Simele Siphuphe
NGABA ukhe uphuphe? Kubhetele ukucinga ukuba ukhe uphuphe, ekubeni sonke siphupha ngoxa silele, kwanokuba sinokuthi asiphuphi. Kuqikelelwa ukuba amaphupha angaphezu kwama-95 ekhulwini awakhunjulwa. Ngawaphi owakhumbulayo? Eneneni, esidla ngokuwakhumbula ngalawo siwaphupha ngaphambi nje kokuba sivuke.
Abenzi bophando ngamaphupha bafumanise ukuba ubuthongo yinkqubo ehamba ngokwamanqanaba ekubeni kwiiyure ezimbalwa zokuqala busiba nzulu buze ekuhambeni kwexesha buye buphela. Amaphupha abakho ngokukodwa ebudeni bexesha lokuqhwanyaza ngoxa ulele, elibizwa ngokuba yiREM. Eli xesha litshintshana nenon-REM. Mjikelo ngamnye wenon-REM noweREM uthabatha imizuzu engama-90, ibe le mijikelo iphindaphindwa izihlandlo ezintlanu okanye ezintandathu ebudeni bobusuku, yaye owokugqibela ubakho ngaphambi nje kokuba sivuke.
Uyaphazama ukuba ucinga ukuba ingqondo yakho ayisebenzi kakhulu xa ulele. Kuye kwafunyaniswa ukuba ingqondo isebenza kakhulu xa uphupha kunaxa usenza ezinye izinto uhleli, ngaphandle kweeseli ezithile zemithambo-luvo ezisekudibaneni komnqonqo nobuchopho, ezinxibelelene nokunikela ingqalelo nenkumbulo. Kubonakala ngathi ziyaphumla ebudeni beREM. Kodwa ngokuqhelekileyo iiseli zemithambo-luvo zengqondo ziyaqhubeka zinxibelelana nezinye iiseli.
Ubuchopho bethu bulilungu lomzimba elintsonkothe ngendlela emangalisayo elinamasuntswana angamawaka ezigidi adlulisela imiqondiso emalunga nekhulu ukuya kumakhulu amabini okanye amathathu ngomzuzwana. Amasuntswana akubuchopho bomntu omnye maninzi ngaphezu kwabantu abasemhlabeni. Bambi abaphandi baqikelela ukuba buqulethe amasuntswana asusela kuma-20 amawaka ezigidi ukusa kwangaphezu kwama-50 amawaka ezigidi. Ukuntsonkotha kwabo kungqina oko umbhali weBhayibhile uDavide wakutshoyo ngomzimba womntu: “Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho.”—INdumiso 139:14.
Xa Siphupha
Xa sihleli, iziva-mvo zethu ezintlanu zihlala zidlulisela inkcazelo nemifanekiso engqondweni, kodwa xa silele oko akwenzeki. Ubuchopho buzenzela imifanekiso ngaphandle kokuncedwa zezinye iziva-mvo. Ngoko ke, oko sikubonayo xa siphupha nezinto ezenzekayo emaphupheni maxa wambi kufana nemibono. Oku kusenza sikwazi ukwenza izinto ezingqubanayo nemithetho yemvelo, ezinjengokubhabha njengoPeter Pan okanye ukuwa eliweni uze ungenzakali. Ixesha linokugqwetheka lize ixesha elidlulileyo libonakale ngathi lelangoku. Okanye xa sizama ukubaleka, asikwazi kuzilawula iintshukumo zethu—imilenze yethu ayivumi kushukuma. Kakade ke, izinto ezenzekayo nezo sizibonayo xa sihleli zinokuwachaphazela amaphupha ethu. Abaninzi abaye batyhubela iinkxwaleko ezoyikekayo zemfazwe abakwazi kuzilibala msinya, yaye bambi abakulibali ukuhlaselwa sisaphuli-mthetho. Ezo zinto sizibonayo xa sihleli zinokuvela emaphupheni ethu, zibangele amaphupha amabi. Izinto eziqhelekileyo esizicingayo xa silala zinokuvela emaphupheni ethu.
Maxa wambi xa sizama ukucombulula ingxaki, isicombululo siza ngoxa silele. Oku kusenokubonisa ukuba ukuphupha asikuphela kwento esiyenzayo xa silele. Inxalenye yobuthongo siyichitha sicinga.
Incwadi ethetha ngamaphupha nobuchopho bethu ithi: “Eyona nto iqhelekileyo eyenziwa yingqondo xa umntu elele asikokuphupha kodwa kukucinga. Ukucinga ngoxa ulele akukhatshwa yimibono ebangelwa ziziva-mvo nezinto ezingekhoyo. Ucinga ngezinto eziqhelekileyo, ngokufuthi eziphathelele iziganeko zokwenene zezolo okanye zengomso, yaye ngokuqhelekileyo azinantsusa, zililize yaye ziyaphindaphindwa.”
Abanye abantu bavakalelwa kukuba amaphupha abo abazisela izigidimi ezikhethekileyo. Ukuze bakwazi ukuwatyhilelwa loo maphupha, bazigcinela incwadana ecaleni kwebhedi yabo ukuze bawabhale xa bevuka. Ngokuphathelele ukuba luncedo kweencwadi ezizama ukuchaza intsingiselo yemiqondiso yamaphupha, incwadi ethi The Dream Game, ebhalwe nguAnn Faraday, ithi: “Iincwadi zamaphupha ojonga kuzo iintsingiselo zezinto oziphuphayo nemiqondiso aziloncedo ngokufanayo, enoba zezesithethe okanye zisekelwe kwingcamango yale mihla yokusebenza kwengqondo.”
Ekubeni kubonakala ukuba ngokuyintloko amaphupha ayilwa yingqondo, akukho ngqiqweni ukucinga ukuba asiphathele izigidimi ezikhethekileyo. Simele siwajonge njengomsebenzi wengqondo oyenza ihlale iphilile.
Kodwa kuthekani ngabo bathi bakhe baphupha ngokufa kwesalamane okanye umhlobo baza ngosuku olulandelayo bafumanisa ukuba loo mntu ufile? Ngaba oko akuthethi kuthi amaphupha anokulichaza kusengaphambili ikamva? Kwinqaku elilandelayo, siza kuhlolisisa oko kubangela amaphupha aqulethe isiprofeto.