AmaNgqina KaYehova Ehlabathini Lonke—IZambia
AMATHAFA amakhulu asithabazi ami phezu kwehewu elikhulu eliziimitha ezili-1 200 ukuphakama—le yiZambia, ilizwe eliphakathi kumazantsi ombindi Afrika. Kumntla-mpuma, iiNtaba zeMuchinga ziphakame kangangeemitha ezingama-2 100. UMlambokazi iZambezi, ogquma ngendlela emangalisayo kwiiNgxangxasi zeVictoria ezidume ehlabathini lonke, uyila inxalenye enkulu yomda osemazantsi weli lizwe liphakathi kweenduli. Abantu bahlukene kakhulu, kukho amaqela eentlanga ahlukahlukeneyo angaphezu kwama-70. Iilwimi eziphambili ezisetyenziswayo zisibhozo, kodwa kukwakho nezinye ezininzi.
Ngowe-1911 kwaqalisa ukuvela ulwimi olwahlukileyo lwaza lwasasazeka kwelaseZambia. Abakhenkethi beza nemibhalo yencwadi ethi Studies in the Scriptures, yaye ukususela ngoko amaNgqina kaYehova ebezama ukusasaza “intetho enyulu” yenyaniso yeBhayibhile eZambia. (Zefaniya 3:9) Iinkolelo ezingavisisaniyo nezibhalo ngemeko yabafi zilucelomngeni ngokukodwa. Xa abantu befunda inyaniso baze babone indlela iinkolelo ezibakhobokise ngayo, baziva bekhululekile!—Yohane 8:32.
Ngokomzekelo, omnye udade othembekileyo uyabalisa: “Xa umalume waqutyulwa kukufa, umama, olilungu elizeleyo leCawa yoManyano yaseZambia, wadideka. Emva kwesithethe sokungcwaba esithabatha iveki, ndabuyela elalini ukuze ndibone ukuba uqhuba njani. Ekufikeni kwam, kwakukho indoda esel’ ikhulile endlwini, yaye emva kokuba imkile, ndabuza umakhulu ukuba ibingubani na. Wathi yayiligqirha. Umama wayenenjongo yokuliqesha liphindezele ukufa komntakwabo ukuze umphefumlo womntakwabo ukwazi ukuphumla. Wayenenkolo yokuba ngelo xesha ‘wawubhadula,’ ngokutsho kwakhe.
“Umakhulu wahlabela mgama esithi ukutyelela kwam kwakuyintsikelelo ngenxa yokuba intsapho yayifuna imali ukuze kuhlawulwe elo gqirha. Wandicela ukuba ndifake isandla, kodwa ngobuchule ndacacisa ukuba njengomKristu, ndandingenakukwazi ukuthabatha inxaxheba. Ndaqiqa naye ngokusuka kwiNdumiso 146:4, ebonisa ukuba abafi abanangcinga—ngoko akukho mphefumlo ‘ubhadulayo.’ Kwakhona saqwalasela eyabaseRoma 12:19, ebonisa ngokuphandle ukuba impindezelo yekaYehova asiyoyethu. Emva koko, ndaxelela umama ngethemba lovuko awathetha ngalo uYesu, njengoko libhalwe kuYohane 5:28, 29. Wachukunyiswa lukholo lwam olomeleleyo kumadinga kaThixo. Kungekudala waqalisa ukufundisisa neNgqina waza wenza inkqubela ngokukhawuleza. Wawaqhawula onke amaqhina nonqulo lwakhe lwangaphambili waza wafuzisela ukuzahlulela kwakhe kuThixo ngobhaptizo. Sithetha nje ungomnye wamaNgqina kaYehova.”
Omnye udade uyabalisa: “Ndaya kumngcwabo kamalumekazi. Ekufikeni kwam, umalume nomza wam babesifa yindlala. Babengatyanga nto ukususela kumhla awafa ngawo umalumekazi. Xa ndafuna isizathu, baphendula besithi ngokwesithethe, abavumelekanga ukuba babase umlilo ukuze bapheke. Ndathi ndiza kupheka ngokwam, kodwa amalungu athile entsapho ayenoloyiko lokuba ukuba andililandeli eli siko lobuhedeni, wonke umntu wayeza kuphambana!
“Ndabacacisela ukuba njengomnye wamaNgqina kaYehova, ndiyakuhlonela oko kuthethwa yiBhayibhile kwiLevitikus 18:30 yaye andizilandeli izithethe ezingavisisaniyo nezibhalo. Emva koko ndababonisa incwadana enemifanekiso ethi Imimoya Yabafileyo. Emva koko bakhululeka, yaye ndingaphozisanga maseko ndalungiselela umalume ukutya kuquka nabantu bonke. Izalamane zomfi zachukunyiswa kukukhalipha kwam zaza zavuma ukufundisisa iBhayibhile ngakumbi. Sele zingabavakalisi abangabhaptizwanga, yaye intsapho yonke ithemba ukuba iza kubhaptizwa kungekudala.”
Hayi indlela esivuya ngayo xa intetho enyulu yenyaniso ikongamela ukudideka okubangelwa bubuxoki bonqulo, ngokukodwa iimfundiso ezendele ngamandla ezikhobokisa abantu abamsulwa! Ngentsikelelo kaYehova, intetho enyulu iyasasazeka eZambia, kanye njengokuba isenjenjalo emhlabeni wonke.—2 Korinte 10:4.
[Ibhokisi ekwiphepha 9]
IINKCUKACHA ZELIZWE
Unyaka Wenkonzo We-1994
INANI ELIYINCOPHO LABANIKELA UBUNGQINA: 82 926
ISILINGANISO: INgqina elinye kubemi 107
ABABEKHO ESIKHUMBUZWENI: 363 372
UMLINGANISELO WABAVAKALISI ABANGOOVULINDLELA: 10 713
UMLINGANISELO WEZIFUNDO ZEBHAYIBHILE: 108 948
INANI LABABHAPTIZIWEYO: 3 552
INANI LAMABANDLA: 2 027
IOFISI YESEBE: ELUSAKA
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Izakhiwo zesebe leWatch Tower ngaphandle kweLusaka
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Ukushumayela eShimabala, ngezantsi kweLusaka