Isizathu Sokuba Umele Ubekho
UYA kufumana iintsuku ezine ezinomvuzo zemfundiso yokomoya kwi-Ndibano YeSithili “Yemfundiso Yobuthixo,” eya kuqhutywa kulo nyaka kwizixeko ehlabathini lonke. Ngokuqhelekileyo, ucwangciso luya kuqalisa ngoLwesine nge-1:20 emva kwemini luze luqukunjelwe ngeCawa nge-4:15 emva kwemini. Imbalasane kwezinye iindibano iya kuba ziingxelo zabavangeli basemazweni, abaye bancedwa babuyela kumazwe abo okuzalwa ukwenzela esi sihlandlo sonwabisayo.
Enoba ukhulile okanye uselula—uyindoda, umfazi, ubawo, umama, okanye umntwana—uya kufumana imfundiso enikelwa ngendlela ecacileyo nebangel’ umdla eya kuba yingenelo kuwe. Ngokomzekelo, abaninzi namhlanje babuza ukuba, Iyintoni Injongo Yobomi? Kusasa ngoLwesihlanu, uya kukunandipha ukuphulaphula xa kuxutyushwa ngalo mbuzo yaye uya kuvuyiswa koko uya kukufumana ukuze uncede abanye bawuqonde lo mbandela.
Emva kwemini ngoLwesihlanu ucwangciso luya kubalaselisa ezi ntetho “Ukwenza Umtshato Ube Lumanyano Oluhlala Luhleli,” “Sebenza Nzima Ukuze Intsapho Yakho Isindiswe,” nethi “Bazali—Abantwana Benu Bafuna Ingqalelo Ekhethekileyo.” Ngokukhawuleza emva kwezi ntetho, kuya kunikelwa ingqalelo ngokukhethekileyo kwiingxaki abajamelene nazo abantu abaselula nendlela abanokuhlangabezana ngayo nazo. Bafanele bakhuthazwe ngumdlalo wala maxesha onomxholo othi Ulutsha Olukhumbula UMdali Walo Ngoku.
NgoMgqibelo ucwangciso luya kubalaselisa isiprofeto sikaYesu esithetha ngemihla yokugqibela yaye ngokukhethekileyo amazwi akhe athi: “Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama.” (Mateyu 24:29) Kuya kufuneka uphulaphule le ngxubusho ukuze ufumanise ixesha eya kwenzeka ngalo loo mbandezelo. Kwakhona kucwangciso lwangoMgqibelo kuya kuhlolisiswa imbali yamaNgqina kaYehova kula maxesha kuze kuboniswe oko aye akuphumeza.
NgeCawa omnye umdlalo, onomxholo othi Musani Ukulahlekiswa Okanye Nihlekise NgoThixo, uya kuthetha ngocelomngeni kwingqibelelo kabani yobuKristu olubangelwa ziivideo nomculo wanamhlanje othandwayo. Intetho yesidlangalala emva kwemini iya kubalaselisa umxholo othi “Imfundiso Eluncedo Kumaxesha Ethu Anomngcipheko.” Ucwangciso luya kuqukunjelwa ngesi sibongozo “Qhubekani Nibambelele Ngokuqinileyo Kwimfundiso Yobuthixo.”
Ngokuqinisekileyo, uya kungenelwa ngokubakho kuzo zonke ezo ntsuku zine! Umenywa ngokufudumeleyo ukuba ubekho. Ukuze ufumane eyona ndawo ikufutshane nekhaya lakho, qhagamshelana neHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.