Ngaba UMesiya Ufuneka Ngokwenene Kuluntu?
“UMLAWULI UTHI, UMESIYA UYAFUNEKA EHLABATHINI”
Loo mxholo uyintloko wabonakala kwiThe Financial Post yaseToronto, eKhanada, ngowe-1980. Umlawuli ekwakucatshulwe amazwi akhe yayinguAurelio Peccei, umongameli nomseki wombutho owaziwa ngokubanzi ofuna izicombululo kwiingxaki obizwa ngokuthi yiClub of Rome. Ngokutsho kwePost, uPeccei wayekholelwa kwelokuba “inkokeli enyanisekileyo—kwezenzululwazi, kwezopolitiko, okanye kwezonqulo—ingakukuphela kosindiso lwabantu kwiingxwabangxwaba zentlalo nezoqoqosho ezisongela ukutshabalalisa impucuko.” Yintoni oyicingayo? Ngaba ngokwenene eli hlabathi likubugxwayiba obunjalo ngokokude uluntu lufune uMesiya? Khawuqwalasele nje ingxaki enye kwiingxaki elijamelene nazo eli hlabathi—indlala.
UTHIWE ntsho ngamehlo amabini amakhulu namdaka akumfanekiso okwiphephandaba okanye kwiphephancwadi. Ngamehlo omntwana, entwazana encinane engekabi nayo neminyaka emihlanu ubudala. Kodwa la mehlo akakonwabisi. Akabonakali ingamehlo omntwana, owonwabileyo, akabonakalisi ukukholosa okunyanisekileyo. Kunoko azaliswe yintlungu eqatha, bubuhlungu obudimazayo, yindlala enganik’ ithemba. Lo mntwana ulambile. Ekuphela kwento ayaziyo yintlungu nendlala.
Mhlawumbi, njengabaninzi, akuthandi ukuyondela imifanekiso enjalo, ngoko ukhawuleza utyhile iphepha. Asikuko ukuba akukhathali, kodwa uziva unxunguphele kuba ukrokrela ukuba akusekho themba ngale ntwazana. Ukubhitya kwayo okomcinga nesisu esithe qhurhu yimiqondiso yokuba umzimba wayo sele uqalise ukuziqwenga. Ngexesha obona ngalo umfanekiso wayo, kusenokwenzeka ukuba sele ifile. Okubi ngakumbi, uyazi ukuba le meko ikuyo ixhaphake gqitha.
Kanye kanye le ngxaki inkulu kangakanani? Ngoko, ngaba unokuba nawo umbono wabantwana abazizigidi ezili-14? Uninzi lwethu alunako; eli nani likhulu gqitha ukuba singalithelekelela. Ngoko, khawube nombono webala lemidlalo ekuhlala kulo abantu abangama-40 000. Ngoku khawube nombono walo lizele lema ngeembambo ngabantwana—lizele nje kuyo yonke indawo, kunyakazela abantwana. Kwanoko kunzima ukukuthelekelela. Sekunjalo, kungafuneka amabala emidlalo anjalo angama-350 azele ngabantwana ukuze bafikelele kwizigidi ezili14. Ngokutsho kweUNICEF (United Nations Children’s Fund [Ingxowa-mali Yeemfuno Zabantwana YeZizwe Ezimanyeneyo]), elo linani elinxunguphalisayo labantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala ababulawa kukungondleki nazizifo ezinokuthintelwa ngokulula nyaka ngamnye kumazwe asakhasayo. Oko kuphantse kulingane nenani labantwana abakwibala lemidlalo elinye abafa nyaka ngamnye! Xa usongezelela koku inani labantu abakhulileyo abathwaxwa linxele likaKhetsekile, ungafumana isimbuku sehlabathi jikelele sabantu abaliwaka lezigidi abangondlekanga ngendlela engenakuncedwa.
Kutheni Kukho Indlala?
