IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 6/1 iphe. 8
  • “Yonke Imithetho Yakho Iyinyaniso”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Yonke Imithetho Yakho Iyinyaniso”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Amanqaku Afanayo
  • “Zabhalelwa Ukuyalela Thina”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Funda ILizwi LikaThixo Uze Umnqule Ngenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukungenelwa Ekufundeni IBhayibhile Yonke Imihla
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Landela Umzekelo Wookumkani
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 6/1 iphe. 8

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

“Yonke Imithetho Yakho Iyinyaniso”

NGAPHAMBI nje kokufa kwakhe, uMoses wabongoza abantu bakwaSirayeli ukuba bayithobele yonke imithetho kaYehova. Wathi: “Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo. Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu.”—Duteronomi 32:46, 47.

Kwiminyaka engamakhulu kamva, umdumisi wabalaselisa ukubaluleka kwazo zonke iimfundiso zikaThixo xa wathi: “Usondele wena, Yehova, yonke imithetho yakho iyinyaniso.” (INdumiso 119:151) Ngenkulungwane yokuqala, uYesu wathetha ngokubaluleka ‘kwamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’ (Mateyu 4:4) Yaye ephefumlelwe nguThixo umpostile uPawulos wabhala esithi “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.”—2 Timoti 3:16.

Kuyacaca ukuba uYehova uThixo ulindele ukuba abanquli bakhe bacinge nzulu ngaso sonke isigidimi esisifumana kwiLizwi lakhe. Akukho nanye indinyana yeBhayibhile engabalulekanga. Leyo yindlela avakalelwa ngayo amaNgqina kaYehova ngeLizwi likaThixo, njengoko amava alandelayo avela eMauritius ebonisa.

UMnu. D—— wayehlala kwidolophana esemaphandleni, apho wayesebenza njengomantshingilane ebusuku. Kangangexesha elide, ngokunyaniseka wayefuna indlela efanelekileyo yokunqula uThixo. Xa esebenza ebusuku, waqalisa ukufunda iBhayibhile. Ekugqibeleni wayeyifunde wayigqiba. Wafunda ukuba igama likaThixo nguYehova—igama elivela izihlandlo ezininzi kwiBhayibhile yakhe yesiHindi. Wafumanisa ukuba incwadi yeSityhilelo yayibangela umdla ngokukhethekileyo.

Wandula ke wazibuza enoba lwalukho na unqulo olwaluyilandela yonke iBhayibhile. Waphawula ukuba iicawa awayeqhelene nazo, ubukhulu becala, zazilandela iinxalenye ezithile zeBhayibhile. Ezinye iicawa zazisamkela iZibhalo zesiHebhere zize zizichase iZibhalo zamaKristu zesiGrike. Ezinye iicawa zazizityeshela iZibhalo zesiHebhere, zijonga iZibhalo zamaKristu zesiGrike njengekuphela kwezifanele ukusetyenziswa.

Ngenye imini uMnu. D—— wabona isibini esitshatileyo sinethwa yimvula waza wasimemela ekhayeni lakhe ukuze sifumane ikhusi. YayingamaNgqina kaYehova. Umfazi wayephethe incwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!a Ngokukhawuleza uMnu. D—— wacela le ncwadi kubo. La maNgqina avakalelwa kukuba umbandela okwisiprofeto seSityhilelo wawuya kuba nzima gqitha kuye, ngoko amnika enye impapasho. Kodwa uMnu. D—— wazingisa efuna incwadi ethi ISityhilelo.

Xa wafumana owakhe umbhalo, wayifunda ngokukhawuleza le ncwadi. Wandula ke wamkela isifundo seBhayibhile namaNgqina kaYehova. Kungekudala wachukunyiswa sisibakala sokuba amaNgqina eyigqala njengebalulekileyo yonke iBhayibhile. Waqalisa ukuya rhoqo ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova, apho kwakufundisiswa ngenyameko iZibhalo zesiHebhere neZibhalo zamaKristu zesiGrike. Ngoku ungumvakalisi woBukumkani nelungu elibhaptiziweyo lebandla lamaKristu.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share