Ibali Lobomi
“Bendingayi Kutshintsha Kwanto!”
NGOKUBALISWA NGUGLADYS ALLEN
Maxa wambi ndikhe ndibuzwe, “Ukuba ubunokuphinda ube mtsha kwakhona, yintoni obuya kuyitshintsha kubomi bakho?” Xa ndikuxelela inyaniso, “Bendingayi kutshintsha kwanto!” Makhe ndikuchazele isizathu sokuba ndivakalelwe ngale ndlela.
NGEHLOBO lowe-1929, xa ndandineminyaka emibini ubudala, kwenzeka into emangalisayo kutata, uMatthew Allen. Wafumana incwadana ethi Millions Now Living Will Never Die!, eyayipapashwe ngaBafundi BeBhayibhile beZizwe ngeZizwe, njengokuba amaNgqina kaYehova ayesaziwa njalo. Emva kokufunda nje amaphepha ambalwa, uTata wathi, “Le yeyona nto ibalulekileyo ndakha ndayifunda!”
Kungekudala emva koko, uTata wafumana nezinye iimpapasho zaBafundi BeBhayibhile. Engakhange achithe xesha wabelana nabo bonke abamelwane ngoko wayekufunda. Noko ke, kwakungekho bandla lamaNgqina kaYehova kuloo mmandla wasemaphandleni sasikuwo. Ngenxa yokuqonda imfuneko yokuhlanganisana kwamaKristu, ngowe-1935 uTata wayifudusela intsapho yakowethu eOrangeville, eOntario, eKhanada, kuba kwakukho ibandla apho.
Ngaloo mihla, abantwana babengadli ngokukhuthazwa ukubakho kwiintlanganiso; babedla ngokuhlala ngaphandle kuloo ndawo kuqhutyelwa kuyo intlanganiso de abantu abadala bagqibe. UTata wayengakuthandi oku. Wayevakalelwa ngale ndlela, “Ukuba iintlanganiso zibalulekile kum, zimele zibaluleke nasebantwaneni bam.” Ngoko ke, nangona wayesemtsha, uTata wathi umntakwethu uBob, oodade wethu uElla, uRuby nam masithelele abantu abadala ezintlanganisweni, yaye senjenjalo. Kungekudala nabantwana bamanye amaNgqina basithelela. Ukubakho nokugqabaza kwiintlanganiso kwaba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.
UTata wayeyithanda iBhayibhile, yaye wayenendlela eyonwabisayo yokuchaza amabali eBhayibhile. Ngaloo mabali, wabethelela ezintliziyweni zethu siselula izifundo ezibalulekileyo ezisandonwabisa gqitha nangoku xa ndizikhumbula. Esinye endisasikhumbulayo sesokuba uYehova uyabasikelela abo bazithobayo kuye.
Kwakhona uTata wasifundisa ukusebenzisa iBhayibhile ukuze sithethelele iinkolelo zethu. Sasidla ngokwenza umdlalo. Ngokomzekelo uTata wayesithi, “Ndikholelwa ukuba ndiza kuya ezulwini xa ndisifa. Ngoko ke yizani nobungqina bokuba akunjalo.” Mna noRuby sasidla ngokukhangela kwisalatha-magama izibhalo esasinokuphikisa ngazo loo mfundiso. Emva kokuba sizifundile ezo zibhalo, uTata wayedla ngokuthi, “Kubangel’ umdla oko, kodwa andikaneliseki.” Ngoko sasiphinda siye kuphanda. Oku kwakudla ngokuthabatha iiyure de uTata aneliseke ziimpendulo zethu. Ngenxa yoko, mna noRuby sakwazi kakuhle ukuzichaza nokuzithethelela iinkolelo zethu.
Ukuyeka Ukoyika Umntu
Phezu kwalo nje olo qeqesho luhle ndalufumana ekhaya nakwiintlanganiso zebandla, mandivume ukuba zikho ezinye iinkalo zobuKristu ezazilucelomngeni. Njengabanye abantwana, ndandingakuthandi ukwahluka kwabanye, ingakumbi kwabo ndandifunda nabo. Into yokuqala eyavavanya ukholo lwam yaba koko sasikubiza ngokuthi lungcelele lokubhengeza.
