Umgaqo Okanye Oko Kuthandwa Ngabantu—Kukuphi Okukukhokelayo?
NGOXA wayekwibanga lesine uNorihito wayenenxaxheba kukhuphiswano lwemidlalo. Ngequbuliso, wajamelana nokwenza isigqibo. Bonke abafundi kwakufuneka babe nenxaxheba kumbhiyozo wokuthand’ izwe. Ngaba wayefanele athelele abo afunda nabo kolu qheliselo lwalubonakala luyinkqubo yamihle le?
UNorihito wayefunde eBhayibhileni ukuba kuphosakele ukuthelela nasiphi na isenzo sokunqula uthixo ongenguye uYehova. (Eksodus 20:4, 5; Mateyu 4:10) Kwakhona wayesazi ukuba amaKristu ayefanele ahlale engoondilele kuyo yonke imicimbi yezobupolitika yehlabathi. (Daniyeli 3:1-30; Yohane 17:16) Ngoko nakubeni abo afunda nabo babembongoza ukuba abathelele, ngenkalipho kodwa ngentlonelo walondoloza ukuma kwakhe. Wawuya kwenza ntoni ukuba wawukwimeko efanayo?
Umnqweno Wokuba Ngoweqela Elithile
IZibhalo zibonisa ukuba uThixo wabadala abantu ukuba babe nobuhlobo, babe nolwalamano oluhle, baze banandiphe ukwenza izinto kunye. Kungokwemvelo ukufuna ukuba kunye nabahlobo, ukwamkeleka, nokuba ngoweqela elithile. Iimvakalelo ezinjalo zenza ubomi bonwabise ngakumbi yaye zifak’ isandla kuxolo nemvisiswano kwiindlela esiqhubana ngazo nabanye.—Genesis 2:18; INdumiso 133:1; 1 Petros 3:8.
Nanamhlanje umnqweno ongokwemvelo wokuba ngoweqela elithile ubonwa ekugxininisweni kokuhambisana ngokwamaqela okubonwa kumabutho athile. Ngokomzekelo, abantwana baseJapan, baqeqeshwe kwasebuntwaneni ukuba baqhelane baze bahambisane nezinto ezifunwa sisininzi. Isithethe sabo sibafundisa ukuba enye yezona mbopheleleko zabo zinkulu kukuvisisana noluntu. Owayesakuba ngunozakuzaku waseUnited States eJapan noziqwalasela ngomdla iindlela zokuziphatha zamaJapan, uEdwin Reischauer wathi, “Abemi baseJapan basebenzisana ngokwamaqela ngokunokwenzeka ngakumbi kunabaseNtshona.” Wongezelela ngelithi: “Apho ubuncinane abemi baseNtshona bebesenokubonakalisa umoya wokuzahlula nowokungaxhomekeki, inkoliso yabemi baseJapan ibiya kwaneliseka ngokwenene ekufaniselaneni ngesinxibo, ngehambo, ngendlela yokuphila kwanangokucinga ngokwemilinganiselo yeqela layo.” Noko ke, umnqweno wokwenza izinto ngokufanayo, awupheleliselwanga kumaJapan kuphela. Ukho kulo lonke ihlabathi.
Iingcinezelo Zokuhambisana Neqela
Nakubeni iyinto enqwenelekayo ukwenza konke onako ukuze ube nolwalamano oluhle nabanye, kukho ingozi ekuhambisaneni ngobuyatha noko kuthandwa sisininzi. Kutheni sisitsho nje? Kungenxa yokuba ngokufuthi oko kuthandwa sisininzi kuyangqubana noko kwamkelekileyo kuThixo. IBhayibhile isixelela oku, “Ihlabathi liphela lilele kongendawo.” (1 Yohane 5:19) Ngobuqhophololo uSathana usebenzisa onke amacebo anawo—ukuthanda izinto eziphathekayo, ukuziphatha kakubi, ikhethe lobuhlanga, ubuntamo-lukhuni kwezonqulo, ubuhlanga nokunye—ukuze aphembelele inkitha yabantu aze ayenze imtyeshele uThixo. Ngenxa yoko, ukuhambisana nezenzo ezinjalo kuya kwenza ubani abe nxamnye noYehova uThixo neenjongo zakhe. Kungenxa yoko amaKristu elulekwa ngolu hlobo: “Ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.”—Roma 12:2.
