Ukulandela Emanyathelweni Abazali Bam
NGOKUBALISWA NGUHILDA PADGETT
Ingxelo yelinye iphephandaba yayifundeka ngolu hlobo: “Ubomi bam ndibunikele ekukhonzeni Osenyangweni, yaye andinakukhonza iinkosi ezimbini.” Loo mazwi awayekwingxelo endandiyithumele kwabasemagunyeni kwiSebe Lemisebenzi neeNkonzo Zesizwe laseBritani ngowe-1941 ayebeka isizathu sokungavumelani kwam nolwalathiso lwabo lokuba ndiye kusebenza esibhedlele ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Kungekudala emva koko ndabanjwa ndaza ndagwetywa iinyanga ezintathu entolongweni ngenxa yokuba ndingavumanga.
YINTONI le yayindifake kule ngxaki? Hayi, yayingebobuntwana okanye ukuba nemvukelo. Kunoko, izizathu zoku zisusela emva phayaa xa ndandisengumntwana.
Inzondelelo KaTata NgoBukumkani
Ndazalwa ngoJuni 5, 1914, eHorsforth kufutshane naseLeeds, kumntla weNgilani. Abazali bam, uAtkinson noPattie Padgett, babefundisa kwisikolo seCawa yaye bengamalungu ekwayala yeCawa yasePrimitive Methodist apho uTata wayedlala khona uhadi. Xa ndandingumntwana, ikhaya lethu lalilelonwabisayo ngaphandle nje kwento enye. Iimeko zehlabathi zazimxhalabisa uTata. Wayeyithiyile imfazwe nogonyamelo yaye ekholelwa kumyalelo weBhayibhile othi: “Uze ungabulali.”—Eksodus 20:13.
Ngowe-1915 urhulumente wakhuthaza bonke abafana ukuba bangenelele emkhosini ngokuzithandela baze ngaloo ndlela baphephe ukunyanzeliswa. Emadolw’ anzima uTata wama imini yonke emvuleni elindele elakhe ithuba lokubhalisa njengejoni. Ngosuku olulandela olo, ubomi bakhe bonke baguquka!
Ngoxa wayesebenza njengomlungisi wemibhobho yamanzi kwindlu ethile enkulu, wathetha namanye amadoda asebenzayo ngeziganeko zehlabathi. Indoda eyayisebenza esitiyeni yamnika iphecana elincinane elithi, Gathering the Lord’s Jewels. UTata wagoduka nalo, walifunda, waza walifunda kwakhona. Wathi: “Ukuba le yinyaniso, ngoko yonke enye into ayichananga.” Ngosuku olulandelayo, wacela inkcazelo engakumbi, yaye kangangeeveki ezintathu wayefundisisa iBhayibhile kude kube sekuseni. Wayesazi ukuba wayeyifumene inyaniso! NgeCawa, ngoJanuwari 2, 1916, incwadi yakhe yeziganeko zemihla ngemihla ithi: “Kusasa ndiye eCaweni, ndaya kwi-I.B.S.A. [International Bible Students Association (UMbutho WaBafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe), njengoko amaNgqina kaYehova ayesaziwa njalo eNgilani] ebusuku—sifundisise incwadi yamaHebhere 6:9-20—utyelelo lwam lokuqala kubazalwana.”
Kungekudala kwavuka inkcaso. Izalamane zethu nabahlobo bethu basecaweni bacinga ukuba uTata ushiywa ziingqondo. Kodwa wayesenzile isigqibo. Ezona zinto zibalulekileyo ebomini bakhe yayiziintlanganiso nofundisiso, yaye ngoMatshi wafuzisela uzahlulelo lwakhe kuYehova ngokubhaptizwa emanzini. Emva kweeveki ezimbalwa uTata esiya yedwa ezintlanganisweni, uMama wayesele engakwazi ukuxhathisa. Wandikhwelisa kwinqwelana yabantwana waza wahamba iikhilomitha ezisibhozo ukuya eLeeds, saza safika kanye xa intlanganiso iphela. Unokuluthelekelela uvuyo uTata awayenalo. Ukususela ngoko, intsapho yethu yamanyana enkonzweni kaYehova.
