IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 4/15 iphe. 5-7
  • Kuza Kubakho Iindaba Ezimnandi!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuza Kubakho Iindaba Ezimnandi!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oonobangela Bazo Zonke Iindaba Ezimbi
  • Kutheni Zisanda Nje Iindaba Ezimbi?
  • Oku Akuyi Kuhlala Kunjalo
  • Ukuxhaphaka Kweendaba Ezimbi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • “Iindaba Ezilungileyo”!
    ‘Culela UYehova Ngovuyo’
  • Imvukelo Kummandla Womoya
    Imimoya Yabafileyo—Imimoya Yabafileyo Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?
  • Abalawuli Abakummandla Womoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 4/15 iphe. 5-7

Kuza Kubakho Iindaba Ezimnandi!

SONKE siba buhlungu xa sisiva iindaba ezimbi ezisichaphazelayo. Kwelinye icala, siyavuya xa sifumana iindaba ezimnandi—iindaba ezivuyisayo kuthi okanye kwabo sibathandayo. Kodwa xa iindaba ezimbi zichaphazela abanye yaye zingasichaphazeli thina, ngokufuthi siye sifune ukwazi; bambi bade bakunandiphe ukuva iintlupheko zabanye. Oku kusenokuba sesinye sezizathu zokuba iindaba ezimbi zithandwe kakhulu kangaka!

Ebudeni benxalenye yokuqala yeMfazwe Yehlabathi II, kwakukho umzekelo ocacileyo womdla ombi kwiintlekele ezazisehlela abanye abantu. Inqanawa yemfazwe eyayixhobe yaf’ amacala eyayinobunzima obuziitoni ezingama-10 000, iGraf Spee, yayilibhongo leenqanawa zomkhosi zaseJamani ngowe-1939. Kangangeeveki ezithile le nqanawa yomkhosi yayisenza unothanda kwiinqanawa zabarhwebi baMazwe Amanyeneyo kuMzantsi wolwandlekazi lweAtlantiki nolwaseIndiya. Ekugqibeleni, iinqanawa ezintathu zomkhosi waseBritani zayizingela zaza zayihlasela iGraf Spee, zibulala abantu yaye ziyinyanzela loo nqanawa ukuba iye kwizibuko laseUruguay eliseMontevideo ukuze ilungiswe. Urhulumente waseUruguay wayalela ukuba loo nqanawa yomkhosi ibuyiselwe elwandle ngokukhawuleza, kungenjalo yayiza kubanjwa. Ngoko kwabonakala kuza kuqalisa idabi elibi nelaliza kuphunyelelwa licala elinye.

Lisiva oku, iqela loosomashishini abazizigwili baseUnited States laqesha inqwelo-moya, eyayixabisa iidola ezimalunga nama-2 500 umntu emnye, ukuze liye eUruguay ukuya kuzibonela ngamehlo elo dabi libi. Okwalidanisayo kukuba idabi alizange liqhubeke. UAdolf Hitler wayalela ukuba iGraf Spee itshoniswe elwandle. Amawaka ababukeli athontelana kwelo zibuko elindele ukubona umbono omangalisayo welo dabi libi laselwandle, kunoko abona aza eva ukuqhushumba okukhulu okwenza iGraf Spee itshone, itshatyalaliswa ngabasebenza kuyo. Umphathi wenqanawa wazibulala ngokuzidubula entloko.

Phezu kwalo nje utyekelo oloyikekayo lwabanye abantu, inkoliso yabantu ibiya kuvuma ukuba ikhetha iindaba ezimnandi kunezimbi. Ngaba akuvakalelwa ngaloo ndlela? Ngoko, kutheni le nto ingxelo yembali izaliswe ziindaba ezimbi yaye zimbalwa ezimnandi? Ngaba le meko inokuze iguquke?

Oonobangela Bazo Zonke Iindaba Ezimbi

IBhayibhile ibalisa ngexesha apho kwakukho iindaba ezimnandi kuphela. Iindaba ezimbi zazingaziwa, zingazange ziviwe. Xa uYehova uThixo wagqiba umsebenzi wakhe wokudala, isijikelezi-langa esinguMhlaba sasilungele ukuphila umntu nesilwanyana. Ingxelo yeGenesis ithi: “Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene.”—Genesis 1:31.

Ukungabikho kweendaba ezimbi akuzange kuhlale kuhleli emva kokudalwa komntu. Ngaphambi kokuba uAdam noEva babe nenzala, kwabakho iindaba ezimbi zokuvukelwa kukaThixo nelungiselelo lakhe elihle elilungeleleneyo lendalo iphela. Unyana wokomoya othile owayenegunya eliphakamileyo waba ngumngcatshi esebenzisa isikhundla sakhe waza waphumelela ekuphembeleleni isibini sokuqala esingabantu ukuze simthelele kwikhondo lakhe lemvukelo, lokungcatsha.—Genesis 3:1-6.

Ukuxhaphaka kweendaba ezimbi okuye kwabonwa luluntu kwaqala ngelo xesha. Akumangalisi ukuba amaqhinga, inkohliso, ubuxoki, ubuqhophololo neenyaniso ezingaphelelanga ziye zabalasela kwiindaba ezimbi eziye zazalisa ihlabathi ukususela ngoko. UYesu Kristu walibeka kuSathana uMtyholi lonke ityala njengonobangela weendaba ezimbi, exelela iinkokeli zonqulo zomhla Wakhe oku: “Nina niphuma kuyihlo uMtyholi, yaye ninqwenela ukwenza iminqweno kayihlo. Lowo wayesisibulala-mntu xa waqalisayo, ibe akazange eme nkqi kuyo inyaniso, ngenxa yokuba inyaniso ayikho kuye. Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, ngenxa yokuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.”—Yohane 8:44.

