IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 1/1 iphe. 31
  • UYehova Unamandla Kuneentshaba Zakhe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Unamandla Kuneentshaba Zakhe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Imisebenzi Emihle Ezukisa UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 1/1 iphe. 31

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

UYehova Unamandla Kuneentshaba Zakhe

UMTYHOLI needemon zakhe baye bazama ixesha elide ukuthintela ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ngokusebenzisa unqulo lobuxoki nokukhafula. IBhayibhile ithetha ngenjongo kaSathana embi kweyesi-2 kwabaseKorinte 4:4 apho ithi “uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.”

Kodwa uYehova uThixo unamandla kunoSathana. Iintshaba zikaYehova akukho nto zinokuyenza ukutshitshisa ukufezwa kokuthanda kukaThixo, okukuba “bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.” (1 Timoti 2:4) Ezi ngxelo zilandelayo ezivela kubavakalisi bobuKumkani eOstreliya ziyakubalaselisa oku.

◻ Emva kwama-20 eminyaka ehlukene nonqulo, umfazi othile waqalisa kwakhona ukufunda iBhayibhile. Lo mdla uvuselelekileyo eBhayibhileni wamenza wanemibuzo emininzi, ngoko wathandazela uncedo lukaThixo ukuze afumane iimpendulo. Wayekwiphulo lokufuna inyaniso, kodwa wayesazi ukuba ukuphindela kunqulo lwakhe lwangaphambili kwakungenakuyicombulula ingxaki yakhe. Kunoko, waqalisa iphulo lakhe ngokutyelela ivenkile ethile eneencwadi ezisetyenzisiweyo waza wabuza enoba abanazo kusini na iincwadi ezithetha ngonqulo.

Unovenkile wakhumbula ukuba wayenayo incwadi ethetha ngonqulo, kungekhona evenkileni, kodwa ekhayeni lakhe. Umxholo wale ncwadi wawusithi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Ngolangazelelo lo mfazi wayifunda le ncwadi waza wafumana iimpendulo kwimibuzo yakhe emininzi yeBhayibhile. Emva kokuba ewafunile amaNgqina kaYehova kwincwadi yefoni, ekugqibeleni wanxibelelana nawo waza waqalisa isifundo seBhayibhile esithe rhoqo.

◻ Ibhinqa elithile eliselula lahlawula imali kwiphephandaba lasekuhlaleni ukuze kubhengezwe ikhubalo elalilithengisa. Esi sibhengezo sentengiso sabhekisela kulo ‘njengekhubalo lamaxesha aphakathi elinamandla kakhulu.’ Omnye wamaNgqina kaYehova wasiphawula esi sibhengezo. Wagqiba kwelokuba atsalele umnxeba kwinombolo yefoni enikelweyo waza wathetha neli bhinqa ngomthombo wamandla eli khubalo ekuthiwa linawo. Kwalandela ingxubusho engembono yeBhayibhile ngendlela iidemon ezisebenza ngayo. Eli bhinqa liselula linekhubalo latyhila ukuba nje kusuku olunye ngaphambili, lalithandazele uncedo lukaThixo ngeengxaki zalo needemon. Eli Ngqina lenza amalungiselelo enye ingxubusho ngefoni.

Xa latsala umnxeba, eli bhinqa liselula lalingekho ekhaya. Unina waphendula ifoni waza wathi: “Andikwazi okuxelele intombi yam, kodwa okwenzekileyo kungummangaliso!” Wabalisa ukuba emva kokuba liyitsalele umnxeba okokuqala, intombi yakhe yayilahla kude yonke imifanekiso ebusathana neencwadi yaza yaqalisa ukufunda iBhayibhile.

Kungekudala emva koko, kwenziwa amalungiselelo okutyelela eli bhinqa liselula. Ngokukhawuleza lasamkela isifundo esithe rhoqo seBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kwakhona laqalisa ukunxulumana namaNgqina ngokuya kwiintlanganiso zawo zamaKristu. Kwakhona, uYehova wazoyisa iidemon ngokwenza ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile lukhanye.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share