Imeko kaTata yayinzima gqitha—wayelitshantliziyo emkhosini wandula ke kwiiveki ezimbalwa, akafuna ukungenelela emkhosini ngenxa yonqulo lwakhe. Xa wabizwayo akazange avume ukuphatha umpu, ibe ngoJulayi 1916 wajamelana nelokuqala kumatyala amahlanu awayevavanywa yinkundla yasemkhosini, waza wagwetywa iintsuku ezingama-90 entolongweni. Emva kokuba egqibe isigwebo sakhe sokuqala, uTata wathabatha ikhefu leeveki ezimbini, elalandelwa lolunye uvavanyo yinkundla yomkhosi nesigwebo seentsuku ezongezelelekileyo ezingama-90 entolongweni kwakhona. Emva kokuvalelwa kwakhe okwesibini, watshintshelwa kwiRoyal Army Medical Corps, yaye ngoFebruwari 12, 1917, wahamba ngenqanawa yomkhosi eyayisiya eRouen, eFransi. Incwadi yakhe yokubhala iziganeko zemihla ngemihla ithi suku ngalunye imeko yakhe yayimcaphukisa. Wayeqonda ukuba wayesonga nje amajoni aziingxwelerha ukuze abuyele edabini.
Kwakhona akazange avume ukusebenzisana nawo. Ngesi sihlandlo inkundla yomkhosi yamgweba iminyaka emihlanu kwintolongo yomkhosi waseBritani eRouen. Xa uTata waqhubeka ecela ukutshintshelwa kwintolongo eqhelekileyo yabantu njengomntu ongavumiyo ukungenelela emkhosini ngenxa yesazela, wohlwaywa ngokutyiswa isonka namanzi iinyanga ezintathu, emva koko wayetyiswa ukutya okuqhelekileyo kwasentolongweni de watyeba; yandula yaphindwa kwakhona yonke loo nkqubo. Izandla zakhe zazibotshelelwa ngasemva emini zize zibotshelelwe ngaphambili ebudeni bobusuku nangamaxesha okutya. Ubomi bakhe bonke, wayeneziva ezihlahleni zakhe apho ayemtyabula khona loo makhamandela awayemancinane gqitha, ebangela izilonda ezichizayo. Kwakhona wayenamakhamandela abotshwe ezinyaweni aza adityaniswa esinqeni sakhe.
Abasemagunyeni basemkhosini benza konke okusemandleni abo bezama ukumguqula kodwa batsho phantsi. IBhayibhile neencwadi zakhe zahluthwa kuye. Wayengafumani zileta zivela ekhaya, kwaye naye engenako ukuthumela nokuba ibe nye. Emva kweminyaka emibini wagqiba kwelokuba abonise ukunyaniseka kwakhe ngokugwayimba ukutya. Wanamathela kwisigqibo sakhe kangangeentsuku ezisixhenxe, engatyi yaye engaseli, nto leyo eyabangela ukuba atshintshelwe kwisibhedlele sasentolongweni, egula kakhulu. Wazingqina enyanisekile nangona waphantsa waphulukana nobomi bakhe ngenxa yoko. Kwiminyaka kamva wavuma ukuba wayenze imposiso ngokubeka ubomi bakhe esichengeni ngaloo ndlela, nokuba wayengenakuze ayenze loo nto kwakhona.
Imfazwe yaphela ngoNovemba 1918 uTata esesentolongweni eRouen, kodwa ekuqaleni konyaka olandelayo, watshintshelwa kwintolongo eqhelekileyo eNgilani. Khawuthelekelele nje uvuyo awaba nalo xa wafumana zonke iileta neepasile zikaMama ezazifumbe apho, kunye neBhayibhile neencwadi zakhe ezixabisekileyo! Wasiwa kwiNtolongo yaseWinchester, apho wadibana nomzalwana oselula owayenamava afana nawakhe exesha lemfazwe. Igama lakhe yayinguFrank Platt, owathi kamva wakhonza kwiBheteli yaseLondon kangangeminyaka eliqela. Benza amalungiselelo okudibana ngosuku olulandelayo, kodwa lwathi lufika olo suku wabe uFrank sele etshintshelwe kwenye indawo.
