Ukubonakalisa Uthando LobuKristu Kwabakhulileyo
USAMUEL JOHNSON, umbhali wenkulungwane ye-18, wabalisa ibali lomnye umfana owathi, xa wayetyelele abahlobo bakhe, walibala apho wayewubeke khona umnqwazi wakhe. Akuzange kuthethwe nto ngako oku. Lo kaJohnson wahlabela mgama esithi, “Kodwa ukuba oko kungakhathali bekunokwenziwa lixhego, abantu bebeya kunyusa amagxa baze bathi, ‘Liyalibala.’”
Ibali likaJohnson libonisa ukuba abantu abakhulileyo, mhlawumbi ngokufanayo neqaqobana labanye, baqondwa phosakeleyo. Ngoxa ukunyamekela iintswelo zabantu abalupheleyo kulucelomngeni, kukho iingenelo ezininzi kubo bonke ababandakanyekileyo. Luluphi olu celomngeni nemivuzo, yaye kutheni lo mbandela uchaphazela abantu abangakumbi nangakumbi?
Ngokwamanani, isi-6 ekhulwini sabemi behlabathi sineminyaka engama-65 ubudala okanye ngaphezulu, yaye kumazwe ahambele phambili eli nani liphindwa kabini. KuMazwe aseYurophu, apho unyaka we-1993 waphawulwa ‘Njengonyaka Wabantu Abakhulileyo EYurophu Nowomanyano Phakathi Kwezizukulwana,’ umntu omnye kwabathathu ungaphezu kweminyaka engama-50 ubudala. Apho, njengakumazwe amaninzi ahambele phambili kwezorhwebo, ukuhla kwenani labantu abazalwayo nokunyuka kwelabantu abaphila iminyaka emininzi kwenza inxalenye enkulu yabemi balapho ibe ngabantu abasele bedlulile kwiminyaka ephakathi. Ukunyamekela abo sele bekhulile ngeminyaka phantsi kweemeko ezinjalo ngokucacileyo kungumsebenzi onzima. Hayi indlela ezazahluke ngayo izinto eMpuma mandulo!
‘Oovimba Bolwazi’
IHandwörterbuch des Biblischen Altertums für gebildete Bibelleser (Incwadi Yesikhokelo YeBhayibhile Yamandulo Yabafundi BeBhayibhile Abafundileyo) iphawula ukuba kumaxesha amandulo eMpuma “abantu abakhulileyo babejongwa njengabagcini bemilinganiselo engokwesithethe yobulumko nolwazi oluphakamileyo, ngenxa yeso sizathu abaselula babeyalelwa ukuba banxulumane nabo baze bafunde kubo.” ISmith’s Bible Dictionary iyacacisa isithi: “Kubomi bangasese [abalupheleyo] babejongwa njengoovimba bolwazi . . . [Abaselula] babebavumela banikele uluvo lwabo kuqala.”
Ukuhlonela abalupheleyo kwaboniswa kuMthetho kaMoses kwiLevitikus 19:32: “Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego.” Ngoko abalupheleyo babenelungelo ebuthweni yaye babejongwa njengabaxabisekileyo. Ngokucacileyo le yindlela uRute owayengumMowabhikazi awamjonga ngayo uninazala owayengumSirayelikazi, uNahomi.
Ngokungagungqiyo uRute wagqiba ekubeni apheleke uNahomi ukusuka kwaMowabhi ukuya kwaSirayeli, emva koko waliphulaphula ngenyameko icebiso likaNahomi. Bakuba beseBhetelehem, nguNahomi owabona ukuba isandla sikaYehova salathisa imicimbi nowathi wayalela uRute indlela amakaziphathe ngayo. (Rute 2:20; 3:3, 4, 18) URute wayebuphila ubomi bakhe ngendlela yobuthixo njengoko wayeyifunde kuNahomi onamava. Uninazala wangqineka enguvimba wolwazi.
Ngendlela efanayo, abafazana abangamaKristu namhlanje banokungenelwa ngokunxulumana nabafazi abakhulileyo ebandleni. Mhlawumbi udade ucinga ngomtshato okanye ulwisana nengxaki eyendeleyo yobuqu. Hayi indlela ebekuya kuba bubulumko ngayo ukufuna isiluleko nenkxaso yodade oqolileyo okhulileyo onamava ngalo mbandela!
