UYehova Uyabakhumbula Abagulayo Nabalupheleyo
KUNOKUBA nzima kakhulu ukuhlangabezana ‘nexesha lobubi.’ (INdumiso 37:18, 19) Elo xesha lisenokuza ngokwaluphala kunye nobuthathaka obuhamba nako. Bambi bafikelela kwixesha lobubi xa begula kakhulu, benesigulo esingapheliyo. Basenokuba noluvo lokuba isifo sabo siyabucutha ubomi babo, silawula zonke iingcinga zabo kunye nezinto abazenzayo.
Noko ke, kuyathuthuzela ukwazi ukuba amehlo kaYehova akubo bonke abakhonzi bakhe. Kuyayivuyisa intliziyo yakhe xa abakhonzi bakhe abazinikeleyo beqhubeka bebonakalisa ukunyaniseka nobulumko phezu kwako nje ukwaluphala, ukugula, okanye ezinye iimeko ezilingayo. (2 Kronike 16:9a; IMizekeliso 27:11) UKumkani uDavide uyasiqinisekisa: “Usondele uYehova kubo bonke abamnqulayo, . . . akuve ukuzibika kwabo.” Ewe, uyabazi ubunzima babo; uyabomeleza ngomoya wakhe. “Abasindise.” Uyabakhumbula aze abancede ukuze banyamezele. (INdumiso 145:18, 19) Kodwa kuthekani ngathi? Ngokufanayo noYehova, ngaba siyabakhumbula abagulayo nabalupheleyo?
Ubuthathaka obubangelwa kukugula okanye ukwaluphala yinto eyenzekayo kubomi bale nkqubo ikhoyo. Zizinto esimele silwe nazo de uYehova azalisekise injongo yakhe ngomhlaba noluntu. Namhlanje, abantu abaninzi baphila de baluphale, ngoko inani elikhulu kubo linobuthathaka obunxulumene nako. Ukongezelela, ngoxa beselula, abaninzi bahlaselwe zizinto ezisongela ubomi okanye iingozi ezibangela ubulwelwe okanye izifo. De eli hlabathi lidala lidlule, ukugula nokwaluphala kuya kuqhubeka kulucelomngeni olunzima.
Hayi indlela esibaxabisa ngayo abantu bethu abagulayo nabalupheleyo abaqhubeka beyimizekelo ‘yokuva ubunzima, neyokunyamezela’! Ewe, “sithi banoyolo abo banyamezelayo.” (Yakobi 5:10, 11) Kangangamashumi eminyaka uninzi lwabantu abalupheleyo ngoku abangasenamandla belunesabelo ekufundiseni, ekuqeqesheni, nasekuxonxeni ihambo yabo ngoku bakhokelayo ebandleni. Kwakhona uninzi lwabalupheleyo luvuyiswa kukubona ukuba abantwana babo banesabelo kubulungiseleli bexesha elizeleyo.—INdumiso 71:17, 18; 3 Yohane 4.
Ngokufanayo, siyabaxabisa abo bagula kakhulu baphakathi kwethu ibe sekunjalo, phezu kwazo nje iintlungu abazivayo, bayasikhuthaza ngokuthembeka kwabo. Xa bebonakalisa ubungqina bethemba abanalo ngokungagungqiyo bayakhuthaza yaye bomeleza ukholo ngakumbi. Uxolo lwabo lwengqondo nolwaneliseko lwabo lubonisa ukholo esifanele siluxelise.
Kuyothusa ngothile ohlaselwa ngequbuliso ngumhlaza, ukufa ilungu elithile lomzimba, okanye enye imeko ebuguqula ngokupheleleyo ubomi bakhe. Kwakhona luvavanyo olunzima ngabazali ukubona abantwana babo begula okanye bebandezeleka ngenxa yengozi. Luluphi uncedo olunokwenziwa ngabanye? Naliphi na ixesha elinjalo lobubi luvavanyo lwabo bonke ubuzalwana bobuKristu. Lithuba lokubonisa ukuba “umzalwana uzalelwe imbandezelo.” (IMizekeliso 17:17) Ngokuqhelekileyo, asingabo bonke abantu abalupheleyo nabagulayo abanokulindela uncedo lobuqu oluvela kwilungu ngalinye lebandla. Kodwa uYehova uya kuqinisekisa ukuba ngoncedo lomoya wakhe abaninzi bashukunyiselwa ukunceda ngeendlela ezahlukeneyo. Ibe abadala banokuhlala bephaphile ukuze baqiniseke ukuba akakho otyeshelwayo.—Bona iEksodus 18:17, 18.