NgoAprili 12, 1919, uMama wafumana ucingo: “Haleluya! Ndibuyela ekhaya—ndisatsalela umnxeba eLondon.” Elinjani lona ixesha lemigcobo emva kweminyaka emithathu yokuvavanywa, ukulingwa nokwahlukaniswa nabantu! Into yokuqala eyathi qatha engqondweni kaTata yaba kukutsalela umnxeba abazalwana abakwiBheteli yaseLondon aze adibane nabo. Wamkelwa ngothando e-34 Craven Terrace. Emva kokuhlamba aze achebe iindevu yaye anxibe isuti awayeyibolekile nomnqwazi, uTata wabuyela ekhaya. Ngaba unokukuthelekelela oko kumanyana kwethu kwakhona? Ngelo xesha ndandineminyaka enokuba mihlanu ubudala, yaye ndandingasamazi.
Intlanganiso yokuqala uTata awaya kuyo emva kokukhululwa kwakhe yayisiSikhumbuzo. Xa wayenyuka kwizinyuko ezingena eholweni, umzalwana wokuqala awadibana naye yayinguFrank Platt, owayetshintshelwe kwisibhedlele somkhosi saseLeeds. Olunjani lona uvuyo ababa nalo xa babesabelana ngamava! Ukususela ngoko de wakhululwa, uFrank wayelenza ikhaya lakhe lesibini ikhaya lethu.
Inkonzo KaMama Yokunyaniseka
Ngalo lonke elaa xesha uTata wayengekho, uMama wayehlambela abantu iimpahla ukuze ongezelele kwimali encinane awayeyinikwa ngabasemagunyeni. Abazalwana babenobubele gqitha kuthi. Rhoqo ngeeveki ezimbalwa omnye wabadala bebandla wayemnika imvulophu encinane enesipho esingachazwanga ukuba sivela kubani. UMama wayesoloko esithi yayiluthando lwabazalwana olwamsondeza kuYehova lwaza lwamnceda ukuba anyamezele ukutyhubela loo maxesha okulingwa. Wayesiya rhoqo kwiintlanganiso zebandla ngalo lonke ixesha uTata wayengekho. Olona vavanyo lwakha lwanzima kuye kuxa wayengazi, kangangexesha elingaphezu konyaka, enoba uTata wayesaphila okanye wayefile kusini na. Ukongezelela kuloo mthwalo, ngowe-1918 mna noMama safunyanwa nguMbathalala. Abantu ababehlala kufuphi nathi babesifa. Abamelwane abaya kunceda abanye basulelwa sesi sifo baza bafa. Alithandabuzeki elokuba ukunqongophala kokutya ngelo xesha kwafaka isandla ekwenzeni abantu bangakwazi ukuxhathisa izifo.
Amazwi ompostile uPetros angqineka eyinyaniso gqitha kwintsapho yethu: “Ke kaloku uThixo . . . nakuba nive ubunzima umzuzwana . . . anomeleze, anisekele”! (1 Petros 5:10) Ukutsala nzima kwabazali bam kwakha kubo ukholo olungenakushukunyiswa bani kuYehova, isiqinisekiso esipheleleyo sokuba uyasikhathalela nesokuba akukho nto inokusahlukanisa nothando lukaThixo. Ndandisikeleleke ngokukhethekileyo ngokukhuliswa ngolo hlobo elukholweni.—Roma 8:38, 39; 1 Petros 5:7.
Inkonzo Yam Ndiselula
Emva kokukhululwa kukaTata, inkonzo yoBukumkani yaba yeyona nto iphambili ebomini bethu. Andikhumbuli nakanye ndiphoswa yintlanganiso, ngaphandle kwaxa ndigula. Kungekudala nje emva kokubuyela kwakhe ekhaya, uTata wathengisa ikhamera yakhe yepleyiti nesacholo segolide sikaMama ukuze afumane imali yokuya endibanweni. Nangona sasingenakukwazi ukuya ekhefini, asizange siphoswe zezi ndibano, kuquka nezaseLondon.
Iminyaka emibini okanye emithathu yokuqala emva kwemfazwe yayilixesha lokuhlaziyeka. UTata noMama bawasebenzisa onke amathuba ababewafumana ukunandipha ubudlelane nokunxulumana. Ndisakhumbula indlela esasibatyelela ngayo abanye abazalwana noodade, ibe mna, njengentombazana encinane, ndandidla ngokuzoba ngoxa abantu abakhulu babencokola kangangeeyure ezininzi ngezinto ezintsha abaye baziqonda eziphathelele inyaniso. Ukuncokola, ukucula siphelekwa luhadi, ukunandipha ubudlelane obumnandi, kwabenza bonwaba yaye bahlaziyeka gqitha.
