Iimfundiso Eziyinyaniso Ezikholisa UThixo
UKUZE abantu bazazi iimfundiso eziyinyaniso nezimkholisayo uThixo, umele abachazele. Yaye umele aqinisekise ukuba loo nkcazelo iviwa ngabo bonke abantu. Abantu banokuyazi njani imfundiso, unqulo nendlela yokuziphatha ekholisa uThixo? Ngaba likho ilungiselelo elenziwe nguThixo ukuze bayifumane? Ukuba likho, ulenze njani?
Ekubeni abantu bephila amashumi ambalwa eminyaka ngaba ukho onokusetyenziswa nguThixo ukuze anxibelelane nabo bonke abantu? Unotshe. Oko kunokwenziwa yingxelo ebhaliweyo. Ukuba kunjalo, ngaba bekungayi kufaneleka ukuba inkcazelo kaThixo ibhalwe encwadini? Enye yezona ncwadi zindala ebonisa ukuba iphefumlelwe nguThixo yiBhayibhile. Omnye wababhali bayo uthi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.” (2 Timoti 3:16) Makhe siphonononge iBhayibhile ukuze sibone enoba iqulethe iimfundiso eziyinyaniso kusini na.
Indala Kangakanani?
Kwezona ncwadi zonqulo ziphambili, iBhayibhile yenye yezona zindala. Inxalenye yayo yokuqala yabhalwa malunga neminyaka engama-3 500 eyadlulayo. Le ncwadi yagqitywa ukubhalwa ngowama-98 C.E.a Nakuba yabhalwa ngabantu abamalunga nama-40 kwiminyaka engaphezu kwe-1 600, iBhayibhile ivumelana xa iyonke. Oko kubangelwa kukuba oyena Mbhali wayo nguThixo.
IBhayibhile yeyona ncwadi isasazwe yaza yaguqulelwa ngaphezu kwazo zonke embalini. Nyaka ngamnye, kusasazwa imibhalo yayo epheleleyo okanye inxalenye yayo emalunga nezigidi ezingama-60. IBhayibhile epheleleyo okanye iinxalenye zayo iye yaguqulelwa ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 300. Ngaphezu kwama-90 ekhulwini abantu abaphilayo banayo iBhayibhile, okanye inxalenye yayo ngolwimi lwabo lweenkobe. Le ncwadi iye yoyisa imiqobo yobuzwe, yocalucalulo, nentiyo yobuhlanga.
Ilungelelaniswe Njani?
Ukuba unayo iBhayibhile, kutheni ungayivuli nje uze ubone indlela elungelelaniswe ngayo?b Qala utyhile kwiziqulatho zayo. Inkoliso yeeBhayibhile ekuqaleni inesiqulatho, esidwelisa igama lencwadi nganye sichaze nephepha efumaneka kulo. Uya kuphawula ukuba iBhayibhile yingqokelela yeencwadi ezahlukahlukeneyo, nganye enegama elahlukileyo. Incwadi yokuqala yiGenesis, ize eyokugqibela ibe siSityhilelo. Iincwadi zayo zahlulwe zangamacandelo amabini. Elokuqala elineencwadi ezingama-39 kuthiwa ziZibhalo zesiHebhere, kuba zabhalwa ngesiHebhere ubukhulu becala. Elesibini elineencwadi ezingama-27 labhalwa ngesiGrike ngoko kuthiwa ziZibhalo zesiGrike. Abanye babiza la macandelo ngokuthi yiTestamente Endala neTestamente Entsha.
Iincwadi zeBhayibhile zinezahluko neendinyana ukuze kube lula ukubhekisela kuzo. Xa kucatshulwe izibhalo ezithile kweli phephancwadi, emva kwegama lencwadi leyo yeBhayibhile, inani lokuqala libonisa isahluko saloo ncwadi, lize elilandelayo libonise indinyana. Ngokomzekelo, xa kucatshulwe “Eyesi-2 kuTimoti 3:16” oku kubonisa ukuba yincwadi Yesibini kuTimoti, isahluko 3, indinyana 16. Khawuzame ukufumana le ndinyana eBhayibhileni.
Ngaba akuvumi ukuba eyona ndlela yokuqhelana neBhayibhile kukuyifunda rhoqo? Abanye baye bancedwa kukuqala ngokufunda iZibhalo zesiGrike, eziqala kwincwadi kaMateyu. Xa unokufunda izahluko ezithathu ukusa kwezihlanu ngosuku, ungayifunda uyigqibe iBhayibhile ngonyaka. Kodwa unokuqiniseka njani ukuba oko ukufunda eBhayibhileni kuphefumlelwe nguThixo ngokwenene?
Ngaba Unokuyithemba IBhayibhile?
