Xa Izithethe Zingqubana Nenyaniso
INGOZI—LA MANZI AKASELWA. Sisenokuba siqhelile ukubona izilumkiso ezinjengezi. Kwiindawo ezininzi abantu abaseli nantoni na kuba bayazi ukuba eminye imithombo yamanzi inetyhefu yoko kuthiwa lungcoliso “olungumxube wegqwirha.” Enye ingxelo ithi, ngenxa yolu ngcoliso, kunokuba “alondoloze aze akhusele ubomi,” amanzi “anokudlulisela iintsholongwane zezifo . . . nemichiza engcolisayo.”—Water Pollution.
Ukungcolisa Amanzi Enyaniso
Izithethe ezingqubana nenyaniso zifana namanzi angcolileyo. Ngezazela ezingenaxhala sisenokubambelela kwizithethe—inkcazelo, iingcamango, iinkolelo, okanye amasiko adluliselwe kwizizukulwana ngezizukulwana—eneneni, ezingcoliswe “ngumxube wegqwirha” weengcamango neentanda-bulumko ezibubuxoki nezilahlekisayo. Kanye njengamanzi angcolileyo, zisenokubangela ingozi engathethekiyo—ingozi yokomoya.
Nokuba sivakalelwa kukuba iinkolelo zethu zonqulo zesithethe zisekelwe eBhayibhileni, sonke sifanele sizinike ixesha lokuzihlolisisa ngenyameko. Khumbula, xa uMartin Luther wayebambelele kwinkolelo yomhla wakhe yaye emhlab’ amadlala uCopernicus, wayecinga ukuba iBhayibhile yayimngqinela. Ukanti, uLuther wasilela ukulandela umzekelo omhle wamaBhereya amandulo ‘awayenobuntu ngokuzincina izibhalo enoba zinjalo na ezi zinto.’—IZenzo 17:10, 11.
Cinga ngengozi eyabangelwa ziinkolelo zesithethe kumaYuda athile omhla kaYesu. Ayekholelwa ngokunyanisekileyo ukuba izithethe zawo zazichanile. Xa ayekhalazela ukuba abafundi bakaYesu bengazigcini ezo zithethe, uYesu wawacel’ umngeni ngalo mbuzo: “Kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?” (Mateyu 15:1-3) Kwakonakele phi? UYesu wamchaza undonakele xa wacaphula amazwi omprofeti uIsaya: “Bafumana ke [bemhlonela uThixo], befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.” (Akekeliswe sithi.)—Mateyu 15:9; Isaya 29:13.
Ewe, endaweni yeenyaniso ezivela kuThixo, bafaka iingcamango ezivela ebantwini okanye, okubi ngakumbi, ezivela kwiidemon. Ngokomzekelo, i-Insight on the Scriptures, uMqulu 1, iphepha 506, ichaza oku: “Ngelo xesha abaFarisi babefundisa ukuba xa umntu ethembise ukuba izinto anazo ‘zingumsondezo,’ okanye isipho asinikela kuThixo, wayengenakuzisebenzisa ezo zinto ukwanelisa iintswelo zabazali bakhe, nokuba baswele kangakanani na, nangona wayenokuzisebenzisela isiqu sakhe de afe ukuba wayekhetha njalo.” Ubulumko babantu obabungcolise amanzi enyaniso baba nemiphumo emibi kubumoya bamaYuda. Inkoliso yawo yada yamchasa uMesiya ekwakukudala imlindile.
INgqobhoko Yongeza Ungcoliso
Kwenzeka umonakalo wokomoya ofanayo emva kokufa kukaYesu. Abaninzi ababesithi bangabalandeli bakhe babhenela kwizithethe zabantu njengesiseko seemfundiso ezintsha. Ngokutsho kweCyclopedia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature, ebhalwe nguMcClintock noStrong, bambi ababesithi bangamaKristu babevakalelwa kukuba ezo zithethe “zaziyimfundiso eyayifunyenwe kubapostile ziicawa zobuKristu zokuqala, iphuma kwisizukulwana sabapostile, yaza yagcinwa isulungekile de kwalixesha labo.”—Akekeliswe sithi.
Eneneni inkoliso yezi zithethe yayingasulungekanga, yayiziingcamango eziphosakeleyo. Njengoko le Cyclopedia ichaza, ezi ntanda-bulumko zintsha “zazingahlukanga nje kwezinye izithethe kuphela, kodwa kwanakwimibhalo yabapostile ababeyiphethe ezandleni zabo.” Oku akuzange kwenzeke ngebhaqo. Umpostile uPawulos wayewalumkisile amaKristu esithi: “Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu.”—Kolose 2:8.
Nanamhlanje, iinkolelo zesithethe ezininzi ‘zahlukile kwimibhalo yabapostile.’ INgqobhoko iwatyhefile amanzi enyaniso ngeengcamango ezininzi eziphefumlelwe ziidemon, ezinjengoBathathu Emnye, isihogo somlilo, ukungafi komphefumlo womntu, ubuhlanga nokunqula izithixo.a (1 Timoti 4:1-3) Imbali iyakungqina ukugula ngokomoya okufikele abantu abaye bangamaxhoba eemfundiso zeedemon eziziimfundiso zesithethe zeNgqobhoko.—Thelekisa uIsaya 1:4-7.
Eneneni, oko kungcoliswa kwenyaniso, bekuqhubeka ukususela ekudalweni komntu. USathana ebeqhubeka nokutyhefa iingqondo zabantu ngobuxoki nangenkohliso awakuqalisa e-Eden. (Yohane 8:44; 2 Korinte 11:3) Njengoko intsapho yabantu yayisasazeka emhlabeni wonke emva koMkhukula womhla kaNowa, abantu bazo zonke iintlanga baba ngamaxhoba etyhefu efakwe ngabom kwimithombo yolwazi lwabantu ngeentanda-bulumko neengcamango eziphefumlelwe ziidemon.
