Iimbalasane zonyaka odluleyo
“NDIZA kumdumisa uYehova ebudeni bexesha lokudla kwam ubomi. Ndiza kumculela uncuthu lwengoma uThixo wam lo gama ndisekho.” (INdu. 146:2) Hayi indlela ebeya kuba nemincili ngayo umdumisi ukuba ebesaphila aze abone ukuba uYehova udunyiswa ngaphezu kunanini na ngaphambili! Enye into eye yabangela ukuba adunyiswe nangakumbi yincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? ncwadi leyo efikelela iintliziyo zabantu abaninzi abafuna ukwazi inyaniso ngoThixo.—IZe. 17:27.
Ukuze uYehova adunyiswe nangakumbi, iiofisi ezininzi zamasebe ziye zalungiselela ukuba kuqaliswe iiklasi zokufunda iilwimi ezahlukahlukeneyo ukuze abavakalisi noovulindlela bakwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abangakumbi. Mhlawumbi nawe usenokucinga ngokwandisa ubulungiseleli bakho ngokuthi ufunde olunye ulwimi.
Omnye umzekelo wokudumisa uYehova liphulo leeveki ezintathu elenziwa emhlabeni wonke lokusasaza isimemo esikhethekileyo sokumemela abantu kwiiNdibano ZeSithili ‘Zokusondela Kwentlangulo!’ ezaqhutywa kumazwe ali-155. Abavakalisi boBukumkani abazizigidi, abakumabandla angaphezu kwama-99 000 baba nesabelo kweli phulo elaliqala ngqa ukwenziwa. “Lakhuthaza abanye abasebatsha ukuba baqalise ukuba ngabavakalisi yaye abanye ababesele bepholile bavuseleleka,” yatsho njalo ingxelo evela kwenye iKomiti yeNdibano. Omnye umzalwana owayepholile kangangeminyaka engama-35 wafumana isimemo phantsi komnyango wakhe yaye ukususela ngoko akazange aphinde aphoswe ziintlanganiso! La mava alandelayo avela kumasebe awahlukahlukeneyo.
EFransi
Ngoxa elinye ibhinqa elingumKatolika lalihamba nomyeni walo betyelele isizalwana sabo babona isimemo kweli khaya baza baba nomdla kwimibuzo eyayikwesi simemo. Baya endibanweni nabantwana babo abathathu. Ekufikeni kwabo endibanweni, umlindi wababulisa ngobubele, wabanika iiBhayibhile waza wabahlalisa ecaleni kwentsapho engamaNgqina eyayihlala kumgama weekhilomitha ezintathu ukusuka ekhayeni labo! Ezi ntsapho zimbini zahlala kunye imini yonke zaza zenza amalungiselelo okuqalisa isifundo seBhayibhile. Kwiveki esemva kwendibano, le ntsapho inomdla yaya kwiintlanganiso zebandla ngotyelelo lomveleli wesiphaluka.
EIndiya
Imvumi edumileyo egama linguSunita yaya kucula eKhanada. AmaNgqina awadibana nayo apho ayimemela kwintlanganiso yesiPunjabi. Yasamkela isimemo yaye yayinandipha le ntlanganiso kuba kwakuthethwa kakhulu ngeBhayibhile. Yathi yakufumana isimemo sendibano, yayihlehlisa ngokukhawuleza ikonsathi eyayiza kubakho kuloo mpela-veki ukuze ikwazi ukuya endibanweni zontathu iintsuku. USunita akazange azisole ngesi sigqibo wasenzayo. “Yinyaniso le,” watsho njalo ekupheleni kosuku lokuqala lwendibano. Xa ebuyela eIndiya, waya kwiHolo yoBukumkani ekwindawo ahlala kuyo, ehamba nonina, nonyana wakhe, nonyana womntakwabo, nomhlobokazi wakhe. Xa abefundisi becawa yakhe beza kuye, wabaxelela ukuba uzimisele ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova. Eneneni, wathi nabo bafanele beze kwiHolo yoBukumkani!
ESerbia
Ibhinqa elingumTshayina esiza kulibiza ngokuba nguMei Li lihlala eBelgrade. Ngowama-2006 laqalisa ukufunda IMboniselo ngolwimi lwalo. Xa uMei Li wafumana isimemo sokuya kwindibano yesiTshayina eLeipzig, eJamani, wazimisela ukuya nangona iLeipzig ikumgama omalunga neekhilomitha ezili-1 000 ukusuka eBelgrade. Wafumana imvume yokundwendwela kangangeentsuku ezintathu, wakhwela inqwelo-moya eya eMunich, ukusuka apho wakhwela uloliwe oya eLeipzig, yaye iindleko zolo hambo zazilingana nomvuzo weenyanga ezimbini. Oko wakufundayo kolo cwangciso nakwiincoko zakhe nabanye abantu ababeye endibanweni kwamchukumisa kakhulu. Xa ebuyela eBelgrade, uMei Li nonina bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile sekhaya baza baqalisa ukuya kwisifundo sencwadi esiqhutywa ngesiTshayina.
EUnited States
“Kuzo zontathu iintsuku zendibano bekukho abantu abamenyiweyo,” yatsho njalo ingxelo evela kwiKomiti yeNdibano. “Omnye wabo bantu babekho libhinqa elafumana isimemo emva kokuba liye lathandazela ulwalathiso lukaThixo ebomini balo kusuku olungaphambili. Lahamba ngemoto yalo kangangeeyure ezimbini laya endibanweni ngoMgqibelo nangeCawa laza lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.” Le ngxelo ihlabela mgama yenjenje: “Enye indoda yasukela omnye umzalwana owayeshiye isimemo kunyana wayo. Lo mzalwana wayengaqinisekanga ukuba iyintoni injongo yale ndoda kodwa wavuya xa imcela ukuba abuye baze kuxubusha. Iphethe eyayo iBhayibhile, le ndoda yabuza imibuzo emininzi yaye emva koko kwaqaliswa isifundo.”
Omnye umzalwana wanika indoda eyayikwindawo ekwakhiwa kuyo isimemo. “Ndingabaxelela nabanye?” yabuza ngelitshoyo le ndoda.
“Ewe!” watsho lo mzalwana engazi ukuba le ndoda ingumsasazi kwinkqubo ethile kanomathotholo kusasa ngeMigqibelo. Eneneni, ebudeni benkqubo yayo yaxelela abanye ngesimemo, isifunda ngokuvakalayo! Abantu abaninzi bafuna ukwazi ngesi simemo.
