Intlanganiso Yonyaka
OKTOBHA 1, 1994
INTLANGANISO YONYAKA yamalungu eWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania iya kuqhutywa ngo-Oktobha 1, 1994, kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova, e-2932 Kennedy Boulevard, kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey. Intlanganiso yokuqala yamalungu kuphela iya kuqhutywa nge-9:30 kusasa, kuze kulandele intlanganiso yonyaka kawonke wonke ngeye-10:00 kusasa.
Amalungu oMbutho afanele kwangoku azise iOfisi kaNobhala ngako nakuphi na ukuguquka kweekhelingi zawo ebudeni bonyaka ophelileyo ukuze iileta ezithe rhoqo zesaziso nezigunyazisa ukuvotelwa ngomnye zikwazi ukufika ebudeni bukaJulayi.
Iincwadi ezigunyazisa ukuvotelwa ngomnye, eziya kuthunyelwa kumalungu kunye nesaziso sentlanganiso yonyaka, kufuneka zibuyiselwe ukuze zifike kwiOfisi kaNobhala woMbutho kungekhona ngemva kuka-Agasti 1. Lungu ngalinye lifanele lizalise lize libuyisele uxwebhu lokugunyazisa ukuvotelwa ngomnye ngokukhawuleza, lichaza enoba liya kubakho ngokobuqu kwintlanganiso okanye aliyi kubakho kusini na. Inkcazelo enikelwe kuxwebhu olugunyazisa ukuvotelwa ngomnye kufuneka icace kule ngongoma, ekubeni kuya kuxhonyekekwa kuyo ekuboneni kwangaphambili abo baya kubakho ngokobuqu.
Kulindeleke ukuba lonke olu cwangciso, kuquka intlanganiso neengxelo ezingokwasemthethweni, luya kuqukunjelwa ngeyoku-1:00 emva kwemini okanye kamsinya emva koko. Akuyi kubakho cwangciso lwasemva kwemini. Ngenxa yokungabi nandawo yaneleyo, kuya kungenwa ngamatikiti kuphela. Akuyi kubakho malungiselelo aya kwenziwa aya kunxibelelanisa ngemfonomfono intlanganiso yonyaka nezinye iiholo.