IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w93 5/15 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Amanqaku Afanayo
  • “Sixelele, Ziya Kubakho Nini Na Ezi Zinto?”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Liyintoni Ikamva Lezimvu Neebhokhwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Xa UKristu Esiza Uza Kugweba Iigusha Neebhokwe
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Ukwahlulwa Kwabantu Ngenxa Yembambano YoBukumkani
    Ukusindela Kumhlaba Omtsha
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
w93 5/15 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba abantu abangabamkeliyo ubuKristu bokwenyaniso ngoku baze bafe ngaphambi kokuqalisa kwembandezelo enkulu baya kuvuswa?

Kufanelekile ngathi sonke ukuphepha naluphi na utyekelo lokuzenza abagwebi, sisazi ukuba ekugqibeleni, ngumgwebo kaYehova ngoYesu Kristu obalulekileyo. (Yohane 5:22; IZenzo 10:42; 2 Timoti 4:1) Kodwa iZibhalo zinikela inkcazelo eluncedo ekuphenduleni lo mbuzo ukhankanywe ngasentla.

Ehlabathini lonke ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kuyinxalenye ebalulekileyo ‘yomqondiso wobukho bukaYesu.’ Lo mqondiso ube ngophawulekayo ukususela ekuqaleni kwale nkulungwane. Umsebenzi wokushumayela uphumela ekwahlulweni kwabantu bazo zonke iintlanga kuzalisekiswa umzekeliso kaYesu ‘wezimvu’ ‘neebhokhwe.’ Wakuba lo msebenzi wokushumayela nowokwahlula ufeziwe, “imbandezelo enkulu” iya kuphelisa le nkqubo ikhoyo yezinto.—Mateyu 24:3, 21, 22; 25:31-46.

UYehova, noNyana wakhe, baya kugqiba enoba nabaphi na abangasamkelanga isigidimi soBukumkani baze bafa ngaphambi kokuqhambuka kwembandezelo enkulu bakudidi lweebhokhwe kusini na. UYesu wathi iibhokwe ‘ziya kumka ziye elubethweni olungunaphakade.’ Ngoko ke, sinokugqiba ngelithi abo bafunyaniswe nguThixo beziibhokhwe abayi kuvuswa. Bafumana umgwebo ofana nowabo “baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade” ngexesha lembandezelo enkulu.—2 Tesalonika 1:9.

Kodwa kuthekani ngabo mhlawumbi bangabanga nathuba laneleyo lokufumana isigidimi soBukumkani ukuze bakwazi ukuzenzela isigqibo sokumela okanye sokuchasa inyaniso ngaphambi kokuba bafe kule “mihla yokugqibela”?—2 Timoti 3:1.

Abaninzi abafa ngoxa umsebenzi wokushumayela uqhubeka ngaphambi kwembandezelo enkulu ngokucacileyo baya kuvuswa. Oku kuboniswa koko sikufunda kwiSityhilelo 6:7, 8 ngokuphathelele ukuphalisa kwabakhweli bamahashe bokomfuziselo. Abantu abaninzi bafe njengamaxhoba eemfazwe, ukunqongophala kokutya noobhubhani bezifo. Ekubeni ‘ilelabafileyo [‘iHadesi,’ NW]’ elisuba la maxhoba ‘oKufa’ aya kuvuswa ebudeni boLawulo lukaKristu lweMinyaka Eliwaka, xa iHadesi ibakhupha abafileyo abakuyo. (ISityhilelo 20:13) Uninzi lwabo bavuselwe ebomini basenokuba ngomlinganiselo othile basiva isigidimi soBukumkani ngaphambi kokuba bafe.

Hayi indlela esinombulelo ngayo kuba uYesu engakhange akuyekele ebantwini ukugqiba ngabo banjengezimvu nabo banjengeebhokhwe! Abantu abangafezekanga abakwazi ukufumanisa ngokufanelekileyo ukuba umntu ufumene ithuba elingakanani lokuphulaphula aze amkele iindaba ezilungileyo. Ngaba sinokuyazi ukuba yayinjani intliziyo yakhe okanye wayebuthanda ngokwenene ubulungisa? Ngaba sinokuyifumanisa indlela intsabelo yakhe esenokuba yayiphenjelelwa ngayo yintsapho yakhe, imvelaphi yonqulo, okanye ezinye iimpembelelo? Ngokucacileyo asinakukwazi. Kanti, sinokuqiniseka ukuba uYehova uThixo noYesu Kristu banokuzifumanisa iimeko ezinjalo baze bagwebe ngokugqibeleleyo, ngokusesikweni nangobulungisa.—Duteronomi 32:4; Isaya 11:1-5.

Ngenxa yoko, asinasizathu sakuthelekelela ukuba ngoobani phakathi kwabasandul’ ukufa abasenokuvuswa okanye abasenokungavuswa. Le yinto esingagunyaziswanga ukuba siyenze. (Thelekisa uLuka 12:13, 14.) Kububulumko ngokude kwangakumbi ukuba silindele izigqibo zaBagwebi abangamalungisa, uYehova uThixo noYesu Kristu. Oku kuya kusinika uxolo lwengqondo olungakumbi njengabakhonzi bakaYehova. Kuya kusinceda sinikele ingqalelo engakumbi koko sabelwe ukuba sikwenze—‘hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto uYesu aniwisele umthetho ngazo.’—Mateyu 28:19, 20.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]

Leicester sheep, Meyers

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share