UMorgan oneminyaka eli-12 ubudala unguvulindlela ongumncedani. Kwiveki engaphambi kokuba kuqaliswe iphulo elikhethekileyo, wadibana nenye indoda eyambuza imibuzo emininzi yeBhayibhile waza wayimemela kwintetho yesidlangalala eyayiza kunikelwa kwiHolo yoBukumkani. Le ndoda yeza nangona yakhawuleza yahamba emva kwentetho kuba yayisiya kumngcwabo wesalamane sayo. Ekuqaliseni kwephulo elikhethekileyo, uMorgan wanika le ndoda inomdla isimemo. Yathi: “Ndiza kuya nakanjani na ngoMgqibelo nangeCawa kodwa ngoLwesihlanu kufuneka ndiye emsebenzini.” Emva koko yabuza ukuba aye enze njani amaNgqina kwiimeko ezinjalo. UMorgan wathi: “Aye asebenzise ixesha lawo leeholide kodwa maxa wambi kuye kufuneke ayeke kuloo msebenzi.”
Xa uMorgan ebuyela kule ndoda, yamxelela ukuba icele imvume kumphathi ukuba ingasebenzi ngoLwesihlanu yaye yathi ukuba akavumi iza kuyeka kuloo msebenzi. Umphathi wayo wayixelela ukuba iluncedo kakhulu emsebenzini, akunakulunga ukuba aphulukane nayo, ingaluthabatha usuku lwangoLwesihlanu nolwangoLwesine ukuze ilungiselele indibano.
Le ndoda yabakho zontathu iintsuku endibanweni yaye yayingahambi yodwa. Yayize namalungu asi-8 entsapho yayo, abahlobo bayo abali-12 kunye neentsapho zabo—bebonke babengama-35! Ekuqaleni, xa le ndoda ixelela uMorgan ukuba iza kuza nabanye abantu abamalunga nama-30, waphendula ngelithi, “Andinakukwazi ukugcina izihlalo ezininzi kangako.”
Le ndoda yathi: “Ndiyakuqonda oko. Sakuchopha nokuba kusemaplangeni.” Enyanisweni bonke bafumana indawo yokuhlala efanelekileyo.
“LE NCWADI . . . IFUNDISA NJENGOYESU”
Iingxelo zibonisa ukuba incwadi yokufundisisa iBhayibhile ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? iyingenelo kakhulu kumsebenzi wokushumayela. “Ivula amehlo yaye yondla intliziyo nengqondo,” watsho njalo omnye umfundi weBhayibhile. Omnye umveleli wesithili uthi: “Le ncwadi itsala ingqalelo yakho kuba ifundisa ngendlela uYesu awayefundisa ngayo. Ayigwegwelezi, ihlab’ emxholweni yaye icacile ukanti iyachukumisa.” Khawunikel’ ingqalelo kula mava alandelayo.
EOstreliya
Xa omnye umzalwana wayelungisa izinto ezithile ezazonakele kwikhaya lelinye ibhinqa elaligula, walixelela ngethemba loBukumkani. Kwiintsuku ezimbalwa emva koko, xa lo mzalwana ebuyela kweli bhinqa ehamba nomnye udade onguvulindlela, lababuza ngemihla yokugqibela. La maNgqina atyhila kwisahluko 9, sencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, esinomxholo othi “Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?” aza axubusha inkcazelo elapho kunye nalo. Eli bhinqa lamangaliswa zizinto eziseBhayibhileni. Lathi: “Icawa endihamba kuyo indenze ndahlala ebumnyameni.”
Lo mzalwana uthi: “Xa sibuyela kulo, safunda isahluko 1 esinomxholo othi, ‘Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?’ nombandela okwisihlomelo ohambisana nalo mxholo, ochaza isizathu sokuba igama likaThixo lingabikho kwezinye iiBhayibhile. Xa eli bhinqa lifunda intshayelelo kwiBhayibhile yalo echaza ukuba abaguquleli basebenzise igama elithi ‘Nkosi’ endaweni yegama elithi ‘Yehova,’ laba nomsindo kuba lalixelelwe ukuba le nguqulelo yalo yeyona ichanileyo. Eli bhinqa liye lasazisa ukuba linomnqweno wokuya kwiintlanganiso zamaKristu.
EBelgium
Udade ogama linguIngrid wadibana nelinye ibhinqa laseAfrika elaliwachasile amaNgqina kaYehova. Wathi uIngrid akulibonisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, yadamba inkcaso kuba lalinomdla wokuqonda iLizwi likaThixo. Lavuma nokuqhutyelwa isifundo yaye lalifuna kufundwe zonke izibhalo. Ngoku eli bhinqa liyaya kwiintlanganiso, liyagqabaza yaye lifuna ukuba ngumvakalisi woBukumkani.
EBrazil
AmaNgqina afundisisa iBhayibhile noPaulo xa wayeqalisa iminyaka yeshumi elivisayo. Okubuhlungu kukuba, xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, intsapho yakowabo yaqhekeka. Ukuze akwazi ukuxhasa unina, uPaulo wazibandakanya neqela lomculo wesamba kodwa kungekudala wabandakanyeka ekuziphatheni okubi nasekunxileni. Sekunjalo, akazange ayilibale ngokupheleleyo inyaniso. Ngokomzekelo, wacaphuka xa kwafuneka aye kucula kwindawo ekwakuqheliselwa ubugqwirha kuyo kuba waphawula ukuba inokuthanani needemon. Wabona nendlela ubomi bakhe obabungenanjongo ngayo. Xa omnye umzalwana oselula wabonisa uPaulo incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngowama-2005, waphinda waba nomdla waza waqalisa ukufunda kwakhona. Kungekudala emva koko, waphuma kwelo qela lomculo yaye ngoku uyaya kwiintlanganiso zamaKristu.
EBritani
Xa wayekubulungiseleli bendlu ngendlu, uMarilyn wadibana noMelanie ongumama oselula yaye wabonakalisa umdla eBhayibhileni. UMarilyn wamshiyela iphecana waza wathembisa ukuba uza kubuya. Emva kokuya izihlandlo eziliqela engamfumani, ngenye imini uMarilyn wafika ekho uMelanie ekhaya. UMarilyn uthi: “Ndagqiba kwelokuba ndisebenzise incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngoko nangoko, yaye esi yaba sisifundo seBhayibhile esinenkqubela. Ngaphambi kokuba kufike iKrismesi, ndothuka xa uMelanie endixelela ukuba uyagqibelisa ukuba nomthi wokuhombisa weKrismesi. Wayesele efunde nezinye izahluko zale ncwadi waza wafunda inyaniso ngokuphathelele imvelaphi yeKrismesi.”
EKholombiya
UConsuelo wavunyelwa ngumphathi wakhe ukuba angabikho emsebenzini ukuze akwazi ukuya kwindibano yesithili. Xa uConsuelo esiya emsebenzini emva kwendibano, umphathi wakhe wambuza ukuba ihambe njani indibano yaye emva koko baba nengxubusho ebangel’ umdla. UConsuelo wambonisa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, yaye umphathi wayiboleka. Xa eyibuyisa emva kweentsuku ezimbini wamxelela ukuba ukunandiphile ukuyifunda. “Kanti ke le ncwadi iyingenelo nasekufundisiseni,” watsho njalo uConsuelo waza emva koko wambonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo. “Uthetha ukuba ndinokuqhutyelwa isifundo ngale ncwadi?” wabuza ngelitshoyo umphathi. Eneneni balungiselela ukuba baqalise isifundo yaye ngokukhawuleza emva koko eli bhinqa laqalisa ukunikela ubungqina kwizalamane nabahlobo. Laqalisa nokuya kwiintlanganiso zamaKristu maxa wambi lihamba nonyana walo noninakhulu.