Ngaba incwadi ephefumlelwe nguThixo ibingamele kuba necebiso elihlala lihleli? IBhayibhile ibonisa ukubaqonda kakuhle abantu yaye oko kunjalo kuzo zonke izizukulwana zabo, nemigaqo yayo iluncedo nanamhlanje ngendlela efanayo nakuqala. Oku kunokubonwa lula kwintshumayelo edumileyo kaYesu Kristu, uMseki wobuKristu. Ibhalwe kuMateyu isahluko 5 ukusa kwesesi-7. Le ntetho, eyaziwa ngokuba yiNtshumayelo yaseNtabeni, ayipheleli nje ekuboniseni indlela yokufumana ulonwabo lokwenene kodwa isibonisa nendlela yokucombulula iingxaki, indlela yokuthandaza, indlela esimele sizijonge ngayo izinto eziphathekayo njalo njalo. Kule ntetho, nakwezinye iincwadi, iBhayibhile isixelela phandle oko simele sikwenze noko simele sikuphephe ukuze sikholise uThixo size siphucule nemeko esiphila kuyo.
Esinye isizathu sokuyithemba le ncwadi yamandulo iBhayibhile, kukuchana kwayo xa kufikelelwa kwinzululwazi. Ngokomzekelo, xa abantu abaninzi babekholelwa ukuba umhlaba uthe tyaba, iBhayibhile yawuchaza ngokuba ‘sisazinge [okanye, ungqukuva] somhlaba.’c (Isaya 40:22) Yaye kwiminyaka engaphezu kwama-3 000 ngaphambi kokuba isazinzulu esidumileyo uMhlekazi uIsaac Newton sichaze ukuba izijikelezi-langa zimi esithubeni zibanjwe ngumxhuzulane, kumbongo wayo iBhayibhile yachaza ukuba ‘umhlaba uxhonywe kokungento.’ (Yobhi 26:7) Khawuphinde uqwalasele lo mbongo uchaza umjikelo wamanzi omhlaba, owabhalwa malunga nama-3 000 eminyaka eyadlulayo: “Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.” (INtshumayeli 1:7, iBhayibhile yesiXhosa) Ewe, uMdali wendalo iphela ikwanguye uMbhali weBhayibhile.
Ukuchana kwembali yeBhayibhile sesinye isibakala esingqina ukuphefumlelwa kwayo nguThixo. Iziganeko ezibhalwe kuyo azingomabali nje asentsomini. Zichaza imihla, abantu neendawo ezingqalileyo. Ngokomzekelo, uLuka 3:1 ubhekisela ngokuthe ngqo ‘kunyaka weshumi elinesihlanu wolawulo lukaTibheriyo Kesare, xa uPontiyo Pilato wayeyirhuluneli yelakwaYuda, noHerode engumlawuli wesithili saseGalili.’
Nakuba ababhali-mbali bamandulo babesoloko bebalisa ngoloyiso nobungangamsha babalawuli babo kuphela, ababhali beBhayibhile babenyanisekile, bethetha phandle nkqu nangeentsilelo zabo. Ngokomzekelo, uKumkani uDavide wakwaSirayeli wavuma wathi: “Ndonile kakhulu ngoko ndikwenzileyo. . . . Ndenze ngobudenge obukhulu.” Loo mazwi abhalwe ngobunjalo bawo eBhayibhileni. (2 Samuweli 24:10) Nombhali weBhayibhile uMoses wabhala ngokwakhe isiganeko awasilela kuso ukubonisa intembelo kuThixo oyinyaniso.—Numeri 20:12.
Bukho nobunye ubungqina obubonisa ukuba iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Obo bungqina kukuzaliseka kweziprofeto zayo ezachazwa kusengaphambili. Ezinye zazo ziphathelele uYesu Kristu. Ngokomzekelo, kwiminyaka engaphezu kwama-700 ngaphambi kokuba azalwe, iZibhalo zesiHebhere zachaza ngokuchanileyo ukuba Lowo Uthenjisiweyo wayeya kuzalelwa “eBhetelehem yelakwaYuda.”—Mateyu 2:1-6; Mika 5:2.
Qwalasela nanku omnye umzekelo. Kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5, iBhayibhile ithi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali, abangenambulelo, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangayifuni kwaphela imvisiswano, abanyelisi, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abangathandi kulunga, abangcatshi, abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo, benembonakalo yozinikelo lobuthixo kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo.” Ngaba oku akusichazi kakuhle isimo sengqondo sabantu namhlanje? La mazwi abhalwa ngonyaka wama-65 C.E., kwiminyaka engaphezu kwe-1 900 eyadlulayo!
Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
Njengoko siya sicaca ngakumbi isigidimi sayo, uya kubona ukuba iBhayibhile ingumthombo wobona bulumko bubalaseleyo. Inikela iimpendulo ezanelisayo kwimibuzo efana nale: Ngubani uThixo? Ngaba uMtyholi ukho ngokwenene? Ngubani uYesu Kristu? Kutheni kukho ukubandezeleka nje? Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? Xa bephendula le mibuzo abanye batsho ngeempendulo eziphikisanayo ngenxa yeyantlukwano kwiinkolelo namasiko abo. Kodwa iBhayibhile ineempendulo eziyinyaniso kule mibuzo nakweminye imibandela. Ukongezelela, kumbandela wokuziphatha nendlela yokujonga abanye abantu nabasemagunyeni, iBhayibhile inikela elona cebiso lisemagqabini.d
Ithini iBhayibhile ngenjongo kaThixo ngomhlaba nabantu? Ithembisa oku: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:10, 11) ‘UThixo uya kuba nguThixo woluntu. Azisule zonke iinyembezi emehlweni alo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.’ (ISityhilelo 21:3, 4) “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.”—INdumiso 37:29.
