Kutheni Ihlabathi Ligutyungelwe Luloyiko?
NGUBANI ofuna ukuhlala esoyika? Umntu oqhelekileyo unqwenela ukunqabiseka, kungekho nto isongela ubomi bakhe okanye izinto anazo. Ngenxa yoko, abaninzi bayayishiya imimandla ezaliswe lulwaphulo-mthetho. Ukanti, izinto ezibangela uloyiko zikho kuyo yonke indawo.
Iingozi zezixhobo zenyukliya nezezixhobo zokwenza amandla enyukliya zibangela uloyiko lokutshatyalaliswa koluntu. Ukwanda okukhulu kogonyamelo kubangela uloyiko. Abaninzi banoloyiko lokuba uGawulayo uya kuba ngoyena bhubhani wesifo esasulelayo kule nkulungwane. Ukutshatyalaliswa kwemekobume ngomnye woonobangela boloyiko. Ngaba olu loyiko lunentsingiselo ekhethekileyo? Yaye ngaba singaze sibe nethemba lokuphila kwihlabathi elingenalo uloyiko olunjalo?
Intsingiselo Yoloyiko Lwehlabathi Lonke
Uloyiko lwanamhlanje olusasazekileyo lunentsingiselo ngenxa yoko kwaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni. Kwisiprofeto sakhe esingemihla yokugqibela, uYesu Kristu wakhankanya iimeko ezaziya kubangela uloyiko. Wathi: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.” Kwakhona uYesu wathetha ‘ngokwanda kokuchasa umthetho.’ Ukususela ngowe-1914, iimfazwe, iindlala, iinyikima zomhlaba, nokuchasa umthetho okungenakulinganiswa kuye kwakhokelela kuloyiko nasekufeni okugqithiseleyo.—Mateyu 24:7-14.
Kwanezimo zengqondo zabantu ziyalwandisa uloyiko olukhoyo namhlanje. Kweyesi-2 kuTimoti 3:1-4, sifunda amazwi angokwesiprofeto ompostile uPawulos: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.” Ekubeni sijikelezwe ngabantu abanjalo kule mihla yokugqibela, ayimangalisi into yokuba kukho uloyiko olungaka!
Oko Kunokulindelwa Leli Hlabathi
Eli xesha uYesu walifanisa nemihla yokugqibela yehlabathi lexesha likaNowa. Ngokungathandabuzekiyo, uloyiko lwalulukhulu ngoko kuba ingxelo yembali yeBhayibhile ithi: “Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.” Ngenxa yoko, “Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo.” (Genesis 6:11, 13) Elo hlabathi lingendawo lalinogonyamelo kangangokuba uThixo waliphelisa ngoNogumbe. Noko ke, ngenxa yothando lwakhe, uYehova uThixo wamlondoloza uNowa olilungisa nentsapho yakhe.—2 Petros 2:5.
Ngoko ke, yintoni enokulindelwa leli hlabathi lanamhlanje linogonyamelo? Kaloku, uThixo uluthiyile ugonyamelo lokungayikhathaleli intlalo-ntle yabanye. Oku kucaciswa ngamazwi omdumisi athi: “UYehova uyalicikida ilungisa; ke yena ongendawo nothanda ukugonyamela, umthiyile umphefumlo wakhe.” (INdumiso 11:5) UYehova waliphelisa ihlabathi lomhla kaNowa elalinogonyamelo. Ngoko ke, ngaba asifanele silindele ukuba uThixo aliphelise eli hlabathi lizaliswe lugonyamelo olubangela uloyiko?
Umpostile uPetros waphefumlelwa nguThixo ukuba athethe ngobukho bukaKristu nokuba aprofete ngentlekele yehlabathi lanamhlanje elingendawo. Wabhala: “Kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.” Wandula ke uPetros wasebenzisa igama elithi “izulu” ukufanekisela inkqubo yolawulo lwabantu engafezekanga negama “umhlaba” ukubonakalisa ibutho loluntu elingendawo. Wathi: “Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo; elathi ngezo zinto ihlabathi lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala. Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.”—2 Petros 3:3-7.
Ngendlela efanayo, uPawulos wabonisa ukuba uKristu nezithunywa zakhe ezinamandla babeya kuzisa ‘impindezelo kwabangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu; bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo.’ (2 Tesalonika 1:6-9) Incwadi yokugqibela yeBhayibhile ithetha ngokuhlanganiselwa kweentlanga ‘kwimfazwe yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla’ yaye isiqinisekisa ukuba uYehova uya ‘kubonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18; 16:14-16.
Ixesha Lokuvuya, Kungekhona Elokoyika
Kunokuba boyikiswe koko iBhayibhile ikuxele kwangaphambili ngeli hlabathi, abantu abathe tye banesizathu sokuvuya. Kungekudala uYehova uya kuliphelisa eli hlabathi lingendawo, kodwa oku kuya kwenzelwa ukulungelwa kwabo bathanda ubulungisa. Yintoni eya kulandela akuba uThixo ephelise le nkqubo ikhoyo yezinto? Ngokuqinisekileyo, yinkqubo entsha phantsi koBukumkani bukaThixo basezulwini, obo uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba babuthandazele! Wathi: “Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Ziziphi iinguqulelo ezinokulindelwa xa ukuthanda kukaThixo kusenziwa emhlabeni?
