Xa Ikhethe Liya Kuba Lingasekho!
KUTHIWA, isazinzulu uAlbert Einstein sakha sathi kweli hlabathi libi, kunzima ngakumbi ukoyisa ikhethe kunokuqhekeza iatom. Ngokufanayo, uEdward R. Murrow, intatheli eyazenzela igama ebudeni beMfazwe Yehlabathi II yaza kamva yaba ngumalathisi weU.S. Information Agency, wathi “akakho umntu onokuliphelisa ikhethe—limele lamkelwe nje kuphela.”
Ngaba abonakala eyinyaniso la mazwi? Ngaba alunakupheliswa ucalucalulo nobuhlanga? Uvakalelwa njani uThixo ngekhethe?
UThixo Akakhethi Buso
IBhayibhile iyakuchasa ukukhetha ubuso. (IMizekeliso 24:23; 28:21) Ithi “ubulumko obuvela phezulu okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, bungacaluli ngokukhetha ubuso, bungabi naluhanahaniso.” (Yakobi 3:17) Ubulumko obunjalo babugxininiswa kubagwebi boSirayeli wamandulo. Bayalelwa oku: “Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu.”—Levitikus 19:15.
Ukuma kweBhayibhile ngokuqinileyo nxamnye nokukhetha ubuso nekhethe kwagxininiswa nguYesu Kristu nabapostile bakhe uPetros noPawulos. UYesu akazange akhethe buso kwabo ‘babehlinzekile yaye belahliwe njengezimvu ezingenaye umalusi.’ (Mateyu 9:36) Wafundisa oku: “Yekani ukugweba ngokwembonakalo yangaphandle, kodwa gwebani ngomgwebo wobulungisa.”—Yohane 7:24.
UPetros noPawulos bayasiqinisekisa ukuba uYehova uThixo akakhethi buso. UPetros wathi: “Ngokuqinisekileyo ndiyaqonda ukuba uThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.” (IZenzo 10:34, 35) Umpostile uPawulos usixelela oku: “Akukho kukhetha buso kuThixo.”—Roma 2:11.
Impembelelo YeBhayibhile
IBhayibhile inamandla okuguqula ubuntu babo bakhokelwa yiyo. AmaHebhere 4:12 athi: “Ilizwi likaThixo liphilile kwaye linamandla.” Ngoncedo lukaYehova umntu onekhethe unokude aguqule indlela acinga ngayo aze angakhethi buso xa eqhubana nabanye.
Ngokomzekelo, qwalasela imeko kaSawule waseTarso. Ngokutsho kwengxelo yeBhayibhile, ngaxesha lithile wakha waligonyamela ibandla lamaKristu ngenxa yokuba elandela amasiko onqulo angqongqo. (IZenzo 8:1-3) Izithethe zamaYuda zazimenze wakholelwa ngokupheleleyo kwelokuba onke amaKristu ayengabawexuki neentshaba zonqulo lokwenyaniso. Ukuba nekhethe kwakhe kwamenza waxhasa ukubulawa kwamaKristu. IBhayibhile ithi ‘wayebafuthela ngesisongelo nobugebenga abafundi beNkosi.’ (IZenzo 9:1) Xa wayesenjenjalo, wayecinga ukuba unikela inkonzo engcwele kuThixo.—Thelekisa uYohane 16:2.
Ukanti, uSawule waseTarso wakwazi ukuliphelisa ikhethe lakhe eligqithisileyo. Naye wada waba ngumKristu! Kamva, sele enguPawulos, umpostile kaYesu Kristu, wabhala: “Ngaphambili ndandingumnyelisi nomtshutshisi nomntu osileyo. Noko ke, ndaboniswa inceba, ngenxa yokuba ndandingenalwazi ndaza ndenza ngokuswela ukholo.”—1 Timoti 1:13.
UPawulos asinguye yedwa owayiguqula ngokukhawuleza ngolo hlobo indlela acinga ngayo. Kwincwadi yakhe eya kuTito, naye owayehambisa ivangeli, uPawulos wabongoza amaKristu ukuba ‘angathethi kakubi nangabani na, angabi ngabathanda ukulwa, abe nganengqiqo, ebonisa ubulali bonke kubantu bonke. Kuba kwanabo babekhe ababa nangqiqo, bengathobeli, belahlekiswa, bengamakhoboka eminqweno neziyolo ezahlukahlukeneyo, beqhubeka ebubini nasemoneni, besenyanyeka, bethiyana.’—Tito 3:2, 3.
Ukoyisa Imiqobo Yekhethe
Namhlanje, amaKristu okwenyaniso azabalazela ukulandela eso siluleko. Afuna ukuphepha ukugweba abantu engakhange afumane zonke izibakala. Oku kuyawathintela ‘ekuthetheni kakubi’ ngabanye. Anandipha ubuzalwana bezizwe ngezizwe oboyisa yonke imiqobo yobuzwe nobuhlanga ekweli hlabathi.