EGuyana
UJoseph onguvulindlela othe ngxi waqalisa isifundo ngencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile nenye indoda eyayikhe yadibana namaNgqina ngaphambili eGeorgetown, isixeko esilikomkhulu lalapho. Ngesihlandlo sokuqala eze kuqhuba isifundo, uJoseph wafika le ndoda ihleli noonyana bayo ababini namakhosikazi abo. Nabo wabanika iincwadi. Kwiveki elandelayo, le ndoda yathi incwadi yayo ethi Okufundiswa YiBhayibhile ibolekwe yenye ititshala yalapho ekuhlaleni yaza yayifunda. Le titshala yathi: “Le ncwadi iqulethe inyaniso.” Emva koko nayo yayisibakho xa kuqhutywa isifundo. Wathi ummelwane akuva ngesi sifundo siqhutywayo naye wacela ukuza. Malunga nelo xesha, uJoseph wabamemela eSikhumbuzweni bonke. Nangona indoda yokuqala awafundisisa nayo uJoseph ingazange iphumelele ngenxa yokugula, intsapho yayo yaya eSikhumbuzweni kuquka utitshala nentsapho yakhe. Lonke eli qela lenza inkqubela.
EPoland
Ngoxa wayenikela ubungqina esitratweni uLucjan wadibana noJan oneminyaka engama-50 ubudala, umhlobo wakhe awayefunda naye, ekwakusele kudlule iminyaka emininzi engamboni. Kwingxubusho yabo eyayisekelwe kwiingongoma ezikwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, uJan wachaza ukuba wafelwa yinkosikazi yakhe yaye uqalise ukutshaya nokuba likhoboka lotywala. ULucjan uthi: “Xa ndiphinda ndibuyela nomnye umhlobo wam, safika uJan esilindile. Ngokuvisisana nesicelo sakhe, saqalisa isifundo ngencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngoko nangoko.” Inyaniso imfikelel’ intliziyo yaye uyazama ukwahlukana nemikhwa yakhe kuquka intetho engacocekanga.
ESpeyin
Yintoni eyayinokubangela ukuba ingcali ngeengxaki zegazi ikhuthaze umguli okhathazwa ludandatheko ukuba afundisise iBhayibhile? Amalungu amabini eKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele atyelela lo gqirha aza amshiyela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Yena kunye nomnye umguli awayemnyanga babedandathekile ngenxa yesigulo esiyingozi. Echukumisekile yile ncwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile, wayibonisa lo mguli emqinisekisa ukuba xa benokufundisisa namaNgqina banokukwazi ukukhangela kwikamva ngentembelo. Kwiintsuku nje ezimbalwa, udade onguvulindlela owayenikela ubungqina esitratweni wadibana neli nenekazi ligulayo yaye lavuma ukuqhutyelwa isifundo. Nengcali yeengxaki zegazi yaqalisa ukufunda yaye sele isiya kwiintlanganiso zamaKristu.
EZambia
UGoliath wayengusibonda kwenye idolophana, enabafazi ababini nabantwana abalishumi, kodwa ngoku yena kunye nentsapho yakhe benza inkqubela ephawulekayo ngokomoya. UGoliath waqalisa ukwenza iinguqulelo ebomini bakhe ngokukhawuleza nje emva kokuba efunde incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. NgoJanuwari 2006 yena kunye nentsapho yakhe baqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, yaye ngoFebruwari wacela umfazi wakhe wesibini ukuba ahambe waza wabhalisa umtshato wakhe ngokusemthethweni nomfazi wakhe wokuqala. (Mat. 19:4-6; 1 Tim. 3:2) NgoMatshi wayeka ukuba ngusibonda yaye ngoAprili yena kunye nomfazi wakhe uEsther baba ngabavakalisi abangabhaptizwanga. Isigqibo sabo sokukhonza uYehova ngokuqinisekileyo sazicaphukisa iidemon yaye zaqalisa ukukhathaza uEsther. Noko ke, wazichasa njengoko uYakobi 4:7 eyalela njalo. Waba yintoni umphumo? “Sobabini nomyeni wam sikhululekile kwiidemon,” watsho njalo.
UKUZAMA UKUSHUMAYELA NGOLUNYE ULWIMI
Abantu abaninzi baye bafudukela kwamanye amazwe ekuthethwa ulwimi olwahlukileyo kolwabo yaye uninzi lwaba baphambukeli luvela kumazwe ekunzima ukushumayela ngokukhululekileyo kuwo. Ngenxa yoko, ‘kuvulwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini,’ yaye abazalwana noodade abaninzi bayangena kulo mnyango ngokufunda olunye ulwimi. (1 Kor. 16:9) Ukongezelela koko, kwamanye amazwe kukho abemi bomthonyama abaninzi abalwimi lwabo lungaziwayo ngabanye abemi. Abavakalisi boBukumkani bafunda ezo lwimi yaye bafumana imiphumo emihle.
Ukuze kuhanjiselwe phambili umsebenzi kwimimandla enjalo, kwiiofisi ezininzi zamasebe kuye kwalungiselelwa ukuba kubekho iiklasi zokufunda ezinye iilwimi. Ukuze abo bafundayo bafunde ngokukhawuleza, badla ngokufundiswa izinto abanokuzithetha kubulungiseleli. UElisa ofunda isiAlbania uthi: “Ezi zifundo zikunceda ukuba ube nomdla kolo lwimi ulufundayo.”
EBelgium
Le ofisi yesebe ichaza ukuba abavakalisi abangaphezu kwama-300 baye baya kwiiklasi ezili-17 beyokufunda iilwimi ezilishumi yaye iminyaka yabo isusela kwisi-9 ukusa kuma-71. “Ndiye ndafunda isiTurkish yaye ndiyabathanda abantu abathetha olu lwimi,” utsho njalo uEnora. UAnnelies ufunda isiTshayina yaye intatheli kamabonwakude yadlan’ indlebe kunye naye. Yayifuna ukusasaza ibali lomntu owenza into entsha ebomini bakhe. UAnnelies wachaza isizathu sokuba afunde isiTshayina. Xa iphinda ibuya le ntatheli emva konyaka, uAnnelies wayixelela ngemiphumo emihle ayifumeneyo kubulungiseleli. Kuyabonakala ukuba le ntatheli yalithanda eli bali, kuba lasasazwa kwinkqubo kamabonwakude yangokuhlwa, kwaboniswa nodliwano-ndlebe eyaba nalo noAnnelies nevidiyo eyathatyathwa eshumayela kwisikhululo sebhasi ngesiTshayina.
