Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Iindaba Ezilungileyo ZoBukumkani Ziya Kushunyayelwa
KANGANGEENKULUNGWANE utshaba lukaThixo oluyintloko, uSathana uMtyholi, luye ngobuqhetseba lwasebenzisa oorhulumente bezobupolitika nonqulo lobuxoki kwimigudu yalo yokuthintela ukwanda kobuKristu bokwenyaniso. Kodwa ezi ndlela ziya kusilela. UYesu waxela kwangaphambili ukuba ezi “ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa [akazange athi, “zazisenokuvakaliswa” okanye, “zazinokuvakaliswa”] kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.” (Akekeliswe sithi.)—Mateyu 24:14.
Ukusilela kukaSathana kuye kwabonakala eGrisi. Kwelo lizwe iCawa yamaGrike obuOthodoki iye yazama ukuthintela amaNgqina kaYehova ekushumayeleni iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Kodwa, njengoko kuboniswa ngala mava alandelayo, ekugqibeleni iinyaniso zeBhayibhile zifikelela kubantu abantliziyo zinyanisekileyo phezu kwayo nje inkcaso.
Kwiminyaka enokuba ngama-30 eyadlulayo, umfundisi wecawa yamaGrike obuOthodoki wamkela iindaba ezilungileyo waza wavakalisa umnqweno wokuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Noko ke, izalamane zakhe zalichasa ngamandla eli nyathelo zaza zamnyanzela ukuba aphelise unxulumano lwakhe namaNgqina. Ukuze akholise intsapho yakhe, waqhubeka nenkonzo yakhe njengomfundisi; sekunjalo, wayesoloko eqonda ukuba amaNgqina kaYehova ayemncedile wafunda inyaniso kwanokuba wayityeshela ngenxa yesikhundla sobukhulu awayenaso kunqulo lobuxoki.
Sekunjalo, ngamanye amaxesha wayethetha kakuhle ngamaNgqina kaYehova xa ithuba livela. Kangangezihlandlo ezininzi wada wayalela abantu ukuba babemele bafundisise namaNgqina ukuba babefuna ukufunda iinyaniso zeBhayibhile. Kangangeminyaka bambi ngokwenene baye balilandela eli cebiso lakhe.
Kutshanje lo mfundisi uye wagula kakhulu kwaye waqonda ukuba angafa kungekudala. Ngoxa esesibhedlele, wababiza abantwana bakhe, ibe bonke bahlanganisana ngakumandlalo wakhe.a Wandula ke wabacacisela ukuba babesenokudibana naye kwakhona ukuba wayenokufa. Wathetha nabo ngemfundiso yeBhayibhile yokuvuswa kwabantu nguYehova ukuze baphile kwiparadisi esemhlabeni, kodwa ukuba ngokwenene babefuna ukubona oko kusenzeka, babemele bafunde inyaniso yeBhayibhile baze baqhawule amaqhina nonqulo lobuxoki. Wababongoza ukuba banxulumane namaNgqina kaYehova baze bafunde kuwo indlela yokuba ngamaKristu okwenyaniso.
Kungekudala emva koko, lo mfundisi wafa. Noko ke, amazwi akhe omyolelo aba nemiphumo emihle kubantwana bakhe. Intombi yakhe, ngokufanayo nenkoliso yezalamane zakhe, yayiwachase kakhulu amaNgqina kaYehova nomsebenzi wawo. Kodwa yayingenakusityeshela isibongozo esinyanisekileyo sikayise ngoxa wayesifa, ngoko kungekudala yaqhagamshelana namaNgqina kaYehova yaza yaqalisa ukufundisisa iBhayibhile. Kutshanje iye yaba liNgqina, isahlulela ubomi bayo kuYehova uThixo yaye ifuzisela uzahlulelo lwayo ngokubhaptizwa emanzini.
EGrisi nakwamanye amazwe angaphezu kwama-230, amaNgqina kaYehova athembela kumandla omoya oyingcwele kaThixo. Kungenxa yenkxaso epheleleyo yomoya oyingcwele athi abe nesabelo ekuzalisekiseni isiprofeto sikaYesu esithi: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.”—IZenzo 1:8.
[Umbhalo osemazantsi]
a ICawa yamaGrike obuOthodoki iyavuma ukuba abefundisi bayo batshate.