Yikhumbule Imigaqo YobuKristu
XA UMNTWANA eqalisa ukuya esikolweni, phakathi kwezinto zokuqala azifundayo ufunda ukulesa nokubhala. Ezi zifundo zibalulekileyo zimenza alungele ezinye izifundo ezintsonkothe ngakumbi, njengezentlalo, ezenzululwazi neelwimi. Ukuba umntwana akakufundi ngokucokisekileyo ukulesa nokubhala, imfundo yobomi bakhe bonke iya kuchaphazeleka ngokunzulu.
Ukufunda indlela yokunqula uThixo kukwayinto efanayo. Xa sifundisisa iBhayibhile, sifumanisa ukuba kukho iinyaniso ezininzi ezisisiseko, okanye imigaqo, ekufuneka zifundwe ngokucokisekileyo. Ukuba nje sinokuzibamba ezi, sinokuya kwimicimbi enzulu. Noko ke, ukuba asiyiqondi ngokucokisekileyo yaye asiyikholelwa le migaqo yokuqala, unqulo lwethu luya kuba buthathaka. Asiyi kukwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo, yaye ukholo lwethu luya kushukunyiswa ngokulula.
Imigaqo esisiseko yeBhayibhile akunto inzima ukuyiqonda. (Bona isicangca.) Noko ke, ayiyontetho nje eqhelekileyo okanye imibandela ebangel’ umdla kwimicimbi yokusebenzisa ingqondo. Iphilile, iziinyaniso ezibalulekileyo, yaye amaKristu alumkileyo afunda ukuyithanda. UYehova uthi: “Wabazele iindlebe amazwi am; intetho yam yithobele indlebe yakho. Mayingemki emehlweni akho; yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi. Kuba ibubomi kwabayifumanayo, nempiliso enyameni yabo yonke.”—IMizekeliso 4:20-22; Hezekile 18:19, 20, 23.
Sekunjalo, phezu kwako nje ukubaluleka kwale migaqo, uYesu walumkisa ngelokuba bambalwa nje kuphela ababeya kuyibamba baze baphile ngayo. Wathi: “Limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.” (Mateyu 7:14) Oku akubangelwa kukuba ngandlel’ ithile imigaqo ifihliwe. UYehova ufuna ukuba abantu bonke baphile ngokuvisisana nayo baze ngaloo ndlela bazuze ubomi. (2 Petros 3:9) Uye wabangela ubulumko, ulwazi nengqiqo ukuba zibhalwe eBhayibhileni, efumaneka ngokubanzi kubo bonke abantu. Yaye amaNgqina akhe akhuthaza abamelwane bawo ukuba bafumane le nkcazelo inik’ ubomi. Ngale ndlela, ngokoqobo, “ubulumko bumemeza ngaphandle.” (IMizekeliso 1:20; 2:1-9) Kodwa kukho amanye amandla asebenzayo.
USathana uye wamfamekisa amehlo abantu abaninzi ekuboneni imigaqo yokwenyaniso. (2 Korinte 4:4) Ukongezelela, umoya womntu wokuzimela geqe umenza akhethe ukuhamba indlela yakhe endaweni yokukhangela kuSomandla ukuze afumane ukhokelo. Ngemihla yompostile uPawulos, kwanabanye ababefundile ngemigaqo esisiseko balahlekana nayo. Ngenxa yoko, wabhala oku: “Nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo.”—Hebhere 5:12.
Ngaphezu koko, uYesu walumkisa wathi: “Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.” (Mateyu 7:22, 23) Kutheni le nto abantu abacinga ukuba bakhonza uYesu bezifumana belahlwa? Kungenxa yokuba ‘imisebenzi yabo yamandla’ ayisekelwanga kwimigaqo yeBhayibhile. Kubonakala ngokungathi bazama ukufunda ezembali okanye ezenzululwazi bengakhange kuqala bafunde ukulesa. Imisebenzi yabo iphosakele, ayisekelwanga enyanisweni. Ngenxa yoko, ‘bangabenzi bokuchasene nomthetho.’
Ngaba Unqulo Lwakho Lwamkelekile?
Ngaba sinokuqiniseka ukuba akayi kuthi ngenye imini uYesu athethe la mazwi kuthi, ‘Mka kum, wena wenza okuchasene nomthetho’? Sinokuqiniseka, ukuba ngokwenene unqulo lwethu lusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile. Kunokuba njalo, ukuba siyihlolisisa ngenyameko iBhayibhile, ingakumbi amazwi kaYesu. UYesu wahamba endleleni emxinwa, necutheneyo esa ebomini—enyanisweni, ‘wayeyindlela, eyinyaniso, ebubomi.’ (Yohane 14:6) Ukuba siyakusebenzisa oko akutshoyo, size sihambe ngokusondeleyo emanyathelweni akhe, siya kuba sihamba kuloo ndlela.—Yahane 6:68; 1 Petros 2:21.
