IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w00 7/1 iphe. 30
  • Intlanganiso Yonyaka Ngo-Oktobha 7, 2000

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intlanganiso Yonyaka Ngo-Oktobha 7, 2000
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Intlanganiso Yonyaka Ngo-Oktobha 7, 2000
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Intlanganiso Yonyaka Ngo-oktobha 4, 1997
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Intlanganiso Yonyaka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Intlanganiso Yonyaka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
w00 7/1 iphe. 30

Intlanganiso Yonyaka Ngo-Oktobha 7, 2000

INTLANGANISO YONYAKA yamalungu eWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania iya kuqhutywa ngo-Oktobha 7, 2000, kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova, e-2932 Kennedy Boulevard, kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey. Intlanganiso yokuqala yamalungu kuphela iya kuqhutywa ngo-9:15 kusasa, kuze kulandele intlanganiso yonyaka kawonke-wonke ngeye-10:00 kusasa.

Amalungu ombutho afanele azise iOfisi kaNobhala kwangoku ngako nakuphi na ukuguquka kweekhelingi zawo ebudeni bonyaka ophelileyo ukuze iileta ezithe rhoqo zezaziso kunye namaxwebhu agunyazisa ukuvotelwa ngomnye zikwazi ukufika kuwo ebudeni bukaJulayi.

Amaxwebhu agunyazisa ukuvotelwa ngomnye, aya kuthunyelwa kumalungu kunye nesaziso sentlanganiso yonyaka, kufuneka abuyiselwe ukuze afike kwiOfisi kaNobhala woMbutho kungekhona ngemva kuka-Agasti 1. Lungu ngalinye lifanele lizalise lize libuyisele uxwebhu lokugunyazisa ukuvotelwa ngomnye ngokukhawuleza, lichaza enoba liya kubakho ngokobuqu kwintlanganiso okanye aliyi kubakho kusini na. Inkcazelo enikelwe kuxwebhu olugunyazisa ukuvotelwa ngomnye kufuneka icace kule ngongoma, ekubeni kuya kuxhonyekekwa kuyo ukubona kwangaphambili abo baya kubakho ngokobuqu.

Kulindeleke ukuba lonke olu cwangciso, kuquka intlanganiso neengxelo ezingokwasemthethweni, luya kuqukunjelwa ngeyoku-1:00 emva kwemini okanye kamsinya emva koko. Akuyi kubakho cwangciso lwasemva kwemini. Ngenxa yokungabi nandawo yaneleyo, kuya kungenwa ngamatikiti kuphela. Akuyi kubakho malungiselelo aya kwenziwa aya kunxibelelanisa ngomnxeba intlanganiso yonyaka nezinye iiholo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share