Kolu ngcelele iqela labazalwana noodade lalisithi chu lihlise izitrato ezikhulu zedolophu lithwele izibhengezo. Sasisazana sonke kuloo dolophu yethu yayinabantu abamalunga nama-3 000. Kolunye ungcelele, ndandihamba ngasemva ndithwele isibhengezo esithi “Unqulo Lusisabatha Nesirhintyelo.” Abanye abantwana endandifunda nabo bandibona baza ngokukhawuleza bandilandela becula besithi, “Thixo Sindisa Ukumkani.” Ndandiza kuthini bethu? Ndathandaza ngokunyanisekileyo ndicela amandla ukuze ndinganikezeli. Ekupheleni kolo ngcelele, ndakhawuleza ukuya kwiHolo yoBukumkani ndibuyisela eso sibhengezo ukuze ndigoduke. Noko ke, lowo wayesikhokela wandixelela ukuba kukho olunye ungcelele olwaluza kuqalisa yaye babefuna omnye umntu wokuthwala isibhengezo. Ngoko ndaphinda ndangena endleleni, ndithandaza nangakumbi. Noko ke, kwesi isihlandlo, abo ndifunda nabo babesele bediniwe baza bagoduka. Ngoko kunokuba ndithandazele amandla, ndathandaza ndibulela!—IMizekeliso 3:5.
Ekhaya sasisoloko sibamkela ngalo lonke ixesha abakhonzi bexesha elizeleyo. Kwakuba mnandi gqitha ukuba nabo. Ngokwendlela endikhumbula ngayo, abazali bethu babesoloko bebethelela ukuba ubulungiseleli bexesha elizeleyo ngowona msebenzi ubalulekileyo sinokuwenza.
Ngenxa yokhuthazo lwabo, ngowe-1945, ndaqalisa ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Kamva ndathelela udade wethu uElla, owayenguvulindlela eLondon, eOntario. Apho ndenza inkonzo endandicinga ukuba andisokuze ndikwazi ukuyenza. Abazalwana babesiya ezibharini baze bahambise imibhalo yeMboniselo neConsolation (ngoku ebizwa ngokuba nguVukani!) kubantu abeze kusela apho. Ngethamsanqa, lo msebenzi wawusenziwa ngeemva kwemini zangoMgqibelo, ngoko iveki yonke ndandithandazela ukuba ndikwazi ukuya! Lo msebenzi wawungelula, kodwa wawunomvuzo.
Kwangaxeshanye, ndafunda nendlela yokuhambisa iinkupho ezikhethekileyo zeConsolation ezazixubusha ngentshutshiso yabazalwana bethu kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi, ngokukodwa koosomashishini ababalulekileyo baseKhanada, kuquka abongameli bemibutho emikhulu yezorhwebo. Ebudeni beminyaka, ndiye ndafumanisa ukuba uYehova usoloko esixhasa logama nje sithembela kumandla akhe. Kanye njengokuba uTata wayedla ngokutsho, uYehova uyabasikelela abo bamthobelayo.
Ukwamkela Isimemo Sokukhonza EQuebec
NgoJulayi 4, 1940, umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavalwa eKhanada. Kamva, waphinda wavulwa, kodwa sasisatshutshiswa kwiingingqi zamaRoma Katolika eQuebec. Kwenziwa iphulo elikhethekileyo lokuhanjiswa kwephecana elalinamazwi abukhali athi Quebec’s Burning Hate for God and Christ and Freedom Is the Shame of All Canada ukuze kutsalelw’ ingqalelo ekuphathweni kakubi kwabazalwana bethu kuloo ngingqi. UNathan H. Knorr, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, wahlanganisana namakhulu oovulindlela kwisixeko saseMontreal ukuze awachazele ngemiphumo yoko babeza kukwenza. UMzalwan’ uKnorr wathi ukuba siyavuma ukungenelela elo phulo, simele silindele ukubanjwa size siphoswe ngaphaya kwezitshixo. Yaye oko kwenzeka ngokwenene! Ebudeni belo xesha, ndavalelwa izihlandlo ezili-15. Xa sisiya kwinkonzo yasentsimini, sasingazishiyi iibrashi zokuhlamba amazinyo neekama silungiselela xa kunokwenzeka siye kulala entolongweni.