Ekubeni ephila kule nkqubo yezinto, ngamaxesha onke amaKristu aphantsi kwengcinezelo yokuhambisana noko kuthandwa sisininzi. Ulutsha luchanabeke ngokukhethekileyo koku. Umnqweno wokukhangeleka nowokwenza njengabo bafunda nalo uphakame ngokugqithiseleyo. Kufuna inkalipho yokwenene kulo ukucacisa kubahlobo balo isizathu sokuba lungabi nanxaxheba kwizinto ezithile ezenziwayo. Noko ke, ukusilela ukucacisa ngenkalipho ukuma kwalo, kunokuthetha intlekele engokomoya kulo.—IMizekeliso 24:1, 19, 20.
Kwakhona abantu abakhulu bajamelene neengcinezelo ezinjalo kwiindawo abasebenza kuzo. Kusenokulindelwa ukuba babe nenxaxheba kwizinto ezithile ezenziwa ekuhlaleni nezenziwa emva kweeyure zomsebenzi okanye ngeeholide ezithile. Ukwala ukuhambisana noluvo lwabanye kusenokubenza babonakale bezinxwema kwabanye okanye bengenantsebenziswano, bebangela ingxaki emsebenzini. Bambi basenokuziva benyanzelekile ukuba basebenze iiyure ezininzi nezingaphandle kwexesha lomsebenzi kuba nje abanye besenza njalo yaye nabo belindelwe ukuba benze okufanayo. Ukuyekelela kwiimeko ezinjalo kuya kuyonakalisa imeko yabo yokomoya ibe kwangaxeshanye kuya kubathintela ekuzalisekiseni ezinye iimbopheleleko abanazo.—1 Korinte 15:33; 1 Timoti 1:6-8.
Iingcinezelo zokuhambisana neqela zikho kwanangaphandle kwasesikolweni okanye emsebenzini. Omnye umama ongumKristu ubalisa ukuba ngesinye isihlandlo akazange amohlwaye umntwana wakhe, nakubeni kwakufuneka ngamandla oko, kuba nje wavakalelwa kukuba abanye oomama abakhoyo babengayi kukuncomela oko.—IMizekeliso 29:15, 17.
Isininzi Sisenokuba Sesingachananga
IBhayibhile isinika isiluleko esingqale ngakumbi xa kufikelela kumbandela wokulandela isininzi. Ngokomzekelo, uhlanga lwakwaSirayeli lwaxelelwa oku: “Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.” (Eksodus 23:2; thelekisa amaRoma 6:16.) Esi siluleko sasingasoloko silandelwa. Ngasihlandlo sithile, kungekudala emva kokuba beyishiyile iYiputa, ngoxa uMoses wayengekho, abathile baphembelela uAron nabantu ukuba benze ithole legolide baze balinqule besenza ‘umthendeleko kuYehova.’ Abantu badla basela baziyolisa ngomculo nangomngqungqo ngoxa babebingelela kwithole legolide. Ngenxa yesi senzo sokuziphatha okubi nesokunqula izithixo, kwabulawa malunga nama-3 000 eenkokeli zabavukeli. Kodwa uninzi lwabanye nalo lohlwaywa nguYehova ngenxa yokuba ngokungakhathali lwalandela isininzi.—Eksodus 32:1-35.
Omnye umzekelo wokulandela isininzi ekwenzeni ububi wenzeka ngenkulungwane yokuqala ngokunxulumene nokufa kukaYesu Kristu. Luphenjelelwa ziinkokeli zonqulo ezinomona, uninzi lwabantu lwathelela kwabo babenkqangaza besithi uYesu makabulawe. (Marko 15:11) NgePentekoste xa uPetros walatha kubunzulu besikreqo sabo emva kokuvuka nokunyukela kukaYesu emazulwini, abaninzi “bahlabeka entliziyweni” baza bakuqonda oko babekwenzile ngenxa yokulandela isininzi.—IZenzo 2:36, 37.
Imigaqo YeBhayibhile Ilunge Ngakumbi
Njengoko ezi ngxelo zibonisa ngokucacileyo, ukulandela ngobuyatha oko kuthandwa ngabaninzi kunokukhokelela kwimiphumo eyingozi. Hayi indlela ekulunge ngayo ukulandela iBhayibhile size sivumele imigaqo yayo ikhokele ubomi bethu! “Njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu,” utsho uYehova. (Isaya 55:9) Kwimibandela yokuziphatha neyeenkqubano zabantu—ngokwenene, kuzo zonke izigqibo ezingobomi—ngokufuthi kuye kwaboniswa ukuba ukulandela iindlela zikaYehova kulunge ngakumbi kunokulandela oko kuthandwa sisininzi. Kusisikhokelo sobomi obonwabisayo nobusempilweni.
