Ukubandezeleka Kwabantu—Ngaba Kuya Kuze Kuphele?
IMIBONO eyoyikekayo emva kokuqhushumba kwebhombu kwimarike yaseSarajevo ezele ngabantu; indyikitya nembuqe eRwanda; abantwana abalambileyo bexokozela befuna ukutya eSomalia; iintsapho ezididekileyo zibala ilahleko yazo emva kwenyikima eLos Angeles; amaxhoba angakwazi kuzinceda eBangladesh ethwaxwe sisikhukula. Siyibona mihla le imibono enjalo yokubandezeleka kwabantu kumabonwakude okanye kumaphephancwadi namaphephandaba.
Into ebuhlungu ebangelwa kukubandezeleka kwabantu ikukuba kubangela abantu abathile bangabi nalukholo kuThixo. Ngokutsho kwengxelo epapashwe ngamaYuda angabemi baseUnited States: “Ubukho bobungendawo bebusoloko bungumqobo omkhulu wokholo.” Ababhali babhekisela kukufa okwenzeka kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi njengaseAuschwitz nakwiibhombu ezinjengaleyo yaqhushumba eHiroshima. Aba babhali bathi: “Umbuzo ongesizathu sokuba uThixo olungileyo nonamandla avumele ukubhujiswa kwabantu abamsulwa abaninzi kangako uyasikhathaza isazela somntu okholwayo yaye uyenza ingqondo idideke.”
Okulusizi kukuba, iingxelo ezihambis’ umzimba ezingapheliyo zinokumenza umntu angabi nazimvakalelo. Logama nje abahlobo nezizalwana zingachaphazeleki, abaninzi abafane bachukumiseke kukubandezeleka kwabanye.
Noko ke, isibakala sokuba sikwazi ukuba novelwano, ubuncinane ngenxa yabo sibathandayo, sifanele sisixelele okuthile ngoMenzi wethu. IBhayibhile ithi umntu wadalwa “ngokomfanekiselo kaThixo” yaye “ngokufana [naye].” (Genesis 1:26, 27) Oku akuthethi ukuba abantu bafana noThixo ngokwenkangeleko. Akunjalo, kuba uYesu Kristu wacacisa ukuba “uThixo unguMoya,” yaye ‘umoya awunanyama namathambo.’ (Yohane 4:24; Luka 24:39, Appleyard’s Version) Ukwenziwa ngokufana noThixo kubhekisela kumandla ethu okubonakalisa iimpawu ezifana nezikaThixo. Ngoko ke, ekubeni abantu abaqhelekileyo besiba nemfesane ngenxa yabo babandezelekayo, simele sigqibe kwelokuba uMdali womntu, uYehova uThixo, unemfesane kwanokuba unovelwano olunzulu ngenxa yezidalwa zakhe ezingabantu ezibandezelekayo.—Thelekisa uLuka 11:13.
Enye indlela uThixo aye wabonakalisa imfesane ngayo kukunika uluntu ingxelo ebhaliweyo yonobangela wokubandezeleka. Oku uye wakwenza kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. IBhayibhile ibonisa ngokucacileyo ukuba uThixo wamdala umntu ukuze anandiphe ubomi, kungekhona ukuze abandezeleke. (Genesis 2:7-9) Ikwabonisa ukuba abantu bokuqala bazizisela ukubandezeleka ngokutyeshela umthetho kaThixo wobulungisa.—Duteronomi 32:4, 5; Roma 5:12.
Phezu kwako nje oku, uThixo usenemfesane ngenxa yoluntu olubandezelekayo. Oku kuboniswa ngokucacileyo kwidinga lakhe lokuphelisa ukubandezeleka kwabantu. “Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:3, 4; bona kwanoIsaya 25:8; 65:17-25; Roma 8:19-21.
La madinga amangalisayo angqina ukuba uThixo wazi kakuhle ngokubandezeleka kwabantu kwanokuba uzimisele ukukuphelisa. Kodwa kwasekuqaleni yintoni kanye kanye eyabangela ukubandezeleka kwabantu, yaye kutheni uThixo eye wakuvumela ukuba kuqhubeke ukuza kuthi ga kumhla wethu?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 2]
Cover and page 32: Alexandra Boulat/Sipa Press
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Kevin Frayer/Sipa Press