Lukho Unqulo Olunye LwamaKristu Lokwenyaniso
UYESU KRISTU waseka icawa, okanye ibandla elinye kuphela. Elo yayilibandla lokomoya, intsapho engokomoya. Ngala mazwi sithetha ukuba apha kwakuhlanganisana abantu ababekhethwe ngumoya oyingcwele kaThixo—bonke begqalwa nguThixo ‘njengabantwana’ bakhe.—Roma 8:16, 17; Galati 3:26.
UYesu wafundisa ukuba uThixo wasebenzisa indlela enye kuphela ukwalathisa abantu ukuze bazuze inyaniso nobomi. Ezama ukukhanyisa loo nyaniso ibalulekileyo, uYesu wafanisa ikhondo elisa kubomi obungunaphakade nendlela. Wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.”—Mateyu 7:13, 14; Yohane 14:6; IZenzo 4:11, 12.
Ibandla Elimanyanisiweyo
IThe New Dictionary of Theology ithi asifanele sicinge ngelo bandla lenkulungwane yokuqala ‘njengebandla lomhlaba wonke, elinocwangco, eliquka iintlanga zonke nelimanyeneyo njengokuba sisitsho namhlanje xa sithetha ngecawa yamakatolika.’ Kutheni kungenjalo nje? Ithi: “Ngokulula nje, ngenxa yokuba ibandla elinocwangco nelimanyene ngolo hlobo alizange libekho.”
Akukho mntu unokulikhanyela elokuba ibandla lamaKristu okuqala alifani nakancinane neecawa zanamhlanje. Kodwa lalinocwangco. Bandla ngalinye lalingenz’ unothanda. Onke ayethobela igunya lequmrhu elilawulayo elaliseYerusalem. Elo qumrhu—elaliyilwe ngabapostile namadoda amakhulu ebandla laseYerusalem—lanceda ekumanyaniseni ibandla ‘njengomzimba omnye’ kaKristu.—Efese 4:4, 11-16; IZenzo 15:22-31; 16:4, 5.
Kwenzeka ntoni kwelo bandla linye lokwenyaniso? Ngaba laba yiCawa enkulu yamaKatolika? Ngaba laqhekeka laziimvaba ngeemvaba zecawa yamaProtestanti esizibonayo namhlanje? Okanye laphelela phi ke?
‘Ingqolowa Nokhula’
Ukuze siphenduleke, makhe siqwalasele ngenyameko oko uYesu Kristu wathi kwakuza kwenzeka. Usenokothuka kukufumanisa ukuba uYesu wayeyilindele into yokufihlakala kwebandla lakhe yaye wayeza kuvumela ukuba loo meko imaxongo iqhubeke kangangeenkulungwane.
Efanisa ibandla lakhe “nobukumkani bamazulu” wathi: “Ubukumkani bamazulu bufaniswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kwathi ke xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. Lithe ke lakuhluma ikhaba laza lavelisa isiqhamo, lwandula ke ukubonakala nokhula. Ngoko amakhoboka omnini-ndlu eza athi kuye, ‘Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle na entsimini yakho? Kwenzeka njani, ngoko, ukuba kubekho ukhula?’ Wathi kuwo, ‘Ngumntu olutshaba owenze oku.’ Athi kuye, ‘Ngoko, ngaba ufuna siye kuluqokelela?’ Wathi, ‘Hayi; hleze nithi, xa niqokelela ukhula, suke nincothule nengqolowa. Yekani kukhule kokubini ndawonye de kube sekuvuneni; yaye ngexesha lokuvuna ndothi kubavuni, Qokelelani ukhula kuqala, nilubophe lube zizithungu ukuze nilutshise, nandule ke nihlanganisele ingqolowa kuvimba wam.’”—Mateyu 13:24-30.