Abazali bam babengqongqo gqitha ngoqeqesho endandilufumana. Esikolweni ndandahlukile, kwanaxa ndandineminyaka emihlanu ubudala, ndandiphatha “ITestamente Entsha” yam ukuze ndiyifunde ngoxa abanye eklasini befunda ikathekizim. Kamva ndamiswa phambi kwaso sonke isikolo “ngenxa yokungangeneleli kwizinto ezithile ngenxa yesazela” kuba ndandingabi nanxaxheba kwimibhiyozo yeRemembrance Day.a Andizisoli ngendlela endakhuliswa ngayo. Eneneni, yayilukhuselo yaye yakwenza kwalula ukuhlala ‘kwindlela ecutheneyo.’ Naphi na apho abazali bam babesiya khona, ezintlanganisweni okanye entsimini, ndandilapho.—Mateyu 7:13, 14.
Ndikhumbula ngokukodwa loo ntsasa yangeCawa xa ndandiqala ukushumayela. Ndandineminyaka nje eli-12 ubudala. Xa ndandikwishumi elivisayo, ndikhumbula ngenye intsasa yangeCawa ndixela ukuba ndiza kuhlala ekhaya. Akukho mntu wandigxekayo okanye wandinyanzela, ngoko ndahlala esitiyeni ndifundisisa iBhayibhile yam yaye ndiziva ndingonwabanga tu kwaphela. Emva kweveki okanye ezimbini ndisenza le nto, ndathi kuTata: “Ndicinga ukuba ndiza kuhamba nawe ngale ntsasa!” Ukususela ngoko andizange ndiphinde ndiyeke.
Hayi indlela owawuvuyisa ngayo umnyaka we-1931! Asizange safumana igama elitsha elithi amaNgqina kaYehova nje kuphela, kodwa ndabhaptizwa ngoxa ndandikwindibano yelizwe eAlexandra Palace, eLondon. Andisayi kuze ndilulibale olo suku. Sasinxibe izambatho ezinde, ezimnyama, yaye esam sasisele simanzi ekubeni sasesisetyenziswe ngomnye owayebhaptizwa!
Ngalo lonke ixesha usukelo lwam ndisengumntwana yayikukuba yicolporteur, njengoko abashumayeli bexesha elizeleyo babesaziwa njalo ngoko. Njengoko ndandikhula, ndavakalelwa kukuba ndimele ndenze okuthe chatha enkonzweni kaYehova. Ngoko ngoMatshi 1933, ndikubudala beminyaka eli-18, ndangenelela kwizintlu zenkonzo yexesha elizeleyo.
Eyona nto yayisivuyisa ngokukhethekileyo “ziiVeki Zoovulindlela” kwezinye zezixeko ezikhulu, xa abakhonzi bexesha elizeleyo abaliqela babedibana, bahlale kubazalwana basekuhlaleni, baze basebenze njengeqela. Sasishiya iincwadana kwiinkokeli zonqulo nakwabanye abantu ababalulekileyo. Kwakufuneka inkalipho ukuze siye kubo. Ubukhulu becala sasisamkelwa ngendelelo, yaye abaninzi kuthi babelahlelwa ngeengcango. Oku akuzange kusikhathaze kuba sasinehlombe gqitha kangangokuba sasivuya kuba sigculelwa ngenxa yegama likaKristu.—Mateyu 5:11, 12.
ELeeds saguqula inqwelana yabantwana, ibhayisikile enamavili amathathu, nesithuthuthu nenqwelana kaTata exokonyezelelwa kuso ukuba zithwale oomatshini bokudlala amacwecwe yaye kamva sasebenzisa inqwelo-mafutha yakhe. Abazalwana ababini babedla ngokuya esitratweni esithile nomatshini, badlale icwecwe lomculo ukuze batsale ingqalelo yabantu ukuze bakrobe, bandule ke balandelise ngentetho yemizuzu emihlanu erekhodwe nguMzalwan’ uRutherford. Emva koko babegqithela kwisitrato esilandelayo ngoxa thina, abavakalisi, sasilandela yaye sihambisa uncwadi lweBhayibhile.