Ukongezelela, iqumrhu labadala linokungenelwa ngokuphulaphula kumava abalupheleyo abaphakathi kwabo. Sinokufunda kumava kaLote okusilela ukwenza oku. Ingxabano eyayiphakathi kwabalusi baka-Abraham nabakaLote yenza bafikelela kwisigqibo esasiza kuchaphazela wonke ubani. ULote wenza ukhetho olungelolwabulumko. Hayi indlela engekwakulunge ngakumbi ngayo ukuba wayecele icebiso lika-Abraham kuqala! ULote ngewayefumene ukhokelo oluqolileyo yaye ngewayeyisindisile intsapho yakhe kusizi olwaba ngumphumo wokwenza kwakhe ukhetho ngokukhawuleza. (Genesis 13:7-13; 14:12; 19:4, 5, 9, 26, 29) Ngaba ukuphulaphula ngenyameko oko abadala abaqolileyo bakutshoyo ngaphambi kokuba uzigqibele ngombandela?
Inani elingenakubalwa labantu abalupheleyo linenzondelelo ehlal’ ihleli ngomsebenzi kaYehova, njengokuba wenzayo uSimon noAna kwinkulungwane yokuqala. (Luka 2:25, 36, 37) Kuyimbonakaliso yentlonelo nesimo sengqondo sokubakhathalela aba bakhulileyo ukubabandakanya kangangoko banako kwimisebenzi yebandla, kukwayinto entle kwabalupheleyo. Mhlawumbi oselula ufuna uncedo ekulungiseleleni isabelo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Umdala olumkileyo usenokugqiba kwelokuba umcebisi ogqibeleleyo uya kuba lilungu elalupheleyo lebandla, elinobulumko obusulungekileyo, elinobubele nelinexesha.
Noko ke, ukunyamekela iintswelo ezikhethekileyo zabalupheleyo kuquka okungakumbi. Abaninzi bathwaxwa bubulolo, ukoyika ulwaphulo-mthetho neengxaki zemali. Ukongezelela, akuba umntu okhulileyo enesiphene, ezi ngxaki zongezelelwa yimpilo edodobalayo naludano olubangelwa kukuphelelwa kwabo ngamandla. Ngoko bafuna inyameko engakumbi. Abantu ngabanye nebandla bafanele basabele njani?
‘Qhelisela Ukuhlonela UThixo’
Ebudeni benkulungwane yokuqala, ephantsi kwempefumlelo uPawulos wabhala oku kweyoku-1 kuTimoti 5:4, 16: “Ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela [“ukuqhelisela ukuhlonela uThixo,” NW] elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo. Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.” Ukunyamekela abalupheleyo kwakuyimbopheleleko yentsapho. Ukuba ilungu elikhulileyo lebandla laliswele phezu kwazo nje iinquleqhu ezenziwe yintsapho, imbopheleleko yayiba phezu kwebandla. Le migaqo ayikaguquki.
Yintoni encede amaKristu ukuba abonakalise uthando lobuKristu kwabakhulileyo ngokuqhelisela ukuhlonela uThixo kumakhaya awo? Phawula la magqabaza alandelayo enziwe ngamaNgqina amaninzi aye anamava okunyamekela abo bakhulileyo ngeminyaka.
Ukunyamekela Rhoqo Iintswelo Zokomoya
“Ukuqwalasela itekisi yosuku kunye kwaba luncedo oluxabiseke kunene,” ukhumbula oko uFelix, owancedisa umfazi wakhe ekunyamekeleni abazali bakhe. “Amava neminqweno yobuqu zadityaniswa nemigaqo kaYehova.” Eneneni, uthunywashe oyintloko ekuhlangabezaneni nocelomngeni lokunyamekela abantu abakhulileyo kukunikela ingqalelo efanelekileyo ekwakhekeni kwabo ngokomoya. Oku kusengqiqweni ngenxa yamazwi kaYesu akuMateyu 5:3, (NW): “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” Ukongezelela kwitekisi yosuku kunokubakho inkqubo yokufundwa kweBhayibhile, ukuxutyushwa kweempapasho ezisekelwe eBhayibhileni nomthandazo. UPeter uthi: “Kubonakala ngathi abantu abakhulileyo bayayithanda inkqubo ethe rhoqo.”