Zama Ukuba Ngoqondayo
Xa uzama ukunceda othile, kubalulekile ukuba nonxibelelwano olulungileyo, yaye oko kuthabath’ ithuba, umonde, nolwazelelo. Njengomncedi, ngokuqhelekileyo unqwenela ‘ukomeleza ngamazwi’; kodwa phulaphula ngenyameko ngaphambi kokuba uthethe okanye wenze, okanye usenokuphela ‘ungumthuthuzeli oyindinisa.’—Yobhi 16:2, 5.
Ngamathub’ athile abagulayo nabalupheleyo banokukufumanisa kunzima ukufihla indlela abanxunguphele ngayo. Abaninzi baye banethemba lokuphila ukutyhubela imbandezelo enkulu, kodwa ngoku bavakalelwa ngathi elo xesha alide lifike, nto leyo ebenza bangaqiniseki enoba liya kufika besaphila. Kwakhona, imeko abakuyo ibenza bazive bediniwe yaye benxunguphele. Ngumzamo ukugcina ukholo luphilile yaye lomelele, ngokukodwa xa ubani engenakwenza ngokweminqweno yentliziyo yakhe yokuba nesabelo ngokuzeleyo kubulungiseleli bamaKristu. Omnye umdala ongumKristu wayetyelele udade owalupheleyo; xa babethandaza, wacela ukuba uYehova asixolele izono zethu. Emva komthandazo waphawula ukuba udade ebekhala. Wacacisa ukuba wayevakalelwa kukuba wayefuna ukuxolelwa ngokukhethekileyo nguYehova ngenxa yokungabi nasabelo ngokupheleleyo ekushumayeleni kwindlu ngendlu. Ewe, imvakalelo yokungakwazi okanye ukungafaneleki nangona ngokufuthi ingeyomfuneko, inokuyenza buhlungu intliziyo yomntu.
Ufanele uyiqonde into yokuba inkxalabo nokudinwa kusenokuchaphazela ukulungelelana kwengqondo. Ngenxa yobuthathaka obubangelwa kukwaluphala okanye uxinezeleko lwesigulo esibangela ubani abe buthathaka, loo mntu usenokuvakalelwa kukuba uYehova umlahlile, mhlawumbi ade athi: “Ndenze ntoni? Kutheni ndifanele ndibandezeleke nje?” Khumbula amazwi eMizekeliso 12:25 athi: “Isithukuthezi esisentliziyweni yendoda siyenza igobe, liyayivuyisa ilizwi elihle.” Zama ukuthetha amazwi alungileyo aya kuba yintuthuzelo. NjengoYobhi, abalupheleyo abasentlungwini, basenokude bavakalise umnqweno wokufa. Oku akufanele kukothuse; zama ukuba ngoqondayo. Ngokuqhelekileyo izikhalazo ezinjalo aziyombonakaliso yokungabi nakholo nantembelo. UYobhi wathandazela ‘ukugushwa kwelabafileyo,’ sekunjalo kanye nje emva kwalo nkcazelo amazwi akhe abonisa ukholo olomeleleyo awayenalo lokuba kamva uYehova wayeya kumvusa. Ukholo olomeleleyo lubangela ukuba ukwazi ukutyhubela izihlandlo zokubandezeleka nezodandatheko yaye sekunjalo uhlale usondele kuYehova.—Yobhi 14:13-15.
