‘Utshaba Lokugqibela’ Luya Koyiswa!
NGOXA wawusengumntwana, kusenokwenzeka ukuba wawuboyika ubumnyama. Amabali oyikisayo kwanezinye iintsomi zisenokuba zazikwenza utyhwatyhwe. Hayi indlela ekwakuthuthuzela ngayo xa unyoko okanye uyihlo wayeshiya isibane sikhanya ngoxa uzama ukulala!
Ngokukwanjalo ukufa kuyaboyikisa abaninzi. Sekunjalo, akufanele kube njalo. Ngoba? Ngenxa yoko ukufa kukuko ngokwenene.
Lwazi Utshaba Lwakho
UKumkani uSolomon osisilumko wakwaSirayeli wamandulo wavakalisa oku: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.” (INtshumayeli 9:5) Ngokutsho kwale ngcamango iphefumlelwe nguThixo efumaneka kwiBhayibhile yakho, ngokulula nje ukufa kusisichasi sobomi. Abafileyo akusekho nto bayaziyo.
Ethetha ngokufa ngendlela engumzekeliso, umpostile uPawulos ongumKristu ubhala oku: “Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi [kufa,], uloyiso lwakho?” Luluphi olu lwamvila luvelisa ukufa? UPawulos uthi: “Ulwamvila lokufa sisono.” (1 Korinte 15:55, 56; Hoseya 13:14) Ngoko, lusuka phi olu lwamvila lubulalayo? Kwenye indawo eZibhalweni, uPawulos uthi: “Isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo.” (Roma 5:12) Lo mpostile akashiyi kungacacanga ukuba lo “mntu mnye” ngubani na xa esithi: “Kuye uAdam bafa bonke.” (1 Korinte 15:22) Ewe, ngenxa yokungathobeli kokhokho wethu wokuqala, uAdam, sonke singamaxhoba olwamvila lokufa.—Genesis 3:1-19.
Ukuba besinempilo entle nentsapho enothando kwindawo entle esingqongileyo, akukho namnye kuthi obeya kukhetha ukufa. Noko ke, njengokuba iBhayibhile ibonisa, ‘ixesha nesihlo’ zingasiphulukanisa nobomi. (INtshumayeli 9:11) Enyanisweni, asikwazi okuya kwenzeka kubomi bethu ngomso. (Yakobi 4:14) Inye into eqinisekileyo—sonke sisizuz’ ilifa isono nokufa. Ngoko ke, ukufa kuyasichwechwela kuze kusihlasele njengotshaba.
Ukuhlangabezana Nokufa Kothandekayo
Ukufa kulutshaba ngokukodwa xa kuhlasela othandekayo. Umfazi owayelele ngandletyana nye waxelela indoda yakhe oku xa wayeselukhukweni lokufa: “Kuza kuba kubi ngakumbi kuwe.” Kwakutheni aze athethe oko? Ngenxa yokuba iBhayibhile ithi: “Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.” (INtshumayeli 9:10) Abafileyo abaphindi babandezeleke. Kodwa ukukhathazeka kusala nezalamane nabahlobo abasaphilayo. Ngaba kukho okunokwenziwa ngokubandezeleka okunjalo?
ILizwi likaThixo, iBhayibhile, liqulethe amazwi amaninzi entuthuzelo. Ngokomzekelo, ukufunda nokucamngca ngeendumiso ngokuqinisekileyo kungomnye umthombo wentuthuzelo. Eneneni, amazwi anjengala ayathuthuzela: “Mayibongwe iNkosi; ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla; nguThixo umsindisi wethu.”—INdumiso 68:19.
Omnye umthombo wentuthuzelo libandla lamaKristu. Kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, umpostile uPawulos wabhala oku: “Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene. Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana [abanokumnyamekela ngezinto eziphathekayo], ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo. Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye, engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.” (1 Timoti 5:3, 4, 9, 10) Ngokukwanjalo namhlanje amaNgqina kaYehova ayabanceda aze abathuthuzele abanjalo akhonza kunye nabo.