Ekuqaleni umsebenzi omninzi sasiwenza ebusuku ukuze singabonwa. Ndandidla ngokufaka isixa esingakumbi samaphecana ebhegini ndize ndiyigangxe entanyeni ndiyigqume ngedyasi. Le bhegi yamaphecana yayinkulu kakhulu, indenza ndibe ngathi ndikhulelwe. Oko kwakundinceda xa ndikhwele kwisithuthi sikawonke-wonke esinabantu abaninzi ndisiya entsimini. Kangangezihlandlo ezininzi amadoda ayeliphakamela esitulweni eli bhinqa “likhulelweyo.”
Ekuhambeni kwexesha, saqalisa ukuwenza nasemini lo msebenzi. Sasishiya amaphecana kwizindlu ezintathu okanye ezine, size siye kwenye intsimi. Oko kwakudla ngokuphumelela. Noko ke, xa umfundisi wasekuhlaleni efumanisa ukuba sikhe safika apho, sasilindela inkathazo. Ngesinye isihlandlo, omnye umfundisi waphembelela ihlokondiba labantu abadala nabantwana abangama-50 okanye ama-60 ukuba lisigibisele ngeetumato namaqanda. Sabalekela kwikhaya lomnye udade ongumKristu, apho sachitha khona ubusuku silele phantsi.
Kwakukho intswelo enkulu yoovulindlela ababeza kushumayela kwintsimi yabantu abathetha isiFrentshi eQuebec, ngoko ngoDisemba wowe-1958, sinodade wethu uRuby saqalisa ukufunda ulwimi lwesiFrentshi. Emva koko sathunyelwa kwiindawo eziliqela zabantu abathetha isiFrentshi kuloo ngingqi. Kwisabelo ngasinye sasifumana amava akhethekileyo. Kwenye indawo, sachitha iminyaka emibini sisiya kwindlu ngendlu kangangeeyure ezisibhozo ngosuku singahoywa mntu! Abantu babesikroba nje emnyango bavale. Kodwa asizange sinikezele. Namhlanje, kukho amabandla amabini amakhulu kuloo dolophu.
Ukuxhaswa NguYehova Ngandlela Zonke
Ngowe-1965 saqalisa inkonzo yobuvulindlela obukhethekileyo. Kwesinye isabelo sobuvulindlela obukhethekileyo, sayiqonda ngokupheleleyo intsingiselo yamazwi kaPawulos abhalwe kweyoku-1 kuTimoti 6:8 athi: “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” Kwakufuneka sibe noqoqosho gqitha ukuze sikwazi ukuhlangabezana neendleko zethu. Ngoko sasibekela bucala imali yokugcina indlu ishushu, neyokuhlawulela irente, umbane nokutya. Emva kokuba sihlawulele zonke ezo zinto, sasisalelwa ziisenti ezingama-25 esasithenga ngazo ezinye izinto esizifunayo inyanga yonke.
Ekubeni sasingenamali yaneleyo, sasisibasa isifudumezi iiyure ezimbalwa kuphela ebusuku. Ngoko igumbi lethu lokulala lalingakhe lidlule kwiqondo lobushushu le-15 ngokukaCelsius yaye lalidla ngokubanda kunoko. Noko ke, ngenye imini saza kutyelelwa ngunyana wesinye isifundo seBhayibhile sikaRuby. Umele ukuba wafika kowabo waxelela unina ukuba sasisifa yingqele, kuba emva koko wamana esithumelela iidola ezilishumi rhoqo ngenyanga zokuthenga amafutha ukuze isifudumezi sihlale sibasiwe ngalo lonk’ ixesha. Asizange sizive siswele nanini na. Sasingezozityebi, kodwa sasisoloko sinazo izinto eziyimfuneko. Sasivakalelwa kukuba yintsikelelo nantoni na engakumbi kunezo ziyimfuneko. Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi eNdumiso 37:25 athi: “Andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka”!