Ukubonakalisa Imbeko Kwabagulayo Nabalupheleyo
Kubaluleke ngakumbi ukuphatha abagulayo nabalupheleyo ngembeko nesidima. (Roma 12:10) Ukuba abasabeli ngokukhawuleza njengangaphambili okanye abanakwenza okungakumbi, musa ukuphelelwa ngumonde. Musa ukukhawuleza ungenelele uze ubenzele izigqibo. Kungakhathaliseki ukuba sineenjongo ezintle kangakanani na, ukuba sifuna ukubalawula okanye sibe ngqwabalala kwabanye oko kumenza omnye umntu aphelelwe kukuzihlonela nto leyo enokuhlala ihleli. Kwingcamango yoogqirha eyapapashwa ngowe-1988, umphengululi, uJette Ingerslev, wachaza oko iqela elikwiminyaka engama-85 ubudala likugqala kubaluleke ngakumbi kubomi balo: “Labeka kwindawo yokuqala izinto ezintathu: ukuba kunye nezalamane; impilo entle; ekugqibeleni, ukukwazi ukuzenzela izigqibo.” Phawula ukuba oonyana bakasolusapho uYakobi abazange bamdelele ngoxa wayaluphele; iminqweno yakhe babeyihlonela.—Genesis 47:29, 30; 48:17-20.
Kwakhona abagulayo bamele baphathwe ngesidima. Umdala othile waphelelwa ngamandla akhe okuthetha, ukufunda, nokubhala ngenxa yempazamo eyenziwa xa wayesenziwa utyando. Le yayiyintlekele engathethekiyo, kodwa abadala abangoowabo bagqiba ekubeni benze konke okusemandleni abo ukuze angaziva engento yanto. Kude kube ngoku bamfundela zonke iileta zebandla yaye bayamquka kumalungiselelo eminye imibandela yebandla. Kwiintlanganiso zabadala, babezama ukuva olwakhe uluvo. Babemenza abone ukuba basamjonga njengomdala osebenza nabo yaye bayabuxabisa ubukho bakhe. Kwibandla lamaKristu, sonke sinokwenza umgudu ukuze abagulayo nabalupheleyo bangaziva ‘belahliwe’ okanye beshiyiwe.—INdumiso 71:9.
Uncedo Lokuzuza Ukomelela Ngokomoya
Sonke sifuna ukutya kokomoya ukuze sigcine ukholo lwethu luphilile yaye lomelele. Ngenxa yoko sikhuthazwa ukuba sifunde iBhayibhile neempapasho zeBhayibhile yonke imihla size sibe nesabelo ngenzondelelo kwiintlanganiso zamaKristu nakumsebenzi wokushumayela. Ngokufuthi, abagulayo nabalupheleyo bafuna uncedo ukuze baphumeze oku, yaye kubalulekile ukwenza okusengqiqweni kwimeko yabo ekhethekileyo. Okuvuyisayo kukuba abaninzi banokuya kwiintlanganiso ukuba banokuphuthunywa ngenqwelo-mafutha baze bancedwe kwiHolo yoBukumkani. Ukuya kwabo kwiintlanganiso kulukhuthazo olukhulu ebandleni. Unyamezelo lwabo luyakhuthaza yaye lomeleza ukholo lwethu.
Kwakhona kwiimeko ezininzi abagulayo kunye nabalupheleyo banokuba nendima ebonakalayo kubulungiseleli bamaKristu. Bambi banokuqukwa kwiqela elihamba ngenqwelo-mafutha eliya kunikel’ ubungqina, yaye ngokungathandabuzekiyo baya kuhlaziyeka kukuba kumsebenzi wendlu ngendlu, enokuba nje zizindlu ezimbalwa. Xa oku bengasakwazi ukukwenza, banokuvuyiswa kukunikel’ ubungqina obungacwangciswanga kubantu abadibana nabo. Udade owahlaselwa sisifo somhlaza wagqiba ekubeni achithe lonke ixesha eliseleyo lokuphila kwakhe esenza umgudu okhethekileyo wokuhambisela phambili iindaba ezilungileyo. Ukushumayela nenkalipho yakhe kwaba lukhuthazo kubo bonke. Wada wenza amalungiselelo omngcwabo wakhe ukuze kunikelwe ubungqina obucokisekileyo kwizalamane ezingakholwayo, kubantu asebenza nabo, kunye nabamelwane bakhe. Ngaloo ndlela imeko ebuhlungu awayekuyo “yabetha kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo,” yaye isigqibo sakhe sokubonakalisa ukholo nentembelo sabangela ukuba iintsuku zakhe zokugqibela zibe zezona zibalulekileyo.—Filipi 1:12-14.