Ngokufuthi olona hlengahlengiso lukhulu olumele lwenziwe ngabafelweyo lolo lweemvakalelo. Enye indoda eyafelwa liqabane layo iminyaka emibini ngaphambilana yabhala yathi: “Ndandimthanda gqitha umfazi wam. Le yeyona nto ibuhlungu yakha yandehlela, yaye ndikufumanisa kunzima ukuyinyamezela.” Umntu obetshate kangangethuba elithile ubenolona lwalamano lusenyongweni lunokubakho phakathi kwabantu. Xa iqabane lomtshato lisifa, iqabane eliphilayo ngokwemvelo lilahlekelwa kakhulu. Lowo unokulufumana phi uncedo?
Kwiimeko ezinjalo, izinxulumani ezilungileyo ezingamaKristu zisenokuba zezakhayo. Umzekeliso wobulumko uthi: “Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; umzalwana uzalelwe imbandezelo.” (IMizekeliso 17:17) Umhlolokazi okanye umhlolo ufuna uncedo—amaqabane axhasa ngokwenene. Abahlobo abazizilumko bakhuthaza lowo usentlungwini ukuba athethe, kwanokuba ukwenjenjalo kusenokumbangela akhale. Mhlawumbi umKristu okhe waba nala mava entlungu nentliziyo etyumkileyo okulahlekelwa liqabane usenokunikela uncedo lobubele. IBhayibhile inikela esi siluleko: “Bathuthuzeleni abadandathekileyo.” (1 Tesalonika 5:14, NW) Kodwa khumbula ukuba abahlolokazi nabahlolo bayawakhumbula amaqabane abo omtshato. Ngoko ke, ofelweyo ufanele azityand’ igila kwabanye kuphela phantsi kweemeko ezenza bonke bakwazi ukulondoloza ihambo enyulu.—1 Petros 2:12.
Olona nyango lulungileyo lwentlungu ebangelwa kukufa kukuzigcina uxakekile unceda abanye—oko akuyondlwan’ iyanetha kwabo bakholelwa kwelokuba ngabo abafuna uncedo! Apha ukungazingci kuba nendima ebalulekileyo. Ukwenzela abanye izinto ngokungazingci kuyanceda ekupheliseni usizi nentlungu, kuba uYesu wathi: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.”—IZenzo 20:35.
Ukoyiswa Kokufa
Ulwamvila lwenyosi lunokuba buhlungu gqitha, lude lubulale. Noko ke, ngokuqhelekileyo ukubangulwa kolwamvila lwesi sinambuzane esikhumbeni sakho kuya kunceda kuzise isiqabu. Kodwa ngawaphi amathemba akhoyo okufumana isiqabu kulwamvila olubangela ukufa?
Emva kokuba ecacise ukuba isono lulwamvila olubangela ukufa, uPawulos udanduluka esithi: “Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu!” (1 Korinte 15:57) Ukoyiswa kokufa kunxulumene njani noKristu? UYesu wabonisa ukuba oku kunjalo xa wathi ngaye siqu: “UNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.” (Mateyu 20:28) Ewe, abo banokholo kuNyana kaThixo, uYesu Kristu, nedini lentlawulelo uYehova aye walilungiselela ngaye, ukufa okuzuzw’ ilifa kuAdam akuyi kuthetha ukuba baya kuhlala bengekho ngonaphakade.—Yohane 3:16.
Akhuthaza ngokwenene amazwi kaYesu athi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.”—Yohane 5:28, 29.
Iinkulungwane ngaphambilana, umprofeti kaThixo uIsaya wakuxela kwangaphambili oku: “[UYehova uThixo uya] kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke.” (Isaya 25:8) Kwakhona, kwiSityhilelo 21:4, iBhayibhile inikela eli themba limangalisayo: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.” Besomelezwa leli themba leBhayibhile labo balele ekufeni, akukho mfuneko yokuba abafelweyo babe “buhlungu njengabanye abangenathemba bona.”—1 Tesalonika 4:13.