Ewe, ucwangciso oluthe rhoqo lubalulekile kwizinto zokomoya. Abantu abakhulileyo abayixabisi nje kuphela kwizinto zokomoya inkqubo ethe rhoqo kodwa bakwayixabisa nakwizinto abazenza imihla ngemihla. Kwanabo bangenaziphene zingako banokukhuthazwa ngokufudumeleyo ukuba “bavuke banxibe kakuhle mhla ngamnye,” utsho njalo u-Ursula. Kakade ke, kufuneka sikuphephe ukubayalela abalupheleyo. UDoris uyavuma ukuba imigudu yakhe eneenjongo ezintle yayingaphumeleli ngokulusizi. “Ndandisenza iimpazamo ezininzi. Ngenye imini ndacela utata ukuba ayitshintshe yonke imihla ihempe yakhe. Wandula ke umama wandikhumbuza: ‘Useyindoda yam!’”
Abantu abakhulileyo babekhe babancinane, kodwa kungumthwalo omkhulu kwabaselula ukuthabathela kubo imbopheleleko. Ukanti, lowo ngundoqo wokuqonda iintswelo zabo ezikhethekileyo. Ukukhula kuzisa udandatheko. UGerhard uthi: “Umkhwe wam wayecaphuka kuba wayengasakwazi ukwenza konke awayefudula ekwenza. Kwakuyintlungu enkulu kuye ukuyamkela le meko. Ubuntu bakhe baguquka.”
Ngaphantsi kweemeko eziguqukayo, akunto ingaqhelekanga ngomntu okhulileyo ukukhupha iimvakalelo zodandatheko ngokugxeka abanye, ngokukodwa abo bamnyamekelayo. Isizathu sicace gca. Indlela abamnyamekela ngothando ngayo imkhumbuza amandla akhe adodobalayo. Umele usabele njani koku kugxeka okanye ukukhalaza okungafanelekanga?
Khumbula, iimvakalelo ezilandulayo ezinjalo azibonisi imbono kaYehova ngemigudu yakho. Qhubeka usenza okulungileyo, uze ulondoloze isazela esicocekileyo, kwanokuba maxa wambi ufumana amagqabaza angekho sikweni. (Thelekisa eyoku-1 kaPetros 2:19.) Ibandla lasekuhlaleni linokunikela inkxaso engakumbi.
Oko Kunokwenziwa Libandla
Amabandla amaninzi anesizathu sokuba nombulelo onzulu ngemigudu yexa elidluleyo eyenziwe ngabazalwana noodade wethu abathandekayo abakhulileyo. Mhlawumbi ngabo abaseka ibandla, belakha ukusuka kwiqaqobana labavakalisi kumashumi eminyaka eyadlulayo. Ngeliphi ibandla ngaphandle komsebenzi wabo wenzondelelo wexa elidluleyo, yaye mhlawumbi, inkxaso engokwemali abayinikelayo ngoku?
Xa umvakalisi owalupheleyo kufuneka anyanyekelwe ngokongezelelekileyo, asizozalamane zakhe zodwa ekufuneka zithwale imbopheleleko. Nabanye banokuncedisa ngokubenzela izinto ezithile, ukupheka, ukucoca, ukuhambahamba nomntu owalupheleyo, ukumlungiselela isithuthi sokuya kwiintlanganiso zamaKristu, okanye ukuncokola nje naye kwiHolo yoBukumkani. Bonke banokuthelela, ngoxa impumelelo nenkqubo ethe rhoqo zizuzeka kakhulu apho kukho imigudu elungeleleneyo.
Ukulungelelana yinto abadala abanokuyikhumbula xa belungiselela amatyelelo okwalusa. Wambi amabandla angumzekelo kule nkalo, abadala bayaqinisekisa ukuba amatyelelo okwalusa ayenziwa rhoqo kubantu abalupheleyo nababuthathaka, kwanakwabo banyanyekelwa kakuhle ziintsapho zabo. Noko ke, kuyabonakala ukuba amanye amabandla afanele ayiphaphele ngakumbi imbopheleleko anayo kubantu abakhulileyo.
Omnye umzalwana othembekileyo, owayephakathi kuhle kwiminyaka yakhe yama-80, wayenyanyekelwa yintombi yakhe nomyeni wayo, abashiya iBheteli ukuze benze oko. Sekunjalo, ukutyelelwa ngamanye amalungu ebandla kwakusabalulekile kuye. Lo mzalwana wakhalaza esithi: “Ngoxa ndandidla ngokutyelela abagulayo, ndandithandaza kunye nabo. Kodwa akukho namnye okhe wathandaza kunye nam.” Inyameko enothando yezalamane ayibakhululi abadala kwimbopheleleko ‘yokwalusa umhlambi kaThixo ophakathi kwabo.’ (1 Petros 5:2) Ukongezelela, abo banyamekela abakhulileyo bafuna ukwakhiwa baze bakhuthazwe baqhubeke nomsebenzi wabo omhle.