Khawucinge ngamava kaHenrique, ummi waseBrazil ontsundu. Ngenxa yokuba elixhoba localucalulo lobuhlanga, wabathiya ngokunzulu abantu abamhlophe. Uyachaza: “Kwafika amaNgqina angabantu abamhlophe amabini endlwini yam eze kuthetha ngegama likaThixo. Ekuqaleni ndandingafuni ukuphulaphula kuba ndandingabathembi abantu abamhlophe. Kodwa kungekudala ndabona ukuba isigidimi sabo sasiyinyaniso. Ndasamkela ke isifundo seBhayibhile. Umbuzo wokuqala endawubuzayo ngothi, ‘Ngaba baninzi abantu abantsundu kule cawa yenu?’ Baphendula bathi: ‘Ewe.’ Bandula ke bandibonisa umfanekiso osekugqibeleni kwincwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile,a owawunabantu abaselula beentlanga ezahlukahlukeneyo. Kwakukho nenkwenkwe entsundu, ibe loo nto yandikhuthaza. Kamva ndatyelela kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, apho ndabona abantu beentlanga ezahlukeneyo behlonelana. Oku kwakubaluleke gqitha kum.”
Ngoku, njengomnye wamaNgqina kaYehova, uHenrique uyakuvuyela ukuba yinxalenye yobuzalwana bokwenyaniso bamaKristu. Uyazi ukuba uzuko alumele luye nakuwuphi na umntu. Uthi: “Namhlanje ndiyambulela uYehova noYesu ngazo zonke izinto abandenzele zona. Ndisebenza kunye nezigidi zabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo bazo zonke iintlanga, imibala neemvelaphi, abanenjongo efanayo.”
Ngoxa wayesakhula, uDario wayelelinye ixhoba lekhethe. Xa wayeneminyaka eli-16 ubudala, waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wathi: “KumaNgqina, ndiye ndafumanisa ukuba ayikho imvo yokuba uhlanga oluthile longamile.” Wachukumiseka luthando lokwenene analo. Waphawula ngokukhethekileyo ukuba yayingabantu beentlanga ezahlukeneyo ababekhonza kwizikhundla zeembopheleleko ebandleni. Xa ehlangabezana nohlobo oluthile lwekhethe okanye ucalucalulo kubantu bangaphandle, uDario ukhumbula ukuba uYehova uthanda abantu bazo zonke iintlanga, izizwe neelwimi.
Indlela Yokuhlangabezana Nalo
Sonke siyathanda ukuphathwa ngesidima nangentlonelo. Kungoko ukuba lixhoba lekhethe kuluvavanyo ekunzima ukulunyamezela. Ibandla lamaKristu alisikhuseli ekuchanabekeni kubantu abanesimo sengqondo sekhethe beli hlabathi lingendawo. Lo gama nje uSathana uMtyholi esalawula imicimbi yehlabathi, akuyi kubakho okusesikweni. (1 Yohane 5:19) ISityhilelo 12:12 siyasilumkisa: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.” Injongo yakhe asikokubangela ukungonwabi kuphela. Ufaniswa nesilwanyana esiqwengayo. Umpostile uPetros usixelela oku: “Utshaba lwenu, uMtyholi, luhamba-hamba njengengonyama egqumayo, efuna ukuqwenga uthile.”—1 Petros 5:8.
Kwakhona iBhayibhile isixelela oku: “Zithobeni, ke ngoko, kuThixo; kodwa mchaseni uMtyholi, yaye uya kusaba kuni.” (Yakobi 4:7) Olona ncedo lulungileyo lokusenza sihlangabezane nekhethe kukukhangela kuThixo ukuze asikhusele njengoko uKumkani uDavide wenzayo: “Thixo wam, ndisize esandleni songendawo, esandleni sogqwethayo nosisibhovubhovu.” (INdumiso 71:4) Sisenokude sithandaze njengomdumisi: “Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; bandixinile, besilwa yonke imini.”—INdumiso 56:1.
Uya kusabela njani uThixo kwimithandazo enjalo? IBhayibhile iyaphendula: “Uya kulihlangula ihlwempu elizibikayo, nabaziintsizana abangenaluncedo; abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu; asindise imiphefumlo yamahlwempu.” (INdumiso 72:12, 13) Hayi indlela ekulunge ngayo ukwazi ukuba ngexesha elifanelekileyo uYehova uya kuzisa isiqabu kuwo onke amaxhoba okungabikho kokusesikweni!
‘Abayi Kwenza Bubi’
Oorhulumente beli hlabathi basenokuqhubeka besilwa nekhethe besebenzisa imithetho neenkqubo zabo. Basenokuqhubeka bethembisa ngokulingana kwabantu nokusesikweni. Kodwa abanakuphumelela. (INdumiso 146:3) NguThixo kuphela onako noya kuphelisa ikhethe. Abantu uya kubenza intsapho enye emanyeneyo. “Isihlwele esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe namaqela abantu neelwimi” siya kusinda ekupheleni kwale nkqubo ingendawo size sinandiphe ukuphila ngoxolo.—ISityhilelo 7:9, 10.
UYehova uya kubususa bonke ububi obubangelwe likhethe lobuhlanga nelentlalo. Khawufan’ ucinge, akukho mntu uya kuphathwa ngokungekho sikweni! “Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo.” (Mika 4:4) Kwakhona uIsaya 11:9 uthi: ‘Abayi kwenza bubi.’
Ukuba ulixhoba lekhethe ngoku, eli themba limangalisayo lekamva liya kulomeleza ulwalamano lwakho noYehova. Liya kukunceda unyamezele ukungabikho kokusesikweni kule nkqubo ingendawo. Njengoko uhlangabezana nekhethe yaye ukhangele phambili, landela icebiso leBhayibhile: “Yomelelani, ikhaliphe intliziyo yenu nonke nina nithembele kuYehova.”—INdumiso 31:24.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
U.S. National Archives photo