Kulungile ukunceda abagulayo kwanabalupheleyo ukuze bomelele ngokomoya. Iintsapho zinokubamema ukuze babe nazo kwiimbutho zokuzonwabisa zentsapho okanye ngamathub’ athile inxalenye yesifundo sabo sentsapho inokwenzelwa ekhayeni lalowo ungenakukwazi ukuhamba. Kangangethuba elithile, omnye umama weza nabantwana bakhe ababini abaselula emzini wodade owalupheleyo ukuze bafunde kunye INcwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Oku kwamvuyisa lo dade, yaye abantwana babeyivuyela indlela awayebaphulaphula ngayo.
Phofu ke, kukho amaxesha, axa umntu ogulayo engafanele aphazanyiswe kakhulu, yaye kusenokuba kokulunge ngakumbi ukuba ngamathub’ athile umfundele ngokuvakalayo umbandela othile. Noko ke, khumbula ukuba enoba ubani ubuthathaka kakhulu ngokomzimba ngokokude angakwazi ukuncokola, lo usenokuba uluswele ibe uyalunqwenela unxulumano oluthile lokomoya. Sinokuthandaza nabanjalo, sibafundele okanye sibabalisele amava; kodwa simele silumke singahlali de bakruquke.
Inye inkonzo engcwele uninzi lwabagulayo nabalupheleyo abasakwaziyo ukuyiphumeza: ukuthandazela abanye. Abafundi bokuqala bamisela umzekelo obalaseleyo kule nkalo yobulungiseleli. Ngasihlandlo sithile bawahlula-hlula umsebenzi onzima webandla khon’ ukuze abapostile bakwazi ukunikel’ ingqalelo emthandazweni. UEpafra othembekileyo ‘wayehlala ezama ngenxa yabanye emthandazweni.’ (Kolose 4:12; IZenzo 6:4) Imithandazo enjalo ibaluleke kakhulu yaye iyingenelo.—Luka 2:36-38; Yakobi 5:16.
UYehova uyabakhumbula abagulayo nabalupheleyo yaye uyabanyamekela ngexesha labo lobubi. Ngokufanelekileyo ulindele ukuba nathi sicinge ngesinokukwenza ukuze sibancede size sibaxhase. Inkxalabo esiyibonakalisayo ibonisa injongo esinayo yokugcina ingqibelelo yethu. Yaye sivuyiswa kukucinga ngala mazwi kaKumkani uDavide: “NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo, nelifa labo liya kuba ngunaphakade.”—INdumiso 37:18.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
UKUNIKELA UNCEDO OLUSEBENZISEKAYO ngokuqonda
ABAHLOBO nezalamane bafanele bafumane ulwazi olusisiseko kodwa oluchanileyo lwendlela yokunyamekela abagulayo nabalupheleyo. Ngaphezu kwako konke, banokukhuthazwa ukuze babe nethemba ebomini, bazive befunwa yaye bexatyiswa, baze bazixabise. Ngaloo ndlela ubomi babo buya kuhlala bukumgangatho oya kubenza balondoloze uvuyo lwabo kuYehova, phezu kwazo nje iintlungu neengqaqambo abazivayo. Kuye kwaphawuleka ukuba uninzi lwamaNgqina kaYehova luphila de lukhokhobe. Alindathabuzeki elokuba isibakala esinamandla esifak’ isandla ngumdla owomeleleyo abanawo wethemba elingaphambi kwabo, isimo sengqondo esiqaqambileyo nenxaxheba abanayo kumsebenzi woBukumkani kangangoko banako. Umongameli ongasekhoyo weWatch Tower Society, uFrederick W. Franz, ofe eseluxolweni kunyaka wakhe we-100 emva kobomi obuvuyisayo nobunemveliso ebengumzekelo omhle woku.—Thelekisa eyoku-1 yeziKronike 29:28.
