Luhlobo Olunjani Lwabantu Okholiswa Ngabo?
“KUFUNWA UMTSHAKAZI. Ufanele akhanye ngebala yaye anciphe ngomzimba, abe nemfundo enomsila okanye kukhethwa ukuba abe selenaso isidanga sokuqala yaye abe ufundela esesibini. Umele abe uphuma kwintsapho efumileyo. Kukhethwa ukuba abe kudidi lwabantu olukwalunye.”
SIFUNDEKA ngolo hlobo kanye isibhengezo sokufuna iqabane lomtshato osenokusibona kwiphephandaba laseIndiya. Mhlawumbi, usenokubona into efanayo kweminye imimandla emininzi yehlabathi. EIndiya eso saziso ngokuqhelekileyo sikhutshwa ngabazali balowo uza kuba ngumyeni. Kwiimpendulo kusenokufakwa ifoto yentombazana inxibe isari ebomvu krwe izihombise ngamatye amaninzi egolide. Ukuba intsapho yakulomyeni iyavuma, uthethathethwano malunga nomtshato luya kuqalisa.
Imigaqo Eqhelekileyo Yemilinganiselo
Izicelo zaseIndiya zomtshakazi okhanyayo ngebala ziqheleke gqitha. Oku kubangelwa yinkolelo enzulu yokuba abo kuthiwa bakudidi oluphantsi lwebutho lwamaHindu bantsundu ngebala. Kutshanje, kwinkqubo kamabonwakude eIndiya bekukho ibali elingamantombazana amabini, enye ikhanya yaye enye intsundu ngebala. Le ntombazana ikhanyayo yayikhohlakele yaye ingenasimilo; le yona intsundu ngebala yayinobubele yaye ithantamisa. Izinto zaguquka ngomlingo, yaza le ntombazana ikhanyayo yohlwaywa ngokwenziwa ibe ntsundu ngebala, ngoxa le intsundu ngebala yavuzwa ngokuba nebala elikhanyayo. Eli bali ngokucacileyo lalifundisa ukuba nangona ekugqibeleni kufumaneka impumelelo ngenxa yokulunga, ulusu olukhanyayo lungumvuzo onqwenelekayo.
Iimvakalelo ezinjalo zobuhlanga ngokufuthi zinzulu kunokuba ubani esenokukuqonda oko. Ngokomzekelo, umntu waseAsia usenokutyelela ilizwe laseNtshona aze akhalazele ukuba eye waphathwa kakubi ngenxa yebala lolusu lwakhe okanye ngenxa yamehlo akhe ancinekileyo. Izenzo ezinjalo ziyamphazamisa, yaye uvakalelwa kukuba uye waphathwa ngokunekhethe. Kodwa xa ebuyela kwilizwe lakhe lokuzalwa, usenokubaphatha kanye ngendlela efanayo abantu bolunye uhlanga. Kwananamhlanje kubantu abaninzi ukuhlonela umntu kuxhomekeke kwibala lolusu nemvelaphi yobuhlanga.
UKumkani uSolomon wamandulo wabhala: “Imali ilungele iinto zonke.” (INtshumayeli 10:19) Hayi indlela okuyinyaniso ngayo oko! Ubutyebi bukwachaphazela indlela abantu abajongwa ngayo. Eyokuba bufumaneke njani ubutyebi asinto bafane bzikhathaze ngayo abantu. Ngaba umntu uye wasisityebi ngenxa yokusebenza nzima okanye ngenxa yokwenza izinto ngobuchule okanye ngenxa yokunganyaniseki? Abazikhathazi nakancinane ngaloo nto. Enoba ubutyebi bufumaneke ngondlela mnyama okanye akunjalo, bubangela abantu abaninzi ukuba bafumane inkoliseko kulowo unobutyebi.
Imfundo ephakamileyo nayo iye yabekwa kwindawo ephezulu kweli hlabathi lokhuphiswano. Kungekudala nje usana luzelwe, abazali babongozwa ukuba baqalise ukugcina imali eninzi belungiselela imfundo. Xa eneminyaka emibini okanye emithathu ubudala, bacinga ngokumsa kwikhaya okanye kwisikolo sokugcina abantwana esisemgangathweni njengenyathelo lokuqala elikhokelela kwisidanga saseyunivesithi. Abanye abantu kubonakala ngathi bacinga ukuba imfundo enomsila inokubenza abantu bakholiswe nguwe yaye bakuhlonele.
