IBhayibhile—Ngokwenene Ixabiseke Kangakanani?
“IBHAYIBHILE yimfihlelo, yincwadi eyayingenzelwanga ukuba iqondwe,” utsho njalo omnye umninimzi. Omnye uthi: “Ndiyazi ukuba iBhayibhile yincwadi ebalulekileyo, kodwa andiyazi kangako. Kunzima ukuyiqonda.”
IThe Toronto Star yathi: “AmaKristu amaninzi . . . ayazi kancinane iBhayibhile.” Elinye inenekazi elingumKatolika lagqabaza: “Kuyandivuyisa ukuba neBhayibhile. Indenza ndibe noxolo lwangaphakathi.” Omnye umlobi uthi: “IBhayibhile injengekhampasi ekhokelela ubani kulwandle olulwayo nolungazolanga, imse kwindawo ekhuselekileyo.” Ngokutsho komnye owayesakuba ngumHindu, “iBhayibhile liLizwi likaThixo nesipho kuluntu yaye iliyeza lokugula kokomoya.”
Kukho iimbono ezininzi nezahlukahlukeneyo ngokuxabiseka kokwenene kweBhayibhile. Noko ke, ngokwenene ixabiseke kangakanani?
IBhayibhile yeyona ncwadi ibalulekileyo nesasazwe ngokubanzi kwiincwadi ezikhoyo. Kumaphepha ayo kukho izicombululo kwezona ngxaki zinzima umntu awakhe wanazo nasaya kujamelana nazo. Ukusebenziseka kwesiluleko sayo akunakulinganiswa nanto. Imigaqo yokuziphatha eyikhuthazayo ibalasele. Isigidimi sayo sinamandla yaye siyingenelo. Le ncwadi ixabiseke ngokungathethekiyo ifanele ithulwe ezishelufini zethu ize inikelwe ingqalelo ekhethekileyo ize iphicothwe.
Sinokuyivula iBhayibhile seyisekile lelokuba ichane ngokupheleleyo, inokuthenjwa yaye iyinyaniso. Iziganeko ezingokwembali ezibhalwe kuyo ziyangqinwa yimbali yehlabathi. Ngokuphindaphindiweyo, oko kufunyaniswe ngabembi bezinto zakudala kuvumelana ngokupheleleyo nokuba iBhayibhile ichanile yaye iyinyaniso. Ukungafihlisi kwababhali beBhayibhile abamalunga nama-40 kubonisa ukuba babengamadoda anyanisekileyo nagcin’ ingqibelelo. Ukuvumelana kweBhayibhile kubonisa ukuba ayiyilwanga ngabantu. Iziganeko ezibhalwe kuyo zezokwenene. Abantu ethetha ngabo ngabokwenene. Iindawo nemimandla ebhekisela kuyo yeyokwenene. Ngapha koko, iBhayibhile iqulethe iziprofeto ezibalaseleyo ezithi ngokungenakukhanyelwa zibonise ukuba uYehova uThixo nguMyili weBhayibhile.—2 Petros 1:21.
UMyaleli wethu Ozukileyo waqinisekisa ukuba abo bafuna ukwazi ukuthanda neenjongo zakhe bayalufumana ulwazi olunjalo. Enyanisweni, uYehova usixelela ngokucacileyo ukuba ukuthanda kwakhe kukuba bonke abantu bafundisise iLizwi lakhe baze “bafikelele ekuyazini inyaniso.” (1 Timoti 2:3, 4; IMizekeliso 1:5, 20-33) Le yenye yezona zinto zibalulekileyo sinokuzenza ngobomi bethu. Lucelomngeni esinyanzelekileyo ukuba sijamelane nalo. AmaKristu okuqala ayekuqonda oku. Omnye wawo washukunyiselwa ukuba athi: “Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda, ukuze nizicikide izinto eziziincamisa.”—Filipi 1:9, 10; Kolose 1:9, 10.
IBhayibhile yeyona ndlela iphambili yoMdali yokuxelela intsapho yoluntu ukuthanda kwakhe nenjongo yakhe, yaye ichaza indlela umntu ngamnye angena ngayo kuloo njongo. Kuyo kubhalwe iziganeko zexesha elidluleyo, yaye inikela imbono ecacileyo ngekamva. IBhayibhile ichaza imfundiso echanileyo yaye isazisa oko sifanele sikukholelwe okanye singakukholelwa. (IZenzo 17:11; 2 Timoti 3:16, 17) Inikela imithetho yehambo afanele umntu aphile ngayo, yaye yalathisela abantu kwindlela eyimpumelelo neyolonwabo. (Mateyu, isahluko 5 ukusa kwesesi-7) Igxininisa kuBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwethemba loluntu lonke yaye ibonisa indlela urhulumente wakhe asisixhobo sokungcwalisa igama lakhe nokuthethelela ulongamo lwakhe ngayo. IBhayibhile ichaza ikhondo esifanele sililandele ukuze sibe nolwalamano olusondeleyo nolothando noMniki-Bomi wethu, uYehova.
Ngaphezu koko, iBhayibhile ikuphela kwencwadi eya kukukhokelela kowona mvuzo mkhulu oya kufunyanwa luluntu—ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadisi njengabantu abafezekileyo. (Roma 6:23) UNyana kaYehova okuphela kwamzeleyo usixelela oku: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” (Yohane 17:3) Ngokuqinisekileyo incwadi exabiseke kangako ifanele isishukumisele ukuba sifunde oko simele sikwenze ukuze sifumane umvuzo wobomi obungunaphakade. IBhayibhile yincwadi eyayenzelwe ukuba iqondwe, njengokuba inqaku elilandelayo liza kubonisa.