Ngokuqhelekileyo, ukuqwalasela izinto ezisisiseko ezibaxhalabisa imihla ngemihla kunokuthetha lukhulu: ucoceko, ukutya okufanelekileyo, izinto eziselwayo netyuwa eyaneleyo, ukwenza umthambo ofanelekileyo, umoya ohlaziyayo, ukuphululwa ngobunono, nencoko eyakhayo. Ukutya okufanelekileyo kunokufak’ isandla ekubeni neendlebe ezibukhali, amehlo nengqondo ebukhali, nokondleka, kwanamandla angakumbi okuxhathisa izifo. Kubantu abalupheleyo into nje elula yokufumana ukutya okufanelekileyo neziselo ezininzi inokwenza umahluko phakathi kwempilo entle nokuba buthathaka engqondweni nasemzimbeni ngenxa yokwaluphala. Kunokufuneka ucinge ngohlobo lomthambo ofanele umntu lowo. Omnye udade ofundela udade owalupheleyo nongaboni kakuhle uqalisa aze aqukumbele utyelelo lwakhe lweveki nganye ngokudanisa ngobunono ejikeleza igumbi nodade lowo walupheleyo. Iteyiphu rekhoda ihlala inomculo okhethiweyo, yaye bobabini bayakunandipha ukwenza lo “mthambo.”
Kumazwe amaninzi, iintlangano ezinikel’ uncedo zinokulungiselela uncedo oluxabisekileyo nolusebenzisekayo zize zinikele inkcazelo namacebiso ngeemeko ezithile ezikhethekileyo nendlela ekunokuhlangatyezwana ngayo nazo. (Kambe ke, umKristu ufanele ahlale elumkile ukuze angaphambukiselwa kwizenzo eziphazamisana nobulungiseleli bethu bamaKristu okwenyaniso.) Maxa wambi uncedo lunikelwa ngokwenzelwa amalungiselelo okufumana umandlalo onjengowasesibhedlele, izinto zokusimelela, amancedo okuxhasa amalungu omzimba, isitulo esinamavili, isixhobo sokuva, nezinye iindlela. Ekubeni uninzi lwabantu abalupheleyo luvakalelwa kukuba akukho mfuneko yayo nanye kwezi okanye akuncedi nto ukufumana ezo zinto zintsha, izalamane zimele ngokufuthi zinikele icebiso elisengqiqweni okanye zisenokude ziqiqe kunye nabo. Umqheba wocango kwindlu yokuhlambela obambeka lula unokuvuyisa ngaphezu kwesipha seentyatyambo.
Ukunyamekela abalupheleyo kunokukhokelela kuxinezeleko lwengqondo, ngokukodwa ukuba umntu lowo unobuthathaka bengqondo nomzimba ngenxa yokwaluphala. Ngokufuthi oko kuqalisa ngokuthe ngcembe. Wumbi unokuzama ukukuphepha ngokungamvumeli umguli athob’ umxakatho ngokungeyomfuneko. Umntu owalupheleyo unokukhawuleza ukukhathazeka ngothile obemthanda. Izalamane zimele ziqonde ukuba umntu owalupheleyo unokude alibale yonke into enxulumene nenyaniso—umphumo olusizi wokuwohloka kwenyama, nto leyo engabonisa ukuba uphelelwa lukholo.
Ukuba umguli usesibhedlele okanye kwikhaya labangenakuzenzela nto, kufuneka unxibelelwano lobuhlobo nabantu abamnyamekelayo ukuze bayazi into abanokuyenza ngokunxulumene nemihla yokuzalwa, iKrismesi, okanye ezinye iiholide zehlabathi. Ukuba kufuneka utyando, izalamane zinokucacisa zize ziqinisekise ngeenkolelo umguli abambelele kuzo malunga notofelo-gazi.