Ewe, ibala lolusu, imfundo, imali, imvelaphi yobuhlanga—le iye yayimilinganiselo abantu abaninzi abaye bayisebenzisa ukugqiba enoba umntu uluhlobo olunjani na. Aba ngoothunywashe abasetyenziselwa ukugqiba ngabantu abafanele bakholiswe ngabo nabo bangakholiswayo ngabo. Kuthekani ngawe? Ukholiswa ngumntu onjani? Ngaba umntu onemali, okhanyayo ngebala, okanye onemfundo ephakamileyo umgqala njengofanelwe kukuba ukholiswe nguye okanye umhlonele ngakumbi? Ukuba kunjalo, ufanele usiqwalasele ngokunzulu isiseko seemvakalelo zakho.
Ngaba Le Yimilinganiselo Esengqiqweni?
Incwadi ethi Hindu World ithi: “Nabani na okudidi oluphantsi obulala umHindu wodidi oluphezulu wayenokuthuthunjiswa de afe nempahla yakhe ithinjwe, yaye umphefumlo wakhe wawugwetyelwa isihogo ngonaphakade. UmHindu wodidi oluphezulu oye wabulala nabani na wayesohlwaya nje kuphela engaze ohlwaywe ngokufa.” Nangona le ncwadi ithetha ngamaxesha amandulo, kuthekani namhlanje? Ikhethe lobuhlanga nengcinezelo yokuhlala ndawonye iye yabangela ukuphalala kwegazi elininzi nakule nkulungwane yama-20. Yaye oku bekungenzeki eIndiya kuphela. Intiyo nogonyamelo oluphenjelelwa lucalucalulo eMzantsi Afrika, ikhethe lobuhlanga eUnited States, ikhethe lobuzwe kumazwana akwiBaltiki—njalo njalo—konke oku kubangelwa ziimvakalelo zemvelo zokuziva uphakamile kunabanye. Ngokuqinisekileyo, ukukholiswa ngumntu othile ngenxa yobuhlanga okanye ubuzwe akuvelisanga ziqhamo zihle nezizezoxolo.
Kuthekani ngobutyebi? Ngokungathandabuzekiyo, abaninzi baba zizityebi ngenxa yokusebenza ngokunyanisekileyo nangokuzibhokoxa kwabo. Noko ke, ubutyebi obugqithiseleyo buye baqokelelwa ngabantu abazizaphuli-mthetho, abarhweba ngoondlela-mnyama, abathengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni, abathengisa izixhobo ngokungekho mthethweni, nabanye. Liyinyaniso elokuba abanye baba banikela ngemali kwimibutho yokunceda abasweleyo okanye baxhase amaphulo okunceda abo bangamahlwempu. Sekunjalo, izenzo zabo zolwaphulo-mthetho ziye zabangela ukubandezeleka nonxunguphalo olukhulu kumaxhoba abo. Ngokwentelekiso nabo benza izinto ezingenkulu kangako, njengabo bamkela ukunyotywa okanye abo banesabelo kwintengiselwano yokunganyaniseki, baye babangela unxunguphalo, ukwenzakala, nokufa xa iimveliso zabo okanye uncedo abalunikelayo lusilela zize izinto zingahambi ngendlela. Eneneni, ukuba nobutyebi akumenzi ubani abe ngofanelekileyo.
Ngoko, kuthekani ngemfundo? Ngaba ukuba nezidanga ezininzi kuqinisekisa ukuba unyanisekile yaye uthe tye? Ngaba oku kuthetha ukuba ufanele agqalwe njengokholekileyo? Kuyavunywa ukuba imfundo isenokuyiphangalalisa ingqiqo namava kabani, yaye abaninzi abaye basebenzisa imfundo yabo ukuze kungenelwe abanye bafanelwe yimbeko nentlonelo. Kodwa imbali inemizekelo emininzi yokuxhatshazwa nokucinezelwa kwezihlwele ludidi lwabantu abafundileyo. Yaye khawuqwalasele oko kwenzeka kwanokholeji okanye eyunivesithi namhlanje. Kwiiyunivesithi nakwiikholeji kukho iingxaki zokusetyenziswa kakubi kweziyobisi nezifo ezidluliselwa ngesini, yaye abafundi abaninzi bafunda kuba nje befuna imali, igunya nodumo. Imfundo yomntu iyodwa asinto enokuba yimbonakaliso eqinisekileyo yeempawu zokwenyaniso zobuntu bakhe.
Hayi, ibala lolusu, imfundo, imali, imvelaphi yobuhlanga, okanye ezinye iinkalo ezinjalo azisosiseko esisengqiqweni ekunokugqitywa ngaso enoba umntu othile uxabiseke kangakanani na. AmaKristu awafanele azixakekise ngale mibandela ezama ukuba abanye bakholiswe ngawo. Ngoko, yintoni umntu ekufanele ayixhalabele? Yiyiphi imilinganiselo ubani afanele ahambe ngayo?