Intlanganiso Yonyaka Ngo—Oktobha 5, 1996
INTLANGANISO YONYAKA yamalungu eWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania iya kuqhutywa ngo-Oktobha 5, 1996, kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova, e-2932 Kennedy Boulevard, kwisiXeko saseJersey, eNew Jersey. Intlanganiso yokuqala yamalungu kuphela iya kuqhutywa ngo–9:15 kusasa, kuze kulandele intlanganiso yonyaka kawonkewonke ngeye–10:00 kusasa.
Amalungu oMbutho afanele azise iOfisi kaNobhala kwangoku ngako nakuphi na ukuguquka kweekhelingi zawo ebudeni bonyaka ophelileyo ukuze iileta ezithe rhoqo zesaziso namaxwebhu agunyazisa ukuvotelwa ngomnye zikwazi ukufika kubo ebudeni bukaJulayi.
Amaxwebhu agunyazisa ukuvotelwa ngomnye, aya kuthunyelwa kumalungu kunye nesaziso sentlanganiso yonyaka, kufuneka abuyiselwe ukuze afike kwiOfisi kaNobhala woMbutho kungekhona emva kuka-Agasti 1. Lungu ngalinye lifanele lizalise lize lubuyisele uxwebhu lokugunyazisa ukuvotelwa ngomnye ngokukhawuleza, lichaza enoba liya kubakho ngokobuqu kwintlanganiso okanye aliyi kubakho kusini na. Inkcazelo enikelwe kuxwebhu olugunyazisa ukuvotelwa ngomnye kufuneka icace kule ngongoma, ekubeni kuya kuxhomekeka kuyo ukubona kwangaphambili abo baya kubakho ngokobuqu.
Kulindeleke ukuba lonke olu cwangciso, kuquka intlanganiso neengxelo ezingokwasemthethweni, luya kuqukunjelwa ngeyoku–1:00 emva kwemini okanye kamsinya emva koko. Akuyi kubakho cwangciso lwasemva kwemini. Ngenxa yokungabi nandawo yaneleyo, kuya kungenwa ngamatikiti kuphela. Akuyi kubakho malungiselelo aya kwenziwa aya kunxibelelanisa ngemfonomfono intlanganiso yonyaka nezinye iiholo.