ENetherlands
“Ngaphandle kokuthumela abasebenzi abangakumbi kwintsimi ekuthethwa kuyo ulwimi lwasemzini, iiklasi zokufunda ezinye iilwimi ziye zanceda ukuba kubekho abazalwana bokukhokela emabandleni,” itsho njalo ingxelo evela kwiofisi yesebe. ENetherlands, kuye kwakho ingxaki kwintsimi esentsha yabantu abathetha isiRomania. Iofisi yesebe iye yalungiselela ukuba kuqhutywe iintlanganiso ngolu lwimi ngamathub’ athile kodwa ubemnye kuphela umzalwana okhokelayo yaye ekhathazwa yimpilo. Ngoku ngenxa yezi klasi zokufunda ezinye iilwimi kuye kwafumaneka abazalwana abongezelelekileyo bokukhokela ebandleni. Omnye umzalwana uqhuba isifundo sencwadi veki nganye, omnye uqhuba iSifundo seMboniselo, yaye owesithathu uyatolika xa iintetho zinikelwa ngesiDatshi.
ESpeyin
Ukususela ngowama-2003, iofisi yesebe iye yalungiselela ukuba kuqhutywe iiklasi ezingama-48 ngeelwimi ezilishumi yaye umphumo woko ube kukwanda kwenani lezifundo zeBhayibhile eziye zaba malunga nama-50 000. UJuan Paz nenkosikazi yakhe uMari, abakhonza njengoovulindlela abakhethekileyo, bamenywa kwikhaya lentsapho ethetha isiRomania. Kwelo khaya kwakukho abantu abali-16 kuquka uMario oneminyaka eli-19 ubudala owayenikele ingqalelo ekhethekileyo. Nangona aba vulindlela babethetha iSpanish kuba bengasazi isiRomania wayithabatha incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ngolwimi lwakhe. Kwiveki elandelayo, uMario wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile waza waya kwindibano ekhethekileyo yosuku olunye nangona wayengaluva kakuhle ulwimi eyayiqhutywa ngalo. Kwisithuba seeveki nje ezimbalwa, wayesele esiya kuzo zonke iintlanganiso zebandla enikela neempendulo ezilula ngeSpanish. Walungisa imbonakalo yakhe waza waqalisa ukuthetha nabanye ngamathemba awayesandul’ ukufunda ngawo. Ngoku uqhubela esinye isibini esithetha isiRomania isifundo seBhayibhile yaye esi sibini senza inkqubela.
Ebudeni beli xesha, uJuan noMari baqalisa ukufunda isiRomania yaye kungekudala babeqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-30 ngolo lwimi! UJuan uqhuba nesifundo sencwadi ngesiRomania. Emva kwesifundo sencwadi, abavakalisi abalishumi bangena kwiklasi yesiRomania eqhutywa nguMario, umfundi wokuqala owaqhutyelwa isifundo seBhayibhile.
EUnited States
Bangaphezu kwezigidi ezingama-50 abantu balapha abantetho yabo ingesosiNgesi. AmaNgqina kaYehova amalunga nama-254 000 akhonza kumabandla angama-3 052 eSpanish nakumaqela angama-53. Abanye abavakalisi abangama-26 000 bakhonza kumabandla namaqela angama-690 ekuthethwa ezinye iilwimi zasemzini kuwo, ngaphandle kweSpanish. Ukuze umsebenzi uqhubeke kakuhle kule ntsimi ineelwimi ezahlukahlukeneyo, iofisi yesebe iye yalungiselela ukuba kuqaliswe iiklasi ezingama-450 ngeelwimi ezingama-29. Omnye umveleli wesiphaluka uthi: “Kule minyaka mibini idluleyo kuye kwasekwa amabandla amatsha amane kwisiphaluka sethu. Amathathu kuwo asekwe ngenxa yokuba kuye kwaqaliswa iiklasi zesiFrentshi.”
Omnye umzalwana owafunda iSpanish uthi: “Umnqweno wethu uye wazaliseka. Kangangeminyaka emininzi mna nenkosikazi yam sasinqwenela ukuba ngabavangeli basemazweni kodwa sasinembopheleleko yokukhulisa abantwana bethu ababini. Ngoku abantwana bethu bakhulile yaye ndithabathe umhlala-phantsi. Ngoko ke, kwiinyanga ezintathu ezidluleyo, mna nenkosikazi yam siye satshintshela kwibandla leSpanish yaye sesiye sabelwa iintetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Sinamabuyelo amaninzi nezifundo zeBhayibhile ezihlanu. Ngoku ndineminyaka engama-67, inkosikazi yam inama-64 eminyaka ubudala yaye siye safunda ukuba umntu unokuqalisa nokuba mdala kangakanani na ukufunda olunye ulwimi.”
Ukuba kwintsimi okuyo akufumani bafundi batsha yaye iimeko zakho ziyakuvumela, kutheni ungacingi ngokufunda olunye ulwimi ngenjongo yokufudukela kwintsimi ekuthethwa olo lwimi kuyo? Ngokwenjenjalo, unokungenelwa kakhulu yaye ubulungiseleli bakho bunokubangel’ umdla ngakumbi.
EJamani
Kweli lizwe ukufundwa kwezinye iilwimi kwaqaliswa kwisithuba esingaphezu kweminyaka engama-30 eyadlulayo yaye kuye kwaqeqeshwa abafundi abangaphezu kwe-1 000 ukuba bakwazi ukuthetha iilwimi ezisithoba ukuqala kwisiAlbania ukuya kutsho kwisiVietnam. “Ezi zifundo zikumgangatho ophakame gqitha kunezifundo endazifunda eyunivesithi,” watsho njalo omnye udade. Kuba abantu abafunda ezinye iilwimi befunda nendlela abacinga ngayo abantu abathetha olo lwimi, bayakwazi ukufikelela iintliziyo zabo xa benikela ubungqina.
UPaula, oneminyaka engama-82 ubudala waqalisa ukufunda isiVietnam yaye uhamba ngemoto iikhilomitha ezili-150 xa esiya kwiintlanganiso. Uthi: “Andinabuchule bokuthetha ezinye iilwimi kodwa ndimbulela kakhulu uYehova ngokuba endivulele eli thuba limnandi kangaka.” UPaula waqhubela enye intsapho isifundo ngesiVietnam. Yindoda eyaqala yabonakalisa umdla enyanisweni kwaza kwalandela inkosikazi yayo. Ngoku bobabini babhaptiziwe.
Ukususela ekubhaptizweni kwabo, esi sibini kunye nentombi yaso baye bazalisekisa umnqweno wabo wokuya kukhonza uYehova kwilizwe labo lokuzalwa. Bakha indlu enkulu ngokwaneleyo ukuze kuqhutyelwe kuyo iintlanganiso zebandla yaye indoda ikhonza njengomdala novulindlela ongumncedani. Inkosikazi yayo inguvulindlela othe ngxi. UPaula wavuya ngeyona ndlela xa efumana ileta evela kule ntsapho imxelela ukuba lo tata uye wabhaptiza intombi yakhe ngokwakhe. Kule leta kaPaula, le ntwazana yabhala yenjenje: “‘Makhulu’ endimthandayo. Ndiyakukhumbula. Ndisoloko ndicinga ngawe. Uya kusoloko unguMakhulu kum. Ndiyakuthanda.” Anjani wona ukuba mnandi amava alo dadewethu uthandekayo, owaqalisa ukufunda ulwimi olunzima sele aluphele!