IBhayibhile isichazela nokuba imfazwe, ulwaphulo-mthetho, ugonyamelo nobungendawo ziza kupheliswa kungekudala. Ukugula, ukwaluphala nokufa ezo zinto azisayi kuphinda zibekho. Abantu baya kuphila ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. Elinjani ukuvuyisa ithemba! Ibe konke oku kubonisa indlela uThixo abathanda ngayo abantu.
Uza Kwenza Ntoni Wena?
IBhayibhile sisipho esimangalisayo esivela kuMdali. Umele uvakalelwe njani ngayo? Enye indoda eyakhula ingumHindu yayikholelwa ukuba ukuze inkcazelo evela kuThixo ibe yingenelo kubo bonke abantu, imele ibe yabakho kwasekuqaleni kwempucuko. Emva kokuqonda ukuba ezinye iinxalenye zeBhayibhile zindala kuneyona mibhalo midala yamaHindu iVedas, yagqiba ekubeni ifunde iBhayibhile ize iqwalasele nomongo wayo.e Nomnye unjingalwazi kwiyunivesithi ethile eUnited States waqonda ukuba umele ayifunde le ncwadi isasazwe kulo lonke ngaphambi kokuba enze isigqibo ngayo.
Ukufunda iBhayibhile uze wenze oko ikufundisayo kuya kukuzisela iintsikelelo ezingathethekiyo. IBhayibhile ithi: “Unoyolo umntu . . . oyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku. Ngokuqinisekileyo uya kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo nonamahlamvu angabuniyo, yaye konke akwenzayo kuya kuphumelela.”f (INdumiso 1:1-3) Uya kuvuyiswa gqitha kukufundisisa iBhayibhile uze ucamngce ngayo kuba oko kuya kwanelisa intswelo yakho yokomoya. (Mateyu 5:3) IBhayibhile iya kukubonisa indlela yokuphila ubomi obunenjongo nokujamelana neengxaki. Ewe, ‘kukho umvuzo omkhulu ekugcineni’ imithetho kaThixo eseBhayibhileni. (INdumiso 19:11) Ngaphezulu, ukuthembela kwizithembiso zikaThixo kuya kukuzisela iintsikelelo ngoku uphinde ube nethemba eliqaqambileyo lekamva.
IBhayibhile isibongoza oku: “Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi olungangxengwanga lwelizwi.” (1 Petros 2:2) Usana luxhomekeke ekondliweni ibe luyazingisa ekufuneni oko. Ngokufanayo, nathi sixhomekeke kulwazi oluvela kuThixo. Ngoko, umele ‘ulilangazelele,’ okanye ulinqwenele gqitha iLizwi lakhe. IBhayibhile yincwadi yeemfundiso eziyinyaniso ezivela kuThixo. Zabalazela ukuyifunda rhoqo. AmaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo aya kukuvuyela ukukunceda uzuze lukhulu ekuyifundeni. Singavuya gqitha xa unokuqhagamshelana nawo. Okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Isishunqulelo esithi C.E. simela igama elithi “Common Era (kwiXesha Eliqhelekileyo),” kudla ngokusetyenziswa esithi A.D., esimela igama elithi Anno Domini, elithetha “kunyaka weNkosi,” sona esithi B.C.E. simela elithi “Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.”
b Ukuba akunayo iBhayibhile, amaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukuphathela yona.
c Igama lantlandlolo eliguqulelwe ngokuthi ‘isazinge’ kuIsaya 40:22 lisenokuguqulelwa ngokuthi “ingqukuva.” Iinguqulelo ezithile zeBhayibhile zifundeka ngolu hlobo, “iglowubhu yomhlaba” (Douay Version) nangokuthi “ingqukuva yomhlaba.”—Moffatt.
d Le mibandela ixutyushwa kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
e Kukholelwa ukuba iingoma zokuqala zeVedas zaqanjwa phantse kwiminyaka engama-3 000 eyadlulayo zaza zadluliselwa ngomlomo. Kwincwadi yakhe ethi, A History of India, uP. K. Saratkumar uthi, “IVeda zange ibhalwe phantsi de kwaba kwinkulungwane yeshumi elinesine kuNyaka weNkosi.”
f UYehova ligama loThixo ethetha ngaye iBhayibhile. Kwiinguqulelo ezininzi, lifumaneka kwiNdumiso 83:18.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
‘Lilangazelele’ iLizwi likaThixo. Funda iBhayibhile rhoqo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 5]
NASA photo