Njengoko inani labantu lalisanda, iindaba ezimbi nazo zanda. Kakade ke, oku akuthethi kuthi ayengekho amaxesha okuvuya nokonwaba, kuba zazininzi izinto ezazibangela uvuyo ebomini. Kodwa, ilifu leenkathazo nosizi liye labonakala kuzo zonke izizukulwana zoluntu ukuza kuthi ga ngoku.

Kukho nesinye isizathu esiyintloko esibangela le meko ilusizi. Lutyekelo esiluzuz’ ilifa lokwenza izinto ezingalunganga kunye nentlekele. Esi sizathu singenakuphepheka seendaba ezimbi uYehova usichaza ngokuthi: “Ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe.”—Genesis 8:21.

Kutheni Zisanda Nje Iindaba Ezimbi?

Noko ke, kukho isizathu esibangela ukuba iindaba ezimbi zande kule nkulungwane yama-20. Esi sizathu sichazwe kakuhle eBhayibhileni, eyaxela kwangaphambili ukuba uluntu lwenkulungwane yama-20 lwaluya kuphila kwixesha elahlukileyo elaziwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela’ okanye “ixesha lokuphela.” (2 Timoti 3:1; Daniyeli 12:4) Isiprofeto seBhayibhile nobalo-maxesha lweBhayibhile zithi eli “xesha lokuphela,” laqala ngowe-1914. Ukuze ufumane ubungqina obuneenkcukacha obungokweZibhalo ngalo mbandela, nceda ubone isahluko 11 sencwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

Imihla yokugqibela yayiza kuqala ngesiganeko esasiya kuthi ngokuzenzekelayo sibangele ukwanda kweendaba ezimbi emhlabeni. Sisiphi eso siganeko? Yayikukukhutshwa kukaSathana uMtyholi nemikhosi yakhe yeedemon emazulwini. Usenokuzifundela le ngcaciso ecacileyo yokwanda okungenakuphepheka kweendaba ezimbi kwiSityhilelo 12:9, 12: “Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi noSathana, olahlekisa umhlaba omiweyo uphela; waphoswa phantsi emhlabeni, neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye. . . . ‘Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.’”

Ngoko ke enoba lingakanani na ixesha eliseleyo ukuze imihla yokugqibela ifikelele esiphelweni, sinokulindela ukuba iindaba ezimbi ziqhubeke zisanda.

Oku Akuyi Kuhlala Kunjalo

Okuvuyisayo kubemi bomhlaba kukuba imeko elusizi ebangela ubhubhani weendaba ezimbi namhlanje ayiyi kuhlala ikho. Enyanisweni, sinokutsho siqinisekile ukuba imihla yeendaba ezimbi ezingenasiphelo sele isondela esiphelweni. Lisekho ithemba, nangona iimeko zisenokunganiki themba. Ukuphela kwazo zonke iindaba ezimbi kusemnyango yaye kuya kufika ngexesha elimiselwe nguThixo.

Sinokuqiniseka ngako oku kuba ngokwesiprofeto imihla yokugqibela ifanele ifikelele incopho okanye iqukunjelwe ngokutshabalalisa nokushenxisa kukaThixo bonke oonobangela beendaba ezimbi. Uya kushenxisa abantu abangabaphembeleli abangendawo bokruthakruthwano, abangavumi ukutshintsha nokuguquka kwikhondo labo eliphosakeleyo. Oku kufikelela incopho kwimfazwe yomhla omkhulu kaThixo onguSomandla, ngokuqhelekileyo eyaziwa ngokuba yimfazwe yeArmagedon. (ISityhilelo 16:16) Kamsinya emva koko, uSathana uMtyholi nengxokolo yakhe yeedemon baya kuba kwimeko yokungasebenzi. ISityhilelo 20:1-3 sichaza ngokubotshwa kukaSathana, umenzi weendaba ezimbi: “Ndabona ingelosi isihla iphuma ezulwini inesitshixo senzonzobila nomxokelelwane omkhulu esandleni sayo. Kwaye yayixhakamfula inamba, loo nyoka yantlandlolo, enguMtyholi noSathana, yaza yayibopha kangangeminyaka eliwaka. Yaye yayiphosa enzonzobileni ibe yayivala yaza yayitywina phezu kwayo, ukuze ingabi nakuzilahlekisa iintlanga kwakhona.”

Emva kwezi ziganeko ziphawulekayo, kuya kufika ixesha leendaba ezimnandi ezingazange ziviwe emhlabeni nakubemi bawo. Aba bemi baya kuquka izigidi ezisinde kwimfazwe yokugqibela yeArmagedon namawaka ezigidi aya kuba evusiwe emangcwabeni. Ezi ndaba zizezona zimnandi zichazwe kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile: “Intente kaThixo iseluntwini, yaye uya kuhlala nalo, ibe lona luya kuba ngamaqela abantu bakhe. NoThixo ngokwakhe uya kuba nalo. Kwaye uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni alo, yaye ukufa akusayi kubakho, kungayi kubakho nakukhedama nasikhalo nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

Ngaba unokulithelekelela elo xesha lolonwabo? Ngokwenene likamva elizukileyo ekungayi kubakho zindaba zimbi kulo. Ewe, zonke iindaba ezimbi ziya kube ziphelile yaye zingayi kuphinda ziviwe kwakhona. Iindaba ezimnandi ziya kongama, zize zande ngonaphakade.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share