EKhanada
Ukususela ngowama-2002 abafundi abangama-554 baye baya kwiiklasi ezingama-31 kwizixeko ezilishumi. UPaul, ongumdala ofe amanqe wayefunda isiMandarin. ULinda, umongikazi omnyamekelayo ngamathub’ athile ngumTshayina. Ngenxa yokuba ecaweni yakhe ayenyeliswa amaNgqina, uLinda wayengafuni nokuva ngesigidimi soBukumkani. Ngenye imini uPaul wamcela ukuba amse kwiHolo yoBukumkani ukuze aphulaphule intetho yesidlangalala ngesiMandarin. Wamsa kwiintlanganiso kodwa akazange axubane nabanye abantu yaye akazange abonakalise mdla. Kungekudala emva koko, wasa uPaul kwisifundo sencwadi. Ngesi sihlandlo uLinda, ongumzali ongenaqabane waphulaphula kuba kwakuxutyuswa ngobomi bentsapho. Emva koko, omnye udade onguvulindlela wacela ukuqhubela uLinda isifundo seBhayibhile yaye wavuma. Wenza inkqubela ephawulekayo ngokomoya yaye ngoku ungomnye woodadewethu.
EKhanada kukho abemi abaninzi bomthonyama abathetha iilwimi ezahlukileyo. Kwiminyaka embalwa edluleyo, omnye udade onguvulindlela ogama linguCarma wanikela ubungqina kwenye indoda engumIndiya ongumBlackfoot. UCarma ohlala kummandla wamaBlackfoot kunye nabazali bakhe, uthi: “Xa ndazama ukunikela ubungqina kuyo ngesiNgesi, ayizange ifune ukuphulaphula. Yathi ndililungu lenkonzo yabelungu yaye iBhayibhile yincwadi yabelungu. Ndathi kum ngaphakathi, ‘Ukuba nje bendilwazi ulwimi lwamaBlackfoot nendlela aphila ngayo ibiza kundiphulaphula.’” UCarma wagqiba kwelokuba afunde olu lwimi yaye kamva wanceda abavakalisi abangama-23 ababesiya kwiklasi efundisa isiBlackfoot veki nganye.
Omnye waba bavakalisi wanikela ubungqina kwesinye isibini esingamaBlackfoot esasize kubona unyana waso ogulayo esibhedlele. Sichukumisekile esi sibini kukubona lo dade unomdla kulwimi lwaso, samnika iadresi yaso. UCarma wafumanisa ukuba indoda yileya wayedibene nayo kunyaka ongaphambili! Ngoko wahamba nalo dade xa ebuyela kwesi sibini. UCarma uthi: “Esi sibini asizange sanele nje kukuphulaphula kodwa savumelana noko kuthethwa yiBhayibhile. Lo dade wasinika iBhayibhile nencwadi yokufunda. Ithe gwantyi iinyembezi, inkosikazi yazithabatha ezi ncwadi zombini yazibeka esifubeni, nendoda yayo yabonakala ivuya ngokufanayo. Ngoku le nkosikazi iqhutyelwa isifundo yaye indoda yayo iyaphulaphula xa kufundwa.”
Ibonisa impumelelo kwezi klasi, iofisi yesebe ichaza ukuba angama-34 amaBlackfoot abeze eSikhumbuzweni ngowama-2006 ebesiqhutywa ngolwimi lwawo!
EItali
Abavakalisi abamalunga nama-7 200 baye bafunda iilwimi ezahlukahlukeneyo ezili-18. Omnye wabo wadibana noSamson, ovela kwilizwe apho umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uvaliweyo. Xa wayeneminyaka engama-24 ubudala, uSamson waqalisa uhambo awalubiza ngokuba luhambo lwethemba, okokuqala wacanda intlango waza wenjenjeya ukusinga eItali ngenqanawa. Yaye apho wadibana nomzalwana owayefunde ulwimi lwakhe. USamson waphulaphula ngomdla wada waya nakwiintlanganiso zamaKristu. Emva kokungabonani kangangeenyanga ezilishumi, badibana kwakhona yaye lo mzalwana waqalisa isifundo seBhayibhile noSamson. Esi sifundo sasiqhutyelwa kwiivenkile zokutyela, kwizikhululo zikaloliwe ezingaphantsi komhlaba nakwiindawo zokupaka iimoto. Emva kokuba eye eSikhumbuzweni, uSamson waqalisa ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile wada waqhawula nolwalamano awayenalo nebhinqa awayehlalisana nalo isithuba esingangonyaka. Ngoku ungomnye wabazalwana bethu.
ENicaragua
Ngowama-2006, abazalwana banikela ubungqina obucokisekileyo kumaMayangna okokuqala ngqa. Inkoliso yamaMayangna ingamalungu ecawa yaseMoravia, iqela lamaProtestanti, yaye kwidolophu nganye umfundisi udla ngokuba ngusodolophu ongagunyaziswanga. Omnye waba befundisi wenza ngokuchaseneyo nesithethe salapho waza wavumela uHamilton noAbner—oovulindlela abakhethekileyo—ukuba bahlale edolophini. Wada wabafunela nendawo yokuhlala waza wabanika iBhayibhile epheleleyo yesiMayangna. Aba bazalwana bafunda ulwimi lwalapho yaye kungabanga thuba lide babeqhuba izifundo eziliqela zeBhayibhile. Eneneni, aba vulindlela babeziitoliki ngotyelelo lokuqala ngqa lomveleli wesiphaluka apho kwakuze abantu abali-13 yaye ababeze eSikhumbuzweni babengama-90. NgeSikhumbuzo, aba bazalwana baguqulela iingoma ezimbini kwisiMayangna, yaye bonke ababekho bacula ngehlombe.
Ngenxa yomdla ababenawo abemi balapha, iofisi yesebe yavuma ukuba aba vulindlela baqhubeke bekhonza kwesi sabelo. Kodwa ngaba abasemagunyeni babeza kuyivuma loo nto? Kwintlanganiso eyayikho kuloo dolophu, abanye batyhola amaNgqina kaYehova ngelithi angabachasi-Kristu. Noko ke, enye indoda eyayikhe yafundelwa ngamaNgqina yayikwibhunga ledolophu. Yathi: “Okoko aba bafana babini bafikayo kule dolophu, andizange ndibone mntu ubaphekelayo okanye ubahlambela impahla. Bayazenzela yonk’ into. Bade bafunda nolwimi lwethu! Ngapha koko, basifundise iimfundiso zeBhayibhile ebesingazazi. Ukuba la madoda ebengathunyelwanga nguThixo, ngewemka kudala.” Aba bazalwana bavunyelwa ukuba bahlale.
