Icawa Eyahluleleneyo—Ngaba Inokuphumelela?
“BONKE abo bathi banenyaniso esindisayo kaKristu bangamalungu eCawa ebonakalayo. Iiyantlukwano ezikhoyo kwiNgqobhoko—phakathi kweecawa zaseMpuma nezaseNtshona naphakathi kwezaseRoma nezoHlaziyo—ziiyantlukwano kwiCawa enye.” (Christians in Communion) Leyo yindlela omnye umbhali abujonga ngayo ubuKristu—ubujonga njengentsapho yeenkonzo eziintsali, zonke ezithi zikholelwa kuYesu Kristu.
Noko ke, buyintsapho eyahluleleneyo, eneenkolelo nemilinganiselo yokuziphatha engqubanayo. Omnye umakhi-mkhanya uthi: “UbuKristu banamhlanje . . . imilinganiselo yokuba lilungu lecawa yabo iphantsi yogqithwa nayeyokukhwela kuduladula.” Ngoko, sinokuthi injani imeko yabo yokomoya? Ubhishophu wamaKatolika uBasil Butler ugqiba kwelithi: “UbuKristu obahluleleneyo bugulel’ ukufa.” (The Church and Unity) Kwaqala njani oku kugula? Ngaba likho ithemba lokuba boze buphile?
“Umchasi-mthetho”
Umpostile uPawulos walumkisa esithi kuya kuvela ukungamanyani. AmaKristu aseTesalonika awayecinga ukuba ubukho bukaKristu babusemnyango, wawabhalela oku: “Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona [imini kaYehova], lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono [“umchasi-mthetho,” NW], unyana wotshabalalo.”—2 Tesalonika 2:3.
Lo “mchasi-mthetho” wangenisa uwexuko nemvukelo kwibandla lamaKristu. Ungubani yena? Asingomntu umnye kodwa, kunoko, ludidi lwabefundisi beNgqobhoko. Olu didi lwaye lwaziphakamisa phezu kwebandla eliwexukileyo malunga nasemva kokufa kwabapostile bakaYesu laza ekugqibeleni lafundisa iintanda-bulumko zobuhedeni, ezinjengoBathathu Emnye nokungafi komphefumlo womntu. (IZenzo 20:29, 30; 2 Petros 2:1-3) Kanye njengentsholongwane ebulalayo, lwasulela ibandla labo bathi bangamaKristu ngeengcamango eziphefumlelwe ziidemon ezaziya kuthi ngokungaphephekiyo zikhokelele ekungamanyanini.—Galati 5:7-10.
Esi sifo sasulelayo sasisele siqalisile ngomhla wompostile uPawulos. Wabhala: “Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.” (2 Tesalonika 2:7) Abapostile babeyibambezela ityhefu yabawexuki. Xa impembelelo yabo emanyanisayo yasuswayo, uwexuko olwalungasenambambezeli lwanda okwesilonda esiqhenqethayo.—1 Timoti 4:1-3; 2 Timoti 2:16-18.
Imisebenzi yalo “mchasi-mthetho” iqhubeka ingathintelwa. Kwenye ingxelo yakutshanje “engengxuba-kaxaka yesini nezakwalizwi ecaweni,” omnye umdikoni omkhulu weCawa yamaTshetshi kucatshulwe amazwi akhe ekhalaza esithi: “Ikhwelo eliye lahlatywa kubefundisi lokuba bahlukane nokuzifica ngesini nabantu abangatshatanga nabo likhatywa ngaw’ omane. Abo baqhelisela ubufanasini bayamiselwa. Okuhle bakwenze okubi nokubi bakwenza okuhle.”—The Sunday Times Magazine, London, November 22, 1992.
Ingqolowa Nomdiza
UYesu Kristu wafundisa ukuba ubuKristu babuza kukhe buduke okwexeshana. Wathi ukumiselwa kwebandla lamaKristu kwakufana nendoda ehlwayela imbewu entle entsimini yayo. Kodwa, uYesu wathi, ‘lwafika utshaba lwayo, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa.’ Xa abakhonzi bayo babuzayo enoba bangazama ukuluncothula olo khula kusini na, umnini-ntsimi wathi: “Hayi, hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo.” Le ngxubevange yengqolowa nomdiza yayiza kuqhubeka ixesha elingakanani? Umnini-ntsimi wathi: “Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni.”—Mateyu 13:25, 29, 30.
Kude “kube sekuvuneni,” okanye ixesha lokwahlula ebudeni bemihla yokugqibela ‘yokupheliswa kwephakade eli,’ amaKristu enkohliso ebekhula ecaleni kwamaKristu okwenyaniso. (Mateyu 28:20) USathana uMtyholi wasebenzisa abawexuki ukwakha ibandla elonakeleyo nelahluleleneyo lamaKristu enkohliso. (Mateyu 13:36-39) Bavelisa isiyelelane esilihlazo sobuKristu bokwenyaniso. (2 Korinte 11:3, 13-15; Kolose 2:8) Njengokuba icawa yayiqhekeka ebudeni beenkulungwane, kwaya kusiba nzima ngokwandayo ukufanisa amaKristu okwenyaniso.
Amahlelo Amatsha
Kutshanje, iThe Testing of the Churches—1932-1982 ithi, “kuvele amahlelo amatsha, ngokukodwa iicawa zomoya, ezigxininisa kukholo lomntu siqu noko abe namava ako.” Okubangel’ umdla kukuba abanye bazijonga iicawa zabazelwe ngokutsha nezomoya njengomqondiso wokuchacha ngokomoya kunokuba bazijonge njengamahlelo amatsha. Ngokomzekelo, ngeminyaka yee-1850 kwabakho uvuselelo olunjalo kuMntla Ireland. Abantu babesele belindele lukhulu. Enye ingxelo yachaza “ngomanyano lobuzalwana . . . phakathi kwabefundisi bamaRhabe, bamaWesile nabamahlelo amaTshetshi” yaza yathi “mihla le kwakubaliswa amabali amatsha okuba semoyeni, imilaliso, imibono, amaphupha nemimangaliso.”—Religious Revivals.
