Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo?
UYESU KRISTU watyholwa ngokuba ulinxila, ulidlakudla, akayigcini iSabatha, ulingqina lobuxoki, ungumnyelisi kaThixo, nokuba ungumthunywa kaSathana. Kwakhona watyholwa ngokuba uvukela igunya.—Mateyu 9:34; 11:19; 12:24; 26:65; Yohane 8:13; 9:16; 19:12.
Emva kokufa nokuvuka kukaYesu, abafundi bakhe ngokufanayo batyatyekwa ngezityholo ezinzulu. Elinye iqela lamaKristu enkulungwane yokuqala lasiwa kubalawuli besixeko ngabantu besithi: ‘Aba baliqungaqungile elimiweyo.’ (IZenzo 17:6) Ngesinye isihlandlo umpostile uPawulos neqabane lakhe uSilas basiwa kwabasemagunyeni baza batyholwa ngokuphazamisa kakhulu kwisixeko saseFilipi.—IZenzo 16:20.
Kamva uPawulos watyholwa ngokuba “sisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo” nangokuzama ‘ukuhlambela itempile.’ (IZenzo 24:5, 6) Amadoda amakhulu amaYuda awayeseRoma ayichaza ngokuchanileyo imeko yabalandeli bakaYesu xa avuma athi: “Kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.”—IZenzo 28:22.
Licacile elokuba, eli qela litsha elalisekwe nguYesu Kristu laligqalwa ngabathile njengeqela lonqulo elineembono nezenzo ezingekho ngqiqweni ezazingqubana noko kwakwamkelekile ngaloo mihla njengokuqhelekileyo entlalweni. Ngokungathandabuzekiyo, abaninzi namhlanje bebeya kuwagqala loo maKristu njengehlelo eliyingozi. Ngokufuthi abo babewatyhola yayingamalungu adumileyo nahlonelwayo ekuhlaleni, yaye oko kubonakala ukuba kwazenza zavakala ngakumbi ezo zityholo. Abaninzi babezikholelwa izityholo awayebekwa zona uYesu nabafundi bakhe. Ukanti, njengoko usenokuba uyazi, zonke ezo zityholo zazibubuxoki! Isibakala sokuba abantu babezithetha ezi zinto asithethi kuthi zaziyinyaniso.
Kuthekani namhlanje? Ngaba kuchanile ukuthi amaNgqina kaYehova aliqela lonqulo elineembono nezenzo ezingekho ngqiqweni ezingqubanayo noko kwamkeleke njengokuqhelekileyo entlalweni? Ngaba amaNgqina kaYehova alihlelo?
Oko Kuboniswa Bubungqina
Igosa laseburhulumenteni kwisixeko saseSt. Petersburg, eRashiya, lathi: “Saxelelwa ukuba amaNgqina kaYehova aluhlobo oluthile lwehlelo elingekho mthethweni nelisebenza ngokufihlakeleyo yaye abulala abantwana nawo ayazibulala.” Noko ke, kutshanje abantu baseRashiya baye bazazi ngakumbi iimpawu zokwenyaniso zamaNgqina. Emva kokusebenza namaNgqina kaYehova kwindibano yezizwe ngezizwe, eli gosa lathi: “Ngoku ndibona abantu abaqhelekileyo, abancumileyo, nabalunge ngakumbi kunabantu abaninzi endibaziyo. Banoxolo yaye bazolile, ibe bathandana gqitha.” Longezelela ngelithi: “Andisiqondi ngokwenene isizathu sokuba abantu bathethe ubuxoki obunjalo ngawo.”
AmaNgqina kaYehova akaqhubi iintlanganiso ezingokwesithethe, ibe unqulo lwawo alwenziwa emfihlekweni. Umbhali ongeloNgqina uJulia Mitchell Corbett uthi: “Xa ehlanganisana, ngokuqhelekileyo ngaphezu kwesihlandlo esinye ngeveki, kwiiHolo zoBukumkani (iindawo ahlanganisana kuzo azibizwa ngokuba ziicawa), ixesha lawo elininzi alichitha efundisisa yaye exubusha ngeBhayibhile.” Iindawo ahlanganisana kuzo zibhalwa ngamagama acacileyo. Wonk’ ubani wamkelekile kwiintlanganiso zawo yaye kumenywa wonk’ ubani ukuba abekho. Iindwendwe ebezingalindelekanga zamkeleke gqitha.
UCorbett kwincwadi yakhe ethi Religion in America wongezelela athi: “AmaNgqina adume ngokunyaniseka, ngokuba nembeko, nangokukhuthala.” Abaninzi abangengomaNgqina bayavuma ngaphandle kokuthandabuza ukuba akukho nto ingaqhelekanga okanye ixhomis’ amehlo ngamaNgqina kaYehova. Ihambo yawo ayingqubani noko kwamkeleke njengokuqhelekileyo entlalweni. IThe New Encyclopædia Britannica ichaza ngokuchanileyo ukuba amaNgqina “abambelele kumlinganiselo ophakamileyo wokuziphatha ngokobuqu.”
Umalathisi weendaba neenkqubo ezikhethekileyo kwisikhululo sikamabonwakude kwelaseUnited States wabhalela amaNgqina kaYehova ephendula ingxelo eyayithetha ngokunekhethe ngamaNgqina kwinkqubo yeendaba kamabonwakude ebizwa ngokuthi yi60 Minutes. Wathi: “Ukuba abantu abaninzi bebephila ngokokholo lwenu, eli lizwe belingenakuba kule meko likuyo ngoku. Ndingumcholacholi weendaba owaziyo ukuba intlangano yenu isekelwe kuthando nakukholo olomeleleyo kuMdali. Ndifuna nazi ukuba asingabo bonke abaCholacholi beendaba abanekhethe ngolu hlobo.”
Unqulo Olwaziwa Ngokubanzi
Ngaba kukuthetha inyaniso ukuthi amaNgqina kaYehova aliqela lonqulo elincinane elineembono ezingekho ngqiqweni? Enyanisweni, amaNgqina kaYehova ambalwa xa ethelekiswa nezinye iinkonzo. Noko ke, khumbula oko kwathethwa nguYesu: “Limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.”—Mateyu 7:13, 14.
Nakuba kunjalo, amaNgqina akalilo tu kwaphela ihlelo elincinane elineembono ezingekho ngqiqweni. Ngentlakohlaza yowe-1993, kwakukho abantu abangaphezu kwezigidi ezili-11 kwiSikhumbuzo samaNgqina sokufa kukaKristu. Kodwa okubaluleke ngaphezu kwenani lawo yimilinganiselo yawo yokuziphatha nehambo yawo engumzekelo, eye yabangela ukuba anconywe ehlabathini lonke. Ngokungathandabuzekiyo oku kuye kwafak’ isandla kumazwe apho aye amkelwa ngokusemthethweni njengonqulo olwaziwayo nolunyanisekileyo.
Okuphawulekayo sisigqibo sakutshanje esiwiswe yiNkundla YaseYurophu Ephanda NgamaLungelo Abantu. Yathi amaNgqina afanele anandiphe inkululeko yokwenza oko akucingayo, yokuthobela isazela, neyonqulo nokuba anelungelo lokuthetha ngokholo lwawo aze afundise abanye ngalo. Le nkundla ibingasoze ithethe ngolo hlobo ukuba amaNgqina kaYehova ebesaziwa njengasebenzisa iindlela zokukhohlisa nezingcolileyo zokufuna amalungu okanye ukuba ebesebenzisa iindlela zobuqhinga ukuze alawule iingqondo zabalandeli bawo.
Abantu abaninzi ehlabathini jikelele bawazi kakuhle amaNgqina kaYehova. Kwizigidi ezingengomaNgqina ezifundisisa iBhayibhile namaNgqina okanye eziye zafundisisa nawo ngaxa lithile, sibuza oku, Ngaba akho amalinge awenziwayo okulawula iingqondo zenu? Ngaba amaNgqina ayesebenzisa iindlela ezithile zokulawula iingqondo zenu? Ngokungathandabuzekiyo impendulo yenu enyanisekileyo iya kuthi “hayi.” Licacile elokuba, ukuba ebesebenzisa ezi ndlela, bekuya kubakho amaxhoba amaninzi ebeza kuphikisa nayiphi na ingxelo entle ngamaNgqina kaYehova.
‘Abandakanyeke Ngokunzulu Ekuncedeni Abanye’
Ngokufuthi amalungu ehlelo ayazahlula kwintsapho, kubahlobo, kwanakwibutho labantu ngokubanzi. Ngaba anjalo amaNgqina kaYehova? Omnye umcholacholi weendaba kwiRiphabliki yaseCzech wabhala wathi: “AndiloNgqina likaYehova.” Kodwa wongezelela wathi: “Kucacile ukuba [amaNgqina kaYehova] anomlinganiselo wokuziphatha obalaseleyo. . . . Ayawahlonela amagunya karhulumente kodwa akholelwa ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obunokukwazi ukucombulula zonke iingxaki zabantu. Kodwa phawula—akananzondelelo yampambano. Angabantu ababandakanyeke ngokunzulu ekuncedeni abanye.”
Yaye akahlali odwa kwimimandla ethile, ezahlula kwizalamane nakwabanye abantu. AmaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba yimbopheleleko yawo engokweZibhalo ukuthanda nokunyamekela iintsapho zawo. Ahlala yaye asebenza nabantu bazo zonke iintlanga neenkonzo. Xa kusehla iintlekele, ayakhawuleza ukuthumela izinto zokunceda nokunikela olunye uncedo olubonakalisa ulwazelelelo.