INGUQULELO YABAZIZITHULU
EUnited States
Ngowama-2006, kwakhululwa ii-DVD zeNtetho Yezandla YaseMerika ezinomxholo othi The Good News According to Matthew. Okokuqala ngqa abavakalisi abazizithulu bayakwazi ukufunda zonke ezi zahluko zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwabo. “Le yeyona leta imnandi ivela kuYehova endakha ndayifumana,” watsho njalo omnye umdala osisithulu. Omnye wathi, “Ngoku ndiyayibona indlela iindinyana ezingqinelana ngayo.” Omnye udade ozenzele usukelo lokufunda isahluko yonke imihla uthi: “Ndiye ndizibone sele ndifunde izahluko ezine okanye ezihlanu ndilibale shici ukuba bendimele ndibe kwindawo ethile, ngexesha elithile!”
EBrazil
Umsebenzi kwintsimi yentetho yezandla uhambela phambili ngendlela emangalisayo. Ngoku kukho amabandla entetho yezandla angama-232, wona abumba iziphaluka ezilishumi nesithili esinye. Kula mabandla entetho yezandla, kukho abadala nezicaka zolungiselelo ezingaphezu kwe-1 000, oovulindlela abakhethekileyo abali-146, abasi-8 kubo bazizithulu. Abangaphezu kwe-100 kwabo badala nezicaka zolungiselelo bathi into ebenze bakhula nangakumbi ngokomoya ziimpapasho ezintle intlangano kaYehova ezilungiselele abazizithulu. Ezinye zezi mpapasho yethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, Hlalani Nilindile!, Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?, neMboniselo. Ukususela ngowama-2006, kuye kwalungiselelwa ukuba iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo siquke intetho yezandla kusetyenziswa iimpapasho ezikhoyo ngolu lwimi.
Omnye utitshala onama-30 eminyaka ubudala uthi: “Ekubeni ndikhe ndaya kwiicawa ezahlukahlukeneyo, ndiyabona ukuba ngamaNgqina kaYehova kuphela akwaziyo ukufundisa abantu abazizithulu iBhayibhile.” Uthi into efundiswa kwicawa yakhe ayinangqondo yaye ayiloncedo. Nangona abahlobo bakhe bemkhalazela, uzimisele ukuqhubeka esiya kwiintlanganiso zamaKristu. Wanga uYehova angaqhubeka etsalela abo bantu bantliziyo zinyanisekileyo kuNyana wakhe!—Yoh. 6:44; ISityhi. 14:6.
UHAMBELO-PHAMBILI KWEZOMTHETHO
E-Eritrea
Ngenxa yokuba abazalwana bengazange bavote, ngowe-1994 umongameli wawisa umthetho wokuba amaNgqina kaYehova ahluthwe ilungelo lokuba ngabemi belo. Esi sigqibo sabangela ukuba abazalwana bethu bacinezeleke kakhulu kwezoqoqosho yaye abangamakhulu bemka kwelo, babhacela kwamanye amazwe. Abanye abaquka abanabantwana abasahamba isikolo abazange bahambe. Xa bekwibanga lesithoba, bonke abafundi kweli—amakhwenkwe namantombazana—babhaliselwa ukuqeqeshelwa umkhosi. Ngenxa yoko, abaninzi abaselula baye bagqiba kwelokuba bangaqhubeki nemfundo emva kwebanga lesibhozo.
Ukuya kwiintlanganiso zebandla nokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela kuye kwaba yingozi; amalungu ebandla ayabanjwa onke! Sekunjalo, abazalwana noodade abanenkalipho baye baqhubeka ‘bethobela uThixo njengomlawuli kunabantu.’ (IZe. 5:29) Abazalwana noodade abasentolongweni ngoku bangama-31 kuquka umzalwana oneminyaka engama-73 ubudala ongummi waseNetherlands. Abanye bavalelwe entolongweni ngenxa yokungavumi ukungena emkhosini. Abazalwana abathathu—uPaulos Eyassu, uIsaac Mogos, noNegede Teklemariam—bebesentolongweni ukususela ngowe-1994.
EFransi
NgoFebruwari 25, 2005, kwafakwa isicelo kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ngokuphathelele ukuhlawuliswa koMbutho wamaNgqina kaYehova irhafu ngokungafanelekanga. Abantu abangaphezu kwama-874 000 batyikitya isicelo esivela kubemi balo lonke elo nxamnye nesi senzo singekho sikweni yaye olu xwebhu lwasiwa eNkundleni. Sekunjalo, ngoJanuwari 2006 amagosa karhulumente ajongene nemicimbi yerhafu ayalela abazalwana ukuba bahlawule ityala eliseleyo lerhafu.
AmaNgqina kaYehova aqhagamshelana neNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ngokukhawuleza eyichazela ngalo myalelo. INkundla yaqalisa ukuhlola isicelo ngoko nangoko. NgoMeyi 4, 2006, iNkundla yacela urhulumente waseFransi ukuba afake ingxelo ephathelele eli tyala. Injongo kukufuna ukuqonda enoba akwenziwanga ngokuchasene nenkululeko yonqulo yamaNgqina kaYehova kusini na nokuba akukho lucalucalulo na kweli tyala.
EJamani
NgoFebruwari 10, 2006, iNkundla Yolawulo LukaRhulumente yaseLeipzig yawisa umthetho wokuba uRhulumente waseBerlin umele agqale Umbutho Wonqulo LwamaNgqina kaYehova aseJamani njengowamkelekileyo emthethweni. Lwaba luyaphela ke usukuzwano obeluqhubeka kangangeminyaka eli-15. Ngoku lo Mbutho Wonqulo ukhululekile ekuhlawuleni irhafu yaye ufumana namanye amalungelo axhanyulwa zezinye iicawa eziphambili. NgoJulayi 5, 2006, uRhulumente waseBerlin wakhupha uxwebhu olubhaliweyo olusemthethweni waza wanika amalungu amabini eKomiti yeSebe iphepha lesiqinisekiso.
EGrisi
Kangangeminyaka, ukufumana imvume yokwakha neyokusebenzisa iiHolo zoBukumkani bekuthabatha ixesha elide okanye ingafumaneki kwaukufumaneka ngenxa yokuba umthetho ubufuna ukuba izicelo ezinjalo ziqale zamkelwe ngoobhishopu bamaOthodoki. NgoMeyi 30, 2006, ipalamente yamisela umthetho wokuba ibe liSebe Lezemfundo Nezonqulo kuphela elisingatha izicelo zeenkonzo ezingezizo ezobuOthodoki.
NgoJulayi 15, 2005, abaphathi bebala lezemidlalo elinophahla laseLoutraki, eCorinth, bayirhoxisa imvume yokuba abazalwana baqhubele indibano yesithili kweli bala. Abaphathi babethandabuza enoba amaNgqina kaYehova “alunqulo olwaziwayo” kusini na. Igosa eliphanda ngezikhalazo langenelela yaye ngoFebruwari 2006, abaphathi bebala lezemidlalo bathembisa ukuphinda bahlole izicelo ezitsha njengoko ngoku sele beqonda ukuba amaNgqina kaYehova alunqulo olwaziwayo.