Imfazwe noloyiko elubangelayo luya kube luphelile. INdumiso 46:9 ithi: “[UYehova uThixo] ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; waphula isaphetha, angqumze umkhonto, atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.” Baya kwandula ke abantu ‘ukuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.’—Mika 4:4.
Izifo ezibulalayo azisayi kuba sabangela uloyiko zize zibulale abantu. Idinga likaThixo lithi: “Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa.” (Isaya 33:24) Esinjani sona isizathu sokuvuya!
Uloyiko olubangelwa lulwaphulo-mthetho nalugonyamelo nalo luya kuba yinto yexesha elidluleyo. INdumiso 37:10, 11 ithembisa isithi: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, baziyolise ngobuninzi boxolo.”
Uxolo nonqabiseko lokwenyaniso luya kuluthabathela njani indawo uloyiko olukhoyo namhlanje? Ngokuphela korhulumente wobulungisa—uBukumkani bukaThixo. Ngokuphathelele ixesha lethu, uDaniyeli 2:44 uthi: “Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.” UKumkani omiselwe nguYehova, uYesu Kristu, ‘umelwe kukuthi alawule, ade uThixo azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.’ (1 Korinte 15:25) ULawulo lukaYesu Lweminyaka Eliwaka luya kuzalisekisa injongo kaThixo yantlandlolo yokuba umhlaba oyiparadisi umiwe ngabantu abonwabileyo ngonaphakade.—Luka 23:43; ISityhilelo 20:6; 21:1-5.
Kuloo mhlaba uyiParadisi, kuya kubakho uloyiko olufanelekileyo kuphela. Iya kuba ‘kukoyika uYehova.’ (IMizekeliso 1:7) Enyanisweni, sifanele sibe nalo olu loyiko nangoku, kuba yintlonelo noloyiko olunzulu ludityaniswe nokoyika ukungamkholisi uThixo ngenxa yokuba sibuxabisa ububele bakhe obunothando nokulunga kwakhe. Olu loyiko lufuna ukuba sikholose ngokupheleleyo ngoYehova size simthobele ngokuthembeka.—INdumiso 2:11; 115:11.
Iziganeko ezoyikisayo ziyiphawula le mihla njengeyokugqibela. Noko ke, ukuba sibonakalisa uthando lwethu ngoThixo, sinokuvuya kunokuba soyike. Iziprofeto zeBhayibhile zibonisa ukuba lisondele ixesha lokuba uThixo aphelise eli hlabathi. Liya kuthatyathelwa indawo lihlabathi elitsha elithenjiswe nguYehova uThixo. (2 Petros 3:13) Ngokwenene, phantsi kolawulo loBukumkani kungekudala kuya kubakho ihlabathi elingenalo uloyiko olungafanelekanga.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
AMANDLA OMBHALO OMNYE
UTOMASZ, umfana wasePoland, wangena engxakini engokwasemthethweni eyamenza ukuba abhace kwelo lizwe. Kangangeenyanga ezintandathu wayehamba ecela ukukhweliswa kwizithuthi ukunqumla iYurophu, elala ententeni yaye esenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Ebudeni belo thuba, wayenombuzo omnye owawusoloko usengqondweni yakhe: Iyintoni injongo yobomi?
Umbuzo kaTomasz waphenduleka xa wanikwa umbhalo weMboniselo yesiPolish. Wayifunda izihlandlo eziliqela waza waqonda ukuba eli phephancwadi laliqulethe inyaniso ebesoloko eyifuna. UTomasz wahamba ecela ukukhweliswa kwizithuthi kangangeekhilomitha ezingama-200 ukuya kwiofisi yesebe yeWatch Tower eseSelters/Taunus, eJamani. Ekufikeni kwakhe apho ngengokuhlwa yangoMvulo, wakhupha iphephancwadi lakhe IMboniselo waza wathi: “Ndingathanda ukuba umntu othile andicacisele okungakumbi ngoko kuqulethwe leli phephancwadi. Yintoni ekufuneka ndiyenze?”
Ngaloo ngokuhlwa, amaNgqina kaYehova amabini athetha noTomasz ngenjongo yobomi, esebenzisa iBhayibhile njengesiseko sencoko yawo. Enxanelwe ukufunda okungakumbi, uTomasz wayebuyela kwiofisi yesebe zonke iintsuku zaloo veki, efundisisa iBhayibhile nencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni.
UTomasz wagqiba ekubeni abuyele ePoland, nakubeni wayenokujamelana neengxaki apho. Ngaloo ndlela, ngoLwesihlanu, kwiintsuku ezine kuphela emva kokuba efikile kwiofisi yesebe eseSelters, uTomasz wenjenjeya ukubuyela kwilizwe lakhe lokuzalwa. Ngokukhawuleza waqalisa ukufundisisa namaNgqina kaYehova ePoland. UTomasz wenza inkqubela ekhawulezileyo waza ngenzondelelo waqalisa ukuxelela abanye ngoko wayekufunda. Ngo-Oktobha 1993, kwiinyanga ezine kuphela emva kotyelelo lwakhe lokuqala eSelters, wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova.
Umbhalo omnye kuphela weMboniselo wamnceda lo mfana ukuba aphande ngenjongo yobomi!
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Phantsi kolawulo loBukumkani bukaYesu Kristu, ihlabathi alisayi kuze liphinde ligutyungelwe luloyiko