IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w95 9/15 iphe. 5-6
  • Ikhwele Laphantsa Labonakalisa Ubomi Bam

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ikhwele Laphantsa Labonakalisa Ubomi Bam
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Amanqaku Afanayo
  • Uthando Luyaloyisa Ikhwele Elingafanelekanga
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Ukuba Nekhwele Ngonqulo Olunyulu LukaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Ofanele Ukwazi Ngekhwele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Ungasiphepha Njani Isikhwele Emtshatweni Wakho?
    Ukunceda Iintsapho
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
w95 9/15 iphe. 5-6

Ikhwele Laphantsa Labonakalisa Ubomi Bam

IKHWELE laqalisa ukundiphatha kakubi ngenene xa ndatshata nomyeni wam wesibini, uMark.a Sobabini, kwakufuneka sinyamekele abantwana abaliqela bemitshato yethu yangaphambili size sihlangabezane namaqabane ethu angaphambili. Maxa wambi ndandingakwazi ukuyinyamezela le meko. Nanini na kukho imbambano entsatsheni, kwakubonakala ngathi uMark wayengandixhasi. Ndaqalisa ukuvakalelwa kukuba wayesayithanda inkosikazi yakhe yangaphambili. Kunokulilawula ikhwele endandinalo, ndalivumela lalawula ubomi bam. Ndandiziva ndinganqabisekanga nanini na ikho inkosikazi kaMark yangaphambili.

Ndandimbek’ esweni uMark maxa onke, ndide ndijonge namehlo akhe ukuba ajonge phi na. Ndandiye ndikrokrele ukuba ucinga izinto awayengazicingi nokuzicinga. Maxa wambi ndandimtyhola ngokuphandle ukuba wayesayithanda inkosikazi yakhe yangaphambili. Ngesinye isihlandlo oku kwamkhathaza kangangokuba wasuka wemka endibanweni yamaKristu. Ndaziva ndinetyala phambi koYehova. Ndabenza bubi ubomi bentsapho yam kuba ekugqibeleni nabantwana bachaphazeleka. Ndandizicaphukela ngenxa yoko ndandikwenza, kodwa enoba ndandizama kangakanani na, ndandingakwazi nje kwaphela ukulilawula ikhwele endandinalo.

Kunokundinceda, uMark waqalisa ukuziphindezelela. Xa ndandimtyhola, wayesuka angxole athi, “Unekhwele, ingxaki yakho inye likhwele.” Wayede abonakale ngathi wayendenza ndibe nekhwele ngabom. Mhlawumbi wayecinga ukuba oku kwakuya kuliphelisa ikhwele endandinalo, kunoko kwakuzenza mbi ngakumbi izinto. Waqalisa ukujonga amanye amabhinqa, ekhankanya nendlela awayebonakala emahle ngayo. Oku kwakundenza ndizive ndiphantsi yaye ndingafunwa ngakumbi. Kwafikelela kwinqanaba lokuba kuvele olunye uhlobo lwemvakalelo—intiyo. Kwelo nqanaba, ndandidideke kangangokuba ndandifuna ukwahlukana naye nentsapho yakhe.

Xa iBhayibhile isithi “ikhwele yimpehla emathanjeni,” ichan’ ucwethe. (IMizekeliso 14:30) Nempilo yam yaqalisa ukuchaphazeleka ngoku. Ndaba nezilonda esiswini ezaphila emva kwexesha elide. Ndaqhubeka ndibuthuthumbisa ubomi bam ngokukrokrela yonke into ayenzayo uMark. Ndandiye ndiphengulule iipokotho zempahla yakhe, ndize xa ndifumene iinombolo zemfonomfono, nditsalel’ umnxeba kuzo ukuze ndive ukuba kuza kuphendula bani. Emazantsi entliziyo ndandineentloni kangangokuba, ndandiye ndilile ngenxa yokuba neentloni phambi koYehova. Kodwa ndandingakwazi ukuzinqanda. Ndandilutshaba lwam olukhulu.

Ubumoya bam bachaphazeleka kangangokuba ndandingasakwazi nokuthandaza. Ndandimthanda uYehova yaye ndikufuna ngokwenene ukwenza okulungileyo. Ndandizazi zonke izibhalo eziphathelele amadoda nabafazi, kodwa ndandingakwazi ukuzisebenzisa. Okwesihlandlo sokuqala ebomini bam, ndandingasafuni ukuphila, phezu kwako nje ukuba ndandinabantwana abathandekayo.

Abadala bebandla lamaKristu babelukhuthazo kakhulu yaye babezama ngandlela zonke ukundinceda. Kodwa xa babephakamisa umbandela wekhwele endandinalo, ndandikhanyela ngenxa yokuba neentloni, ndingafuni ukuvuma ukuba ndinengxaki enjalo.

Ekugqibeleni, impilo yam yonakala kangangokuba kwafuneka ndiye esibhedlele ukuze ndityandwe. Ngoxa ndandilapho ndaqonda ukuba ndandingenakuqhubeka ndiphila ngendlela endandiphila ngayo. Mna noMark sagqiba ekubeni sahlukane kangangeenyanga ezintathu ukuze siyiqwalasele kakuhle imeko yethu sahlukene ngokweemvakalelo. Ebudeni beli xesha kwenzeka into emangalisayo. Kwiphephancwadi uVukani! kwakukho inqaku elinomxholo othi “Ukunceda Abantwana Abakhulileyo Bamakhoboka Otywala.”b

Inje le nto, umama wayelikhoboka lotywala. Nangona babengandixhaphazi ngokwasemzimbeni, abazali bam babengaze babonakalise ukuba babethandana okanye babendithanda. Andikhumbuli nesihlandlo esinye umama endanga okanye endixelela ukuba uyandithanda. Ngoko eneneni ndakhula ndingayazi eyona ndlela yokubonakalisa uthando okanye, indlela yokuthandwa.

Umama wayedla ngokundixelela ngokuthandana kukatata namanye amabhinqa kwanokuba wayengamthembi kwaphela. Ngoko ndicinga ukuba ndakhula ndingawathembi amadoda xa ewonke. Ngenxa yendlela endakhula ngayo, ndandisoloko ndiziva ndingaphantsi kunabanye, ngokukodwa amanye amabhinqa. Ukufunda elo nqaku likaVukani! kwandenza ndayiqonda intsingiselo yezi zinto. Okwesihlandlo sokuqala, ndaziqonda izinto ezisisiseko ezazibangela ingxaki yam yokuba nekhwele.

Elo nqaku likaVukani! ndalibonisa umyeni wam, uMark, yaye naye lamnceda andiqonde kakuhle ngakumbi. Kungadlulanga xesha lide sakwazi ukulandela icebiso leBhayibhile elibhekiswe kwizibini ezicinga ngokwahlukana. Saxolelana. (1 Korinte 7:10, 11) Ngoku umtshato wethu ukweyona meko intle kunanini na ngaphambili. Inkoliso yezinto sizenza kunye, ngokukodwa xa sisenza imisebenzi yobuKristu. UMark ubonakalisa uvelwano ngakumbi. Undixelela phantse mihla le indlela andithanda ngayo, yaye ngoku ndimkholelwa ngokwenene.

Nanini na ndisazi ukuba siza kudibana nenkosikazi kaMark yangaphambili, ndithandazela amandla kuYehova, ndimcela ukuba andincede ndiziphathe ngokunesidima njengomKristu. Yaye kuyasebenza. Kwanentiyo endandinayo ngakuye iyaphela. Ndiyekile ukuhlala ndicinga ngezinto ezingakhiyo okanye ndivumele iingcinga zam ukuba zindilawule.

Maxa wambi ndiba nalo ikhwele elingafanelekanga. Liya kupheliswa ngokupheleleyo bubomi obufezekileyo kwihlabathi elitsha likaThixo kuphela. Okwangoku, ndiyifundile indlela yokulilawula ikhwele, kunokulivumela lindilawule. Ewe, ikhwele laphantse labonakalisa ubomi bam, kodwa ngoncedo lukaYehova nentlangano yakhe, ngoku ndingumntu owonwabe ngakumbi, yaye ndibuyele empilweni. Ulwalamano lwam noThixo wam, uYehova, lomelele kwakhona.—Linikelwe.

[Imibhalo esemazantsi]

a Igama liguquliwe.

b Bona uVukani! kaJuni 8, 1992, iphepha 26-30.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share