ENepal
AmaNgqina kaYehova abhaliswa ngokusemthethweni njengombutho wonqulo ngo-Oktobha 2005. Enye yeenjongo zalo mbutho ezibhalwe kuxwebhu lwesivumelwano “kukuhambisela phambili imfundo yokomoya.” Ukubhaliswa kwawo ngokusemthethweni kunegalelo ekushunyayelweni kweendaba ezilungileyo kweli lizwe linamaHindu ubukhulu becala.
ERomania
Nangona amaNgqina kaYehova abhaliswa njengonqulo olusemthethweni ngowe-1990, akazange afakwe kuluhlu lukaRhulumente lweenkonzo ezisemthethweni olwakhutshwa ngowe-1997. Ngenxa yoko, abazalwana babengavumelekanga ukwakha iiHolo zoBukumkani yaye babengavumelekanga ukukhululwa kwinkonzo yasemkhosini—malungelo lawo ziwafumanayo iicawa ezaziwayo. INkundla Ephakamileyo yaseRomania yayalela urhulumente ukuba agqale amaNgqina kaYehova njengonqulo olusemthethweni kodwa urhulumente waqhubeka engawunanzi lo myalelo. NgoMatshi 2006, encediswa yiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu, urhulumente wathethathethana namaNgqina kaYehova ukuba izinziswe ngoxolo le mbambano, lwaba luyaphela ke usukuzwano olwathabatha iminyaka esithoba. Urhulumente wavuma ukuba umbutho wethu ufanele “uxhamle onke amalungelo asemthethweni” afunyanwa ziinkonzo.
ETurkey
Emva kokuba iofisi yesebe ifake isicelo sokubhaliswa njengenkonzo esemthethweni, urhulumente wathi lo mbutho awunakubhaliswa ngokusemthethweni nangona umthetho uye watshintshwa ukuze uvisisane nemithetho yeEuropean Union. Eli tyala lisaxoxwa kwiinkundla zelo kodwa ekugqibeleni lisenokudluliselwa kwiNkundla YaseYurophu.
Enye ingxaki iphathelele inkonzo yasemkhosini. Abazalwana babizelwa emkhosini izihlandlo ezithathu okanye ezine ngonyaka de badlule kwiminyaka yokuqeqeshelwa umkhosi. Sihlandlo ngasinye bayagwetywa. Abanye baye bahlawuliswa ngokuphindaphindiweyo yaye bambi bavalelwa entolongweni. Ngowama-2004, uYunus Erçep wafaka isicelo kwiNkundla yaseYurophu. Nangona eye wahlawuliswa izihlandlo ezininzi, uMzalwan’ uErçep wavalelwa entolongweni ngo-Oktobha 2005 waza wakhululwa emva kokuthothoza iinyanga ezi-5 nakuba wayegwetywe iinyanga ezili-12. Ngemini awakhululwa ngayo, wabizwa enkundleni waza wahlawuliswa ngokungavumi ukungenela umkhosi kwizihlandlo ezidluleyo.
EUzbekistan
Kule minyaka mine idluleyo abazalwana bethu abangaphezu kwe-1 100 baye babanjwa, bavalelwa, bahlawuliswa okanye babethwa. Iziganeko ezingaphezu kwama-800 kwezi zenzeka ngeSikhumbuzo sowama-2005 nesowama-2006. Kwiindawo ezininzi amapolisa awayephethe iintonga zawo ayefika ngeebhasi aze abambe bonke abakhoyo. Abaninzi babehlawuliswa; abanye bebethwa kanobom.
Sekunjalo, abazalwana baye banikela ubungqina obuhle. Khawucinge ngomzalwana nodade abatyholwa ngokuba zizaphuli-mthetho ngokuya kwiintlanganiso zebandla nokunikela ubungqina. Igqwetha labo lacela ukuba uncwadi olwaluthinjwe ukubanjwa kwabo luhlolwe apho enkundleni. Kwafundwa incwadi ethi Ulwazi nencwadana ethi Okufunwa NguThixo, nejaji yayifunda. Kuba yayinomdla kwisahluko sesi-5 sencwadi ethi Ulwazi, esinomxholo othi “Lunqulo Loobani UThixo Alwamkelayo?” ijaji yayalela ukuba kuqhutyekwe kufundwa nasebudeni bekhefu lesidlo sasemini.
Xa kucatshulwa uMateyu 28:19, 20, ijaji yadanduluka, “Kungenxa yoko le nto nishumayela!” Xa ibuza isizathu sokuba amaNgqina kaYehova atshutshiswe ebudeni bolawulo lukaHitler lobuNazi, yanikwa iikhasethi zevidiyo ezintathu: ethi Purple Triangles, Jehovah’s Witnesses Stand Firm Against Nazi Assault, nethi The Bible—Accurate History, Reliable Prophecy. Nangona lo mzalwana nodade bahlawuliswayo, bakwazi ukunikela ubungqina kumagosa enkundla namapolisa ngendlela abangazange bacinge nokucinga ngayo.—Luka 21:12, 13.
ESudan
Ukususela ngoJuni 2006, amaNgqina kaYehova aye abhaliswa ngokusemthethweni kumazwe asibhozo. Abazalwana baye bakha iiHolo zoBukumkani kula mazwe yaye baye baqhuba iindibano ezinkulu esidlangalaleni. Uncwadi oluvela kumazwe angaphandle luthunyelwa ngokukhululekileyo yaye abazalwana baneofisi eKhartoum.
ERashiya
NgoAprili 12, 2006, kwagaleleka amapolisa angama-50 ngoxa elinye ibandla laseMoscow elinabavakalisi abangama-200 lalihlanganisene eSikhumbuzweni kwisakhiwo esiqeshiweyo. Umphathi weSebe Lamapolisa LaseLyublino wayichitha loo ntlanganiso, esithi amaNgqina kaYehova aseMoscow akavumelekanga ukuba ahlanganisane ngenxa yokuba uvaliwe umsebenzi wawo. Amapolisa ahlola amaphepha ezazisi, athimba uncwadi aza abamba abazalwana abali-14 abasa kwisikhululo samapolisa saseLyublino yaye bagcinwa apho kangangeeyure ezingaphezu kwezine. Xa omnye umzalwana waya kwisikhululo samapolisa ngenjongo yokumela abazalwana ngokusemthethweni wathathwa wajulwa phantsi egrogriswa ngemela. Waxelelwa ukuba angafaki simangalo. Sekunjalo, aba-4 kwabo bazalwana bali-14 bafaka isimangalo nxamnye neSebe Lamapolisa LaseLyublino ngoAprili 17.