Kangangeminyaka, rhoqo emva kwentlanganiso ngeengokuhlwa zangeCawa, sasisiya kwiTown Hall Square apho kwakukho iSpeaker’s Corner size sinikele inkxaso ngokuphulaphula enye yeentetho ezithabatha iyure zikaMzalwan’ uRutherford, sinikela amaphetshana yaye sinxibelelana naye nabani na owayebonakalisa umdla. Sade saziwa kuloo ndawo. Kwanamapolisa ayesihlonela. Ngenye ingokuhlwa sasihlanganisene njengesiqhelo xa, mgama, seva isandi samagubu neqela lomculo. Kungekudala iqela lamaFasi amalunga nekhulu lalihamba lisihla ngesitrato. Lajikela emva kwethu laza lema liziphakamisele phezulu izindwe zalo. Iqela lomculo lanqumama, yaye kwathi cwaka njengoko ilizwi likaMzalwan’ uRutherford ladandulukayo: “Bayekeni bakhahlele izindwe nabantu ukuba bayathanda. Siza kunqula size sikhahlele kuYehova uThixo wethu kuphela!” Sasizibuza ukuba kwakuza kwenzeka ntoni emva koko! Akukho nento le eyenzekayo, ngaphandle kokuba bafumana ubungqina obuhle, yaye amapolisa abathulisa ukuze sikwazi ukuva yonke intetho yesidlangalala.
Ngeli xesha kwakuqalisa ukusetyenziswa igramafoni ukuze isincede sinikele ubungqina obucokisekileyo. Ezindlwini, sasinikela ingqalelo ngenyameko kumacwecwe ukuze sikhuthaze abantu ukuba baphulaphule yonke loo ntshumayelo yeBhayibhile yemizuzu emihlanu. Ngokufuthi abaninimzi babesingenisa ngaphakathi yaye sasikuvuyela ukubuya size sidlale amacwecwe angakumbi.
Umnyaka we-1939 wawuxakeke gqitha yaye kunzima, kukho inkcaso nogonyamelo. Ngaphambi kwenye yeendibano zethu, abazalwana bahlaselwa ngamahlokondiba yaye bakhwazwa ezitratweni. Ngoko ebudeni bendibano, benza amalungiselelo eqela elikhethekileyo labazalwana abahamba ngeenqwelo-mafutha ukuze bashumayele kwiindawo ezinoqhushululu ngoxa oodade nabanye abazalwana babesiya kwiindawo ezizolileyo. Xa ndandisebenza neqela elithile kwesinye isitrato, ndahamba ndisihla ngepaseji ethile ndisiya kutyelela kwindlu engasemva. Xa ndandisemnyango, ndeva kuqalisa isidubedube—kwakukhwazwa kukhalwa esitratweni. Ndaqhubeka ndithetha naloo mntu emnyango, ndisandisa incoko de ndeva ukuba kuzolile. Ndandula ke ndenyuka ngepaseji ndaya kutsho esitratweni ndaza ndafumanisa ukuba abanye abazalwana noodade babenexhala xa babengandiboni! Noko ke, kamva kwangaloo mini abaqhwayi benkathazo bazama ukuphazamisa iintlanganiso zethu, kodwa bakhutshelwa phandle ngabazalwana.
Ukuqhambuka KweMfazwe Yehlabathi II
Ngeli xesha kwakugaywa amajoni, yaye abazalwana abaselula abaninzi babevalelwe iinyanga ezi-3 ukusa kwezili-12 entolongweni. Wandula ke uTata wafumana ilungelo elongezelelekileyo, elo lokuba atyelele abazalwana entolongweni. Rhoqo ngeCawa wayeqhuba iSifundo seMboniselo kwintolongo yasekuhlaleni. Ngeengokuhlwa zangoLwesithathu wayetyelela abazalwana eziseleni zabo. Ekubeni wayenamava obuqu okuthothoza entolongweni ixesha elide ebudeni bemfazwe yehlabathi yokuqala, wayekuvuyela ngokukhethekileyo ukukhonza abo babejongene nezilingo ezifanayo. Oku wakwenza iminyaka engama-20, de wafa ngowe-1959.
Ngowe-1941 sasiyiqhela intiyo nobutshaba obabubonakaliswa ngabaninzi ngenxa yobundilele bethu. Kwakungelula ukuma esitratweni uphethe amaphephancwadi uze ujamelane nayo. Kwangaxeshanye, sasikuvuyela ukunceda iimbacu ezazihlala kummandla wethu. Abemi baseLatvia, ePoland, e-Estonia naseJamani—olunjani lona uvuyo ababa nalo xa babona IMboniselo okanye iConsolation (ngoku enguVukani!) ngolwimi lwabo!