Esi sijikelezi-langa sivelisa ukutya okungakumbi kunoko kutyiwa ngabantu ngoku, yaye sinako ukuvelisa okungakumbi. Sekunjalo, rhoqo ngomzuzu omnye, kufa abantwana abangama-26 bebulawa kukungondleki nazizifo. Ebudeni baloo mzuzu, ihlabathi lichitha kangange-R5 500 000 lilungiselela imfazwe. Ngaba unokuyithelekelela into engenziwa ngayo yonke loo mali—okanye lisuntswana layo—kwabo bantwana bangama-26?
Licacile elokuba indlala esehlabathini ayibangelwa kukunqongophala kokutya okanye kwemali. Le ngxaki inzulu ngakumbi. Njengokuba uJorge E. Hardoy, unjingalwazi waseArgentine, wachazayo, “lonke ihlabathi alikwazi ngendlela engenakuncedwa ukwabelana ngolonwabo, ngegunya, ngexesha, ngobuncwane nangolwazi nabo bazifuna ngakumbi ezi zinto.” Ewe, ingxaki ayikho kubuncwane bomntu, kodwa isemntwini. Ukubawa nokuzingca kubonakala kuzezona zinto ziphembelela ibutho labantu. Umntu omnye kubemi abahlanu behlabathi abazizinhanha ufumana iimpahla neengenelo ezingaphezu kwama-60 ukugqitha umntu omnye kwabahlanu kwabona bemi bangamahlwempu.
Liyinyaniso elokuba, bambi bazama ngokunyanisekileyo ukupha abalambayo ukutya, kodwa imigudu yabo emininzi yonakaliswa zizinto abangenakuzithintela. Ngokufuthi indlala ithwaxa amazwe akhathazwa yimfazwe yamakhaya okanye yimvukelo, yaye kuqhelekile ukuba imikhosi yotshaba ithintele ukuhanjiswa kwezinto ezithunyelelwa ukunceda zingafiki kwabo basweleyo. Omabini la macala oyika ukuba ngokuvumela ukutya kusiwe kubemi abalambayo kummandla wotshaba, aya kuba ondla iintshaba zawo. Kwanoorhulumente basebenzisa indlala njengesixhobo sepolitiki.
Ngaba Asikho Isicombululo?
Ngelishwa, ingxaki yokulamba kwezigidi asikokuphela kwengxaki ethwaxa abantu banamhlanje. Ukutshatyalaliswa nokutyhefwa kwemvelo ngokubanzi, isibetho semfazwe esingapheliyo esitshabalalisa ubomi bezigidi, ukwanda kolwaphulo-mthetho logonyamelo okuvelisa uloyiko nokungathembani kuzo zonke iindawo, nokuwohloka kwemilinganiselo yokuziphatha okubonakala kungowona nobangela uphambili woku kubandezeleka—zonke ezi ngxaki zehlabathi ziyamanyana, ngokungathi kunjalo, yaye zingqinela inyaniso engathandabuzekiyo—umntu akanakuzilawula ngokuphumelelayo.
Alithandabuzeki elokuba kungenxa yeso sizathu le nto abantu baye baphelelwa lithemba ngokufumana isicombululo kwiingxaki zehlabathi. Abanye bavakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uAurelio Peccei, umphengululi waseItali okhankanywe ekuqaleni. Baqiqa ngelithi, ukuba siza kufumaneka isicombululo, simele sivele kumthombo obalaseleyo—mhlawumbi ongaphezu komntu. Ngaloo ndlela ingcamango kamesiya ibangela umdla kakhulu. Kodwa ngaba kusengqiqweni ukuthembela ngomesiya? Okanye ngaba ithemba elinjalo yinto nje esicinga ngayo nesiyinqwenelayo?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
Cover photos: Top: U.S. Naval Observatory photo; Bottom: NASA photo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
WHO photo by P. Almasy
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 4]
WHO photo by P. Almasy
U.S. Navy Photo