IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 8/15 iphe. 31
  • Uyakhumbula Na?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyakhumbula Na?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Umshicileli Owaba Negalelo Elingalibalekiyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Kutheni Ufanele Uyifune Inyaniso?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • AmaKristu Anqula Ngomoya Nenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ngaba Inyaniso Engonqulo Inokufumaneka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 8/15 iphe. 31

Uyakhumbula Na?

Ngaba uye wakunandipha ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, uya kufumanisa kubangel’ umdla ukukhumbula oku kulandelayo:

▫ Ngaba inyaniso engonqulo inokufumaneka?

UYesu Kristu wathi: “Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:32) UYesu akazange abonise ukuba inyaniso inokufumaneka kuphela kodwa wabonisa ukuba kufuneka siyifumane ukuba siza kunqula uThixo. Wayixelela oku intokazi yomSamariya: “Abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:23)—4/15, iphepha 5.

▫ Wayengubani uRobert Estienne, yaye waba negalelo elingalibalekiyo njani?

URobert Estienne wayengumshicileli owayephila ngenkulungwane ye-16. Wabunikela ekupapasheni iZibhalo eziNgcwele ubomi bakhe yaye wazabalazela ukutyhila amazwi eBhayibhile njengoko ayebhalwe njalo ntlandlolo. Inkqubo yakhe yokwahlulahlula umbhalo weBhayibhile ube neendinyana ezibhalwe ngamanani yinkqubo esetyenziswa ngokubanzi namhlanje.—4/15, iphepha 10, 14.

▫ Singenelwa njani ngokufunda iBhayibhile yonke imihla?

IZibhalo zisoloko zisiba nentsingiselo entsha kuthi, yaye iziprofeto ezithetha ngemihla yokugqibela zibangela umdla ngakumbi ngenxa yoko sikubonileyo, sikuvileyo, noko siye sahlangabezana nako. Njengoko sisiba namava angakumbi ebomini yaye sihlangabezana neengxaki, sisiqonda ngokuzele ngakumbi isiluleko seBhayibhile. (IMizekeliso 4:18)—5/1, iphepha 15.

▫ Zinokukhunjulwa njani izibhalo zeBhayibhile?

Njengoko ufunda iBhayibhile, phawula izibhalo ezikhethiweyo ofuna ukuzikhumbula, okanye zikhuphele emakhadini uze uwabeke apho uya kuwabona khona yonke imihla. Njengoko uzama ukuzicengceleza ezi ndinyana, camngca ngazo uze uzisebenzise. Musa ukuzama ukucengceleza ezininzi ngexesha elinye, mhlawumbi unokucengceleza esinye okanye ezibini veki nganye.—5/1, iphepha 16, 17.

▫ Yiyiphi inkcazelo equlethwe yincwadi yeVangeli kaLuka eyongezelela koko kwabhalwa ngabanye ababhali beencwadi zeVangeli?

Ngoxa ingxelo kaLuka ifana nekaMateyu ubukhulu becala, ama-59 ekhulwini ahlukile. ULuka wabhala imimangaliso emithandathu ekho kwincwadi yakhe kuphela, yaye wabalisa ngemizekeliso kaYesu eliphinda ngaphezu kwesibini elo nani nengakhankanywanga ngabanye ababhali beencwadi zeVangeli.—5/15, iphepha 12.

▫ Nguwuphi umtha obalaseleyo wokukhanya kwenyaniso owatyhilwa ngowe-1935?

Ngaloo nyaka abantu bakaYehova baqonda ukuba isihlwele esikhulu esikhankanywe kwiSityhilelo 7:9, 14, sasingelodidi lwesibini lwasezulwini, kodwa sasingabo banethemba lasemhlabeni. (Yohane 10:16)—5/15, iphepha 20.

▫ Ziziphi iindlela eziluncedo esingabathuthuzela ngazo abafelweyo?

Phulaphula. Baqinisekise. Yiba ngofumanekayo. Thabatha inyathelo lokuqala xa kufanelekile. Bhala ileta okanye ikhadi lokuthuthuzela. Thandaza nabo. (Yakobi 5:16) Qhubeka ubanceda.—6/1, iphepha 13, 14.

▫ Yintoni enokwenziwa ngabazalwana noodade bokomoya ukunceda abo baphila kwiintsapho ezahluleleneyo ngonqulo ukuba banyamezele?

Banokuthetha amazwi akhuthazayo, awakhayo nathuthuzelayo rhoqo. (1 Tesalonika 5:14) Oku kunokuba njengento ehlaziya ingqondo nomzimba. Xa kunokwenzeka yaye kufanelekile, baqukeni kwimisebenzi yenu yobuthixo neyokuzonwabisa. Baqukeni emithandazweni yenu. (Roma 1:9; Efese 1:16)—6/1, iphepha 29.

▫ Yiyiphi imivuzo yokuba nomonde ngoxa sikwinkonzo yasentsimini?

Umonde uyamnceda umvakalisi woBukumkani anyamezele nakuphi ukungabi namdla okanye ukuchaswa. Kunokuba baphikisane nabaninimzi abanomsindo, abalungiseleli abanomonde baya kukwazi ukunikela impendulo ethambileyo okanye ngokuzolileyo bahambe, ngaloo ndlela belondoloza uxolo novuyo. (Mateyu 10:12, 13) Ukongezelela, abantu ababumvu baya kutsaleleka kwisigidimi soBukumkani.—6/15, iphepha 9.

▫ Kutheni kubaluleke kangaka ukwazi inyaniso yeBhayibhile?

Ukwazi inyaniso kusikhulula ebuxokini, ekukhohlisweni nakwiinkolelo. Xa siphila ngokuvisisana nayo, inyaniso iyasomeleza ukuze sinyamezele iinzima yaye isinika ithemba elisenza sikwazi ukunyamezela phantsi kokulingwa.—7/1, iphepha 8.

▫ Yiyiphi imbopheleleko eyintloko eyathatyathwa libandla lamaKristu athanjisiweyo kumaSirayeli emvelo?

Ilungelo lokunikela ubungqina ngobukhulu bukaYehova ezintlangeni. (Isaya 43:21; 1 Petros 2:9)—7/1, iphepha 19.

▫ Athetha ukuthini amazwi kaPetros okuba indoda ifanele ‘imbeke’ umfazi wayo? (1 Petros 3:7)

Indoda embekayo umfazi wayo ayimhlazisi okanye imjongele phantsi. Kunoko, ibonisa ngamazwi nangezenzo zayo—emfihlekweni nasekuhleni—ukuba iyamxabisa. (IMizekeliso 31:10-31)—7/15, iphepha 19.

▫ Kutheni kunokuthiwa kukubonakalisa uthando ukugxotha umenzi wobubi ongaguqukiyo kwibandla lamaKristu?

Ukususa kubudlelane kukubonakalisa uthando ngoYehova nangeendlela zakhe. (INdumiso 97:10) Kubonakalisa uthando kwabo baqhubeka nekhondo lobulungisa kuba kushenxisa ubani obenokuba nempembelelo embi phakathi kwabo; kwakhona oku kukhusela ubunyulu bebandla. (1 Korinte 5:1-13)—7/15, iphepha 25.

▫ Unokuqondwa njani namhlanje ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo,’ athetha ngaye uYesu kuMateyu 24:45-47?

Ngokukhethekileyo ubonakala ngomsebenzi awenzayo wokulungiselela iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, ekufundiseni nasekushumayeleni ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani,’ nangokunamathela kwakhe kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. (Mateyu 24:14; 28:19, 20)—8/1, iphepha 16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share