Kwandula ke kwafika elam ityala lokuba ngundilele ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Ndivalelwe esiseleni iiyure ezili-19 kwezingama-24 zosuku ngalunye, ndabufumanisa ubomi basentolongweni bunzima. Iintsuku zokuqala ezintathu zazizezona zinzima, kuba ndandindedwa. Ngosuku lwesine, ndabizwa kwiofisi yerhuluneli apho ndafika kumi amanye amantombazana amabini. Enye yala mantombazana yandisebezela ibuza: “Ubanjelwe ntoni?” Ndathi: “Unokumangaliswa ukuba ndinokukuxelela.” Inexhala yasebeza ibuza: “Uli-JW?” Nenye intombazana yamva yaza yasibuza: “Ningama-JW?” yaye sobathathu sawolana. Sasingasesodwa!
Inkonzo Yexesha Elizeleyo Evuyisayo
Ndakuba ndikhululwe entolongweni, ndaqhubeka nenkonzo yam yexesha elizeleyo, yaye intwazana eneminyaka eli-16 eyayisandul’ ukuyeka esikolweni yandipheleka. Saya eIlkley, idolophu entle engasekupheleni kweYorkshire Dales. Kangangexesha eliziinyanga ezintandathu, sasizama ukufumana indawo efanelekileyo yokuqhuba iintlanganiso zethu. Ekugqibeleni saqesha igaraji encinane, esayiguqulela ekubeni yiHolo YoBukumkani. UTata wasinceda, wasilungiselela izinto zokukhanyisa nezokufudumeza. Kwakhona wasihombisela esi sakhiwo. Ibandla elikufutshane lalisixhasa kangangeminyaka, lisabela abazalwana abathile ngazo zonke iiveki ukuba baye kunikela iintetho zesidlangalala. Ngeentsikelelo zikaYehova saba nenkqubela yaye sakhula, yaye ekugqibeleni kwamiselwa ibandla.
NgoJanuwari 1959, uTata wagula ngesiquphe. Ndabizwa ekhaya, yaye ngoAprili wafa. Iminyaka eyalandelayo yayiyeyona inzima. Impilo kaMama yaba nkenenkene kwaye waqalisa ukulibala, nto leyo eyayinditsalisa nzima. Kodwa umoya kaYehova wandigcina ndiqhubeka, yaye ndandikwazi ukumnyamekela wade wafa ngowe-1963.
Ndiye ndafumana iintsikelelo ezininzi ezivela kuYehova ukutyhubela iminyaka. Zininzi gqitha andinakuzibala. Ndiye ndabona ibandla lasekhaya likhula yaye lisahlulwa izihlandlo ezine, lithumela abavakalisi noovulindlela, bambi njengabavangeli basemazweni kumazwe akude anjengeBolivia, iLaos neUganda. Ithemba lokutshata ndize ndizinze alizange lizaliseke kum. Oku akukhange kundikhathaze; bendixakeke gqitha. Nangona ndingenazo izalamane zokwenyama, ndinabantwana nabazukulwana abaninzi eNkosini, mhlawumbi ikhulu.—Marko 10:29, 30.
Ngokufuthi ekhayeni lam ndiye ndimeme oovulindlela abaselula nolunye ulutsha ukuze ndinandiphe ubudlelane bamaKristu. Silungiselela iSifundo seMboniselo kunye. Kwakhona sibaliselana amava size sivume iingoma zoBukumkani, kanye njengoko abazali bam babedla ngokwenza. Njengoko ndingqongwe liqela elonwabileyo labantu abaselula, ndisoloko ndiziva ndimtsha yaye ndonwabile. Kum abukho ubomi obubhetele kunenkonzo yobuvulindlela. Ndimbulela kakhulu uYehova kuba ndiye ndaba nelungelo lokulandela emanyathelweni abazali bam. Ndithandazela ukuba ndiqhubeke ndikhonza uYehova ubomi bam bonke.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwakukhunjulwa ukuphela kwemfazwe ngowe-1918, yaye kamva, ngowe-1945.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UHilda Padgett nabazali bakhe, uAtkinson noPattie
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Iphecana elaxhokonxa umdla kaTata enyanisweni