Ngokomzekelo, khawuqwalasele la mava kaKazuya. Nangona wayefundisise iBhayibhile kangangethuba elithile, waqhubeka nekhondo elithandwa sisininzi—ukuzabalazela ukuba sisityebi nokuba ngophumelelayo. Imigudu yakhe yokukholisa abaphathi bakhe nokuba ngodumileyo kubantu asebenza nabo ngokufuthi yamkhokelela ekubeni abe semithayini de kube ngonyezi. Waba ngumntu olindele okukhulu gqitha kwabanye, ongakwaziyo ukuba anyamezele abanye nocaphuka msinya. Kungekudala indlela aphila ngayo negabadeleyo yamkhokelela ekubeni afe ilungu lomzimba nto leyo eyamshiya egogeke icala. Njengoko wayechacha kumandlalo wasesibhedlele, wayeba nexesha lokucinga ngoko wayekufunde eBhayibhileni nendlela awayebuphila ngayo ubomi bakhe. Wagqiba kwelokuba ngoku yayilixesha lokuba aqalise ukusebenzisa oko wayekufundile. Wayeka kwisigxina sakhe sokuba ngumphathi waza walutshintsha nonxulumano awayenalo. Kwakhona wenza imigudu enyanisekileyo yokwambatha ubuntu bobuKristu neyokulungelelanisa imbono anayo ngezinto eziphathekayo. Ngokomphumo, imilinganiselo yakhe yaguquka waza wachacha ngokwasempilweni. Ekugqibeleni, wahlulela ubomi bakhe kuYehova waza wabhaptizwa.
Ukuze aphumelele ekulandeleni ikhondo elingathandwayo sisininzi, ubani umele ayazi imigaqo ebandakanyekileyo aze eyiseke ngokupheleleyo kwelokuba ichanile. Ubungqina boku buboniswa koko watyhubela kuko uMasaru. Xa wayekwibanga lesine, kwisikolo sabasaqalayo, wanconyelwa ngabo afunda nabo ukuba anyulwe njengomongameli wequmrhu labafundi. Eziva ephoxekile ukhumbula ukuba ngenxa yokungayiqondi ngokupheleleyo imigaqo yeBhayibhile ebandakanyekileyo, akazange akwazi ukucacisela abo afunda nabo isizathu sokuba engenakuzigqatsela isigxina sezobupolitika. Ukugubha ngumntu kwamenza warhoxobisa ekuzaziseni njengomKristu. Wayesuka athokombise intloko aze aphindaphinde eneenyembezi esithi, “Andinakuyenza loo nto.”
La mava abuhlungu amenza waphanda isizathu sokuba umKristu engafanele abandakanyeke kwimicimbi yezobupolitika. (Thelekisa uYohane 6:15.) Kamva, xa wayefunda kwisikolo semfundo ephakathi, kwaphakama ingxoxo efanayo. Phofu ke, ngeli thuba, wayekulungele ukukucacisa eqinisekile ukuma kwakhe kumfundisi-ntsapho wakhe. Umfundisi-ntsapho wayamkela ingcaciso yakhe, ngokufanayo nabafundi ababembuza ngeenkolelo zakhe ezisekelwe eBhayibhileni.
Xa Bonke Beya Kwenza Okulungileyo
Kwihlabathi elitsha elizayo phantsi kolawulo lukaKristu, into ethandwa sisininzi eya kwenziwa iya kuba yelungileyo. De kube ngelo xesha, simele siwulumkele umnqweno wokuhambisana noko kuthandwa sisininzi. Sinokufumana ukhuthazo kumyalelo kaPawulos othi: “Sinelifu elingakanana nje elisingqongileyo lamaNgqina, masithi nathi, siwubekile nxamnye wonke umthwalo, naso isono esinokusirhawula ngokusisulu, silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu.”—Hebhere 12:1.
Xa ujamelene neembambano nezinto ezilucelomngeni, yintoni oya kuyenza? Ngaba uya kunikezela ngenxa yokugubha ngabantu uze uyekelele ekwenzeni oko kuthandwa sisininzi? Okanye ngaba uya kuphethukela kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile, uze ulandele imigaqo yalo? Ngokuthabatha eli khondo lesibini akuyi kungenelwa ngoku nje kuphela kodwa kwakhona uya kuba nethemba lokuba phakathi kwabo “bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.”—Hebhere 6:12.