Uyakhumbula Na?
Ngaba uye wakuxabisa ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ngoko, khawubone enoba ungakwazi na ukuphendula le mibuzo ilandelayo:
▫ Kwakutheni ukuze amaKristu okuqala angawubhiyozeli umhla wokuzalwa kukaYesu?
Ngokutsho kweThe World Book Encyclopedia, “amaKristu Okuqala ayengakubhiyozeli ukuzalwa [kukaYesu] kuba ayekugqala ukubhiyozela ukuzalwa kwakhe nawuphi na umntu njengesiko lobuhedeni.”—12/15, iphepha 4.
▫ Ngaba imithandazo ifanele ibhekiswe kuYesu?
Akunjalo, kuba imithandazo iluhlobo lonqulo olumele lubhekiswe kuThixo uSomandla kuphela. Ngokubhekisa imithandazo yethu yonke kuYehova uThixo, sibonisa ukuba siluthabathele entliziyweni ulwalathiso lukaYesu lokuthandaza sithi: “Bawo wethu osemazulwini.” (Mateyu 6:9)—12/15, iphepha 25.
▫ Kwakutheni ukuze isigwebo esadluliselwa kuKumkani uDavide ngenxa yesono sakhe esinzulu sahluke kweso sezono zikaHananiya noSafira? (2 Samuweli 11:2-24; 12:1-14; IZenzo 5:1-11)
Isono sikaKumkani uDavide sasibangelwe yinyama ebuthathaka. Xa wabuzwa ngoko wayekwenzile, waguquka, yaye uYehova wamxolela—nangona kwafuneka ejamelene nemiphumo yesono sakhe. UHananiya noSafira bona kuba ngobuqhophololo baxoka, bezama ukukhohlisa ibandla lamaKristu baza ngaloo ndlela ‘baxokisa umoya oyingcwele noThixo.’ (IZenzo 5:3, 4) Oko kwabonakala kungqina ukuba babeneentliziyo ezingendawo, ngoko bagwetywa ngokuqatha ngakumbi.—1/1, iphepha 27, 28.
▫ Yintoni enokusinceda sikhonze uYehova ngentliziyo enovuyo?
Sifanele sihlakulele imbono ekhuthazayo nenoxabiso ngeentsikelelo namalungelo enkonzo esiwafumana kuThixo, yaye asifanele size silibale ukuba ngokulandela iLizwi likaThixo, siyamkholisa.—1/15, iphepha 16, 17.
▫ Ziziphi izinto ezimbini esimele sizikhumbule ukuba siza kunikela ukhuthazo oluphumelelayo?
Okokuqala, cinga ngoko uza kukuthetha ukuze ukhuthazo lwakho lungqale. Okwesibini, wajonge amathuba okubonana nomntu ofanelwe kukunconywa okanye ofuna ukwakhiwa.—1/15, iphepha 23.
▫ Kutheni “isihlwele esikhulu” ‘sinamasundu ezandleni zaso’? (ISityhilelo 7:9)
Ukuwangawangisa amasebe esundu kubonisa ukuba “isihlwele esikhulu” ngovuyo sikhahlela uBukumkani bukaYehova noKumkani wakhe othanjisiweyo, uYesu Kristu. (Bona iLevitikus 23:39, 40.)—2/1, iphepha 17.
▫ Ziziphi izifundo ezibalulekileyo ezifumaneka kwincwadi kaYobhi?
Incwadi kaYobhi isibonisa indlela yokusingatha iingxaki. Isimisela imizekelo ebalaseleyo ngendlela ubani ojamelene nezilingo afanele—nangafanele—alulekwe ngayo. Ukongezelela, amava kaYobhi anokusinceda sisabele ngendlela elungeleleneyo xa sizifumana sintlithwa ziimeko ezibandezelayo.—2/15, iphepha 27.
▫ Sifunda ntoni kwimimangaliso kaYesu?
Imimangaliso kaYesu izukisa uThixo, imisela amaKristu umzekelo wokuba azukise uThixo. (Roma 15:6) Ikhuthaza ukwenziwa kobulungisa, ukubonakalisa isisa, nokubonakalisa imfesane.—3/1, iphepha 8.
▫ Yintoni injongo yokuba abadala bahlolisise imibuzo abayilungiseleleyo nabasandula ukuzahlulela?
Oku kuqinisekisa ukuba ngamnye kwabaza kubhaptizwa uyaziqonda iimfundiso ezisisiseko zeBhayibhile yaye uyakuqonda okubandakanyekileyo ekubeni liNgqina likaYehova.—3/1, iphepha 13.
▫ Sinokungenelwa njani kwimithandazo eseBhayibhileni?
Ngokuhlolisisa imithandazo eseZibhalweni, sinokufumana eyavakaliswa kwimeko efanayo neyethu. Kuya kusinceda siphucule unxibelelwano lwethu noYehova ukuyifumana, siyifunde, size sicamngce ngemithandazo enjalo.—3/15, iphepha 3, 4.
▫ Kuyintoni ukoyika uThixo?
Ukoyika uThixo kukoyika uYehova, ukumhlonela ngokunzulu, nokoyika ngokufanelekileyo ukungamkholisi. (INdumiso 89:7)—3/15, iphepha 10.
▫ Ziziphi iindlela ezintathu ebonisa ngazo iBhayibhile ukuba sixabisekile emehlweni kaThixo?
IBhayibhile isifundisa ukuba ngamnye kuthi uxabisekile emehlweni kaThixo (Luka 12:6, 7); isichazela ngoko uYehova akuxabisayo kuthi (Malaki 3:16); yaye ichaza oko uYehova akwenzileyo ukubonisa ukuba uyasithanda. (Yohane 3:16)—4/1, iphepha 11, 12, 14.
▫ Kutheni amaHebhere 10:24, 25 engapheleli nje ekubeni ngumyalelo wokuba amaKristu ahlanganisane kunye?
La mazwi kaPawulos amisela umlinganiselo ophefumlelwe nguThixo wazo zonke iintlanganiso zamaKristu—eneneni, ngaso nasiphi na isihlandlo amaKristu enxulumene kunye.—4/1, iphepha 16.