Umnqamlezo—Ngaba Uluphawu LobuKristu?
KANGANGEENKULUNGWANE izigidi ziye zamkela umnqamlezo njengophawu lobuKristu. Kodwa ngaba ngokwenene lulo? Abaninzi abaye ngokunyanisekileyo bakholelwa ngolo hlobo bamangalisiwe kukwazi ukuba umnqamlezo awungoweNgqobhoko kuphela. Ngokwahlukileyo koko, uye wasetyenziswa ngokubanzi ziinkonzo ezingezozabuKristu ehlabathini lonke.
Ngokomzekelo, ekuqaleni kwiminyaka yee-1500, njengokuba uHernán Cortés nomkhosi wakhe “wamaKristu” babelungiselela ukuhlasela uBukhosi bama-Aztec, babephethe iibhanile ezazibhalwe oku, “Masilandele umqondiso woMnqamlezo Ongcwele ngokholo lokwenyaniso, kuba ngaphantsi kwalo mqondiso siya koyisa.” Kumele ukuba babemangalisiwe kukufumanisa ukuba iintshaba zabo ezingabahedeni zazihlonela umnqamlezo owawufana nowabo. Incwadi ethi Great Religions of the World ithi: “UCortés nabalandeli bakhe barhoxa kwinkqubo yokubingelela ngabantu eyayisenziwa ngama-Aztec nakoko kwabonakala ikukulinganisa ubusathana kubuKristu: . . . ukuhlonela imifanekiso efana nomnqamlezo woothixo bomoya nabemvula.”
Kwinqaku lomhleli kwiphephandaba iLa Nación, umbhali uJosé Alberto Furque uthi kwisiqingatha sesibini senkulungwane ye-18, apho kwaqalisa “impikiswano eshushu neyenza imincili phakathi kwezazi ngemekobume yabantu nabembi bezinto zakudala ngemvelaphi nangentsingiselo yemiqondiso yomnqamlezo” ababeyifumana kuMbindi nakuMzantsi Merika. Kuyabonakala ukuba bambi babezimisele gqitha ukulondoloza isidima owawunaso umnqamlezo njengophawu olukhethekileyo “lobuKristu” kangangokuba bade banikela ingcamango yokuba ngandlel’ ithile amazwe aseMerika aye ashunyayezwa ngaphambi kohambo lukaColumbus olwalubalulekile! Le ngcamango igabadeleyo kwafuneka iphoswe kwelokulibala njengengeyonyaniso.
Ekuhambeni kwexesha, izinto ezingakumbi ezafunyaniswayo ngalo mbandela zabangela ukuba zonke iimpikiswano ezinjalo ziphele. UFurque uthi: “Kwincwadi eyapapashwa ngowe-1893 yiSmithsonian Institution, kwafunyaniswa ukuba umnqamlezo wawusele uhlonelwa . . . kude kudala ngaphambi kokufika kwabantu bokuqala baseYurophu eMntla Merika, okuqinisekisa ingcamango . . . yokuba umqondiso onjalo wawusetyenziswa kuwo onke amabutho abantu njengenxalenye yesithethe sonqulo samandla aqalisa ubomi.”
IBhayibhile ibonisa ukuba uYesu akazange abulawe ngokuxhonywa kumnqamlezo oqhelekileyo konke konke, kodwa kunoko, kumthi oqhelekileyo, okanye istau·rosʹ. Eli gama lesiGrike, libonakala kuMateyu 27:40, ngokusisiseko lithetha ipali okanye isibonda esiqhelekileyo esime nkqo, esinjengeso sisetyenziswa kwiziseko zesakhiwo. Ngenxa yoko, umnqamlezo awuzange umele ubuKristu bokwenyaniso. UYesu Kristu wawuchaza umqondiso wokwenene, okanye “uphawu,” lobuKristu bokwenyaniso xa waxelela abafundi bakhe oku: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”—Yohane 13:35.