Eli tyala laqalisa ukuxoxwa ngoMeyi 16 kwiNkundla YeSithili yaseLyublino eMoscow nguJaji Z. V. Zubkova. Kwakungekho nalinye kumapolisa ayeye kugqogqa—kwakukho igqwetha lawo kuphela. Ingakhange inabe kuyaphi, ijaji yazigatya izikhalazo zabazalwana ezingama-50 ezazize namagqwetha abo, nenkoliso yemipoposho eyayisiza nala magqwetha. Kwelinye icala, ijaji yawamkela umpoposho wegqwetha lamapolisa wokwamkela isigqibo esenziwa yiGolovinsky Intermunicipal District Court sokuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova eMoscow nobungqina bukaL. V. Kulikov oyingcali ngokusebenza kwengqondo, owanikela ubungqina nxamnye namaNgqina kaYehova kwityala elalingaphambi kwelo.
NgoJuni 15, 2006, ijaji yathi abamangali babanjwe ngokungekho mthethweni kodwa ayizange ithethe nto nxamnye nokuphazanyiswa kweSikhumbuzo. Esi sigqibo sabonisa ukuba iholo ababehlanganisene kuyo ayikufanelekelanga ukusetyenziselwa inkonzo yonqulo. AmaNgqina kaYehova enza isibheno kwiNkundla YesiXeko YaseMoscow ngoJuni 30, 2006, yaye phakathi kwezinto awazikhankanyayo kukusingelwa phantsi kwenkqubo yomthetho yiNkundla YeSithili YaseLyublino. Kweminye imimandla engama-22 yaseMoscow, iSikhumbuzo saqhutywa ngaphandle kweziphazamiso.
Kwisiqendu sokuqala sezi Mbalasane kukhankanywe umnqweno owavakaliswa ngumdumisi: “Ndiza kumculela uncuthu lwengoma uThixo wam lo gama ndisekho.” (INdu. 146:2) Namhlanje, abakhonzi bakaYehova abazizigidi baye banikela ubungqina obuyintabalala bokuba banomnqweno ofanayo. Ewe, logama le nkqubo isaqhubeka, ngamana asingevumeli iindonga zentolongo, imithetho yoorhulumente okanye umqobo wokungalwazi ulwimi oluthile isithintele ekuculeleni uBawo wethu wasezulwini uncuthu lwengoma!
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
Esi Ayisosimemo Nje
Kwiphepha lesimemo kukho indawo elungiselelwe ukuba abantu babhale kuyo bacele ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, ukuthunyelelwa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile okanye zombini ezo nto. Kwiiofisi zamasebe ehlabathini jikelele kwaqalisa ukufika la maphetshana ezicelo. Iofisi yesebe yaseUnited States ithi ifumene izicelo ezingaphantsi nje kancinane kwama-2 000 kuquka izicelo ezingama-300 zokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Licacile elokuba, ukuzibhokoxa kwabazalwana noodadewethu ekuhambiseni esi simemo kuya kuqhubeka kuvelisa iziqhamo ezihle.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
Incwadi Ethi Okufundiswa YiBhayibhile Ifuneka Ngamandla!
Ngasekupheleni kukaJulayi 2006, kwakusele kushicilelwe imibhalo engaphezu kwama-47 ezigidi yencwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ngeelwimi ezili-155 kwakunye neentlelo ezili-10 zeBraille. Kwinyanga nje enye, amabandla aseUnited States ayeodola iincwadi ezilinganiselwa kuma-42 000 ngosuku. Isinye kwisithathu sezi odolo sasiodolwa ngokungxamisekileyo. Intsapho yaseBheteli esehlabathini lonke ikugqala njengelungelo ukusebenza nzima ukuze ivelise olu ncwadi lusetyenziswa ngabazalwana noodadewethu.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
Ukunikezelwa Kweeofisi Zamasebe
EAlbania
Ukuvalwa komsebenzi wethu kangangeminyaka engama-50 kwaphela ngowe-1992. Kubazalwana noodade abangama-325 ababekho xa kwakunikezelwa iofisi yesebe entsha, ekummandla ongaphandle kweTiranë, kwakukho namaNgqina amane asele ekhulile, awakhonza uThixo ngexesha lokuvalwa komsebenzi. Kwakukho neendwendwe ezivela kumazwe angaphandle angama-32. Ekufikeni kwabavangeli basemazweni ngowe-1992, abavakalisi ababhaptiziweyo babesithoba kuphela. Ngoku bangama-3 617. UTheodore Jaracz noGerrit Lösch, abangamalungu eQumrhu Elilawulayo babenenxaxheba kucwangciso lokunikezelwa ngoJuni 3, 2006. Ngosuku olulandelayo, banikela iintetho kwibala lezemidlalo elingenaluphahla apho kwakuze abantu abangama-5 153, abaphulaphula ngenyameko nakuba kwakusina ngamandla.
ECroatia
Kulo nyaka uphelileyo kuye kwakho intsikelelo ephindwe kabini kweli: kwindibano yesithili kuye kwakhutshwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngesiCroatia kwaza kwanikezelwa izakhiwo ezisandul’ ukwandiswa zeofisi yesebe eseZagreb. NgoLwesihlanu, ngoAgasti 11 abantu abali-142 babephulaphule intetho yonikezelo eyayinikelwa nguMzalwan’ uJaracz. Eli sebe lanikezelwa okokuqala kwiminyaka esixhenxe ngaphambilana, ngowe-1999.
ESlovenia
NgoMgqibelo, ngoAgasti 12, uMzalwan’ uJaracz wanikela intetho yonikezelo kwisakhiwo esitsha sesebe esiseKamnik, idolophu ekumgama weekhilomitha ezingama-20 ngakumntla wesixeko esilikomkhulu saseLjubljana, neekhilomitha ezili-130 ngakwintshona yeZagreb, eCroatia. Ngaphambili, intsapho yaseBheteli ibihlala kwizakhiwo ezahlukahlukeneyo ezisesixekweni, ngoko yavuya kakhulu kuba ekugqibeleni yaye yakwazi ukuhlala ndawonye! Kwakuze abantu abali-144, abavela kumazwe angama-20.
[Imifanekiso]
Isakhiwo seofisi yesebe yaseAlbania
Intlanganiso ekhethekileyo ekwakuze kuyo abantu abangama-5 153
Isakhiwo esandisiweyo seofisi yesebe yaseCroatia
Iofisi yesebe yaseSlovenia
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Banikela ubungqina kwibhinqa elisisithulu, eBrazil
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Iklasi yokuqala yesiHindi, eJamani
[Umfanekiso okwiphepha 19]
ULinda noPaul
[Umfanekiso okwiphepha 19]
UCarma unikela ubungqina ngesiBlackfoot
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Iklasi yeSpanish, eRome, eItali
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Banikela ubungqina kuSamson
[Umfanekiso okwiphepha 21]
UHamilton noAbner bafundisa ngeBhayibhile ngolwimi lwesiMayangna
[Umfanekiso okwiphepha 27]
IHolo yoBukumkani kumzantsi weSudan