Ecacisa lo mzekeliso, uYesu wathi yena ‘ungumhlwayeli.’ “Imbewu entle” yayifanekisela abafundi bakhe bokwenyaniso. “Utshaba” lwakhe yayinguSathana uMtyholi. “Ukhula” ngamaKristu obuxoki awangena ngokunyebelezela kwibandla lamaKristu lamandulo. Wathi wayeya kuvumela ukuba “ingqolowa” ikhule ndawonye ‘nokhula’ kude kube “sekuvuneni,” nto leyo eya kwenzeka ‘ekuphelisweni kwenkqubo yezinto.’ (Mateyu 13:37-43) Oku kwakuthetha ntoni?
Ukonakaliswa Kwebandla LamaKristu
Kungekudala emva kokufa kwabapostile, abafundisi abangabawexuki ababephakathi ebandleni baqalisa ukulilawula. Bathetha ‘izinto ezijijekileyo ukuze babatsale abafundi emva kwabo.’ (IZenzo 20:29, 30) Ngenxa yoku, amaKristu amaninzi ‘aphambuka elukholweni.’ ‘Aphambukela kumabali obuxoki.’—1 Timoti 4:1-3; 2 Timoti 4:3, 4.
IThe New Dictionary of Theology ithi, ngenkulungwane yesine yeXesha Eliqhelekileyo “ubuKristu bamaKatolika baba lunqulo olusemthethweni . . . kuBukhosi bamaRoma.” Kwabakho “umanyano phakathi kwecawa nebutho labantu”—ukuhlanganiswa kweCawa noRhulumente nto leyo eyayichasene ngokupheleleyo neenkolelo zamaKristu amandulo. (Yohane 17:16; Yakobi 4:4) Kwale ncwadi ithi ekuhambeni kwexesha, indlela icawa eyayibunjwe ngayo nayo yonke inkqubo yayo, kunye neenkolelo zayo ezisisiseko, zaguquka ngokupheleleyo “ngenxa yempembelelo engaqhelekanga nengafanelekanga yokuhlanganiswa kweTestamente Endala neengcamango zikaPlato.” Njengokuba uYesu Kristu wayekuxele kusengaphambili oku, abafundi bakhe bokwenyaniso bagqunyelelwa kukwanda kwamaKristu obuxoki.
UYesu wayethetha nabantu ababesazi indlela ekunzima ngayo ukwahlula phakathi kwengqolowa nokhula, njengokhula oluyityhefu, olukhangeleka njengengqolowa xa lukhula. Ngoko ke, uYesu wayebonisa ukuba kangangethuba elithile, kwakuza kuba nzima ukwahlula phakathi kwamaKristu okwenyaniso naloo ngxubevange yabawexuki. Oku akuthethi kuthi ibandla lamaKristu laphela, kuba uYesu wayethembise ukuba wayeya kuqhubeka ebalathisa abazalwana bakhe bokomoya “yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:20) UYesu wathi ingqolowa yayiya kuqhubeka ikhula. Sekunjalo, ekuhambeni kweenkulungwane, amaKristu okwenyaniso—mntu ngamnye okanye njengeqela—enza konke okusemandleni ukuze abambelele kwiimfundiso zikaKristu. Kodwa ayengeloqumrhu, okanye intlangano ebonakala ngokucacileyo. Ngokuqinisekileyo ayengafani nenkqubo yonqulo lwabawexuki eye yalihlazisa yaza yalingcolisa igama likaYesu Kristu ukutyhubela imbali.—2 Petros 2:1, 2.