Okubaluleke ngakumbi kukuba, abandakanyeke kwinkqubo yokufundisa engenakuthelekiswa nanto. Zingaphi iinkonzo ezinenkqubo elungiselelweyo yokutyelela ngokobuqu bonke abantu kwiindawo abahlala kuzo? AmaNgqina kaYehova ayakwenza oku kumazwe angaphezu kwama-200 yaye akwenza ngeelwimi ezingaphezu kwama-200! Ngokucacileyo, amaNgqina kaYehova ‘abandakanyeke ngokunzulu ekuncedeni abanye.’
Ukuthobela IBhayibhile Ngokungqongqo
Kuyavunywa ukuba, iimfundiso zamaNgqina kaYehova zahlukile kwezo zifundiswa ziicawa. AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba uYehova nguThixo usomandla nokuba uYesu nguNyana wakhe, abayonxalenye yothixo oneziqu ezithathu. Ukholo lwawo lusekelwe kwinkolelo yokuba buBukumkani bukaThixo kuphela obunokuphelisa ukubandezeleka kwabantu. Alumkisa abantu ngentshabalalo esondelayo yale nkqubo yezinto yonakeleyo. Ashumayela ngedinga likaThixo lomhlaba oyiparadisi kuluntu oluthobelayo. Akawunquli umnqamlezo. Akayibhiyozeli iKrismesi. Akholelwa ukuba umphefumlo uyafa nokuba akukho sihogo somlilo. Akasoze alitye igazi, okanye amkele utofelo-gazi. Ayazinxwema ekubandakanyekeni kwezobupolitika nasekulweni emfazweni. Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba iimfundiso zamaNgqina kaYehova zahluke kangaka?
Iphephandaba laseMassachusetts, iDaily Hampshire Gazette, lichaza ukuba amaNgqina kaYehova ngenxa yokuba “ethobela ngokungqongqo iBhayibhile akazenzi izinto ezininzi abanye abacingela ukuba zifanelekile . . . , konke oko akwenza ngenxa yokuba efuna ukulandela umzekelo wamaKristu enkulungwane yokuqala nokuthobela iBhayibhile.” IThe Encyclopedia of Religion iyavuma ukuba “konke akukholelwayo kusekelwe eBhayibhileni. ‘Anikela ubungqina ngendinyana’ (oko kukuthi, acaphula eBhayibhileni ukuze axhase) phantse kuyo nayiphi na into ayithethayo ngokholo, alamkela ngokungathandabuziyo igunya leBhayibhile, eliyithabatha ngokupheleleyo indawo yesithethe.” Incwadi ethi Religion in America ithi: “Eli qela alizange likuthandabuze ukunikela ingqalelo kufundisiso lweBhayibhile, yaye iimfundiso zalo zixhaswa yinkqubo ecetywe ngenyameko yokubhekisela esibhalweni.”
Ngubani Inkokeli Yawo?
Ngokungqalileyo kungenxa yoku kubambelela kwawo ngokusondeleyo kwiimfundiso zeBhayibhile okubangele ukuba ukuhlonelwa nokunqulwa kweenkokeli ezingabantu okuxhaphakileyo kumahlelo namhlanje kungabikho phakathi kwamaNgqina kaYehova. Ayayichasa ingcamango yokwahlulwa kwamarhamente kubefundisi. IThe Encyclopedia of Religion ngokucacileyo ithetha oku ngamaNgqina kaYehova: “Udidi lwabefundisi nezibizo ezikhethekileyo azivumelekanga.”
Alandela uYesu Kristu njengeNkokeli yawo nanjengeNtloko yebandla lamaKristu. YayinguYesu owathi: “Maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.”—Mateyu 23:8-12.
Kucacile ukuba amaNgqina kaYehova akalilo tu kwaphela ihlelo njengoko uYesu wayengelilo idlakudla nenxila. Kuyavunywa ukuba, asinguye wonk’ ubani owaphenjelelwa bubuxoki obabuthethwa ngoYesu nangabafundi bakhe owabanjiswa ngumgibe wokuba amnyelise. Bambi kusenokuba babekhohlisiwe. Ukuba unemibuzo ngamaNgqina kaYehova nangeenkolelo zawo, kutheni ungazami ukuwazi ngakumbi? Iingcango zeeHolo zawo zoBukumkani zivuleke genge kubo bonke abafuna inyaniso.
Nawe unokungenelwa kuphando lwawo olucokisekileyo lokufuna ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile uze ufunde indlela yokunqula uThixo ngokuvisisana namazwi kaYesu: “Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.”—Yohane 4:23.