Phezu kwayo nje inkcaso esajamelana nayo, ndiye ndavuyiswa kukubona iqela labantu endandifunda nalo iBhayibhile lifikelela ekwazini inyaniso. Abanye bangenelela inkonzo yexesha elizeleyo, nto leyo eyandivuyisa ngokukhethekileyo.
Ukujamelana Ngokuphumelelayo Neemvavanyo Ezintsha
Ngowe-1970, safumana isabelo esitsha eCornwall, eOntario. Malunga nonyaka sifikile eCornwall, uMama wagula. Yena uTata wayefe ngowe-1957, ngoko mna noodade wethu ababini sasitshintshisana ekunyamekeleni uMama de wafa ngowe-1972. Ebudeni belo xesha abo babengamaqabane ethu kubuvulindlela obukhethekileyo, uElla Lisitza noAnn Kowalenko baba lukhuthazo yaye babesixhasa. Xa singekho babenyamekela izifundo zethu zeBhayibhile nezinye iimbopheleleko. Hayi indlela ayinyaniso ngayo amazwi eMizekeliso 18:24 athi: “Kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu”!
Ngokuqinisekileyo zininzi izinto ezilucelomngeni ebomini. Ngenxa yokuxhaswa nguYehova ngothando, ndiye ndakwazi ukujamelana nazo. Nangoku ndisonwabile yaye ndisaqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo. UBob, owafa ngowe-1993, wachitha iminyaka engaphezu kwama-20 kumsebenzi wobuvulindlela, ekukho kuyo elishumi exabisekileyo apho wayeshumayela kunye nomfazi wakhe uDoll. Yena udade wethu omdala uElla, owafa ngo-Oktobha 1998, waba nguvulindlela ngaphezu kweminyaka engama-30 yaye wayesoloko enomoya wobuvulindlela. Ngowe-1991, omnye udade wethu uRuby, wahlaselwa ngumhlaza. Sekunjalo, nakuba wayengenamandla kangako waqhubeka eshumayela iindaba ezilungileyo. Wahlala enoburharha de kwaba yimini awafa ngayo, ngoSeptemba 26, 1999. Ngoxa ndingasenabo oodade wethu, ndisenayo intsapho yokomoya yabazalwana noodade abandincedayo ukuze ndihlale ndinoburharha.
Xa ndikhangela ngasemva ebomini bam, yintoni ebendiya kuyitshintsha? Andizange nditshate, kodwa ndiye ndasikelelwa ngabazali abanothando, umntakwethu, noodade wethu ababeka inyaniso kwindawo yokuqala kubomi babo. Ndikhangele phambili ekubaboneni bonke kungekudala eluvukweni. Ingathi ndiyambona utata endanga, nomama esehl’ iinyembezi njengoko siwolana. UElla, uRuby noBob baya kube bengakwazi ukuzibamba luvuyo.
Okwangoku, ndisazimisele ukuqhubeka ndisebenzisa nawaphi na amandla endinawo ukuze ndidumise uYehova. Ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo kokona kumnandi nokunomvuzo ebomini. Kunjengokuba kanye umdumisi wathi ngabo bahamba kwiindlela zikaYehova: “Uya kuba noyolo yaye kuya kuba kuhle kuwe.”—INdumiso 128:1, 2.
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
UTata wayeyithanda iBhayibhile. Wasifundisa indlela yokuyisebenzisa xa sithethelela iinkolelo zethu
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ukusuka ekhohlo ukusa ekunene: uRuby, mna, uBob, uElla, uMama noTata, ngowe-1947
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ngaphambili; ukusuka ekhohlo ukusa ekunene: Mna, uRuby noElla kwiNdibano yeSithili, ngowe-1998