‘Uyatyhileka Umchasi-mthetho’
Umpostile uPawulos wayixela kusengaphambili enye into eyayiya kubonakala ngayo le nkqubo yonqulo lobuxoki. Wathi: “Makungabikho namnye unilukuhlayo nangaluphi na uhlobo, ngenxa yokuba [imini kaYehova] ayiyi kuza ngaphandle kokuba kufike uwexuko kuqala, atyhileke umchasi-mthetho, unyana wentshabalalo.” (2 Tesalonika 2:2-4) Lo “mchasi-mthetho” ludidi lwabefundisi oluye lwaziphakamisa lwaza lwakwizikhundla zokulawula kwibandla “lamaKristu.”a
Uwexuko lwaqala ngomhla kampostile uPawulos. Lwathabath’ unyawo bakuba nje befile abapostile kungasekho namntu uluthintelayo. UPawulos wathi, uwexuko lwaluya kubonakaliswa ‘yimisebenzi yamandla kaSathana nemiqondiso yobuxoki nemihlola nayo yonke inkohliso engeyoyabulungisa.’ (2 Tesalonika 2:6-12) Hayi indlela loo mazwi azichaza kakuhle ngayo izinto ebezisenziwa ziinkokeli ezininzi zonqulo ukutyhubela imbali!
Zixhasa ibango lazo lokuthi amaRoma Katolika kuphela kwecawa yokwenyaniso, iinkokeli zamaKatolika zithi oobhishophu bazo “bangamalandela abapostile bokuqala.” Enyanisweni, ibango lokuba ngamalandela abapostile alixhaswa yimbali okanye ziZibhalo. Akukho bungqina bubambekayo bokuba inkqubo yecawa eyaqalisa emva kokufa kukaYesu nabapostile bakhe yakhe yayikhokelwa ngumoya kaThixo oyingcwele.—Roma 8:9; Galati 5:19-21.
Yaye kuthekani ngezinye iicawa ezaqala ukubakho ngexesha ekuthiwa leloHlaziyo? Ngaba zabuyela kwinkqubo yebandla lokuqala lamaKristu? Ngaba zabubuyisela ubunyulu bebandla lamaKristu lamandulo? Liyinyaniso elokuba emva koHlaziyo, iBhayibhile yafumaneka kubantu abaninzi abaqhelekileyo ngeelwimi zabo. Sekunjalo, imbali ibonisa ukuba ezi cawa zaqhubeka zifundisa iimfundiso zobuxoki.b—Mateyu 15:7-9.
Noko ke, phawula oku. UYesu Kristu walitsolisa elokuba ibandla lakhe elinye lokwenyaniso laliya kuphinda libekho ngexesha awalibiza ngokuthi sisiphelo senkqubo yezinto. (Mateyu 13:30, 39) Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba ngoku siphila kanye kwelo xesha. (Mateyu 24:3-35) Ekubeni oko kunjalo, ngamnye kuthi ufanele azibuze, ‘Yiyiphi loo cawa inye yokwenyaniso?’ Ifanele icace okwekati emhlophe ehlungwini.
Mhlawumbi uvakalelwa kukuba sele uyifumene loo cawa, okanye elo bandla. Kubalulekile ukuba uqinisekise. Ngoba? Ngenxa yokuba, njengokuba kwakunjalo ngenkulungwane yokuqala, inye kuphela icawa yokwenyaniso. Ngaba ukhe wazipha ixesha lokuqinisekisa ukuba icawa yakho iyilandela ngokusondeleyo inkqubo eyamiselwa libandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala yaye ibambelela ngokunyaniseka kwiimfundiso zikaYesu Kristu? Kutheni oku ungakuhlolisisi nje ngoku? AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukunceda ukuba wenze kanye loo nto.—IZenzo 17:11.
[Imibhalo esemazantsi]
a Inkcazelo engakumbi ‘ngomchasi-mthetho’ inokufunyanwa kwiMboniselo, kaFebruwari 1, 1990, iphepha 10-14.
b Bona isahluko esithi “Uhlaziyo—Iphulo Elazisa Inguqulelo” kwincwadi ethi Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo, iphepha 306-28, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Umzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula usifundisa ntoni ngebandla lokwenyaniso?
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ngaba icawa yakho iyilandela ngokusondeleyo inkqubo eyamiselwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala ngokushumayela nangokufundisisa?