Imiphumo Yongcoliso Lokomoya
Yiyiphi ingozi enokubangelwa koko kungcoliswa kobumoya? Sinokukuthelekisa nemiphumo yamanzi angcolileyo empilweni yethu. Enye ingcali ithi: “Abantu abamalunga nezigidi ezingama-200 bangamaxhoba esifo sesichenene segazi (bhilhaziya) [i-snail fever, ebangela umlambo, ukuxinezeleka, ukugula okuqhelekileyo kwanokufa], esibangelwa ngamanzi angcolileyo xa edibene nesikhumba. Abantu abazizigidi ezingamakhulu amahlanu banetrakoma, engomnye woonobangela abaphambili bobumfama, ngenxa yokuhlamba ngamanzi angcolileyo. . . . Abantu abamalunga namawaka amabini ezigidi abanamanzi okusela akhuselekileyo.” (Our Country, the Planet) Izigidi zabantu ziye zenziwa buthathaka, zamfanyekiswa zada zabulawa ngokomoya ngenxa yokulandela izithethe ezixutywe neemfundiso ezibubuxoki zobudemon.—1 Korinte 10:20, 21; 2 Korinte 4:3, 4.
Ngokomzekelo, abaninzi badidekile okanye bamfanyekisiwe ukuba balwazi ulwalamano phakathi koYesu Kristu noYise, uYehova uThixo. Abathile ababesithi bangamaKristu baba nesithethe sokulishenxisa igama elingcwele likaThixo, uYehova, kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike. KwiJournal of Biblical Literature, uGeorge Howard uthi: “Ngokwembono yethu, oku kushenxiswa kweTetragram[maton], kwabangela ukudideka ezingqondweni zamaKristu aziiNtlanga amandulo ngokuphathelele ulwalamano phakathi ‘kweNkosi uThixo’ ‘neNkosi uKristu.’”
Kwakhona, cinga ngokudideka, iinkolelo noloyiko olubangelwa sisithethe esingekho zibhalweni sokuba umphefumlo womntu awufi. (Thelekisa INtshumayeli 9:5; Hezekile 18:4.) Bangaphi abantu abangamakhoboka onqulo lweminyanya okanye abahlala besoyika ukuba abafi baza kubuya baze babenzakalise? Le nkolelo ide yakhokelela abantu ekubeni bazibulale yaye babulale nabanye.
Abemi baseJapan abaninzi bakholelwa ukuba xa befile imimoya ephuma kubo iyadibana kwelemimoya. Ngenxa yoko, abanye abazali abazibulalayo, baye bacinga ukuba kokona kulungileyo ukuba bazibulale kunye nabantwana babo. Incwadi ethi An English Dictionary of Japanese Ways of Thinking iyachaza: “EJapan ukuzibulala akusoloko kugxekwa, kodwa ngokufuthi kugqalwa njengendlela eyamkelekileyo yokungxengxeza ngenxa yesono esinzulu . . . Kwaneendaba zomntu obulele intsapho yakhe ziye zichazwe ngovelwano.”
Zicikideni Izithethe
Ngenxa yeengozi ezibandakanyekileyo ekulandeleni iinkolelo namasiko ezithethe ungakhange uwahlolisise, sifanele senze ntoni? Ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala, umpostile uYohane wanikela eli cebiso kumaKristu awayekhonza naye: “Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya [kanye njengokuba ubuya kuwacikida amanzi ukuba acocekile na] ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini.” (1 Yohane 4:1; bona kwaneyoku-1 kwabaseTesalonika 5:21.) Unokwazi njani ukuba isithethe esithile siyingozi? Kufuneka ufumane igunya elithile, indlela ethile yokumisela imilinganiselo yobumsulwa, ukucikida oko ukukholelwayo.
IBhayibhile iligunya elinjalo. UYesu Kristu wathi: “Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yohane 17:17) Kwakhona wathi: “Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso.” (Yohane 4:23) Ngokusebenzisa iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, ufumana amanzi acocekileyo enyaniso kunokufumana amanzi angcolileyo eentanda-bulumko zabantu needemon.—Yohane 8:31, 32; 2 Timoti 3:16.
Khumbula, kwanamasuntswana okungcola anokuba nemiphumo eyintlekele. Maxa wambi kuthabatha iminyaka ngaphambi kokuba imiphumo ibonakale. UShridath Ramphal, owayesakuba ngumongameli weWorld Conservation Union uthi: “Amanzi angcolileyo, angoyena nobangela wokufa oyingozi ehlabathini ngoku. Ubuncinane kufa abantu abangamashumi amabini anesihlanu amawaka mihla le ngenxa yokuwasebenzisa.” Izithethe ezingcolileyo ngokomoya ziyingozi ngakumbi.
Ngaba unayo inkalipho yokuzahlukanisa neenkolelo zesithethe osenokuba ubuzilandela kangangeminyaka, ukuba ubungqina bubonisa ukuba ziyangqubana nenyaniso? Phulaphula izilumkiso. Zikhusele kunye nentsapho yakho ngokuqinisekisa ukuba izithethe zakho ziyavisisana neLizwi likaThixo elicocekileyo lenyaniso.—INdumiso 19:8-11; IMizekeliso 14:15; IZenzo 17:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona Ukuqiqa NgeZibhalo ukuze ufumane ubungqina bokuba iimfundiso ezinjalo azisekelwanga eBhayibhileni. Le ncwadi ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
ILizwi likaThixo lenyaniso lifana nomlambo wamanzi acocekileyo