Abalandeli bakaYesu ababesondele kuye bakwahamba kuloo ndlela imxinwa necutheneyo esa ebomini. Ngoko ke, xa uYesu wafayo wabanika umsebenzi wokufundisa abanye ukuba banqule uThixo. Wakwalumkisa ngelokuba wayeya kubuya aze alindele ingxelo evela kubo yendlela abebeziphethe ngayo ngexesha ebengekho.—Mateyu 24:46; 25:14-23; 28:19, 20.
Ekugqibeleni, inani labo bathi balandela uKristu lafikelela kumakhulu ezigidi. Kodwa kwizihlandlo ezininzi, unqulo lwezi zihlwele zikhulu lwalungasekelwanga kwimigaqo yeBhayibhile. Ngaloo ndlela, xa uYesu wamiselwa njengoKumkani wasezulwini ngowe-1914 waza emva koko ‘wafika’ ukuza kufumana ingxelo kwabo babesithi bangabalandeli bakhe, wafumana ntoni? Izigidi zabantu ezazisithi zingamaKristu zazibandakanyeke kweyona mfazwe yoyikekayo kwimbali yoluntu ukusa kwelo nqanaba.
Ewe, abaninzi “kumaKristu” babesenza ngokuchasene kwaphela nemigaqo yeBhayibhile esisiseko. Phofu ke, kwakukho iqela lamaKristu okwenene elalizama ngamandla ukulandela imigaqo yokuhlonel’ uThixo nelalikwayifundisa nawuphi na owayeya kuphulaphula kwilizwe elaliphanjaniswe yimfazwe. Eli qela lalihlanganisana ndawonye, yaye ekuhambeni kwexesha lathelelwa sisihlwele esikhulu sabantu abanengqondo efanayo. (Mateyu 24:31; ISityhilelo 7:4, 9, 10) Lisalandela imigaqo enik’ ubomi lixelela abanye ngeenjongo ezinkulu zikaThixo, linxulumana ndawonye njengomhlambi omnye, yaye lizama kangangoko linako ukuzivisisanisa ‘nokuthanda kukaThixo okuzalisekileyo.’—Roma 12:2.
Umgaqo Obalulekileyo OngokweZibhalo
Oku bekungeyonto ilula. Phakathi kwezinye izinto, la maKristu okwenyaniso ayefanele alwe neempawu zawo zokungafezeki nezesono. Yaye kwakufuneka ahlale kwihlabathi eliyichase kwaphela imilinganiselo kwanemigaqo awayezama ukuphila ngokuvisisana nayo. Enyanisweni, umpostile uYohane wathi: “Ihlabathi liphela lilele kongendawo.” (1 Yohane 5:19) Kungenxa yoko le nto abanquli bakaThixo bokwenyaniso banamhlanje befanele bahlale bekhumbula owona mgaqo ubalulekileyo owachazwa nguYesu othi: ‘[AmaKristu] akangawo awehlabathi.’—Yohane 17:16.
UYehova akanyanzeli bantu ukuba bamkhonze, kodwa abo bakhetha ukwenjenjalo kufuneka benze izigqibo ezifanelekileyo. Ngokomzekelo, bafanele bavumelane nesibakala sokuba abanakuba ngabathandwayo kweli hlabathi. (Mateyu 24:9) Umfundi uYakobi walumkisa ngelithi: “Othe . . . wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.” (Yakobi 4:4) Yaye umpostile uPawulos wathi: “Kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho?” yaye “Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?” Wandula ke wacaphula kumazwi kaYehova wathi: “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, . . . nento engcolileyo ningayichukumisi.”—2 Korinte 6:14-17; Efese 5:11.
‘Sinokuzahlula’ njani? Kakade ke, asinakuzahlula ngokuthi sishenxe ngokoqobo ehlabathini. Kodwa sinokukuphepha ‘ukunxulumana nabangakholwayo.’ Sinokuziphepha ‘iincoko ezimbi ezonakalisa izimilo ezilungileyo.’ (1 Korinte 15:33) Yaye sinokuzahlula kumoya wehlabathi, umoya wokuzingca, wokunganyaniseki, wezinto eziphathekayo nokufuna uyolo ngokugqith’ emgceni. (2 Timoti 3:1-5) Kunikelwa isiqinisekiso esifudumez’ intliziyo kwabo bathi ngaloo ndlela bazahlule kwiminqweno yeli hlabathi esisesi: “Yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:15-17.
