabo lokwenyaniso alunakufunyanwa ngaphandle kokuthobela uYehova nokuzithoba ngovuyo ekwenzeni ukuthanda kwakhe. (Luka 11:28)—5/15, iphepha 16, 19.
▫ Xa uYesu wenza imimangaliso yakhe yokuphilisa, ngaba ukholo lwaluyimfuneko kulowo wayephiliswa?
Kwabaninzi kwakufuneka umlinganiselo othile wokholo ukuze beze kuphiliswa nguYesu. (Mateyu 8:13) Noko ke, akukho sivumo sokholo ekwakufuneka senziwe ukuze uYesu enze imimangaliso yakhe, njengaxa waphilisa indoda eyayingumlwelwe eyayingamazi nokuba uYesu wayengubani na. (Yohane 5:5-13) UYesu wakwabuyisela indlebe eyayinqunyuliwe yomkhonzi wombingeleli omkhulu, owayephakathi kweqela leentshaba zikaYesu. (Luka 22:50, 51) Le mimangaliso yenziwa ngamandla omoya oyingcwele kaThixo, kungekhona ngenxa yokholo lwalowo wayegula.—6/1, iphepha 3.
▫ Yintoni efanekiselwa ‘ngumnatha’ ekuthethwa ngawo kumzekeliso kaYesu okuMateyu 13:47-50?
‘Umnatha’ umela isixhobo sasemhlabeni esizibanga silibandla likaThixo nesihlanganisa “iintlanzi.” Oku kuquka iNgqobhoko nebandla lamaKristu athanjisiweyo, ibandla eliye laqhubeka lihlanganisa ‘iintlanzi ezintle,’ phantsi kokhokelo lwezithunywa zezulu, ngokuvisisana noMateyu 13:49.—6/15, iphepha 20.
▫ Yiyiphi eminye yemigaqo abagwebi kwaSirayeli ababefanele bayisebenzise ekuphumezeni izabelo zabo?
Okusesikweni okulinganayo kwizityebi nakumahlwempu, ukungakhethi buso ngokungqongqo nokungamkeli izicengo. (Levitikus 19:15; Duteronomi 16:19)—7/1, iphepha 13.
▫ Yintoni abafanele bazame ukuyiphumeza abadala ngokuchotshelwa kwamatyala?
Enye yeenjongo kukufumanisa izibakala zetyala elo, oko kusenziwa ngothando. Zakuba zidandalazisiwe izibakala, abadala bamele benze nantoni na eyimfuneko ukukhusela ibandla nokulondoloza kulo imilinganiselo ephakamileyo kaYehova nokusebenza ngokukhululekileyo komoya kaThixo. Kwakhona injongo yokuchotshelwa kwetyala kukuhlangula, ukuba kunokwenzeka, umoni osengozini. (Thelekisa uLuka 15:8-10.)—7/1, iphepha 18-19.
▫ Kutheni ukucinga ngesini esingafanelekanga kuyingozi kangaka?
Ngenxa yamazwi kaYesu akuMateyu 5:27, 28, bonke abo bathe gqolo bezifica ngeengcinga zesini esingafanelekanga banetyala lokukrexeza ezintliziyweni zabo. Yaye kukho ingozi yokwenene yokuba iingcinga ezinjalo zisenokukhokelela ekuziphatheni okubi.—7/15, iphepha 15.
▫ Kungaziphi iindlela anokusinceda ngayo uYehova ukuze sizijonge ngokufanelekileyo iimvavanyo zethu nokuze sizinyamezele?
IZibhalo zisenokuziswa engqalelweni yethu ngamakholwa esikhonza kunye nawo okanye ebudeni besifundo seBhayibhile. Iziganeko ezibakho ngolwalathiso lukaThixo zisenokusinceda sibone into esimele siyenze. Izithunywa zezulu zisenokuba nesabelo ekusalathiseni, okanye sisenokufumana ulwalathiso ngomoya oyingcwele. (Hebhere 1:14)—7/15, iphepha 21.
▫ Ngaba iBhunga laseNicaea ngowe-325 C.E. lamisela okanye laqinisekisa imfundiso kaBathathu Emnye?
Akunjalo, iBhunga laseNicaea kuphela lalinganisa uNyana noYise ngokuba “kwimo enye.” Ingcamango yokuba uBawo, uNyana nomoya oyingcwele ngamnye wayenguThixo—abantu abathathu kuThixo omnye—ayizange iveliswe lelo bhunga okanye ngabaSeki BeCawa bokuqala.—8/1, iphepha 20.
▫ Ngaba uYobhi wayekuphela komntu owayethembekile kuYehova ebudeni bexesha awayephila ngalo? (Yobhi 1:8)
Akunjalo, incwadi kaYobhi ngokwayo ibonisa ukuba uElihu wamkelwa nguThixo. Kwakhona, ebudeni bexesha awayephila ngalo uYobhi, kwakukho amaSirayeli amaninzi awayehlala eYiputa, yaye akukho sizathu sakucinga ukuba onke ayengathembekanga yaye engamkelekanga kuThixo.—8/1, iphepha 31.