Khawuzame ukuba nomfanekiso-ngqondweni woko uThixo akugcinele uluntu, njengoko kutyhilwe eBhayibhileni. “Imbandezelo enkulu” esemnyango ithetha intshabalalo yale nkqubo yezinto ingendawo ekhoyo. (ISityhilelo 7:14) Abo baqhelisela unqulo lobuxoki baya kutshatyalaliswa. Ayisekho inkqubo yezobupolitika neyezorhwebo ebawayo efak’ isandla kwindlala nemfazwe. UYesu Kristu uhlabela mgama ngokufaka enzonzobileni uSathana uMtyholi, oye wabangela ukufa kwabantu abaninzi kangaka. Wandula uKristu aqalise uLawulo lwakhe lweMinyaka Eliwaka, apho athi ebudeni balo asebenzise ixabiso ledini lakhe lentlawulelo kuluntu. Abafileyo babuyela kuvuko obeluthenjiwe, yaye nokukhanya kweLizwi likaThixo kukhanya ngokuqaqambe gqitha kangangokuba iimbono zenkolo ngokufa, utshaba loluntu, azisekho. Bonke ngoko abaphilayo bafumana ithuba lokufunda ngeendlela zikaThixo baze bazivisisanise nemilinganiselo yakhe yobulungisa.—IMizekeliso 4:18; IZenzo 24:15; Hebhere 2:14, 15; ISityhilelo 18:4-8; 19:19-21; 20:1-3.
UPawulos uthi, ‘Kwandule ke ukubakho isiphelo, xa uKristu Yesu athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise. Kuba yena uyalawula ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa.’ (1 Korinte 15:24-26) Zonke iziphene ezingumphumo wesono sika-Adam azisekho. Kubakho uvavanyo lokugqibela, yaye abathandi bakaThixo bayaluphumelela ngokuthembeka. (ISityhilelo 20:4-10) Bebuyiselwe kwimfezeko, aba bantu bathobelayo bayaphila, kungekhona nje iminyaka engamashumi amabini aphindwe kathathu neshumi okanye kwanamashumi amabini aphindwe kahlanu neshumi, kodwa ngonaphakade. Esinjani sona isipho esivela kuThixo ngoNyana wakhe oyintanda!—Roma 6:23.
Ngoko ke, unokuphila ixesha elide kangakanani? Ubude bobomi bakho bunokuba ngunaphakade. Ekubeni uphila kweli “xesha lokuphela” lehlabathi, usenokungaze ufe konke konke. (Daniyeli 12:4; Yohane 11:25, 26; 17:3) Ukuba wenza ukuthanda kukaThixo, usenokuphila ungene kwihlabathi elitsha elithenjisiweyo likaThixo.—2 Petros 3:13.
Noko ke, ukuba waluphele, kufuneka usicinge ngokusengqiqweni isibakala sokuba ungafa. Ngokuqinisekileyo, ithemba lovuko lizisa uvuyo. Kodwa usenokuzibuza indlela uYehova aya kubulungiselela ngayo ubomi bentsapho kuloo nkqubo entsha yezinto. Musa ukuzixhalabisa ngemibandela enjalo, kuba uYehova uya kuqinisekisa ukuba abo bahlala bethembekile kuye bafumana ulonwabo oluhlala luhleli.
Njengokuba le “mihla yokugqibela inomngcipheko” yenkqubo engendawo kaSathana isondela esiphelweni sayo, musa ukuvumela uloyiko lokufa lukuphulukanise nelungelo lokukhonza uYehova kanye ngoku. (2 Timoti 3:1) Ukuba ulahlekelwa ngothandekayo ekufeni, zithuthuzele ngelokuba amandla okufa ngawokwexeshana. (ISityhilelo 20:13, 14) Kholosa ngethemba lovuko. Ngoko, enoba ungena kwihlabathi elitsha usindile kwimbandezelo enkulu okanye ngovuko, qiniseka ngesiqinisekiso esiphefumlelweyo sokuba ukufa, utshaba lokugqibela, luya kubhangiswa.—ISityhilelo 7:9, 14.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Izinxulumani ezilungileyo ezingamaKristu zinokumakha ngokomoya ofelweyo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukuzigcina uxakekile ekuncedeni abanye kunciphisa intlungu ebangelwa kukufa kothandekayo