Abo Balandela Imigaqo Esisiseko
Ngaba kunokwenzeka namhlanje ukulandela imigaqo yeBhayibhile uze uhambe endleleni emxinwa ekhokelela ebomini? Ewe, kwanabantwana banokukwenza oku. Ngokomzekelo, abantwana ababini abaselula eBrazil babeziphethe kakuhle kakhulu esikolweni kangangokuba umfundisi-ntsapho wabo wacela umama wabo ukuba afike ukuze baxubushe isizathu soko. Umama wabo wachaza ukuba kwakungenxa yokuba babelandela imigaqo yeBhayibhile ngokubhekisele ekuthobeleni abazali nabanye abasemagunyeni. (Efese 6:1-3) Ekupheleni kwekota yesikolo, banikwa ithuba lokuchazela yonke iklasi iingenelo ezizuzwa kwikhondo lokuhlonel’ uThixo elinjalo.
UYesu wawuchaza lo mgaqo wenjenje: “Ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.” (Luka 12:15) Ugqirha osisinhanha eJapan wakuqonda oku yaye, wakuqhelisela, nto leyo eyabangela abahlobo bakhe bamangaliswa. Wasishiya isikhundla esasimngenisela imali waza waya kwidolophana apho wayenokuba luncedo ngokomoya kubantu baloo dolophu. Oku kuncama iingenelo zokuphathekayo akuzange kumvimbe ulonwabo. Endaweni yoko, yena nomfazi wakhe ngoku bafumana ulonwabo olukhulu ekuziseni iLizwi lobomi kwabanye.
IBhayibhile ithi: “Isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka.” (IMizekeliso 23:21) Esi sisilumkiso esicacileyo nxamnye nokukhotyokiswa. Sikwalunyukiswa nxamnye nokusebenzisa kakubi iziyobisi: ‘Imisebenzi yenyama kukubusa kwizithixo, ukukhafula [phar·ma·kiʹa, “ukuyotywa” kwisiGrike santlandlolo].’ (Galati 5:19, 20) Ukongezelela, umpostile uPawulos ubongoza enjenje: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.”—2 Korinte 7:1.
Ngokucacileyo ukutshaya icuba nokusebenzisa ezinye iziyobisi ezikhobokisayo kuchasene nale migaqo yeBhayibhile yaye ngaloo ndlela ‘kukwenza ngokuchasene nomthetho.’ (Mateyu 7:23) Nabaphi na abakhonzi bakaThixo abazingcolisa ngezinto ezinjalo baya kufumanisa ukuba unqulo lwabo alwamkelekanga kuThixo. Ngenxa yoko, amakhulu amaninzi amawaka abantu aye athabath’ inyathelo lokukuyeka ukusebenzisa ezi ziyobisi, ibe ngenxa yoko, aye afumana iingenelo zokomoya nezokwenyama. Kambe ke, akusoloko kulula ukwahlukana nale mikhwa ingacocekanga.
Umfana waseMichigan, eUnited States, wafunda ngoThixo nangemigaqo yakhe kubalungiseleli abafika endlwini yakhe. Wakuthanda oko wakuvayo kodwa waqonda ukuba umkhwa wakhe wokutshaya umya necuba wawungavumelani nonqulo lukaYehova. Uthi: “Andizange ndibe nayo ingxaki ekuyekeni iziyobisi, endandizinandipha. Kodwa kwathabatha ubuncinane iinyanga ezintandathu ukwahlukana nokutshaya imidiza.” Wancedwa ngamaKristu akhonza kunye nawo nangumthandazo. Ngoku, njengoko ephila ubomi obucocekileyo obuvisisana nemigaqo yeBhayibhile, unandipha isazela esicocekileyo, ulwalamano noThixo, kunye nobudlelane bamaKristu. Eneneni, uthi akazange amazi umhlobo ukuba uyintoni na, de waba ungumKristu.
Ngokwenyaniso ukulandela imigaqo yobulungisa kulikhondo lobulumko. Yaye ubulumko buxabiseke ngokude kwangakumbi kunegolide entle. Nawe thabatha eli khondo, yaye liya kuzisa indumiso kuYehova ibe liya kuphumela ekubeni usikelelwe ngonaphakade.—INdumiso 19:7, 10; IMizekeliso 16:16.
[Ibhokisi ekwiphepha 27]
Imigaqo ziinyaniso ezisisiseko okanye imithetho esisiseko apho ezinye iinyaniso okanye imithetho inokuthatyathwa khona. Nantsi imizekelo ethile elandelayo:
□ “Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.”—Mateyu 22:37.
□ “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12.
□ “Ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo.”—Yakobi 4:4.
□ “Nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.”—1 Korinte 10:31.
□ “Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.”—Roma 15:1.
□ “Masithi ngaye sinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.”—Hebhere 13:15.
□ “Masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu.”—Hebhere 10:24, 25.
□ “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.”—Mateyu 4:4.