‘Babaluphele Yaye Banelisekile’
UAlexander von Humboldt, isazinzulu esingumJamani senkulungwane ye-19, wayekhulile ngeminyaka xa inenekazi eliselula lambuza enoba wayengakufumanisi kuyindinisa kusini na ukukhula. Le ndoda ifundileyo yaphendula: “Uchan’ ucwethe. Kodwa kuphela kwendlela eyenza ubani aphile ixesha elide.” Ngokufanayo, abazalwana noodade abaninzi namhlanje bamisela umzekelo omhle wokwamkela iinzima zokukhula njengembuyekezo yokuphila ubomi obude. Babonisa isimo sengqondo esaboniswa nguAbraham, uIsake, uDavide noYobhi, ‘ababaluphele, bephelele [“banelisekile,” NW] ebudaleni.’—Genesis 25:8; 35:29; 1 Kronike 23:1; Yobhi 42:17.
Ukukhula kuzisa ucelomngeni lokwamkela uncedo ngobubele nokuvakalisa umbulelo ngokunyanisekileyo. Ubulumko bufuna ukuba ngamnye azi apho amandla akhe aphelela khona. Noko ke, oku akumenzi umntu owaluphalayo angabi namsebenzi. UMaria uthe cebu kuhle kwiminyaka engama-90 ubudala, kodwa usaya kwiintlanganiso zebandla aze anikele iimpendulo. Ukwenza njani oku? “Andisakwazi ukufunda, kodwa ndiphulaphula iThe Watchtower kwikhasethi. Ndilibala gqitha, kodwa ngokuqhelekileyo ndiyakwazi ukugqabaza.” NjengoMaria, ukuzixakekisa ngezinto ezakhayo kuyamnceda umntu ahlale ekhuthele yaye elondoloze ubuntu bobuKristu.
Phantsi koBukumkani bukaThixo, akusayi kubakho bantu balupheleyo. Ngelo xesha abo balupheleyo kule nkqubo indala mhlawumbi bade bafe baya kuba neenkumbulo ezintle zenyameko ebonakaliswe kubo. Njengoko abo bakhulileyo bezuza kwakhona impilo namandla, ngokuqinisekileyo baya kuba nothando olukhulu ngoYehova nombulelo onzulu kwabo bebekunye nabo ekulingweni kwabo kule nkqubo indala.—Thelekisa uLuka 22:28.
Kuthekani ngabo banyamekela abalupheleyo ngoku? Kungekudala, xa uBukumkani bulawula ngokupheleleyo emhlabeni, baya kukhangela emva ngovuyo nangolwaneliseko kuba bengazange bayityeshele imbopheleleko yabo kodwa baqhelisela ukuhlonela uThixo ngokubonakalisa uthando lobuKristu kwabakhulileyo.—1 Timoti 5:4.
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
Abakhulileyo Baya Kukuxabisa Ukutyelelwa Nguwe
Kunokuphunyezwa okulunge ngakumbi ngokuceba ukutyelela owalupheleyo, mhlawumbi imizuzu eli-15 emva komsebenzi wokushumayela. Kodwa kukokona kulungileyo ukungakushiyeli kumabona-ndenzile oko, njengoko la mava alandelayo ebonisa.
UBrigitte noHannelore babeshumayela kunye, bexoxa nenye indoda ekhulileyo emzini wayo. Aba dade bathetha nayo kangangemizuzu emihlanu ngaphambi kokuba bafumanise ukuba nayo yayiliNgqina likaYehova, elililungu lebandla abakulo. Hayi indlela ekudanisa ngayo! Kodwa la mava aphela ngendlela ekhuthazayo. Ngoko nangoko uHannelore waceba ukumtyelela lo mzalwana ukuze amncede aye kwiintlanganiso zebandla.
Ngaba uyalazi igama nedilesi yomvakalisi okhulileyo ngamnye okwintsimi oshumayela kuyo? Ngaba unokwenza amalungiselelo okumtyelela ngokufutshane? Kusenokwenzeka ukuba oko kuxatyiswe kakhulu.