IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 5/1 iphe. 3-4
  • UThixo, URhulumente Nawe

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UThixo, URhulumente Nawe
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uqhawulo-mtshato Lufanele Luvunyelwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Indlela INgqobhoko Eyaba Yinxalenye Yeli Hlabathi Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Uqhawulo-mtshato Luba Nawo Amaxhoba
    Vukani!—1991
  • AmaKristu Okuqala NoRhulumente
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 5/1 iphe. 3-4

UThixo, URhulumente Nawe

“ICawa NoRhulumente Ziyaphikisana Kuvavanyo-zimvo Ngokuphathelele Uqhawulo-mtshato EIreland”

LO MXHOLO okwiThe New York Times ubonisa indlela namhlanje abantu abasenokujongana ngayo nokhetho phakathi koko kufunwa nguRhulumente noko kufundiswa yicawa yabo.

Eli nqaku lathi: “Kusele ixesha elingaphantsi kwenyanga ngaphambi kokuqalisa kovavanyo-zimvo lokuba upheliswe kusini na umgaqo-siseko walo onxamnye noqhawulo-mtshato, kwilizwe laseIreland elinenkoliso yabemi abangamaRoma Katolika kukho ungquzulwano olungafane lubekho phakathi kweenkokeli zalo zobuRhulumente kunye nezecawa.” URhulumente ucele ukushenxiswa kwesalelo soqhawulo-mtshato, ngoxa iCawa yamaKatolika yayiluchase gqitha uqhawulo-mtshato nokuphinda utshate. AmaKatolika aseIreland kwafuneka akhethe phakathi kweCawa noRhulumente. Ngokomphumo, uRhulumente waphumelela nzima.

Kangangeminyaka emininzi abantu bakuMntla Ireland bebejamelene nemfazwe embi gqitha ephathelele ulawulo lwesizwe. Abaninzi baye babulawa. AmaRoma Katolika namaProtestanti aye aneembono eziphikisanayo ngokuphathelele uRhulumente amele amthobele: ukuqhubeka kolawulo lweBritani kuMntla Ireland okanye kubekho urhulumente omnye kwi-Ireland iphela.

Ngokufanayo, kwindawo eyayikade iyiYugoslavia, abasemagunyeni abaphetheyo baye bafuna ukuba amalungu eenkonzo ezahlukeneyo, kuquka amaKatolika namaOthodoki, alwe kwidabi lokulwela umhlaba. Kubemi abaqhelekileyo, yiyiphi eyona nto yayibalulekile kubo? Ngaba babefanele balandele abo babesithi bamela uRhulumente, okanye babefanele bathobele uThixo, othi: “Uze ungagebengi . . . Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu”?—Roma 13:9.

Usenokucinga ukuba imeko elolu hlobo ayinakuze ikuchaphazele. Kodwa inako ukwenjenjalo. Enyanisweni, isenokude ikuchaphazele kwanangoku. Kwincwadi yakhe ethi The State in the New Testament, umfundi wezakwalizwi uOscar Cullmann uthetha “ngesigqibo esithetha ukufa nokuphila amaKristu ale mihla amele okanye asenokunyanzeleka asenze kwiimeko ezinzima xa esongelwa ngoorhulumente boozwilakhe.” Noko ke, ukwathetha “ngembopheleleko yokwenene nebaluleke ngokufanayo yomKristu ngamnye—nomKristu ophila phantsi kweemeko ekuthiwa ‘zeziqhelekileyo,’ ‘zemihla ngemihla,’—leyo yokujamelana nokuphendula ingxaki enzulu ajamelana nayo kuba engumKristu.”

Ngoko ngaba ulwalamano phakathi konqulo noRhulumente lufanele lubangele umdla kumaKristu namhlanje? Ngokuqinisekileyo lufanele lwenjenjalo. Kususela kumaxesha amandulo, amaKristu aye azama ukuhlakulela imbono elungeleleneyo ngamagunya asekuhlaleni. INkokeli yawo, uYesu Kristu, yagwetywa yaza yabulawa nguRhulumente wamaRoma. Abafundi bakhe kwafuneka bahlengahlengise iimbopheleleko zabo zobuKristu neembopheleleko zabo kuBukhosi baseRoma. Ngoko ke, ukuluqwalasela ulwalamano lwabo namagunya kuya kunikela ukhokelo kumaKristu namhlanje.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]

Tom Haley/Sipa Press

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share