Abaninzi bazijonga ezi zehlo ziphawulekayo njengobungqina bokuba umoya kaThixo uyasebenza ukuvuselela icawa yakhe. Omnye umakhi-mkhanya wathi: “Icawa kaThixo, izigobh’ amacala icinga ukuba ivuselelwe.” Noko ke, nangona oku kuvuselelwa kwaye kwathiwa “kokuzukileyo nokungenakulinganiswa nanto kwimbali yonqulo yaseUlster,” oku kuvuselelwa nokunye okufana nako akuvelisanga umanyano olungokonqulo phakathi kwabo bathi bazelwe kwakhona ngokomoya.
Bona bathi bamanyene kwizinto ezisisiseko. Kodwa le nto bayithethayo iyafana naleyo ithethwa yiNgqobhoko iphela, ezingxengxezela ngelokuba “into emanyanisa amaKristu ibaluleke kakhulu kunezinto ezisawahlulayo.” (The Church and Unity) INgqobhoko ithi: “Umanyano lwethu olusisiseko phakathi kwethu namanye amaKristu luxhomekeke kubhaptizo lukaKristu.” (Christians in Communion) Noko ke, ukuthi amahlelo akabalulekanga ngenxa yokuba bonke bekholelwa kuYesu, kufana nokuthi umhlaza awuyongxaki lo gama nje intliziyo yakho isaphilile.
Inyaniso ikukuba ezi nkonzo zanamhlanje zongezelele ukudideka zaza zavelisa isiphithiphithi sokomoya njengokuba abafundisi abanobuchule beziqokelelela abalandeli. UJim Jones noDavid Koresh bayimizekelo yakutshanje yeenkokeli zokomoya ezalahlekisa amawakawaka abantu. (Mateyu 15:14) Omnye umfundisi wamaBhaptizi ulilungu eliphambili leQela Elimela Ukongama Kwabamhlophe. Uhlobanisa iphulo lakhe lokumela ukongama kwabamhlophe nokuvuselelwa konqulo ibe uthi abo banenxaxheba kulo baya “kunikwa amandla obuthixo, banikwe nenkalipho yaLowo wafela eKhalvari [uYesu Kristu].”
Kuthekani ngemimangaliso, imisebenzi yamandla nemiqondiso ekuthiwa yenziwa egameni likaYesu? Khumbula isilumkiso esingqongqo sikaYesu Kristu sokuba, asingabo banela nje ukuthi “Nkosi, Nkosi” akholiswayo ngabo, kodwa, kunoko, ‘ngabakwenzayo ukuthanda kukaYise.’ Abaninzi namhlanje abazi negama eli likaYise, elinguYehova. UYesu walumkisa ngabo babeza ‘kukhupha iidemon egameni lakhe, benze imisebenzi yamandla egameni lakhe’ ukanti ‘bangabenzi bokuchasene nomthetho.’—Mateyu 7:21-23.
“Phumani Kuyo Bantu Bam”
Injani imeko yomguli oyiNgqobhoko? Inkenenkene. Ngoko, ngaba sifanele sithabathe icebiso lobhishophu wamaKatolika uButler, lokuba “sithelele [icawa] singabangeli isiphithiphithi esingakumbi kodwa sifak’ isandla ‘ekuhlanjululweni’ kwayo okuqhubekayo siphakathi kuyo”? Hayi khona! INgqobhoko eyahluleleneyo neziintlabazahlukane ayisokuze iphumelele. (Marko 3:24, 25) Iyinxalenye yobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki obubizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu. (ISityhilelo 18:2, 3) Le nkqubo yonqulo inetyala legazi ijamelene nentshabalaliso kaThixo esemnyango.
IBhayibhile ayitsho ukuba amaKristu okwenyaniso makahlale phakathi kule ntlangano yonqulo yonakeleyo aze azame ukuyihlaziya engaphakathi kuyo. Kunoko, ibongoza isithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo. Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.”—ISityhilelo 18:4, 5.
“Phumani” niye phi? Khumbula, uYesu wathembisa ukuba ngexesha lokuvuna, amaKristu okwenyaniso ayeya kuhlanganiswa kwakhona amanyane ehlabathini lonke. Kwakhona umprofeti uMika waxela kwangaphambili ngokuhlanganiswa kwakhona okunjalo ngala mazwi: “Ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane.” (Mika 2:12) Ngaba kwenzekile oku?
Ewe! ngoku amaKristu okwenyaniso ahlanganiselwa kubuzalwana bazwenibanzi emhlabeni wonke. Angoobani? Libandla lamaKristu lamaNgqina kaYehova, avakalisa ngokumanyeneyo iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kumazwe angama-231. Azikhabe ngaw’ omane iimfundiso zeNgqobhoko ezibangela amahlelo aza afuna ukunqula uThixo ngokuvisisana nenyaniso yeLizwi lakhe.—Yohane 8:31, 32; 17:17.
Umenywa ngokufudumeleyo ukuba uthethe nawo. Ukuba ufuna ukwazi ngakumbi ngamaNgqina kaYehova, nceda uqhagamshelane nawo ekuhlaleni okanye usebenzise ikhelingi efanelekileyo ekwiphepha 2 leli phephancwadi.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
“Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo”