Ihlabathi Elingenazimfazwe—Nini?
UMGAQO-SISEKO weZizwe Ezimanyeneyo waqalisa ukusebenza ngo-Oktobha 24, 1945. Ulelona cebo lokuzisa uxolo ehlabathini eligubungela iinkalo ezininzi kwawakha ayilwa ngabantu. Ekubeni ukuqala kwazo zazinaMazwe angama-51 angamalungu, iZizwe Ezimanyeneyo zaba yeyona ntlangano yezizwe ngezizwe inkulu kwimbali yehlabathi. Kwakhona, okwesihlandlo sokuqala ezimbalini, kwakukho intlangano yezizwe ngezizwe eyayiza kuba nomkhosi wokunyanzelisa uxolo nonqabiseko ize yenze kubekho ihlabathi elingenazimfazwe.
Namhlanje, ekubeni zinaMazwe ali-185 angamalungu, iZizwe Ezimanyeneyo zinamandla ngakumbi kunangaphambili. Ngoko, kutheni eyona ntlangano yezizwe ngezizwe inamandla ezimbalini isilele ukuziphumeza ngokuzeleyo iinjongo zayo eziphakamileyo?
Unqulo—Umqobo Omkhulu
Enye ingxaki enkulu yindima yonqulo kwimicimbi yehlabathi. Liyinyaniso elokuba, ukususela ekusekweni kweZizwe Ezimanyeneyo, iinkonzo zehlabathi eziphambili zathembisa ukuyixhasa le ntlangano. Ebhekisela kunyaka wama-50 zikho, uPopu John Paul II wathi iZizwe Ezimanyeneyo “sisixhobo esisemagqabini sokukhuthaza nokukhusela uxolo.” Uvakalelwa ngendlela efanayo neenkokeli zonqulo ezininzi ehlabathini lonke. Kodwa olu manyano luchuliweyo phakathi konqulo norhulumente alunakusifihla isibakala sokuba unqulo belusoloko lungumqobo yaye luzikhathaza iZizwe Ezimanyeneyo.
Kangangeenkulungwane unqulo beluphumeza indima ephambili ekukhuthazeni okanye ekuxhaseni intiyo yobuhlanga, iimfazwe nokutshatyalaliswa kwezinye iintlanga. Kwiminyaka yakutshanje, behanahanisa ngokuthi babhedesha iinkonzo zabo, abamelwane baye babulalana. Ibinzana elithi “ukutshayelwa kohlanga” belisetyenziswa ngokubanzi ukubhekisela kwimfazwe ekwiiBalkans. Noko ke, ukuthiyana ngokukrakra kwabemi abaninzi balapho kubangelwa lunqulo kungekhona ubuhlanga, ekubeni inkoliso yabo inemvelaphi yobuhlanga efanayo. Ewe, unqulo lumele luvume ukuba lunetyala elikhulu ngenxa yezantyala-ntyala zegazi eziphalazwe kwilizwe elalisakuba yiYugoslavia, yaye iZizwe Ezimanyeneyo azikwazanga kuziphelisa.
Ngokufanelekileyo, kutshanje injingalwazi yonqulo yasekholejini iye yathi “kweli hlabathi ebelikwimfazwe yomlomo ngenxa yokwanda kwamadabi elunqulweni, kungxamisekile ukuba kuhlolisiswe umbandela wonqulo nowokutshatyalaliswa kwezinye iintlanga kuqala, nakuba oko kunokubangela ukungonwabi.” Namhlanje isibakala esingendlela unqulo olungumqobo ngayo kwimigudu yokuyila uxolo ehlabathini sidandalazile.
Isigqibo esathatyathwa ziZizwe Ezimanyeneyo ngowe-1981 sasisithi: “Ngenxa yokuxhalatyiswa kukunganyamezelani nalucalu-calulo olukwimibandela yonqulo okanye yenkolo olusabonakalayo kweminye imimandla yehlabathi, Sigqibe ekubeni senze onke amalinge okukuphelisa ngokukhawuleza oko kunganyamezelani kuzo zonke iindlela okubonakala kuzo yaye sikhusele size silwe nxamnye nocalu-calulo olusekelwe kunqulo okanye kwinkolo.”
Ngokuvisisana nesigqibo sazo, iZizwe Ezimanyeneyo zivakalise ukuba unyaka we-1995 nguNyaka Wokunyamezelana. Noko ke, ngaba izibakala zibonisa ukuba lungaze lufunyanwe uxolo nonqabiseko kweli hlabathi lahlula-hlulwe lunqulo?
Ikamva Lonqulo
Isiprofeto esikwincwadi yeBhayibhile yeSityhilelo sinikela impendulo. Sithetha ‘ngehenyukazi elikhulu’ lokomfuziselo elihleli ‘njengekumkanikazi’ ‘nelilawula ookumkani bomhlaba.’ Eli henyukazi ‘lixhamla iziyolo’ yaye lihenyuza noorhulumente behlabathi. Aba rhulumente bachazwa ‘njengerhamncwa elimfusa,’ elikhwele kamnandi kulo ihenyukazi. (ISityhilelo 17:1-5, 18; 18:7) Lo mfazi unegunya noziphethe kakubi waziwa ‘njengeBhabhiloni Enkulu,’ gama elo lisuka kwiBhabhiloni yamandulo, unozala wonqulo-zithixo. Ngokufanelekileyo, namhlanje eli henyukazi limela zonke iinkonzo zehlabathi, ezizifake kwimicimbi yoorhulumente.
Le ngxelo ihlabela mgama ithi, ekuhambeni kwexesha, uThixo uya kukufaka ezintliziyweni zabo bangamalungu axhobileyo erhamncwa ukuba benze okuthile. Aba “baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo.” (ISityhilelo 17:16)a Ngaloo ndlela, uYehova uThixo uya kuba ethabathe inyathelo lokuqala ngokushukumisela iintlanga ezinamandla ukuba ziqalise iphulo lokushenxisa unqulo lobuxoki. Inkqubo yonqulo yehlabathi lonke, neetempile nezindlu zayo zonqulo ezinobunewunewu, iya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo. Ngelo xesha unqulo olungumqobo ekusekweni koxolo nonqabiseko luya kuba lungekho. Kodwa kwanangelo xesha, ngaba luya kubakho uxolo nonqabiseko lokwenyaniso emhlabeni?
Ubume Babantu Abangafezekanga
Ngaba sikho isiqinisekiso sokuba ukutshabalalisa unqulo ngenene kuya kukhokelela kwihlabathi elingenazimfazwe? Akunjalo. IZizwe Ezimanyeneyo ziya kuqhubeka zijamelene nemeko ebezingayilindelanga. Kwelinye icala, abantu bafuna uxolo nonqabiseko. Ukanti, kwelinye icala, ikwangabantu abasesona sisongelo sikhulu kuxolo nonqabiseko. Intiyo, ikratshi, ukuzigwagwisa, ukuzingca nokungabi nalwazi ziimpawu zabantu ezingunobangela wazo zonke iimbambano neemfazwe.—Yakobi 4:1-4.
IBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba kumhla wethu abantu babeya kuba “ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi.”—2 Timoti 3:1-4.
USosiba-Jikelele uBoutros Boutros-Ghali wavuma ukuba “ihlabathi lithwaxwa yingxaki yezentlalo neyokuziphatha, enzulu gqitha kwezinye iindawo.” Ayikho into enokwenziwa ngoongqondo-ngqondo ukuphelisa iimpawu eziyingozi kubantu abangafezekanga.—Thelekisa iGenesis 8:21; Yeremiya 17:9.
UYesu Kristu—Umthetheli Woxolo
Licacile elokuba, iZizwe Ezimanyeneyo azinawo amandla okuzisa uxolo ehlabathini. Onke amalungu azo nabo bazixhasayo ngabantu abangafezekanga, nangona kambe beneenjongo ezintle. IBhayibhile ithi “ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Ngokubhekele phaya, uThixo ulumkisa ngelithi: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.”—INdumiso 146:3.
IBhayibhile ikuxela kwangaphambili okuya kuphunyezwa nguYehova ngoNyana wakhe, “uMthetheli woxolo.” UIsaya 9:6, 7 uthi: “Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela.”
Ukungaphumeleli kwemigudu yale minyaka ingama-50 kuzenze zakruquka iintlanga zehlabathi. Kungekudala ziza kuzitshabalalisa iintlangano zonqulo ezifana nehenyukazi. Emva koko uYesu Kristu, “uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi,” nomkhosi wakhe wamagorha asezulwini uya kubatshabalalisa bonke oorhulumente babantu aze abulale bonke abaluchasayo ulongamo lukaThixo. (ISityhilelo 19:11-21; thelekisa uDaniyeli 2:44.) UYehova uThixo uya kulizisa ngolu hlobo ihlabathi elingenazimfazwe.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo enzulu ngesiprofeto seSityhilelo esiphathelele iBhabhiloni Enkulu, bona isahluko 33 ukuya kwesama-37 sencwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, epapashwe ngowe-1988 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
IMBONO YAMAKRISTU NGEZIZWE EZIMANYENEYO
Kwiziprofeto zeBhayibhile, oorhulumente babantu ngokufuthi bafuziselwa ngamarhamncwa. (Daniyeli 7:6, 12, 23; 8:20-22) Ngenxa yoko, kangangamashumi eminyaka iphephancwadi IMboniselo belisithi amarhamncwa akwiSityhilelo isahluko 13 nese-17 amela oorhulumente behlabathi banamhlanje. Oku kuquka iZizwe Ezimanyeneyo, ezichazwa kwiSityhilelo isahluko 17 njengerhamncwa elimfusa elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.
Noko ke, le mbono yeZibhalo ayikuthetheleli nakuphi ukungahlonelwa koorhulumente okanye amagosa abo. IBhayibhile ikutsho ngokucacileyo ukuba: “Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo. Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.”—Roma 13:1, 2.
Ngokuvisisana noko, amaNgqina kaYehova, angakhethi cala kwaphela kwezobupolitika, akaphazamisani noorhulumente babantu. Akaze aphembelele imvukelo okanye abandakanyeke kwizenzo zokungathobeli kwabantu. Kunoko, ayaqonda ukuba kufuneka kubekho uhlobo oluthile lorhulumente ukuze lulondoloze umthetho nocwangco kwibutho loluntu.—Roma 13:1-7; Tito 3:1.
AmaNgqina kaYehova ayigqala ngendlela efanayo intlangano yeZizwe Ezimanyeneyo namanye amaqumrhu oorhulumente behlabathi. Ayaqonda ukuba iZizwe Ezimanyeneyo ziqhubeka zikho ngokuvunyelwa nguThixo. Ngokuvisisana neBhayibhile, amaNgqina kaYehova abanika intlonelo ebafaneleyo bonke oorhulumente yaye ayabathobela logama nje loo ntobeko ingawanyanzeleli ekubeni one uThixo.—IZenzo 5:29.